Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Sifanele Sibe Nolindelo Olusengqiqweni?

Kutheni Sifanele Sibe Nolindelo Olusengqiqweni?

Kutheni Sifanele Sibe Nolindelo Olusengqiqweni?

UKUZALISEKA kwamathemba neminqweno yethu kusenza sizive sanelisekile. Noko ke, kuyinyaniso ukuba amaphupha ethu nolindelo lwethu alusoloko lusiba ngendlela esinqwenela ngayo. Ukuphoxeka kaninzi ebomini kunokusicaphukisa thina okanye kude kusenze sibacaphukele nabanye. Indoda esisilumko yayihlab’ emhloleni xa yathi: “Ulindelo olubanjezelweyo lugulisa intliziyo.”—IMizekeliso 13:12.

Ziziphi ezinye zeenkalo ezinokubangela ukuphoxeka? Singasebenzela njani ekubeni nolindelo olusengqiqweni? Ngaphezu koko, kutheni kuyingenelo kuthi ukwenjenjalo?

Ulindelo Nokuphoxeka

Ngenxa yokukhawuleza kobomi namhlanje, siye sisilele ezintweni ezininzi. Ngenxa yokungabikho kwexesha namandla awaneleyo okwenza izinto, siye maxa wambi singakwazi ukwenza konke oko besizimisele ukukwenza, nto leyo eye ibangele ukuba sizigxeke. Sisenokude sivakalelwe kukuba siyabadanisa nabanye. UCynthia, ongumfazi nomama ozaziyo iingcinezelo zokuba ngumzali, uthi: “Ukungakwazi ukusoloko ndiligcina ilizwi lam ekuqeqesheni abantwana bam kwanemvakalelo yokuba andibaqeqeshi ngokwaneleyo, konke oko kuyacaphukisa.” UStephanie, okwishumi elivisayo, uthi ngemfundo yakhe: “Andinaxesha laneleyo lokwenza konke oko ndifuna ukukwenza, yaye ngenxa yoko ndiye ndiphambane ndibe ligeza.”

Ukuba nolindelo oluphakame ngokungekho ngqiqweni kunokuvuselela ingcamango yokufuna ukusoloko usenza izinto ngendlela egqibeleleyo, yaye oko kusenokudimaza kakhulu. Umfana otshatileyo ogama linguBen, udiza ingxaki yakhe esithi: “Xa ndihlola izenzo, iingcinga neemvakalelo zam, ndisoloko ndibona imfuneko yokuphucula. Ndisoloko ndifuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo, yaye oku kwenza ukuba ndibhuduzele, ndiphixan’ ingqondo, ndize ndiphoxeke.” Omnye umfazi ongumKristu uGail, uthi: “Ukusoloko ufuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo kwenza ukuba ungakwamkeli ukusilela. Sifuna ukuba ngoomama nabafazi abagqibeleleyo. Sifuna ukuba nemveliso ukuze sonwabe, ngoko nayiphi na imigudu engabanga yimpumelelo iyasicaphukisa.”

Enye inkalo enokubangela ukuphoxeka kukuwohloka kwempilo nokwaluphala. Ukuphelelwa ngamandla kusenza sisilele ezintweni ezininzi yaye oko kuyanxunguphalisa. “Ndiye ndiphelelwe ngumonde xa ndisoyiswa kukwenza izinto ezazibonakala zilula yaye ziqhelekile ngaphambi kokugula kwam,” utsho njalo uElizabeth.

La mavandlakanya angasentla asibonisa izinto ezinokusenza sizive siphoxekile. Yaye ukuba ayibekwa sweni, loo mvakalelo isenokude isenze sikholelwe ukuba asixatyiswanga ngabanye. Ngoko, ngawaphi amanyathelo esinokuwathabatha ukuze sihlangabezane nokuphoxeka nokuze sihlakulele ulindelo olusengqiqweni?

Iindlela Zokuhlakulela Ulindelo Olusengqiqweni

Okokuqala, khumbula ukuba uYehova usebenzisa ingqiqo yaye uyaqonda. INdumiso 103:14 isikhumbuza ukuba: “Yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” Ekubeni uYehova ekwazi oko sinako noko singenako ukukufikelela, ulindele kuthi kuphela oko kusemandleni ethu. Yaye ekuphela kwento ayicelayo kuthi kukuba ‘sithozame ekuhambeni noThixo wethu.’—Mika 6:8.

Kwakhona uYehova usibongoza ukuba sibhenele kuye ngomthandazo. (Roma 12:12; 1 Tesalonika 5:17) Kodwa ke, kusinceda njani oko? Umthandazo wenza ukuba iingcinga zethu zizinze yaye zilungelelane. Ukuthandaza ngokunyanisekileyo kubonisa ukuvuma kwethu ukuba sifuna uncedo—kuluphawu lokuthozama nokuthobeka. UYehova uyakulangazelela ukuyiphendula imithandazo yethu ngokusinika umoya wakhe oyingcwele, oziqhamo zawo ziquka uthando, ububele, ukulunga nokuzeyisa. (Luka 11:13; Galati 5:22, 23) Kwakhona umthandazo uyawadambisa amaxhala nokunxunguphala. UElizabeth uthi: “Akukho nto ethuthuzela” njengomthandazo. UKevin yena wongezelela athi: “Ndithandazela intliziyo ezolileyo nengqondo ezinzileyo ukuze ndikwazi ukuhlangabezana nengxaki. UYehova akakaze andidanise.” Umpostile uPawulos wayekwazi ukubaluleka komthandazo. Kungako nje wancomela esithi: “Zaziseni izibongozo zenu kuThixo; . . . yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Eneneni, ukuthetha noYehova kuyasinceda sihlakulele ulindelo olusengqiqweni ngathi nangabanye.

Phofu ke, maxa wambi kuye kube yimfuneko ukuthetha nothile. Ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo lilungile. Ukuthetha ngasese nomhlobo esimthembayo noqolileyo kunokusinceda sibe nembono eyahlukileyo ngoko kusenza sizive siphoxekile okanye sixhalabile. (IMizekeliso 15:23; 17:17; 27:9) Ulutsha olunxungupheleyo lufumanisa ukuba ukufuna icebiso labazali balo kuyalunceda lulungelelane. UKandi uvakalisa ngoxabiso esithi: “Ulwalathiso lothando lwabazali bam lundenze ndaba ngosengqiqweni ngakumbi nolungeleleneyo nobunandipha ngakumbi ubuhlobo kunye nabanye.” Ewe, sisexesheni isikhumbuzo esikwiMizekeliso 1:8, 9 esithi: “Yiphulaphule, nyana wam, ingqeqesho kayihlo, ungawushiyi umthetho kanyoko. Kuba ezo zizidanga ezinomtsalane entlokweni yakho nentsimbi yomqala entle emqaleni wakho.”

Imiphumo yokucinga ukuba uya kusoloko usenza izinto ngendlela egqibeleleyo ishwankathelwe kakuhle kwisaci esithi: “Ukulindela ukuba ubomi buza kulungela iimeko zethu kukuzibizela ukuphoxeka.” Ukuze siphephe oku, kufuneka siguqule indlela esicinga ngayo. Ukuthobeka nokuthozama—ukuziphaphela iintsilelo zethu—ngokuqinisekileyo kuya kusenza sibe nolindelo olulungeleleneyo nolusengqiqweni. Ngokufanelekileyo ke ngoko, eyabaseRoma 12:3 isilumkisa ukuba ‘singazicingeli ngaphezu koko simelwe kukuzicingela ngako.’ Ukongezelela, eyabaseFilipi 2:3 isikhuthaza ukuba sibe nokuthobeka kwengqondo size sibagqale abanye njengabongamileyo.

UElizabeth, okhankanywe ngaphambilana, wayengenamonde ngenxa yokugula kwakhe. Ekuhambeni kwexesha wazigqala ngokwembono kaYehova izinto waza wathuthuzelwa kukwazi ukuba akayilibali inkonzo yethu. UColin akakwazi kuhamba ngenxa yesifo esimqoba amandla. Ekuqaleni, wayevakalelwa kukuba ubulungiseleli bakhe babungaxabisekanga xa buthelekiswa noko wayekade ekwenza esaphilile. Ukucamngca ngezibhalo ezinjengeyesi-2 kwabaseKorinte 8:12 kwamnceda waziphelisa ezo mvakalelo. Le ndinyana ithi: “Ukuba umntu unolangazelelo kuqala, umnikelo wakhe wamkeleka ngakumbi ngokoko anako, kungekhona ngokoko angenako.” Kungokunje uColin uthi: “Nangona ndinikela kancinane kakhulu, kodwa ke ndisanikela, yaye oko kwamkelekile kuYehova.” KumaHebhere 6:10 sikhunjuzwa ukuba: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.”

Kodwa ke, sinokwazi njani ukuba ulindelo lwethu lusengqiqweni? Zibuze, ‘Ngaba ulindelo lwam luyahambisana nolindelo lukaThixo?’ EyabaseGalati 6:4 ithi: “Ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe, uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu, kungekhona ngokuzithelekisa nomnye umntu.” Khumbula ukuba uYesu wathi: “Idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” Ewe, njengamaKristu simele sithwale idyokhwe, kodwa “yeyobubele” yaye ‘ikhaphukhaphu,’ yaye uYesu wathembisa ukuba iya kusihlaziya ukuba sifunda ukuyithwala ngokufanelekileyo.—Mateyu 11:28-30.

Ulindelo Olusengqiqweni Luyingenelo

Ukusebenzisa isiluleko esiseLizwini likaThixo kuneengenelo ezihlala zihleli njengoko sisebenzela ukuhlakulela ulindelo olusengqiqweni. Phakathi kwezinye izinto, kuyingenelo emzimbeni wethu. UJennifer, oye wangenelwa kwizikhumbuzo zikaYehova, uthi: “Ndomelele kwaye ndidlamke ngakumbi.” Ngokufanelekileyo, iMizekeliso 4:21, 22 isibongoza ukuba sinikel’ ingqalelo kumazwi kaYehova ngamehlo nangentliziyo yethu, ‘kuba abubomi kwabo bawafumanayo nempilo enyameni yabo yonke.’

Kukwakho nengenelo engqondweni nangokweemvakalelo. UTheresa uthi: “Ndiye ndaphawula ukuba, xa ndimilisela ingqondo nentliziyo yam eLizwini likaThixo, ndonwaba ngakumbi. Liyinyaniso elokuba, siya kusoloko siphoxeka ebomini. Kodwa, sakukulungela ngakumbi ukuhlangabezana nako. UYakobi 4:8 ubongoza athi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” Kwakhona uYehova uthembisa ukusomeleza ukuze sikwazi ukuhlangabezana neemeko ezilucelomngeni ebomini yaye ukwathembisa nokusisikelela ngoxolo.—INdumiso 29:11.

Ukuba nolindelo olusengqiqweni kusinceda sihlale sizinzile ngokomoya. Nako oku kuyintsikelelo. Sinokuhlala similisel’ ingqalelo kwizinto ezibaluleke ngakumbi ebomini. (Filipi 1:10) Ngoko usukelo lwethu luba lolokwenene nolufikelelekayo, nto leyo ezisa uvuyo nolwaneliseko olungakumbi. Siya kukulungela ngakumbi ukukholosa ngoYehova, sisazi ukuba uya kusenza siphumelele. UPetros uthi: “Zithobeni, ke ngoko, phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo.” (1 Petros 5:6) Ngaba ikho into eyingenelo ngaphezu kokuzukiswa nguYehova?

[Imifanekiso ekwiphepha 31]

Ukuhlakulela ulindelo olusengqiqweni kunokusinceda sihlangabezane nonxunguphalo nokuphoxeka