Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuhlonela Igunya—Kutheni Kubalulekile?

Ukuhlonela Igunya—Kutheni Kubalulekile?

Ukuhlonela Igunya—Kutheni Kubalulekile?

NGUBANI ongayivuyeliyo into yokuba amapolisa enegunya lokubamba izaphuli-mthetho eziba izinto zethu nezingcungcuthekisa iintsapho zethu? Yaye asiyixabisi na into yokuba iinkundla zasemthethweni zinegunya lokohlwaya izaphuli-mthetho ukuze sikhuseleke?

Usenokucinga nangezinye iindlela igunya likarhulumente elisinceda ngazo—ngokusebenzisa imali yerhafu ekulungiseni iindlela, ekugutyuleni ukungcola, nakwimfundo. AmaKristu okwenyaniso ayiqonda kakuhle into yokuba ukuhlonela igunya elimiselweyo kubalulekile. Kodwa limele lihlonelwe ukusa kuwuphi umkhamo? Yaye ziziphi iinkalo ezahlukeneyo zobomi ekumele kuhlonelwe kuzo igunya?

Igunya Lasekuhlaleni

IBhayibhile ixelela bonke abantu, abakholwayo nabangakholwayo, ukuba balihlonele igunya likarhulumente, eliyingenelo eluntwini. Umpostile uPawulos wawabhalela amaKristu aseRoma mayela noku, yaye kuya kusinceda ukuhlolisisa oko akutshoyo, njengoko kubhalwe kwabaseRoma 13:1-7.

UPawulos wayengummi waseRoma, yaye iRoma yayiligunya lehlabathi ngelo xesha. Encwadini yakhe awayibhala malunga nonyaka wama-56 C.E., uPawulos wawaluleka amaKristu ukuba abe ngabemi abangumzekelo. Wabhala wathi: “Yonke imiphefumlo mayiwathobele amagunya awongamileyo, kuba akukho gunya libekho ngaphandle kukaThixo; amagunya akhoyo abekwe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo.”

UPawulos apha ukhanyisa ingongoma yokuba ngekungekho nalinye igunya labantu ukuba belingavunyelwanga nguThixo. Ngoko ke amagunya awongamileyo anesikhundla esilinganiselweyo ekuphunyezweni kwenjongo kaThixo. Ngenxa yoko “lowo ulichasayo igunya unxamnye nelungiselelo likaThixo.”

Ngoxa amagunya awongamileyo esenokubadumisa abemi abenza okulungileyo, akwanawo namandla okubohlwaya abenzi bobubi. Abo baqhelisela okubi banesizathu esikhulu sokuyoyika ‘impindezelo’ yala magunya, ekubeni oorhulumente ‘bengumlungiseleli kaThixo.’

UPawulos uyiqukumbela ingxoxo yakhe ngokuthi: “Ngoko ke kukho isizathu esinyanzelisayo sokuba nithobele, kungekuphela ngenxa yengqumbo leyo kodwa kwanangenxa yesazela senu. Kuba kungenxa yoko le nto nikwahlawula iirhafu; kuba asisicaka sikawonkewonke sikaThixo ekhonza rhoqo ngenxa yale njongo.”

Imbopheleleko yokusetyenziswa kwemali yerhafu isemagxeni amagunya awongamileyo, kungekhona kulowo urhafayo. Njengommi onyanisekileyo, umKristu uhlala enesazela esihle. Uyazi ukuba ngokuthobela kwakhe amagunya awongamileyo aze ahlawule irhafu, uya kuba usekela intlalo-ntle yoluntu yaye uya kuba uphila ngokuvisisana nemilinganiselo yobuthixo.

Igunya Entsatsheni

Kuthekani ngegunya entsatsheni? Xa lusanda kuzalwa, usana ludla ngokufuna ingqalelo ngokuthi lukhale okanye lude lugxwale. Kodwa umzali olumkileyo uyazazi iintswelo zokwenene zosana, akasuki atatazeliswe nje kukulila kwalo. Abanye abantwana bayayekwa nje benze unothanda, njengoko bekhula. Ngenxa yokungabi namava, basenokubandakanyeka kulwaphulo-mthetho okanye kwezinye izenzo ezibi, baze babangele intlungu enkulu entsatsheni naseluntwini ngokubanzi, njengoko amagunya amaninzi asekuhlaleni ekwazi kakuhle oko.

“Abazali babaqeqesha sebebadala kakhulu abantwana,” utsho njalo uRosalind Miles, umbhali wencwadi ethi Children We Deserve. “Bafanele baqale ngethuba azalwa ngalo umntwana.” Ukuba kwazisuka nje abazali bathetha ngelizwi elithambileyo nabantwana babo, balisebenzise ngenyameko igunya labo yaye bangaquguquki, kungekudala abantwana baya kufunda ukulamkela elo gunya kunye noqeqesho lothando lwabazali babo.

IBhayibhile inenkcazelo eninzi ngokuphathelele igunya lasentsatsheni. Encwadini yeMizekeliso, indoda esisilumko uSolomon itsalel’ ingqalelo kwisibakala sokuba abazali aboyik’ uThixo bafanele bamanyane ekuqeqesheni abantwana, isithi: “Yiphulaphule, nyana wam, ingqeqesho kayihlo, ungawushiyi umthetho kanyoko.” (IMizekeliso 1:8) Xa abazali bemanyene ngolo hlobo ekuqeqesheni abantwana, abantwana bayasazi isimo sengqondo sabo. Basenokuzama ukusithela ngomnye umzali, kodwa ukusebenzisa kwabazali igunya labo ngokumanyeneyo kuyinkuselo ebantwaneni.

IBhayibhile ibonisa ukuba indoda inembopheleleko eyintloko yokunyamekela kungekuphela nje intlalo-ntle yokomoya yabantwana bayo kodwa kwaneyomfazi wayo. Oku kuchazwa njengobuntloko. Bumele busetyenziswe njani obu buntloko? UPawulos ubonisa ukuba kanye njengokuba uKristu eyiNtloko yebandla ngoko nendoda iyintloko yomfazi wayo. Wandula ke uPawulos ongezelele athi: “Madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla [umtshakazi wakhe wokomoya] waza wazinikela ngenxa yalo.” (Efese 5:25) Xa indoda ilandela umzekelo kaYesu ize ibusebenzise ngothando ubuntloko bayo, iya kuzuza ‘intlonelo enzulu’ yomfazi wayo. (Efese 5:33) Nabantwana abakwintsapho elolo hlobo baya kukubona ukubaluleka kweli gunya balinikwe nguThixo baze nabo balamkele.—Efese 6:1-3.

Abazali abangenamaqabane, nabo bafelwe ngamaqabane abo, banokuyifeza njani le ndima? Nokuba ngutata okanye ngumama, unokubhenela ngokungqalileyo kwigunya likaYehova uThixo noYesu Kristu. UYesu wayesoloko ethetha ngegunya—igunya likaYise neleZibhalo eziphefumlelweyo.—Mateyu 4:1-10; 7:29; Yohane 5:19, 30; 8:28.

IBhayibhile inikela imilinganiselo emininzi eluncedo ngokuphathelele iingxaki abajamelana nazo abantwana. Xa umzali eyihlola aze ayilandele le milinganiselo, uya kukwazi ukubaqeqesha ngothando aze abancede abantwana bakhe. (Genesis 6:22; IMizekeliso 13:20; Mateyu 6:33; 1 Korinte 15:33; Filipi 4:8, 9) Abazali basenokusebenzisa noncwadi olusekelwe eBhayibhileni olulungiselelwe ngokukhethekileyo ngenjongo yokubanceda baqeqeshe abantwana babo ukuze baziqonde iingenelo zokuhlonela igunya leZibhalo. *

Igunya Ebandleni LamaKristu

“Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye; mphulaphuleni yena.” (Mateyu 17:5) La mazwi kaYehova uThixo uqobo, abonisa ukuba uYesu uthetha ngegunya lobuthixo. Oko wakuthethayo kubhalwe kwiingxelo ezine zeVangeli esinokuzihlolela zona ngokulula nje.

Ngaphambi nje kokunyukela kwakhe ezulwini, uYesu wabazisa oku abafundi bakhe: “Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” (Mateyu 28:18) NjengeNtloko yebandla lakhe, uYesu akaphelelanga nje ngokubakhusela abalandeli bakhe abathanjisiweyo abasemhlabeni, kodwa ukususela ekuthululweni komoya oyingcwele ngePentekoste yowama-33 C.E., uye wabasebenzisa nanjengomthombo wenyaniso, ‘njengekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45-47; IZenzo 2:1-36) Ukufeze njani konke oku ukuze omeleze ibandla lamaKristu? “Xa wenyukela phezulu . . . , wanikela izipho ezingabantu.” (Efese 4:8) Ezi “zipho ezingabantu” ngabadala abangamaKristu abamiselwa ngomoya oyingcwele nabanikwa igunya lokunyamekela izilangazelelo zokomoya zamanye amakholwa.—IZenzo 20:28.

Ngenxa yesi sizathu uPawulos ululeka esithi: “Bakhumbuleni abo bakhokelayo phakathi kwenu, abaye bathetha ilizwi likaThixo kuni, yaye njengoko nisondela impumelelo yehambo yabo xelisani ukholo lwabo.” Ekubeni la madoda okholo elandela ngokusondeleyo emanyathelweni kaYesu, ngokuqinisekileyo kububulumko ukuxelisa ukholo lwawo. UPawulos uhlabela mgama esithi: “Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nibalulamele, [“niqhubeke nilihlonela igunya abanalo phezu kwenu,” ngokweThe Amplified Bible] kuba bahlala beyilindile imiphefumlo yenu njengabo baya kuphendula; ukuze bakwenze oku ngovuyo kungekhona ngokuncwina, kuba oko kungenza umonakalo kuni.”—Hebhere 13:7, 17.

Uba yintoni umphumo xa olu lwalathiso lugatywa? Wambi amalungu ebandla lamaKristu lokuqala alugatya aza aba ngabawexuki. UHimenayo noFileto bakhankanywa njengamadoda abhukuqa ukholo lwabathile nezithe iintetho zabo ezililize ‘zahlambela oko kungcwele.’ Enye yeengcamango zabo yayiyeyokuba uvuko selwenzekile, ngokucacileyo bebhekisela kuvuko lokomoya okanye lokomfuziselo, ngoko ke besithi akukho luvuko lumbi luza kubakho phantsi koBukumkani bukaThixo obuzayo.—2 Timoti 2:16-18.

Igunya elimiselweyo lakulungisa oko. Abadala abangamaKristu bayitshitshisa loo ngcamango kuba njengabameli bakaYesu Kristu, basebenzisa igunya leZibhalo. (2 Timoti 3:16, 17) Kukwanjalo nanamhlanje ebandleni lamaKristu, elichazwa ‘njengentsika nesixhaso senyaniso.’ (1 Timoti 3:15) Iimfundiso zobuxoki azisayi kuze zivunyelwe ukuba zonakalise ‘amazwi aphilileyo,’ esiwalondolozelwe eBhayibhileni.—2 Timoti 1:13, 14.

Nangona ukuhlonelwa kwegunya kuphela ngokukhawuleza ehlabathini, thina njengamaKristu siyaqonda ukuba amagunya afanelekileyo asekuhlaleni, entsatsheni, nasebandleni lamaKristu amiselwe ngenjongo yokusinceda. Ukuhlonela igunya kuyasinceda emzimbeni, ngokweemvakalelo nangokomoya. Ngokuwamkela nangokuwahlonela la magunya amiselwe nguThixo, siya kulondolozwa ngonaphakade ngawona magunya aphakamileyo—uYehova uThixo noYesu Kristu.—INdumiso 119:165; Hebhere 12:9.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 17 Bona incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo nethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho, ezipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]

IBhayibhile inenkcazelo eninzi ngokuphathelele igunya lasentsatsheni

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Abazali abangenamaqabane omtshato banokubhenela ngokungqalileyo kwigunya likaYehova uThixo noYesu Kristu

[Imifanekiso ekwiphepha 7]

AmaKristu ayaqonda ukuba amagunya afanelekileyo entsatsheni, ebandleni lamaKristu nasekuhlaleni amiselwe ngenjongo yokunceda wona

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]

Photo by Josh Mathes, Collection of the Supreme Court of the United States