Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuhlonelwa Kwegunya—Kupheliswe Yintoni?

Ukuhlonelwa Kwegunya—Kupheliswe Yintoni?

Ukuhlonelwa Kwegunya—Kupheliswe Yintoni?

“Ukungasiwa-so kwegunya elimiselweyo lecawa, likarhulumente, lasekuhlaleni, nelezobupolitika, okuxhomis’ amehlo ehlabathini lonke, kuza kugqibela kusesona siganeko singundaba-mlonyeni kweli shumi lokugqibela leminyaka.”

SEKUDLULE iminyaka ukususela kwela shumi leminyaka yee-1960 abhekisela kulo apha umbhali-mbali osisithandi sobulumko uHannah Arendt. Namhlanje le ngxaki yokungahlonelwa kwegunya ingxamele ukutsiba ilitye likaPhungela.

Ngokomzekelo, ingxelo yakutshanje yeThe Times yaseLondon ithi: “Abanye abazali abayifuni kwaphela into yokuba abafundisi-ntsapho babe negunya ebantwaneni babo yaye ukuba bakhe nje bazama ukubaqeqesha bayakhalaza.” Kukaninzi abazali befika beyintw’ ibila esikolweni, baze banganeli nje ngokubatyityimbisel’ umnwe abafundisi-ntsapho, kodwa bade bababambe ngesixhanti, ngenxa yokuba beqeqeshe abantwana babo.

Ummeli weNational Association of Head Teachers eBritani ulitsolisile wathi: “Wofika abantu bezingomb’ isifuba besithi ‘Ndinamalungelo,’ endaweni yokuba bathi ‘Ndineembopheleleko.’” Abanye abazali abapheleli nje ekusileleni ukufundisa abantwana babo ukuba bahlonele igunya, kodwa bayabayeka benze unothanda—bangavumeli nabani ukuba abalungise. Abantwana ababanga “amalungelo” abo bayayekwa nje baligculele igunya labazali nelabafundisi-ntsapho, yaye umphumo woko uzicacele—“kukuvela kwesizukulwana esingalihloneliyo igunya nesingawaziyo umahluko phakathi kokuhle nokubi,” utsho njalo umbhali wemihlathi uMargarette Driscoll.

Kwinqaku layo elithi “Isizukulwana Esilahlekileyo” iphephancwadi iTime labalaselisa ubugxwayiba bolutsha oluninzi lwaseRashiya ngokuthi licaphule imvumi edumileyo yomculo werap eyathi: “Ubani ozalelwe kweli hlabathi lingenayo imilinganiselo eyendeleyo nebhadlileyo, angabathemba njani abantu?” Isazi ngezentlalo uMikhail Topalov wavakalisa uluvo lokuba: “Aba bantwana abazozidenge. Bababonile abazali babo beqhathwa ngurhulumente, bababonile belahlekelwa yimali nayimisebenzi yabo. Ngaba sinokubalindela ukuba balihlonele igunya?”

Noko ke, asinakugqiba ngelithi ukungathembeki kwegunya kuchaphazela abaselula kuphela. Namhlanje, abadala nabancinane abathembi naliphi na igunya, abanye bade balicaphukele. Ngaba oku kutheth’ ukuba alikho igunya elinokuthenjwa? Xa lisetyenziswa kakuhle, igunya, elichazwa “njengamandla okanye ilungelo lokulawula, nokugweba, okanye ukuthintela izenzo zabanye,” linokuba yingenelo kuluntu ngokubanzi. Oku kuza kushikixwa kwinqaku elilandelayo.