Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukukhukhumala Kukhokelela Kwihlazo

Ukukhukhumala Kukhokelela Kwihlazo

Ukukhukhumala Kukhokelela Kwihlazo

“Kufikile na ukukhukhumala? Ngoko ihlazo liyeza; kodwa bunabathozamileyo ubulumko.”—IMIZEKELISO 11:2.

1, 2. Yintoni ukukhukhumala, yaye kungaziphi iindlela okuye kwakhokelela kwintlekele?

 UMLEVI othile obhuqwa ngumona ukhokela ihlokondiba elinemvukelo ukuba livukele igunya elimiselwe nguYehova. Itshawe elithile elinamabhongo lipheka iyelenqe elichuliweyo ukuze lihluthe uyise isihlalo sakhe sobukhosi. Ukumkani ongenamonde ugatya imiyalelo ecacileyo ebinikelwe ngumprofeti kaThixo. La maSirayeli mathathu anesiphako esinye afana ngaso: ukukhukhumala.

2 Ukukhukhumala luphawu olubonisa intliziyo esisisongelo esinzulu kuye wonk’ ubani. (INdumiso 19:13) Umntu okhukhumeleyo uba nenkalipho yokwenza unothanda enganikwanga gunya lakwenjenjalo. Oku kudla ngokukhokelela kwintlekele. Enyanisweni ukukhukhumala kuye kwangqula phantsi ookumkani kwaza kwaqethula izikumkani. (Yeremiya 50:29, 31, 32; Daniyeli 5:20) Kude kwarhintyela nabanye babakhonzi bakaYehova kwaza kwabakhokelela kwintshabalalo.

3. Yiyiphi indlela esinokufunda ngayo ngeengozi zokukhukhumala?

3 Ngesizathu esiqondakalayo iBhayibhile ithi: “Kufikile na ukukhukhumala? Ngoko ihlazo liyeza; kodwa bunabathozamileyo ubulumko.” (IMizekeliso 11:2) IBhayibhile isinika imizekelo engqina ubunyaniso balo mzekeliso. Ukuhlola eminye yale mizekelo kuya kusinceda sibone ingozi yokutsiba imida esingafanele siyitsibe. Ngenxa yoko, makhe siqwalasele indlela umona, amabhongo, nokungabi namonde okwabangela ukuba amadoda amathathu akhankanywe ekuqaleni enze izinto ezibonisa ukukhukhumala, nto leyo eyakhokelela ekubeni ahlazeke.

UKora—Umvukeli Owayebhuqwa Ngumona

4. (a) Wayengubani uKora, yaye ziziphi iziganeko zembali ngokuqinisekileyo awayeyinxalenye yazo? (b) Kwiminyaka yamva, sisiphi isenzo esingathandekiyo esantyontyelwa nguKora?

4 UKora wayengumLevi ongunyana kaKohati, engumza kaMoses noAron. Kuyabonakala ukuba wayenyanisekile kuYehova kangangamashumi eminyaka. UKora wayefumene ilungelo lokuba phakathi kwabo bahlangulwa ngokungummangaliso bewezwa uLwandle Olubomvu, kwaye kusenokwenzeka ukuba waba nesabelo ekudluliseleni umgwebo kaYehova nxamnye namaSirayeli awayenqula ithole kwiNtaba yeSinayi. (Eksodus 32:26) Noko ke, ekugqibeleni uKora waba yinkokeli yemvukelo eyayinxamnye noMoses noAron eyayiquka oonyana bakaRubhen uDatan, uAbhiram no-Oni kunye nezikhulu zakwaSirayeli ezingama-250. * “Kwanele ngani,” batsho bebhekisa kuMoses noAron, “ngokuba indibano iphela ingcwele yaye uYehova uphakathi kwayo. Yini na, ke, ukuba niziphakamise phezu kwebandla likaYehova?”—Numeri 16:1-3.

5, 6. (a) Kwakutheni ukuze uKora avukele uMoses noAron? (b) Kutheni kunokutshiwo ukuba uKora usenokuba wayeyeya indawo yakhe kwilungiselelo likaThixo?

5 Yintoni eyabangela ukuba uKora avukele emva kweminyaka ethembekile? Ngokuqinisekileyo ukhokelo lukaMoses kwaSirayeli lwalungenangcinezelo, kuba kaloku ‘wayeyeyona ndoda ilulamileyo kubantu bonke ababephezu komhlaba.’ (Numeri 12:3) Ukanti kubonakala ukuba uKora wayemmonela uMoses noAron yaye eyicaphukela into yokuba bevelele, ibe loo nto yamkhokelela ekubeni athi—ephazama ke phofu—babeye baziphakamisa ngokungeyomfuneko nangokuzingca ngaphezu kwebandla.—INdumiso 106:16.

6 Enye yezinto ezisenokuba zaziyingxaki kuKora kukuba wayengawaxabisi amalungelo awayenawo kwilungiselelo likaThixo. Kuyinyaniso kona ukuba abaLevi ababengoonyana bakaKohati babengengabo ababingeleli, kodwa ke babengabafundisi boMthetho kaThixo. Kwakhona babethwala ifanishala kunye nempahla yetabanakile xa kwakufuneka zihanjisiwe. Loo msebenzi wawungeyondlwan’ iyanetha, kuba impahla engcwele yayinokuphathwa kuphela ngabantu ababecocekile ngokonqulo nangokokuziphatha. (Isaya 52:11) Ngenxa yoko, xa uMoses wathetha noKora, ngokungathi kunjalo, wayembuza oku, Ngaba isabelo sakho usigqala njengesingento kangangokude uzifunele nobubingeleli na? (Numeri 16:9, 10) UKora akazange ayiqonde into yokuba eyona nto izuke nangakumbi kukukhonza uYehova ngokuthembeka ngokuvisisana nelungiselelo lakhe—kungekhona ukufumana iwonga okanye isikhundla esithile esikhethekileyo.—INdumiso 84:10.

7. (a) UMoses waqhubana njani noKora namadoda akhe? (b) Imvukelo kaKora yaba nasiphi isiphelo esiyintlekele?

7 UMoses wambiza uKora noonongqayi bakhe, esithi mabahlanganisane ngentsasa elandelayo kwintente yokuhlangana yaye beze bephethe iingcedevu neziqhumiso. UKora namahlakani akhe babengenalo igunya lokunyusa isiqhumiso, kuba babengengobabingeleli. Ukuba babenokuza neengcedevu neziqhumiso, loo nto yayiya kubonisa kakuhle ukuba la madoda asavakalelwa ukuba kulilungelo lawo ukuba ngababingeleli—kwanasemva kokuba benikwe ubusuku bonke ukuze bawuhlafunisise lo mba. Xa bezayo ngentsasa elandelayo, ngokufanelekileyo uYehova wabonakalisa ingqumbo yakhe. Ke bona oonyana bakaRubhen, ‘umhlaba wawuvula umlomo wawo waza wabaginya.’ Abanye, ababequka uKora, badliwa ngumlilo owawuvela kuThixo. (Duteronomi 11:6; Numeri 16:16-35; 26:10) Ukukhukhumala kukaKora kwakhokelela kwelokugqibela ihlazo—ukungamkholisi uThixo!

Luxhathise Utyekelo ‘Lokukhweleta’

8. ‘Ukukhweleta’ kunokuzibonakalisa njani kumaKristu?

8 Ingxelo engoKora isisilumkiso kuthi. Ekubeni ‘ukukhweleta’ kusegazini kubantu abangafezekanga, kunokuzibonakalisa kwanakwibandla lamaKristu. (Yakobi 4:5) Ngokomzekelo, sisenokuthi phithi thwanga zizikhundla. NjengoKora, sisenokubakhweletela abo banikwa amalungelo esiwanqwenelayo. Okanye ke sisenokufana nomKristu wenkulungwane yokuqala ogama linguDiyotrefe. Wayeligxeka ashiy’ alilibeleyo igunya labapostile, kucaca ke phofu ukuba uncwase ukuba ibe nguye obambe iintambo. Okunene uYohane wabhala esithi uDiyotrefe ‘uthanda ukuba kwindawo yokuqala.’—3 Yohane 9.

9. (a) Sisiphi isimo sengqondo ekufuneka sisiphephe xa kufikwa kwiimbopheleleko zebandla? (b) Yiyiphi indlela efanelekileyo esinokujonga ngayo indawo yethu kwilungiselelo likaThixo?

9 Kakade ke, akuyonto iphosakeleyo ukuba indoda engumKristu izabalazele ukufumana iimbopheleleko ebandleni. UPawulos wada wayikhuthaza loo nto. (1 Timoti 3:1) Noko ke, singaze nje sijonge amalungelo enkonzo njengeembasa ezisibeka emaqhuzwini, ngokungathi xa siwafikelele sinyukele kwinqwanqwa elingasentla lenkqubela. Khumbula, uYesu wathi: “Nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu makabe ngumlungiseleli wenu, yaye nabani na ofuna ukuba ngowokuqala phakathi kwenu makabe likhoboka lenu.” (Mateyu 20:26, 27) Kucacile ukuba bekuya kuba yinto ephosakeleyo ukubakhweletela abo banikwa iimbopheleleko ezingakumbi, ngokungathi ixabiso esinalo emehlweni kaThixo lixhomekeke “kwisigxina” esikuso kwintlangano yakhe. UYesu wathi: “Nonke nina ningabazalwana.” (Mateyu 23:8) Ewe, enoba ungumvakalisi okanye unguvulindlela, usandul’ ukubhaptizwa okanye kudala ungumgcini wengqibelelo—bonke abakhonza uYehova ngomphefumlo uphela banendawo exabisekileyo kwilungiselelo lakhe. (Luka 10:27; 12:6, 7; Galati 3:28; Hebhere 6:10) Kuyintsikelelo yokwenene ukusebenza ngaxhathalinye nezigidi ezizabalazela ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile esithi: ‘Bhinqani ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye.’—1 Petros 5:5.

UAbhisalom—Uzingel’ Ichele Owayenamabhongo

10. Wayengubani uAbhisalom, yaye wazama njani ukuzicengezela kwabo babesiza kukumkani ukuba kugwetywe amatyala abo?

10 Ikhondo lobomi elalandelwa ngunyana wesithathu kaKumkani uDavide, uAbhisalom, lalisisifundo ngokuba namabhongo. Lo zingel’ ichele owayenamaqhinga wazama ukuzicengezela kwabo babesiza kukumkani ukuze agwebe amatyala abo. Waqala ngokuzithandisa esithi uDavide akazinanze nganto iintswelo zabo. Wandula ke wayeka ukugwegweleza waza wangen’ emxholweni. “Owu ukuba nje bendimiselwe ndangumgwebi elizweni,” wayesitsho uAbhisalom, “ukuba wonke umntu onetyala okanye umgwebo eze kum! Ngokuqinisekileyo ke bendiya kumenzela okusesikweni.” Iyelenqe elaliphekwa nguAbhisalom lalingenamida. IBhayibhile ithi: “Kwakusithi kwakusondela umntu ukuze aqubude kuye, yena olule isandla sakhe ambambe aze amange. Wenza into enjengale uAbhisalom kuwo onke amaSirayeli awayefika ukuze agwetyelwe kwakumkani.” Waba yintoni umphumo? “UAbhisalom wamana eziba iintliziyo zamadoda akwaSirayeli.”—2 Samuweli 15:1-6.

11. UAbhisalom wazama njani ukuhlutha isikhundla sikaDavide?

11 UAbhisalom wayezimisele ukubuhlutha ubukumkani bukayise. Kwiminyaka emihlanu ngaphambilana, uAbhisalom wayalela ukuba izibulo likaDavide, uAmnon, libulawe, ngelithi uphindezela ukudlwengulwa kukaTamare udadewabo. (2 Samuweli 13:28, 29) Noko ke, kwanangoko uAbhisalom usenokuba wayezigxeleshele isihlalo sobukhosi, egqala ukubulala uAmnon njengendlela esebenzisekayo yokushenxisa lowo wayebangisana naye. * Enoba kwakutheni na, xa kwafika ixesha, uAbhisalom wathabatha inyathelo. Wavakalisa kulo lonke ilizwe ukuba ungukumkani.—2 Samuweli 15:10.

12. Chaza indlela ukukhukhumala kuka-Abhisalom okwakhokelela ngayo kwihlazo.

12 UAbhisalom waphumelela kangangethuba elithile, kuba “laya lisomelela ngakumbi iyelenqe, nabantu baqhubeka besanda kuAbhisalom.” Ethubeni, uKumkani uDavide wanyanzeleka ukuba asabe esindisa ubomi bakhe. (2 Samuweli 15:12-17) Noko ke, kungekudala lwanqanyulwa ulawulo luka-Abhisalom xa wabulawa nguYowabhi, waphoswa emhadini waza wagutyungelwa ngamatye. Khawufan’ ucinge—le ndedeba eyayinamabhongo neyayifuna ukuba ngukumkani ayizange ingcwatywe nangendlela endilisekileyo yakufa! * Ngokwenene ukukhukhumala kwabangela ukuba uAbhisalom ahlaziswe.—2 Samuweli 18:9-17.

Luphephe Usukelo Lokuzingca

13. Amabhongo anokukhula njani entliziyweni yomKristu?

13 Ukuthabatha kuka-Abhisalom ulawulo nokuwa kwakhe okwalandelayo kusisifundo kuthi. Kweli hlabathi lizaliswe yinkohlakalo lanamhlanje, kuyinto eqhelekileyo ukuba abantu banyhwalaze kwabo bakwizikhundla ezingaphezulu kwezabo, ngelizama ukuzicengezela ukuze bathandwe okanye bafumane ilungelo elithile okanye banyuselwe. Kwangaxeshanye, basenokuqhayisa kwabo bangaphantsi kwabo, benethemba lokuba nabo baya kubathanda yaye babaxhase. Ukuba asilumkanga, loo moya wokuba namabhongo unokukhula ezintliziyweni zethu. Kuyabonakala ukuba loo nto yenzeka kwabanye ngenkulungwane yokuqala, de kwafuneka abapostile banikele izilumkiso eziqatha nxamnye nabanjalo.—Galati 4:17; 3 Yohane 9, 10.

14. Kutheni sifanele siphephe ukuba namabhongo nokuzibeka kwindawo yokuqala?

14 UYehova akanayo indawo yoosomaqhingana abathanda ukuzibalula nabazama ‘ukufuna uzuko lwabo’ kwintlangano yakhe. (IMizekeliso 25:27) Okunene iBhayibhile iyalumkisa: “UYehova uya kuyinqumla yonke imilebe egudileyo, ulwimi oluthetha izinto ezinkulu.” (INdumiso 12:3) UAbhisalom wayenemilebe egudileyo. Wayezigwagwisa xa ethetha nabo wayefuna bamxume—yonke loo nto eyenzela ukuze afumane isikhundla solawulo awayesibawela. Ngokwahlukileyo koko, hayi indlela esisikelelwe ngayo kuba siphakathi kobuzalwana obulandela isiluleko sikaPawulos esithi: “Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, [bagqaleni] abanye njengabongamileyo kunani.”—Filipi 2:3.

USawule—Ukumkani Ongenamonde

15. Ngaxa lithile uSawule wakubonakalisa njani ukuthozama?

15 Ngaxa lithile uSawule, owathi kamva waba ngukumkani wakwaSirayeli, wayelulamile. Masenze umzekelo ngoko kwenzekayo xa wayeselula. Xa umprofeti kaThixo uSamuweli wamtyibela emncoma, uSawule waphendula ngokuthobeka esithi: “AndingumBhenjamin na wesona sizwe sincinane kwezakwaSirayeli, nentsapho yakowethu eyona ingabalulekanga kuzo zonke iintsapho zesizwe sakwaBhenjamin? Ngoko kutheni na ukuba uthethe into enjengale kum?”—1 Samuweli 9:21.

16. Yiyiphi indlela uSawule awabonakalisa ngayo ukungabi namonde?

16 Noko ke, kamva ukululama kukaSawule kwathi shwaka. Xa wayebambene ngezigalo namaFilisti, warhoxa waya kutsho eGiligali, apho wayelindeleke ukuba alinde uSamuweli ukuba eze kubongoza uThixo ngokunyusa imibingelelo. Wathi uSamuweli akungafiki ngexesha elalimiselwe, uSawule ngokukhukhumala wayinyusa ngokwakhe imibingelelo etshiswayo. Wathi kanye xa agqibayo, wagaleleka uSamuweli. “Yintoni na le uyenzileyo?” uSamuweli wabuza. USawule waphendula esithi: “Ndibone abantu besasazeka besimka kum, yaye nawe—akufikanga ngemihla emiselweyo . . . Ngoko ndazinyanzela ndaza ndanikela umbingelelo otshiswayo.”—1 Samuweli 13:8-12.

17. (a) Kutheni izenzo zikaSawule zisenokubonakala zithetheleleka xa uzikha nje phezulu? (b) Kwakutheni ukuze uYehova amohlwaye uSawule ngenxa yesenzo sakhe sokungabi namonde?

17 Xa uwukha nje phezulu lo mba, izenzo zikaSawule zisenokubonakala zithetheleleka. Ngapha koko, abantu bakaThixo ‘babesezingxakini ezinkulu,’ “bebandezelekile,” yaye betyhwatyhwa ngenxa yemeko yabo enganiki themba. (1 Samuweli 13:6, 7) Ngokuqinisekileyo akuyonto iphosakeleyo ukuthabatha inyathelo kuqala xa iimeko zifuna kwenziwe njalo. * Noko ke, khumbula ukuba uYehova uyakwazi ukubona oko kusezintliziyweni aze aqonde nezona ntshukumisa zethu zifihlakeleyo. (1 Samuweli 16:7) Ngenxa yoko, umele ukuba waphawula izinto ezithile kuSawule ezingachazwanga ngokungqalileyo kuloo ngxelo yeBhayibhile. Ngokomzekelo, uYehova usenokuba wabona ukuba ukungabi namonde kukaSawule kwakubangelwa likratshi. Mhlawumbi uSawule wayelugcalagcala ngumsindo kuba yena—kumkani wakwaSirayeli—kwakufuneka elinde inkathavu yomprofeti eyayisalibele kukungqunga! Enoba kwakutheni na, uSawule wavakalelwa kukuba ukucotha kukaSamuweli kwakumnika ilungelo lokuyithabathela ezandleni zakhe imicimbi nokutyeshela imiyalelo ecacileyo awayeyinikiwe. Waba yintoni umphumo? USamuweli akazange amncome uSawule ngesenzo sakhe. Kunoko, wamohlwaya uSawule, esithi: “Ubukumkani bakho abuyi kuhlala . . . ngenxa yokuba akukugcinanga oko uYehova akuyalele kona.” (1 Samuweli 13:13, 14) Nangesi sihlandlo, ukukhukhumala kwakhokelela kwihlazo.

Kulumkele Ukungabi Namonde

18, 19. (a) Chaza indlela ukungabi namonde okunokubangela umkhonzi kaThixo wale mihla enze izinto ezibonisa ukukhukhumala. (b) Yintoni esifanele siyikhumbule ngendlela elisebenza ngayo ibandla lamaKristu?

18 Ingxelo engesenzo sokukhukhumala sikaSawule iye yabhalwa kwiLizwi likaThixo ukuze kungenelwe thina. (1 Korinte 10:11) Kulula ukuba sicatshukiswe zizenzo zokungafezeki zabazalwana bethu. NjengoSawule, sisenokuphelelwa ngumonde, sivakalelwa kukuba ukuze izinto zisingathwe kakuhle, simele sizithabathele ezandleni zethu. Ngokomzekelo, masithi umzalwana unobuchule obungayiwayo kulungelelwaniso lwezinto. Uyalibamba ixesha, uhambisana neenkqubo ezintsha zebandla kwaye unesiphiwo sokuthetha nokufundisa. Kwangaxeshanye, uvakalelwa kukuba abanye abasondeli kwaukusondela kwimilinganiselo yakhe ebaxiweyo, kwaye basekude nokufikelela umlinganiselo awufunayo. Ngaba oko kumnika igunya lokuba aphelelwe ngumonde? Ngaba ufanele abagxeke abazalwana bakhe, mhlawumbi esithi ukuba ibingeyomigudu ayenzayo yena, akukho nto ibinokwenziwa kwaye nebandla beliya kufadalala? Ibiya kuba yile nto kuthiwa kukukhukhumala ke leyo!

19 Yintoni kanye kanye ebangela ukuba ibandla lamaKristu limanyane? Bubuchule bokulawula? kukuba nesandla ezintweni? kukuba sisisele senyathi? Kuyavunywa ukuba ezi zinto ziyingenelo ukuze ibandla lisebenze kakuhle. (1 Korinte 14:40; Filipi 3:16; 2 Petros 3:18) Noko ke, uYesu wathi abalandeli bakhe ngokuyintloko babeya kufaniswa ngothando. (Yohane 13:35) Kungoko abadala abanenkathalo, ngoxa besenza izinto ngocwangco, beqonda ukuba ibandla aliloshishini elifuna ukulawulwa ngqwabalala, kunoko, liyilwe ngumhlambi ofuna inyameko enothando. (Isaya 32:1, 2; 40:11) Ukuyityeshela ngokukhukhumala imigaqo enjalo kudla ngokuphumela kusukuzwano. Ngokwahlukileyo koko, ucwangco lobuthixo luvelisa uxolo.—1 Korinte 14:33; Galati 6:16.

20. Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?

20 Iingxelo zeBhayibhile ezibalisa ngoKora, uAbhisalom noSawule zibonisa kakuhle ukuba ukukhukhumala kuphumela kwihlazo, njengoko iMizekeliso 11:2 isitsho. Noko ke, kwaloo ndinyana inye yeBhayibhile iyongezelela: “Bunabathozamileyo ubulumko.” Yintoni ukuthozama? Yiyiphi imizekelo eseBhayibhileni enokusikhanyisela ngolu phawu, yaye namhlanje sinokukubonakalisa njani ukuthozama? Le mibuzo iza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.

[Imibhalo esemazantsi]

^ isiqe. 4 Ekubeni uRubhen wayelizibulo likaYakobi, inzala yakhe eyarhwetyeshwa nguKora ukuba ivukele isenokuba yayiyicaphukela into yokuba uMoses—owayeyinzala kaLevi—abe negunya lokuyilawula.

^ isiqe. 11 UKileyabhi, unyana wesibini kaDavide, akakhankanywa emva kokuba ezelwe. Kusenokwenzeka ukuba wafa ngaxa lithile ngaphambi kokuvukela kuka-Abhisalom.

^ isiqe. 12 Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile ukungcwatywa kwesidumbu somntu kwakuyinto ebalulekileyo. Ngenxa yoko, ukungangcwatywa kwakulishwangusha yaye kwakudla ngokubonisa ukuba uThixo akakholiswa ngubani.—Yeremiya 25:32, 33.

^ isiqe. 17 Ngokomzekelo, uFinehasi wathabatha inyathelo elikhawulezileyo ukuze aphelise isibetho esabulala inyambalala yamaSirayeli, kwaye uDavide wakhuthaza amadoda akhe awayebhuqwa liphango ukuba amthelele ekutyeni isonka sokuboniswa ‘esasisendlwini kaThixo.’ Zombini ezi zenzo azizange zigxekwe nguThixo njengezibonakalisa ukukhukhumala.—Mateyu 12:2-4; Numeri 25:7-9; 1 Samuweli 21:1-6.

Ngaba Usakhumbula?

• Yintoni ukukhukhumala?

• Umona wambangela njani uKora ukuba enze isenzo sokukhukhumala?

• Yintoni esiyifundayo kwingxelo engoAbhisalom owayenamabhongo?

• Sinokuwuphepha njani umoya wokungabi namonde owabonakaliswa nguSawule?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 10]

USawule waphelelwa ngumonde waza wenza isenzo sokukhukhumala