Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bonakalisa Ububele Bothando Kwabo Bafuna Uncedo

Bonakalisa Ububele Bothando Kwabo Bafuna Uncedo

Bonakalisa Ububele Bothando Kwabo Bafuna Uncedo

“Nibe nobubele bothando nenceba omnye nomnye.”—ZEKARIYA 7:9.

1, 2. (a) Kutheni sifanele sibonakalise ububele bothando? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

 ILIZWI likaYehova uThixo lisibongoza ukuba sithande “ububele [ububele bothando].” (Mika 6:8) Likwasinika nezizathu zokuba sifanele senjenjalo. Esokuqala, “umntu onobubele bothando uqhubana ngokunomvuzo nomphefumlo wakhe.” (IMizekeliso 11:17) Leyo yinyaniso emsulwa! Ukubonakalisa ububele bothando, okanye uthando olunyanisekileyo, lubangela ulwalamano olusenyongweni nabanye. Ngenxa yoko, siya kuba nabahlobo bokwenene—nto leyo esisipho esixabisekileyo!—IMizekeliso 18:24.

2 Ukongezelela, iZibhalo ziyasixelela: “Osukela ubulungisa nobubele bothando uya kufumana ubomi.” (IMizekeliso 21:21) Ewe, ukuzabalazela ukubonakalisa ububele bothando kuya kusenza sithandwe nguThixo yaye kuya kusinika ithuba lokufumana iintsikelelo kwixesha elizayo, kuquka ubomi obungunaphakade. Kodwa sinokububonakalisa njani ububele bothando? Sinokububonakalisa koobani? Yaye ngaba ububele bothando bahlukile kubuntu okanye ububele nje obuqhelekileyo?

Ubuntu Nobubele Bothando

3. Bahluke njani ububele bothando kubuntu?

3 Ubuntu nobubele bothando bahluka ngeendlela ezininzi. Ngokomzekelo, abo babonakalisa ubuntu ngokufuthi bakwenza oko nakubantu abangenalwalamano lusondeleyo nabo, babaphatha nje kakuhle. Noko ke, ukuba sibonakalisa ububele bothando kumntu othile, siyasondelelana naloo mntu. EBhayibhileni, ububele bothando bubonakaliswa ngabantu abasele benolwalamano. (Genesis 20:13; 2 Samuweli 3:8; 16:17) Okanye busenokusekelwa kulwalamano olusekwe ngenxa yobubele obubonakaliswe ngaphambili. (Yoshuwa 2:1, 12-14; 1 Samuweli 15:6; 2 Samuweli 10:1, 2) Ngokomzekelo ukuze sibone lo mahluko, makhe sithelekise imizekelo emibini eseBhayibhileni, omnye ngowobuntu yaye omnye ngowobubele bothando obabonakaliswa kubantu abathile.

4, 5. Imizekelo yeBhayibhile emibini echazwe apha iwubonisa njani umahluko phakathi kobuntu nobubele bothando?

4 Ngokomzekelo, ubuntu babonakaliswa kwiqela labantu abaphukelwa ngumkhombe, umpostile uPawulos owayengomnye wabo. Ulwandle lwabatyekezela kwisiqithi saseMalta. (IZenzo 27:37–28:1) Nangona abemi baseMalta babenganyanzelekanga ukuba babancede aba bahambi basengxakini nabangenalwalamano nabo, abemi besi siqithi babamkela ngezandla ezishushu, bebonakalisa “ubuntu obungaqhelekanga.” (IZenzo 28:2, 7) Umoya wabo wokubuk’ indwendwe wawubonakalisa ububele, kodwa oku kwazenzekela nje yaye kubantu basemzini. Ngoko ke, obu yayibubuntu.

5 Ngokwahlukileyo koko, khawucinge ngomoya wokubuk’ iindwendwe uKumkani uDavide awawubonakalisa kuMefibhoshete, unyana womhlobo wakhe uYonatan. UDavide ethetha noMefibhoshete wathi: ‘Uya kudla isonka rhoqo etafileni yam.’ Echaza isizathu sokuba enze eli lungiselelo, uDavide wamxelela: “Nakanjani na ndiya kukwenzela ububele bothando ngenxa kaYonatan uyihlo.” (2 Samuweli 9:6, 7, 13) Umoya wokubuk’ iindwendwe uDavide awayeqhubeka ewubonisa ngokufanelekileyo kunokuthethwa ngawo njengokubonakalisa ububele bothando, kungekhona ubuntu nje, kuba oku kwakububungqina bokunyaniseka kulwalamano olwalukho. (1 Samuweli 18:3; 20:15, 42) Ngokufanayo namhlanje, abakhonzi bakaThixo babonakalisa ubuntu kubantu bonke. Kodwa, bahlala bebonakalisa ububele bothando, okanye uthando olunyanisekileyo, kwabo banolwalamano olwamkelekileyo noThixo.—Mateyu 5:45; Galati 6:10.

6. Ziziphi iinkalo zobubele bothando ezibonakaliswa ngabantu ezibalaseliswayo kwiLizwi likaThixo?

6 Ukuze sibone ezinye iinkalo ezingakumbi zokubonakalisa ububele bothando, siza kuthi gqabagqaba ngeengxelo ezintathu zeBhayibhile ezibalaselisa olu phawu. Kuzo siza kuphawula ukuba ububele bothando obubonakaliswa ngabantu (1) bubonakaliswa ngezenzo ezithile, (2) bubonakaliswa ngokuzithandela, yaye (3) bubonakaliswa ngokukhethekileyo kwabo bafuna uncedo. Ngaphezu koko, ezi ngxelo zibonisa indlela esinokubonakalisa ngayo ububele bothando namhlanje.

Ubawo Ubonakalisa Ububele Bothando

7. Umkhonzi ka-Abraham wamxelela ntoni uBhetuweli noLabhan, yaye wathetha ngawuphi umbandela?

7 IGenesis 24:28-67 iqukumbela ibali lomkhonzi ka-Abraham, elikhankanywe kwinqaku elandulelayo. Emva kokuba edibene noRebheka, wamenyelwa ekhayeni likayise, uBhetuweli. (Indinyana 28-32) Apho lo mkhonzi wachaza iinkcukacha zokufunela kwakhe unyana ka-Abraham umfazi. (Indinyana 33-47) Walenza latsola elokuba impumelelo yakhe ukuza kuthi ga ngoko ibangelwe nguYehova, “ondikhokeleyo endleleni eyinyaniso ukuya kuthabathela unyana wakhe intombi yomntakwabenkosi yam.” (Indinyana 48) Alithandabuzeki elokuba lo mkhonzi wayenethemba lokuba ukusibalisa ngokunyanisekileyo esi siganeko kwakuza kumqinisekisa uBhetuweli nonyana wakhe uLabhan ukuba uYehova wayeyisikelela injongo yolu hambo. Ekugqibeleni, lo mkhonzi wathi: “Ukuba nibonakalisa ububele bothando nenkoloseko kwinkosi yam, ndixeleleni; kodwa ukuba akunjalo, ndixeleleni, ukuze ndijikele ekunene okanye ekhohlo.”—Indinyana 49.

8. UBhetuweli wenza ntoni ngombandela owawubandakanya uRebheka?

8 UYehova wayesele ebubonakalisile ububele bothando kuAbraham. (Genesis 24:12, 14, 27) Ngaba uBhetuweli wayeya kwenza okufanayo ngokuvumela uRebheka ukuba ahambe nomkhonzi ka-Abraham? Ngaba ububele bothando bukaThixo babuya kuhambisana nobubele bothando babantu? Okanye ngaba lo mkhonzi wahambela nje ilize? Kumele ukuba kwamthuthuzela gqitha umkhonzi ka-Abraham ukuva uLabhan noBhetuweli besithi: “Le nto iphuma kuYehova.” (Indinyana 50) Babeyibona indlela uYehova awayewuxhasa ngayo lo mcimbi yaye bengaphozisanga maseko, basamkela isigqibo sakhe. Wandula ke uBhetuweli wabonakalisa ububele bothando ngokongezelela esithi: “Nanku uRebheka phambi kwakho. Mthabathe uhambe, abe ngumfazi wonyana wenkosi yakho, kanye njengoko ethethile uYehova.” (Indinyana 51) URebheka engakrikrizi wavuma ukuhamba nomkhonzi ka-Abraham, yaye kungekudala waba ngumfazi othandekayo kuIsake.—Indinyana 49, 52-5867.

Ububele Bothando Obabonakaliswa Ngunyana

9, 10. (a) UYakobi wacela ukuba amenzele ntoni unyana wakhe uYosefu? (b) UYosefu wabubonakalisa njani ububele bothando kuyise?

9 Umzukulwana ka-Abraham uYakobi naye wenzelwa ububele bothando. Njengokuba iGenesis isahluko 47 sibonisa, ngelo xesha uYakobi wayehlala eYiputa, yaye “yasondela imihla yokufa [kwakhe].” (Indinyana 27-29) Wayexhalabile kuba wayeza kufela ngaphandle kwelizwe uThixo wayelithembise uAbraham. (Genesis 15:18; 35:10, 12; 49:29-32) Noko ke, uYakobi wayengafuni ukungcwatyelwa eYiputa, ngoko wenza amalungiselelo okuba isidumbu sakhe sisiwe kwilizwe laseKanan. Ngubani owayeya kuqinisekisa ukuba lo myolelo ugciniwe ingenguye unyana wakhe owayenokuthetha kuvakale, uYosefu?

10 Le ngxelo ithi: “Ngoko [uYakobi] wambiza unyana wakhe uYosefu waza wathi kuye: ‘Ukuba, kaloku, ndikholekile emehlweni akho, . . . uze ubonakalise ububele bothando nenkoloseko kum. (Uze uncede, ungandingcwabeli eYiputa.) Ndimele ndilale noobawo, ngoko umele undithwalele ngaphandle kweYiputa uze undingcwabe engcwabeni labo.’” (Genesis 47:29, 30) UYosefu wathembisa ukwenza ngokwalo myolelo, yaye kungekudala emva koko uYakobi wafa. UYosefu nabanye oonyana bakaYakobi bawuthwala umzimba wakhe bawusa “ezweni lakwaKanan baza bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakaphela . . . , ntsimi leyo wayithengayo uAbraham.” (Genesis 50:5-8, 12-14) Ngaloo ndlela uYosefu wabonakalisa ububele bothando kuyise.

Umolokazana Ubonakalisa Ububele Bothando

11, 12. (a) URute wabubonakalisa njani ububele bothando kuNahomi? (b) Ububele bothando bukaRute ‘bokugqibela’ bubhetele njani ‘kobokuqala’?

11 Kwincwadi kaRute kubaliswa ngobubele bothando obabonakaliswa kuNahomi owayengumhlolokazi, ngumolokazana wakhe uRute, owayenguMowabhi, naye owayekwangumhlolokazi. Xa uNahomi wagqiba kwelokuba abuyele eBhetelehem kwaYuda, uRute wabonakalisa ububele bothando nokuzimisela, esithi: “Apho uya khona ndiya kuya, nalapho uchitha ubusuku khona ndiya kuchitha ubusuku. Abantu bakowenu baya kuba ngabantu basekhaya, noThixo wakho abe nguThixo wam.” (Rute 1:16) Kamva uRute wabonakalisa ububele bothando xa wavuma ukutshata nesalamane sikaNahomi esasikhulile uBhohazi. a (Duteronomi 25:5, 6; Rute 3:6-9) UBhohazi wathi kuRute: “Ububele bakho bothando uye wabubonisa kakuhle ngakumbi ekugqibeleni kunasekuqaleni, ngokungalandeli emva kwabafo abaselula enoba bazizisweli okanye bazizityebi.”—Rute 3:10.

12 Ububele bothando bukaRute ‘bokuqala’ ekubhekiselwa kubo kuxa wayeshiya abantu bakowabo waza wanamathela kuNahomi. (Rute 1:14; 2:11) Eso senzo sabalaseliswa bububele bothando awabubonakalisa “ekugqibeleni”—ukuvuma kukaRute ukutshata noBhohazi. Ngoku uRute wayeya kukwazi ukumzalela uNahomi indlalifa, owayesele emdala gqitha ukuba angazala. Batshata, yaye kamva xa uRute wazala, abafazi baseBhetelehem badanduluka bathi: “UNahomi uzalelwe unyana.” (Rute 4:14, 17) Enyanisweni uRute ‘wayengumfazi obalaseleyo,’ yaye ngenxa yoko wavuzwa nguYehova ngelungelo elikhulu lokuba ngukhokhokazi kaYesu Kristu.—Rute 2:12; 3:11; 4:18-22; Mateyu 1:1, 5, 6.

Bubonakaliswa Ngezenzo

13. UBhetuweli, uYosefu noRute babubonakalisa njani ububele bothando?

13 Ngaba uyiphawule indlela uBhetuweli, uYosefu, noRute ababonakalisa ngayo ububele bothando? Oko bakwenza kungekhona nje ngamazwi obubele kodwa nangezenzo ezithile. UBhetuweli akazange nje kuphela athi, “Nanku uRebheka” kodwa ‘wamndulula uRebheka.’ (Genesis 24:51, 59) UYosefu akazange athi nje kuphela, “Ndiya kwenza ngokwelizwi lakho” kodwa yena nabantakwabo bamenzela uYakobi “kanye njengoko wayebayalele.” (Genesis 47:30; 50:12, 13) URute akazange athi nje kuphela, “Apho uya khona ndiya kuya” kodwa washiya abantu bakowabo waza wahamba noNahomi, “bobabini bahamba de baya kufika eBhetelehem.” (Rute 1:16, 19) KwaYuda, kwakhona uRute wenza “ngokuvisisana nako konke oko uninazala wayemyalele kona.” (Rute 3:6) Ewe, ububele bothando bukaRute, njengabanye, babonakaliswa ngezenzo.

14. (a) Abakhonzi bakaThixo banamhlanje babubonakalisa njani ububele bothando ngezenzo? (b) Ziziphi izenzo zobubele bothando ozaziyo phakathi kwamaKristu kwindawo ohlala kuyo?

14 Kuyavuyisa ukubona abakhonzi bakaThixo namhlanje besoloko bebonakalisa ububele bothando ngezenzo. Ngokomzekelo, cinga ngabo baye bathuthuzela amanye amakholwa ayimilwelwe, adandathekileyo okanye asentlungwini. (IMizekeliso 12:25) Okanye cinga ngamaNgqina kaYehova amaninzi aye ngokuthembeka aphuthuma abo bakhulileyo ukuya kwiHolo yoBukumkani ukuze baye kwiintlanganiso zebandla zeeveki ngeveki. UAna, oneminyaka engama-82 ubudala nowayenesifo samathambo, uthethela nabaninzi xa esithi: “Ukusiwa kuzo zonke iintlanganiso kuyintsikelelo evela kuYehova. Ndimbulela ngokusuk’ entliziyweni ngokundinika abazalwana noodade abanothando ngale ndlela.” Ngaba wenza into efanayo nasebandleni lakho? (1 Yohane 3:17, 18) Ukuba wenjenjalo, qiniseka ukuba ububele bakho bothando buxatyiswa gqitha.

Bubonakaliswa Ngokuzithandela

15. Ziziphi iinkalo zobubele bothando ezibalaseliswe ngokubhekele phayaa kwezi ngxelo zintathu zeBhayibhile esiye sathetha ngazo?

15 Iingxelo zeBhayibhile esiye sathetha ngazo nazo zibonisa ukuba ububele bothando bubonakaliswa ngokuzithandela, kungekhona ngokunyanzelwa. UBhetuweli wasebenzisana ngokuzithandela nomkhonzi ka-Abraham, wenjenjalo noRebheka. (Genesis 24:51, 58) UYosefu wabonakalisa ububele bothando ngaphandle kokuxelelwa. (Genesis 50:4, 5) URute ‘wazingisa efuna ukuhamba noNahomi.’ (Rute 1:18) Xa uNahomi waxelela uRute ukuba aye kuBhohazi, ububele bothando bambangela ukuba lo Mowabhikazi athi: “Konke oko ukutshoyo kum ndiya kukwenza.”—Rute 3:1-5.

16, 17. Yintoni eyenza ububele bothando bukaBhetuweli, uYosefu noRute bukhetheke ngakumbi, yaye yintoni eyababangela ukuba babonakalise olu phawu?

16 UBhetuweli, uYosefu noRute babonakalisa ububele bothando ngendlela ebalaseleyo kuba kwakungekho nto eyayinokumnyanzela uAbraham, uYakobi noNahomi. Ngapha koko, wayenganyanzelekanga uBhetuweli ukuba ahlukane nentombi yakhe. Ngokulula nje wayenokuxelela umkhonzi ka-Abraham athi: ‘Andivumi ukuba intombi yam ekhutheleyo ihambe.’ (Genesis 24:18-20) Ngokufanayo, uYosefu wayenokwenza nantoni na ngomyolelo kayise, kuba uYakobi wayeza kuba efile yaye wayengenakumnyanzela ukuba enze ngokwelizwi lakhe. Naye uNahomi wamxelela uRute ukuba wayenokuhlala kwaMowabhi ukuba wayethanda. (Rute 1:8) URute wayenokutshata ‘nabafo abaselula’ kunokuba atshate noBhohazi owalupheleyo.

17 UBhetuweli, uYosefu noRute babonakalisa ububele bothando ngokuzithandela; abazange banyanzelwe. Baziva benyanzelekile ukubonisa olu phawu kwabo babenolwalamano nabo, kanye njengokuba uKumkani uDavide kamva waziva enyanzelekile ukulubonakalisa kuMefibhoshete.

18. (a) Abadala abangamaKristu ‘bawalusa njani umhlambi’? (b) Omnye umdala wathini ngendlela aziva ngayo ngokunceda amanye amakholwa?

18 Nanamhlanje kusalindelekile ukuba abantu bakaThixo, kuquka namadoda alusa umhlambi kaThixo, babonakalise ububele bothando. (INdumiso 110:3; 1 Tesalonika 5:12) Abadala abanjalo, okanye abaveleli baziva benyanzelekile ukwenjenjalo ngenxa yembopheleleko abajizekwe yona. (IZenzo 20:28) Sekunjalo, umsebenzi wabo wokwalusa nezinye izenzo zokubonakalisa ububele bothando ebandleni bazenza, “kungengakunyanzelwa, kodwa ngokuzithandela.” (1 Petros 5:2) Abadala bawalusa umhlambi ngenxa yembopheleleko abanayo nomnqweno wokwenza oko. Babonakalisa ububele bothando kwizimvu zikaKristu kuba befanele yaye befuna ukwenjenjalo. (Yohane 21:15-17) Omnye umdala ongumKristu uthi: “Ndiyakuthanda ukutyelela abazalwana emakhayeni abo okanye ukubatsalela umnxeba ukuze nje ndibabonise ukuba bendicinga ngabo. Ukunceda abazalwana kundivuyisa gqitha yaye kuyandanelisa!” Abadala abanenyameko kuzo zonke iindawo bavumelana noko.

Bonakalisa Ububele Bothando Kwabo Bafuna Uncedo

19. Sisiphi isibakala sobubele bothando esibalaseliswa ziingxelo zeBhayibhile esithethe ngazo kweli nqaku?

19 Iingxelo zeBhayibhile esiye sathetha ngazo zikwabethelela isibakala sokuba ububele bothando bufanele bubonakaliswe kwabo bafuna uncedo. Ukuze ahambisele phambili umnombo wakhe wozalo, uAbraham wayefuna intsebenziswano kaBhetuweli. Ukuze isidumbu sakhe sisiwe eKanan, uYakobi wayefuna uncedo lukaYosefu. Yaye ukuze afumane indlalifa, uNahomi wayefuna uncedo lukaRute. UAbraham, uYakobi noNahomi babengenakwenza nto ngaphandle koncedo lwabanye. Ngokufanayo namhlanje, ububele bothando bufanele bubonakaliswe ngokukhethekileyo kwabo bafuna uncedo. (IMizekeliso 19:17) Sifanele sixelise usolusapho uYobhi, owanceda “oxhwalekileyo okhalela uncedo, nenkwenkwe engenayise naye nabani na ongenamncedi,” kunye ‘nalowo uza kutshabalala.’ Kwakhona uYobhi ‘wayichulumancisa intliziyo yomhlolokazi’ waza ‘wangamehlo kulowo uyimfama neenyawo kulowo usisiqhwala.’—Yobhi 29:12-15.

20, 21. Ngoobani esifanele sibonakalise kubo ububele bothando, yaye mntu ngamnye kuthi ufanele azimisele ukwenza ntoni?

20 Eneneni, kwibandla ngalinye lamaKristu kukho abo ‘baxhwalekileyo bakhalela uncedo.’ Oku kusenokubangelwa bubulolo, kukudimazeka, ukuziva ungaxabisekanga, ukuphoxeka, ukugula ngamandla okanye ukufa komntu omthandayo. Enoba yintoni ebangele oku, bonke aba bafuna uncedo yaye sinokubanceda ngezenzo zethu zobubele bothando esizenza ngokuzithandela yaye ngokuqhubekayo.—1 Tesalonika 5:14.

21 Ngoko ke, masiqhubeke sixelisa uYehova uThixo, “onobubele bothando obuninzi.” (Eksodus 34:6; Efese 5:1) Ngokuzithandela, sinokwenjenjalo ngezenzo ezithile, ingakumbi kwabo bafuna uncedo. Yaye ngokuqinisekileyo siya kumzukisa uYehova size sifumane uvuyo olukhulu njengoko sibonakalisa ‘ububele bothando omnye nomnye.’—Zekariya 7:9.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo ngohlobo lomtshato olwalubandakanyeke apha, bona uMqulu 1, kwiphepha 370, weInsight on the Scriptures, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Ububele bothando bahluke njani kubuntu?

• UBhetuweli, uYosefu noRute babubonakalisa ngaziphi iindlela ububele bothando?

• Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso xa sibonakalisa ububele bothando?

• Sifanele sibubonakalise koobani ububele bothando?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 18]

UBhetuweli wabubonakalisa njani ububele bothando?

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Uthando olunyanisekileyo lukaRute lwaba yintsikelelo kuNahomi

[Imifanekiso ekwiphepha 23]

Ububele bothando bubonakaliswa ngokuzithandela, ngokwenza izenzo ezithile, yaye kwabo bafuna uncedo