Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba bekuya kuba bubulumko ngomKristu wokwenyaniso ukuba aye kumngcwabo okanye kumtshato osecaweni?

Ukuba nenxaxheba kwethu nangayiphi na indlela kunqulo lobuxoki akumkholisi uYehova yaye kufanele kuphetshwe. (2 Korinte 6:14-17; ISityhilelo 18:4) Umngcwabo osecaweni yinkonzo yonqulo ekusenokwenzeka ukuba uquka intshumayelo exhasa iingcamango ezingasekelwanga eZibhalweni ezinjengokungafi komphefumlo nomvuzo wokuya ezulwini wabo bonke abantu abalungileyo. Unokuquka ukwenza uphawu lomnqamlezo nokuthandaza kunye nomfundisi. Imithandazo nezinye izenzo zonqulo ezichaseneyo nemfundiso yeBhayibhile zisenokuba yinxalenye yomsitho womtshato oqhutyelwa ecaweni okanye kwenye indawo. UmKristu unokukufumanisa kunzima ukuxhathisa ingcinezelo ukuba uphakathi kwabantu abanenxaxheba kunqulo lobuxoki. Hayi indlela ekungebobulumko ngayo ukuba ubani azichanabe kwingcinezelo enjalo!

Kuthekani ukuba umKristu uziva enyanzelekile ukuya kumngcwabo okanye kumtshato oqhutyelwa ecaweni? Ngokomzekelo, indoda engakholwayo isenokufuna umfazi wayo ongumKristu ukuba aye naye kumcimbi onjalo. Ngaba unokuhamba nayo ukuze nje abekho? Ngenxa yokuba exabisa umnqweno wendoda yakhe, umfazi usenokugqiba kwelokuba ahambe nayo, ezimisele ukuba akasayi kuba nanxaxheba nakuyiphi na imisitho yonqulo. Kwelinye icala, usenokugqiba kwelokuba angayi, ecinga ukuba iimeko zisenokumongamela, kangangokuba ade alalanise imigaqo yobuthixo. Ufanele azenzele isigqibo ngokwakhe. Ngokuqinisekileyo uya kuzabalazela ukulondoloza isazela esicocekileyo.—1 Timoti 1:19.

Enoba yintoni na ayikhethayo, kuya kuba kuhle ukuyicacisela indoda yakhe, ukuba ngenxa yesazela sakhe akasayi kuba nasabelo nakuyiphi na imisitho yonqulo okanye acule amaculo ecawa okanye aqubude intloko xa kuthandazwa. Ngenxa yokuba eyicacisele, inokugqiba kwelokuba ukubakho komfazi wayo kunokubangela imeko engentle. Inokukhetha ukuhamba yodwa ngenxa yokuthanda umfazi wayo nokuhlonela iinkolelo zakhe, okanye ngenxa yokufuna ukuphepha ukuphoxeka. Kodwa ukuba iyanyanzelisa ukuba ahambe nayo, usenokuya ukuze nje abekho.

Enye into emele ikhunjulwe yindlela ekunokubachaphazela ngayo abo sikholwa nabo ukuya kwinkonzo ekwisakhiwo sonqulo. Ngaba kunokwenzakalisa isazela sabathile? Ngaba kunokubenza bangakwazi ukuxhathisa ukunqula izithixo? Umpostile uPawulos uyasibongoza: “Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi, khon’ ukuze ningabi nasiphako yaye ningakhubekisi abanye kude kuse kwimini kaKristu.”—Filipi 1:10.

Ukuba loo mcimbi ubandakanya isalamane esisondeleyo, kusenokubakho ingcinezelo engakumbi yentsapho. Enoba iimeko zinjani na, umKristu umele azihlole ngenyameko izinto ezibandakanyekileyo. Kwiimeko ezithile unokugqiba kwelokuba akuyi kuvela ngxaki xa esiya kumngcwabo okanye kumtshato ecaweni ukuze nje abekho. Noko ke, kwiimeko ezithile ukuya kwindawo enjalo kusenokuba yingozi ngakumbi kwisazela sakhe okanye kwesabanye. Enoba injani na imeko, umKristu ufanele aqiniseke ukuba isigqibo asenzayo siya kumgcina enesazela esicocekileyo kuThixo nakubantu.