Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingqibelelo Ikhokela Abathe Tye

Ingqibelelo Ikhokela Abathe Tye

Ingqibelelo Ikhokela Abathe Tye

IBHAYIBHILE ithi: “Umntu, ozelwe ngumfazi, unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka.” (Yobhi 14:1) Abantu namhlanje bathwaxwa yintlungu nembandezelo. Ewe, nobomi bemihla ngemihla busenokuzaliswa ngamaxhala nesiphithiphithi! Yintoni eza kusikhokela ngokuphumelelayo kwezi meko zinzima ize isincede sihlale samkelekile kuThixo?

Khawucinge ngomzekelo wendoda eyayisisityebi egama linguYobhi, eyayiphila kwiminyaka enokuba ngama-3 500 eyadlulayo kwindawo eyaziwa ngokuba yiArabhiya ngoku. Hayi indlela uSathana awayihlasela ngayo le ndoda yoyika uThixo! Yaphulukana nayo yonke imfuyo yayo yaza yafelwa ngabantwana bayo ebathandayo. Kungekudala emva koko, uSathana wambetha ngamathumba abuhlungu uYobhi ukususela entloko ukusa ezinyaweni. (Yobhi, isahluko 1, 2) UYobhi wayengazi ukuba kwakutheni esehlelwa zizinto ezibuhlungu kangaka. Sekunjalo, “uYobhi akonanga ngemilebe yakhe.” (Yobhi 2:10) Wathi: “Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!” (Yobhi 27:5) Ewe, ingqibelelo kaYobhi yamkhokela ukuze ahlangabezane nezilingo.

Ingqibelelo ithetha ukuphila ngemilinganiselo ephilileyo okanye egqibeleleyo yaye kuquka ukungasoleki nokungabi natyala emehlweni kaThixo. Noko ke, oko akuthethi ukuba abantu abangafezekanga, abangenako ukuyifikelela ngokupheleleyo imilinganiselo kaThixo, bafanele bagqibelele ngamazwi nangezenzo. Kunoko, ukuba ngumntu ogqibeleleyo kuthetha ukuzinikela ngentliziyo epheleleyo kuYehova nasekwenzeni ukuthanda kwakhe nenjongo yakhe. Ukuzinikela kuThixo okunjalo kukhokela, okanye kwalathise abathe tye phantsi kwazo zonke iimeko nangamaxesha onke. Kwincwadi yeBhayibhile yeMizekeliso isahluko 11, inxalenye yokuqala ibonisa indlela ingqibelelo yethu enokusikhokela ngayo kwiinkalo ezahlukeneyo zobomi yaye isiqinisekisa ngeentsikelelo esiya kuzifumana. Ngoko, sinomdla ongazenzisiyo, masinikele ingqalelo koko kubhalwe apho.

Ingqibelelo Ibangela Ukuba Sinyaniseke Kwezoshishino

Ebalaselisa umgaqo wokunyaniseka ngokusebenzisa amazwi eembongi kunamazwi asetyenziswa kwizinto zomthetho, uKumkani uSolomon wakwaSirayeli wamandulo uthi: “Izikali eziqhathayo ziyinto ecekisekayo kuYehova, kodwa ilitye lokulinganisa elipheleleyo uyakholiswa lilo.” (IMizekeliso 11:1) Esi sisihlandlo sokuqala kwezine kwincwadi yeMizekeliso apho kusetyenziswa khona izikali namatye okulinganisa ukubonisa ukuba uYehova unqwenela ukuba abakhonzi bakhe banyaniseke kwimicimbi yabo yezoshishino.—IMizekeliso 16:11; 20:10, 23.

Impumelelo yabo babhenela kwizikali eziqhathayo—okanye kukunganyaniseki—kusenokuhenda. Kodwa ngaba ngokwenene sinokufuna ukutyeshela imilinganiselo kaThixo yokulungileyo nokubi ngokubandakanyeka kwiinkqubo zoshishino zokunganyaniseki? Asisayi kwenjenjalo ukuba sikhokelwa yingqibelelo. Siyakuphepha ukunganyaniseki kuba ilitye lokulinganisa elipheleleyo, ilitye elichanileyo elibonisa ukunyaniseka, liyamvuyisa uYehova.

“Bunabathozamileyo Ubulumko”

UKumkani uSolomon uhlabela mgama esithi: “Kufikile na ukukhukhumala? Ngoko ihlazo liyeza; kodwa bunabathozamileyo ubulumko.” (IMizekeliso 11:2) Ukukhukhumala—enoba kubonakala ngokuba nekratshi, ukungathobeli okanye ukuba nomona—kuzisa ihlazo. Kwelinye icala, ukuziqonda ngokuthobeka iintsilelo zethu kububulumko. IZibhalo zikuchaza kakuhle ukunyanisa kwalo mzekeliso!

UmLevi onomona, uKora, wakhokela ihlokondiba elalivukela igunya labakhonzi abamiselwe nguYehova, uMoses noAron. Waba yintoni umphumo wesi senzo sokuzikhukhumalisa? ‘Umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya’ abanye babavukeli, ngoxa abanye, kuquka noKora, batshatyalaliswa ngomlilo. (Numeri 16:1-3, 16-35; 26:10; Duteronomi 11:6) Elinjani lona ihlazo! Kwakhona masicinge ngoUza, owathi ngokuzikhukhumalisa wolula isandla sakhe waza wabamba ityeya yomnqophiso ukuze ingawi. Wabulawa ngoko nangoko. (2 Samuweli 6:3-8) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuphepha ukuzikhukhumalisa!

Umntu othobekileyo nothozamileyo akaziva ehlazekile naxa sele enze isiphoso. Nangona wayengumzekelo kwiinkalo ezininzi, uYobhi wayengafezekanga. Izilingo ajamelana nazo zatyhila ingxaki ethile kwindlela acinga ngayo. Ezithethelela kwabo bambek’ ityala, uYobhi wabonisa ukungalungelelani okuthile. Wada wabonisa ukuba wayelunge nangaphezu kukaThixo. (Yobhi 35:2, 3) UYehova wayilungisa njani indlela uYobhi wayecinga ngayo?

Ebhekisela kumhlaba, kulwandle, kwisibhakabhaka esineenkwenkwezi, kwezinye zezilwanyana, nakwezinye izinto ezimangalisayo zendalo, uYehova wamfundisa uYobhi indlela amncinane ngayo umntu xa kuthelekisa nobukhulu bukaThixo. (Yobhi, isahluko 38-41) UYehova akazange amxelele nto uYobhi ngesizathu sokubandezeleka kwakhe nanini na kwiintetho zakhe. Oko kwakungeyomfuneko. UYobhi wayethozamile. Ngokuthobeka wawuqonda umahluko omkhulu phakathi kwakhe noThixo, phakathi kokungafezeki nobuthathaka bakhe nokulunga namandla kaYehova. Wathi: “Ndirhoxa, yaye ndiyaguquka ndiseluthulini naseluthuthwini.” (Yobhi 42:6) Ingqibelelo kaYobhi yamenza wasamkela isiluleko ngokulula. Kuthekani ke ngathi? Sikhokelwa yingqibelelo, ngaba siya kusamkela ngokulula isiluleko okanye ukulungiswa xa kuyimfuneko?

Naye uMoses wayethozamile yaye ethobekile. Ngoxa wayesebenza ade abe yimfe enyamekela iingxaki zabanye, ubawozala wakhe, uYitro, wamcebisa: Yabela namanye amadoda afanelekayo ezinye iimbopheleleko. Eziqonda iintsilelo zakhe, ngobulumko uMoses walamkela elo cebiso. (Eksodus 18:17-26; Numeri 12:3) Indoda ethozamileyo ayibi mathidala ukudlulisela igunya kwabanye, yaye ayoyiki ukuba ngandlel’ ithile iza kuphelelwa ligunya ngokudlulisela iimbopheleleko ezifanelekileyo kwamanye amadoda afanelekayo. (Numeri 11:16, 17, 26-29) Kunoko, inomdla ongazenzisiyo wokuwanceda enze inkqubela ngokomoya. (1 Timoti 4:15) Ngaba asifanele nathi sibe njalo?

‘Indlela Yongenakusoleka Ithe Tye’

Ukuqonda ukuba ingqibelelo ayisoloko imkhusela othe tye kwingozi okanye kwintlekele, uSolomon uthi: “Ingqibelelo yabathe tye iyabakhokela, kodwa ubugqwetha babo benza ngobuqhophololo buya kubaphanga.” (IMizekeliso 11:3) Eneneni ingqibelelo ikhokelela abathe tye koko kulungileyo emehlweni kaThixo, naxa bekwiimeko ezinzima, yaye ekugqibeleni baya kusikelelwa. UYobhi akazange alahle ingqibelelo yakhe, yaye uYehova “wakusikelela ukuphela kukaYobhi emva koko ngaphezu kwesiqalo sakhe.” (Yobhi 42:12) Abo banobuqhophololo banokuvakalelwa kukuba izinto zibahambela kakuhle ngoxa becinezela abanye yaye basenokubonakala bephumelela okwexeshana. Kodwa kungekudala isikhuni siya kubuya nomkhwezeli.

Ukumkani osisilumko uthi: “Izinto ezixabisekileyo aziyi kuba yingenelo ngemini yokuvutha komsindo, kodwa ubulungisa buya kuhlangula ekufeni.” (IMizekeliso 11:4) Hayi indlela ekububudenge ngayo ukuba likhoboka lezinto eziphathekayo kodwa singaziphi ithuba lokwenza ufundisiso lobuqu, ukuthandaza, ukuya kwiintlanganiso, nakwinkonzo yasentsimini—izinto ezomeleza uthando lwethu ngoThixo zize zisenze sizinikele ngakumbi kuye! Enoba ubutyebi bungakanani na abusayi kusindisa mntu kwimbandezelo enkulu ezayo. (Mateyu 24:21) Kuphela bubulungisa babo bathe tye obuya kubasindisa. (ISityhilelo 7:9, 14) Ngoko ke, kububulumko ukuba sinikele ingqalelo kwisibongozo sikaZefaniya esithi: “Ngaphambi kokuba umsindo kaYehova ovuthayo unifikele, funani uYehova, nonke balulamileyo bomhlaba, baqhelisele isigwebo Sakhe. Funani ubulungisa, funani ululamo.” (Zefaniya 2:2, 3) Eli lithuba lokuba sizimisele ‘ukubeka uYehova ngezinto zethu zexabiso.’—IMizekeliso 3:9.

Egxininisa ngakumbi ukubaluleka kokufuna ubulungisa, uSolomon ubonisa umahluko phakathi koko kuza kwenzeka kwabangenakusoleka nabangendawo, esithi: “Ubulungisa bongenakusoleka buya kuyenza ithi tye indlela yakhe, kodwa ongendawo uya kuwa ngobungendawo bakhe. Ubulungisa babathe tye buya kubahlangula, kodwa ngomnqweno wabo abo benza ngobuqhophololo baya kubanjiswa. Xa umntu ongendawo esifa, liyatshabalala ithemba lakhe; kwanolindelo olusekelwe emandleni lutshabalele. Ilungisa liyahlangulwa ekubandezelekeni, kuze kufike ongendawo esikhundleni salo.” (IMizekeliso 11:5-8) Umntu ongenakusoleka akabanjiswa okanye akhutyekiswe ziindlela zakhe. Indlela yakhe ithe tye. Ekugqibeleni, abathe tye bayahlangulwa kwinkxwaleko. Abangendawo banokubonakala benamandla, kodwa abayi kusinda.

“Idolophu Iyachulumanca”

Ingqibelelo yabathe tye nobubi babangendawo kuyabachaphazela nabanye abantu. Ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Ngomlomo wakhe umwexuki uyalonakalisa idlelane lakhe, kodwa ngokwazi amalungisa ayahlangulwa.” (IMizekeliso 11:9) Ngubani onokulikhanyela elokuba ukuhleba, intlebendwano eyenzakalisayo, intetho ekrwada, nokuphololoza kuyingozi kwabanye? Kwelinye icala, intetho yelungisa inyulu, icingisiswa kakuhle yaye inolwazelelelo. Ngenxa yolwazi elinalo, liyahlangulwa kuba ingqibelelo yalo ilenza likwazi ukunikela ubungqina bokuba abo balimangalelayo bayaxoka.

Lo kumkani uhlabela mgama esithi: “Ngenxa yokulunga kwamalungisa idolophu iyachulumanca, kodwa xa abangendawo betshabalala kubakho intswahla yovuyo.” (IMizekeliso 11:10) Ngokuqhelekileyo, amalungisa ayathandwa ngabanye, yaye ayabachwayitisa abamelwane bawo—ebazisela uvuyo nolonwabo. Eneneni, akukho mntu obathandayo “abangendawo.” Xa ongendawo esifa, akukho mntu olilayo. Ngokuqinisekileyo akuyi kuba lusizi xa uYehova ‘enqumla abangendawo emhlabeni yaye encothula amaqhophololo kuwo.’ (IMizekeliso 2:21, 22) Kunoko, kuya kubakho uvuyo kuba bengasekho. Kodwa kuthekani ngathi? Kuhle ukuba sihlolisise enoba indlela esiziphatha ngayo iyabavuyisa abanye kusini na.

“Idolophu Iyaphakanyiswa”

Ngokubhekele phaya, ethelekisa impembelelo yabathe tye neyabo bangendawo kwibutho labantu, uSolomon uthi: “Ngenxa yentsikelelo yabangamalungisa idolophu iyaphakanyiswa, kodwa ngenxa yomlomo wabangendawo iyachithwa.”IMizekeliso 11:11.

Abantu abathe tye abahlala edolophini babangela kubekho uxolo nentlalo-ntle baze babakhe abanye abakwibutho labantu. Ngaloo ndlela, idolophu iyaphakanyiswa—iba nenkqubela. Abo bahlebayo, nabathetha izinto ezikhubekisayo nezimbi babangela uqhushululu, ukungonwabi, ukungamanyani neengxaki. Oku kunjalo ingakumbi ukuba abo bantu bakwisikhundla esithile. Loo dolophu iba nesiphithiphithi, nokuqhatha kwaye iyawohloka ngokuziphatha nakwezoqoqosho.

Umgaqo obhalwe kwiMizekeliso 11:11 usebenza ngendlela efanayo kubantu bakaYehova njengoko benxulumana kumabandla abo anjengeedolophu. Kwibandla elinabantu abazixabisayo izinto zokomoya—abathe tye nabakhokelwa yingqibelelo—nabanempembelelo entle baliqela elonwabileyo, elikhutheleyo, elikulungeleyo ukunceda nelizukisa uThixo. UYehova uyalisikelela ibandla elinjalo, yaye liqhuba kakuhle ngokomoya. Maxa wambi, imbinana esenokuba ayonwabanga yaye ayanelisekanga, nehlab’ amadlala neyigxeka kabukhali indlela izinto ezenziwa ngayo, ‘injengengcambu enetyhefu’ enokusasazeka ize ityhefe nabo bebengenjalo ekuqaleni. (Hebhere 12:15) Ngokufuthi abantu abanjalo bafuna igunya elingakumbi nodumo. Bavusa amahum-hum okuba kukho okungekho sikweni, ikhethe lobuhlanga, okanye into enjalo ebandleni okanye kubadala. Eneneni izinto abazithethayo zinokubangela iyantlukwano ebandleni. Sifanele singaziphulaphuli izinto abazithethayo size silwele ukuba ngabantu abazixabisayo izinto zokomoya abanegalelo ekudaleni uxolo nomanyano ebandleni.

Ehlabela mgama, uSolomon uthi: “Oswele intliziyo uyalidelela idlelane lakhe, kodwa umntu onokuqonda okuphangaleleyo uthi cwaka. Ohambahamba njengomnyelisi utyhila igqugula, kodwa omoya uthembekileyo uyawugubungela umbandela.”IMizekeliso 11:12, 13.

Hayi indlela ayingozi ngayo umntu ongenakuqonda okanye “oswele intliziyo”! Ulipholopholo elide lihlebe okanye linyelise. Abadala abamiselweyo bafanele bangalibazisi ukuyishenxisa loo mpembelelo yonakalisayo. Ngokungafaniyo nalowo ‘uswele intliziyo,’ umntu onokuqonda uyalazi ixesha lokuthula. Kunokuhlakaza ucweyo, uyawugubungela umbandela. Esazi ukuba umlomo ongabekwa siziba uyingozi, umntu onokuqonda ‘unomoya othembekileyo.’ Unyanisekile kwamanye amakholwa yaye akalityhili igqugula elinokubenzakalisa abanye. Hayi indlela abayintsikelelo ngayo ebandleni abo bagcina ingqibelelo!

Ukusinceda ukuze sihambe ngendlela yabangenakusoleka, uYehova usinika intabalala yokudla kokomoya okulungiselelwe ngolwalathiso ‘lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45) Kwakhona sifumana uncedo kubadala abangamaKristu kumabandla anjengedolophu. (Efese 4:11-13) Eneneni sinombulelo ongazenzisiyo ngaba, kuba “xa kungekho lwalathiso lobuchule, bayawa abantu; kodwa kukho usindiso ebuninzini babacebisi.” (IMizekeliso 11:14) Enoba iimeko zinjani na, masizimisele ‘ukuhamba kwingqibelelo yethu.’—INdumiso 26:1.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 26]

Hayi indlela ekububudenge ngayo ukuba likhoboka lezinto eziphathekayo kodwa utyeshele izinto zobuthixo!

[Imifanekiso ekwiphepha 24]

UYobhi wayekhokelwa yingqibelelo yakhe, yaye uYehova wamsikelela

[Umfanekiso okwiphepha 25]

U-Uza wafa ngenxa yokuzikhukhumalisa