Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyaluxabisa Uthando LukaThixo?

Ngaba Uyaluxabisa Uthando LukaThixo?

Ngaba Uyaluxabisa Uthando LukaThixo?

INDODA enguYobhi yakhe yachaza imeko yabantu yokungafezeki ngala mazwi: “Umntu, ozelwe ngumfazi, unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka. Njengentyatyambo uyavela aze anqunyulwe, yaye ubaleka emke njengesithunzi angaqhubeki ekho.” (Yobhi 14:1, 2) Ubomi bukaYobhi babuzaliswe kukubandezeleka nosizi. Ngaba wena wakha wavakalelwa ngaloo ndlela?

Noko ke, zingakhathaliseki iinzima neengxaki esijamelana nazo, kukho ithemba eliqinisekileyo, elo lisekelwe kwimfesane nakuthando lukaThixo. Okokuqala, uBawo wethu wasemazulwini onenceba uye walungiselela idini lentlawulelo ukuhlangula uluntu kwimeko yalo yesono. Ngokutsho kukaYohane 3:16, 17, uYesu Kristu wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi [labantu] kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade. Kuba uThixo wamthumela uNyana wakhe [uYesu] ehlabathini, kungekhona ukuba aligwebe ihlabathi, kodwa ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.”

Kwakhona phawula indlela uThixo avakalelwa ngayo ngathi bantu abangafezekanga. Umpostile uPawulos wathi: “Wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu, ukuba zihlale phezu komhlaba uphela, waza wamisa amaxesha amisiweyo nemida emiselweyo yokuhlala kwabantu, ukuze bona bafune uThixo, ukuba bangamphuthaphutha baze ngokwenene bamfumane, nangona, enyanisweni, engekude kuye ngamnye wethu.” (IZenzo 17:26, 27) Khawufan’ ucinge! Nangona singabantu abangafezekanga sisenokuba nolwalamano lobuqu noMdali wethu onothando, uYehova uThixo.

Ngoko ke, sinentembelo, sinokukhangela phambili kwikamva, sisazi ukuba uThixo usikhathalele yaye wenze ilungiselelo lothando eliya kuba yinzuzo kuthi ehlala ihleli. (1 Petros 5:7; 2 Petros 3:13) Ngoko ke, ngokuqinisekileyo sinesizathu sokufunda okungakumbi ngoThixo wethu oluthando ngokufundisisa iLizwi lakhe, iBhayibhile.