Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngenxa Yolwando Olukhulu Kufuneka Izakhiwo Ezingakumbi Ngokukhawulezileyo

Ngenxa Yolwando Olukhulu Kufuneka Izakhiwo Ezingakumbi Ngokukhawulezileyo

“Yizani Kum, . . .Yaye Ndiza Kunihlaziya”

Ngenxa Yolwando Olukhulu Kufuneka Izakhiwo Ezingakumbi Ngokukhawulezileyo

UYESU KRISTU wathi: “Yizani kum, . . . yaye ndiza kunihlaziya.” (Mateyu 11:28) Hayi indlela esichukumisa ngayo esi simemo esivela kwiNtloko yebandla lamaKristu! (Efese 5:23) Xa sicingisisa ngaloo mazwi, sikuxabisa gqitha oko kusihlaziyayo—ukunxulumana nabazalwana noodade bokomoya kwiintlanganiso zamaKristu. Ngokuqinisekileyo siyavumelana nomdumisi owavuma esithi: “Hayi indlela ekulunge nekuthandeka ngayo ukuba abazalwana bahlale ndawonye ngomanyano!”—INdumiso 133:1.

Eneneni, unxulumano esiba nalo kwezo ndibano zonqulo lolona lufanelekileyo, yaye siba kwimeko ekhuselekileyo nentle ngokomoya. Ngenxa yoko, omnye umKristu oselula wathi: “Ndiba sesikolweni imini yonke, yaye oko kuya ndidakumbisa. Kodwa iintlanganiso ziyahlaziya, yaye ndiyakwazi ukuhlangabezana nosuku olulandelayo esikolweni.” Oselula waseNigeria wathi: “Ndiye ndafumanisa ukuba unxulumano olusenyongweni nabo bathanda uYehova kundinceda ndihlale ndisondelelene naye.”

IHolo yoBukumkani yasekuhlaleni yamaNgqina kaYehova sisazulu sonqulo lokwenyaniso kuloo ndawo ikuyo. Kwinkoliso yeendawo, iintlanganiso ziqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani ubuncinane kabini ngeveki, yaye izifundo zeBhayibhile zikhuthazwa ukuba zize kwezi ntlanganiso zingaphozisanga maseko ukuze zingenelwe kolo nxulumano luhlaziyayo.—Hebhere 10:24, 25.

Intswelo Engxamisekileyo

Noko ke, kuyaphawuleka ukuba asingawo onke amaNgqina kaYehova aneHolo yoBukumkani efanelekileyo. Ngenxa yolwando olukhulu lwabavakalisi boBukumkani ehlabathi lonke kuye kwakho intswelo engxamisekileyo. Kusafuneka iiHolo zoBukumkani ezininzi, ingakumbi kumazwe asakhasayo.—Isaya 54:2; 60:22.

Ngokomzekelo: Amabandla angama-290 ayeneeHolo zoBukumkani ezilishumi kwikomkhulu yeDemocratic Republic of Congo. Kweli lizwe zazifuneka ngokungxamisekileyo iiHolo zoBukumkani ezininzi. EAngola inkoliso yamabandla ihlanganisana phandle ngenxa yokuba zimbalwa iiHolo zoBukumkani. Oku kunjalo nakwamanye amazwe amaninzi.

Ngoko ke, ukususela ngowe-1999 kuye kwenziwa umgudu wokunceda ngolwakhiwo lweeHolo zoBukumkani kumazwe ahluphekileyo. Ukuze ancede ngolwakhiwo kumazwe anjalo, amaNgqina anamava aye ngokuzithandela aya kunceda apho. Imigudu nomoya wentumekelelo nokufumaneka kwamatsha-ntliziyo asekuhlaleni, oku kuba nomphumo okhuthazayo. Nawo amaNgqina asekuhlaleni ayazuza kwimfundiso ayifumanayo. Konke oku kunceda ekwaneliseni iintswelo zolwakhiwo lweeHolo zoBukumkani kumazwe awahlukahlukeneyo.

Ngoko ke kuye kwanikelwa uncedo oluyimfuneko ngokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani kusetyenziswa iindlela nezinto zokwakha zasekuhlaleni. Injongo asikokwakha nje iiHolo zoBukumkani ezifuneka gqitha kodwa oku kukwaquka inkqubo yokuzigcina zisemgangathweni ngokweemeko zasekuhlaleni.—2 Korinte 8:14, 15.

Izinto Ezikhuthazayo

Ukwakhiwa kwezi ndawo zonqulo kuye kwaba nayiphi imiphumo? Ekuqaleni kowama-2001, ingxelo evela eMalawi yathi: “Intle kakhulu into eyenziwe kweli lizwe. Kwiinyanga ezimbini ezizayo, siza kugqiba iiHolo zoBukumkani ezongezelelekileyo.” (Umfanekiso 1 nowesi-2) Kwiinyanga zakutshanje, eTogo amatsha-ntliziyo aye akha iiHolo zoBukumkani ezikumgangatho oqhelekileyo. (Umfanekiso 3) Kwakhona amatsha-ntliziyo enza umsebenzi omhle ekwakheni iiHolo zoBukumkani ezifanelekileyo eMexico, eBrazil nakwamanye amazwe.

Amabandla afumanisa ukuba xa kwakhiwe iHolo yoBukumkani, abantu basekuhlaleni bayaqonda ukuba akukho apho aya khona amaNgqina kaYehova. Kuyabonakala ukuba abaninzi bebeba madolw’ anzima ukunxulumana namaNgqina de kwakho indawo efanelekileyo yonqulo. IBandla laseNafisi eMalawi lithi: “Kuba ngoku sineHolo yoBukumkani efanelekileyo, oku kuye kwanikela ubungqina obuhle. Ngenxa yoko, kulula nje ukuqalisa izifundo zeBhayibhile.”

Amalungu eBandla laseKrake eBenin aye anyamezela ukugculelwa kwixesha elidluleyo kuba iHolo yoBukumkani yangaphambili yayingekho mgangathweni xa kuthelekiswa nezinye iicawa. (Umfanekiso 4) Ngoku eli bandla lineHolo yoBukumkani entsha nentle emela unqulo lokwenyaniso ngendlela enesidima. (Umfanekiso 5) Eli bandla lalinabavakalisi boBukumkani abangama-34 nomlinganiselo wabantu abazayo abangama-73 kwiintlanganiso zangeCawa, kodwa babengama-651 abeza xa kwakunikezelwa iHolo yoBukumkani. Inkoliso yabo yayingabantu basedolophini ababechukumisekile kukubona ukuba amaNgqina ayakwazi ukwakha iholo ngexesha nje elifutshane. Lithetha ngezinto ezenzeke kwixesha elidluleyo, isebe laseZimbabwe labhala: “Ngenyanga nje enye yakhiwe iHolo yoBukumkani entsha, ngokuqhelekileyo inani labantu abazayo liye laphindaphindeka.”—Umfanekiso 6 nowesi-7.

Alithandabuzeki elokuba, iiHolo zoBukumkani ezininzi ezintsha zinceda kubekho iindawo zokukhuthazwa ngokomoya kwamaKristu azahluleleyo nabantu abanomdla. Elinye iNgqina laseUkraine lathi emva kokuba ibandla lasekuhlaleni laqalisa ukusebenzisa iHolo yoBukumkani yalo entsha: “Siyavuya kakhulu. Sizibonele ngawethu amehlo indlela uYehova abanceda ngayo abantu bakhe.”

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 10, 11]

Ixatyiswa Gqitha Inkxaso Yenu

AmaNgqina kaYehova akuvuyela gqitha ukubona inkqubela ekhawulezileyo ukuze kuhlangatyezwane nentswelo enkulu yeeHolo zoBukumkani ezintsha emhlabeni wonke. Ulwando oluthe ngcembe kumanani abanquli bakaYehova kumazwe ahlukahlukeneyo lubangela ukuba kubekho imfuneko yokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezintsha kwixesha elizayo. Kaloku, ngokomlinganiselo, ebudeni bonyaka wenkonzo yowe-2001, bekuyilwa amabandla amatsha angama-32 veki nganye. Loo mabandla afanele abe neendawo zokuhlanganisana kunqulo.

Abanye basenokubuza, ‘Ivela phi yonke le mali yokwakha ezi Holo zoBukumkani zintsha, ingakumbi kumazwe apho abazalwana bangamanga kakuhle kangako ngokwasemalini?’ Loo mbuzo singawuphendula ngokuthi sixhaswa nguThixo nangumoya wokupha wabantu.

Ngokuvumelana nesithembiso sakhe, uYehova uthulula umoya wakhe oyingcwele kubakhonzi bakhe, ebenza ukuba “benze okulungileyo, batyebe emisebenzini emihle, bangagogotyi lutho, balungele ukwabelana.” (1 Timoti 6:18) Umoya kaThixo ushukumisa amaNgqina kaYehova ukuze axhase umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani ngeendlela zonke—enikela ngexesha lawo, amandla, nobugcisa bawo nangobunye ubuncwane kwimisebenzi yobuKristu.

Umoya wokupha ushukumisela amaNgqina nabanye abancedisayo kumsebenzi wokwandisa nowokwakha ukuba baxhase ngemali. Ukongezelela ekuncedeni ukuhlangabezana neendleko zebandla lasekuhlaleni, enza iminikelo yokuxhasa umsebenzi wokwakha owenziwa kweminye imimandla emhlabeni.

Kwibandla ngalinye, kukho iibhokisi ezibhalwe ngokucacileyo kwathiwa “Iminikelo Yomsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke—Mateyu 24:14.” Kwezi bhokisi ubani unokufaka umnikelo wokuzithandela ukuba unqwenela ukwenjenjalo. (2 Kumkani 12:9) Yonke iminikelo, omkhulu nomncinane, ixabisekile. (Marko 12:42-44) Le mali isetyenziswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo ngokweentswelo, kuquka ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani. Kodwa ayisetyenziselwa ukuhlawula abalathisi kuba amaNgqina kaYehova akanabo abantu abahlawulwayo.

Ngaba iminikelo yomsebenzi owenziwa ehlabathini lonke iyayiphumeza injongo yayo? Ewe, kunjalo. Isebe laseLiberia—ilizwe elidlavuzwe yimfazwe yamakhaya—linikela ingxelo yokuba inkoliso yamaNgqina asekuhlaleni ayiphangeli yaye ayinamali. Abantu bakaYehova kweli lizwe banokuyifumana njani indawo yokunqula efanelekileyo? Iofisi yesebe ithi: “Iminikelo yokuzithandela yabazalwana abakwamanye amazwe iya kusetyenziselwa ukuxhasa lo msebenzi ngemali. Eli lilungiselelo elibonisa ubulumko nothando!”

Phezu kwako nje ukuba abazalwana basekuhlaleni bengamanga kakuhle ngokwasemalini, nabo bayanikela. Ilizwe laseAfrika iSierra Leone linikela le ngxelo: “Abazalwana basekuhlaleni bawuxhasa ngokupheleleyo lo msebenzi bekuvuyela ukunikela ngamandla abo nayo nayiphi na iminikelo yemali ukuxhasa ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani.”

Ekugqibeleni, lo msebenzi wokwakha uzisa indumiso kuYehova. Ngehlombe abazalwana baseLiberia bathi: “Ukwakhiwa kweendawo ezifanelekileyo zonqulo kulo lonke eli lizwe kuya kubonisa abantu balapha ukuba unqulo lokwenyaniso aluyi kugungqiswa yaye luya kuzisa imbeko nozuko egameni eliphakamileyo likaThixo.”