Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sifanele Simazi Ukuba UThixo Ngubani

Sifanele Simazi Ukuba UThixo Ngubani

Sifanele Simazi Ukuba UThixo Ngubani

NGABA akuvuyi na xa ubona iinkwenkwezi ezininzi esibhakabhakeni kubusuku obuzolileyo? Ngaba akuyoliswa na kukuva ivumba leentyatyambo eziyimibalabala? Kuthekani ngokuntyiloza kweentaka nokurhashazela kwamagqabi kwimpepho emnandi? Hayi indlela ekumangalisa ngayo ukubona iminenga nezinye izidalwa zaselwandle! Phofu ke kukwakho nabantu abanesazela nobuchopho obuntsonkothileyo. Uthi zonke ezi zinto zimangalisayo zivela phi?

Bambi bakholelwa kukuba oku kwavela ngamabona-ndenzile. Kodwa ukuba oku kunjalo, kutheni abantu bekholelwa ukuba uThixo ukho? Ucinga ukuba ukudibana ngengozi kwemichiza eyahlukahlukeneyo bekunokuvelisa izidalwa ezinentswelo yokomoya?

“Ngokwemvelo abantu bafuna ukunqula enoba banemali nemfundo engakanani na.” La mazwi ayeshwankathela uphando olwenziwa nguNjingalwazi uAlister Hardy kwincwadi yakhe ethi The Spiritual Nature of Man. Uphando lwakutshanje ngobuchopho luye lwabangela ezinye iingcaphephe zathi abantu “bazalwa” befuna ukunqula. Incwadi ethi Is God the Only Reality? ithi: “Ukufuna intsingiselo yobomi kunqulo . . . yinto ekho kubo bonke abantu enoba badala kangakanani ukususela ekudalweni kwabo.”

Khawuphulaphule oko kwathethwa sesinye isifundiswa kwiminyaka enokuba ngama-2 000 eyadlulayo. Sabhala: “Ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.” (Hebhere 3:4) Enyanisweni, kwaindinyana yokuqala yeBhayibhile ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”—Genesis 1:1.

Noko ke, ungubani uThixo? Abantu bawuphendula ngeendlela ezahlukahlukeneyo lo mbuzo. Xa yabuzwa ukuba uThixo ngubani, intwazana yaseJapan egama linguYoshi yaphendula: “Andiqinisekanga. NdingumBhuda, yaye bekungento ibalulekileyo kum ukwazi ukuba uThixo ngubani.” Noko ke, uYoshi wavuma ukuba abaninzi bathi uBhuda nguthixo. UNick, usomashishini okwiminyaka yakhe yama-60 ubudala, uyakholelwa kuThixo yaye ucinga ukuba ungusomandla. Xa wacelwa ukuba achaze oko akwaziyo ngoThixo, uNick waphendula emva kokunqumama ixesha elide waza wathi: “Mfondini, unzima loo mbuzo. Ekuphela kwento endinokukuxelela yona kukuba uThixo ukho.”

Bambi abantu “banqula yaye bakhonza oko uThixo akudalileyo kunoMdali ngokwakhe.” (Roma 1:25, Today’s English Version) Abaninzi banqula ookhokho abafayo, bekholelwa kukuba uThixo ukude gqitha kubo. Kwicawa yamaHindu, kukho oothixo noothixokazi abaninzi. Ngexesha labapostile bakaYesu Kristu kwakunqulwa oothixo abahlukahlukeneyo, njengoZeyus noHermes. (IZenzo 14:11, 12) Iicawa ezininzi zeNgqobhoko zifundisa ukuba uThixo unguBathathu Emnye, oyilwa nguThixo uYise, uThixo uNyana, noThixo uMoya Oyingcwele.

Eneneni, “kukho ‘oothixo’ abaninzi ‘neenkosi’ ezininzi,” njengokuba iBhayibhile isitsho. Noko ke, iyongezelela ngelithi: “Okunene kuthi thina kukho uThixo omnye, uYise, eziphuma kuye zonke izinto.” (1 Korinte 8:5, 6) Ewe, mnye kuphela uThixo oyinyaniso. Kodwa ungubani? Unjani? Ngaba kubalulekile ukufumana iimpendulo kule mibuzo? UYesu wathi xa wayethandaza kuThixo: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Sinesizathu sokukholelwa kukuba impilo-ntle yethu engunaphakade ixhomekeke ekwazini inyaniso ngoThixo.

[Umfanekiso okwiphepha 3]

Zivela phi ezi zinto?

[Inkcazelo]

Whale: Courtesy of Tourism Queensland

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]

COVER: Index Stock Photography © 2002