Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuzuza Kububele Bothando BukaYehova

Ukuzuza Kububele Bothando BukaYehova

Ukuzuza Kububele Bothando BukaYehova

“Ngubani na osisilumko? Uya kuthi . . . azibonise enikela ingqalelo kwizenzo zikaYehova zobubele bothando.”—INDUMISO 107:43.

1. Ibinzana elithi “ububele bothando” lasetyenziswa phi okokuqala eBhayibhileni, yaye nguwuphi umbuzo ophathelele olu phawu esiza kuwuqwalasela?

 KWIMINYAKA enokuba ngama-4 000 eyadlulayo, umtshana ka-Abraham uLote wathi ngoYehova: “Umenzele ububele bothando [umkhonzi wakho].” (Genesis 19:19) Esi sisihlandlo sokuqala ibinzana elithi “ububele bothando” livela eBhayibhileni. UYakobi, uNahomi, uDavide, nabanye abakhonzi bakaThixo nabo bathetha ngolu phawu lukaYehova. (Genesis 32:10; Rute 1:8; 2 Samuweli 2:6) Enyanisweni, ibinzana elithi “ububele bothando” livela izihlandlo ezinokuba ngama-250 kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. Kodwa buyintoni ububele bothando bukaYehova? Babonakaliswa kubani kwixesha elidluleyo? Yaye sizuza njani kubo namhlanje?

2. Kutheni kunzima ukuchaza igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ububele bothando,” yaye yiyiphi enye indlela yokulichaza efanelekileyo?

2 KwiZibhalo, ibinzana elithi “ububele bothando” liyinguqulelo yegama lesiHebhere elineentsingiselo ezininzi kangangokuba akukho gama linye elinokuguqulela eli binzana ngendlela echanileyo kwinkoliso yeelwimi. Ngenxa yoko, igama elinjengelithi “uthando,” “inceba,” nelithi “ukuthembeka” aliyifikeleli yonke intsingiselo yeli gama. Noko ke, ngokutsho kweTheological Wordbook of the Old Testament intsingiselo ebanzi ethi “ububele bothando phantse igubungela zonke iintsingiselo zeli gama.” INew World Translation of the Holy Scriptures—With References inikela intsingiselo echanileyo ngokuthi “uthando olunyanisekileyo” luyenye inguqulelo yebinzana lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ububele bothando.”—Eksodus 15:13; INdumiso 5:7; umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.

Bahlukile Kuthando Nokunyaniseka

3. Ububele bothando bahluke njani kuthando?

3 Ububele bothando, okanye uthando olunyanisekileyo, lusondele kakhulu kwiimpawu zothando nokunyaniseka. Phofu ke, bahluke gqitha kwezi mpawu. Makhe siqwalasele indlela ububele bothando obahluke ngayo kuthando. Uthando lunokubonakaliswa nakwintoni na kwanakwizinto ezingabonakaliyo. IBhayibhile ithetha ‘ngokuthanda iwayini neoli’ kwakunye ‘nokuthanda ubulumko.’ (IMizekeliso 21:17; 29:3) Kodwa ububele bothando bubonakaliswa ebantwini, kungekhona kwizinto ezingabonakaliyo okanye ezingaphiliyo. Ngokomzekelo, kubandakanyeke abantu xa iEksodus 20:6 isithi uYehova ‘ubenzela ububele bothando kuse kwisizukulwana sewaka.’

4. Ububele bothando bahluke njani kuphawu lokunyaniseka?

4 Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ububele bothando” nalo linentsingiselo ebanzi gqitha kunegama elithi “ukunyaniseka.” Kwiilwimi ezithile, igama elithi “ukunyaniseka” ngokufuthi lisetyenziswa ukuchaza isimo sengqondo somntu okwisikhundla esingaphantsi kulowo ukwesiphakamileyo. Kodwa njengokuba omnye umphengululi esitsho, ngokwembono yeBhayibhile, igama elithi ububele bothando “ngokufuthi libhekisela kulwalamano olwahluke gqitha: lowo ukwisikhundla esiphakamileyo unyaniseka kulowo ubuthathaka okanye ofuna uncedo okanye kulowo oxhomekeke kuye.” Ngaloo ndlela ukumkani uDavide wayenokubongoza uYehova esithi: “Bukhanyise ubuso bakho kumkhonzi wakho. Ndisindise ngobubele bakho bothando.” (INdumiso 31:16) UYehova, okwisikhundla esiphezulu, ucelwa ukuba abonakalise ububele bothando, okanye uthando olunyanisekileyo, kulowo ufuna uncedo, uDavide. Ekubeni lowo ufuna uncedo engenagunya kulowo ukwisikhundla esiphakamileyo, ukubonakaliswa kobubele bothando kule meko kungumbandela wokuzithandela, kungekhona ukunyanzelwa.

5. (a) Ziziphi iimpawu zobubele bothando bukaThixo ezibalaseliswe kwiLizwi lakhe? (b) Ziziphi iindlela uYehova abonakalisa ngazo ububele bothando esiza kuziqwalasela?

5 Umdumisi wabuza: “Ngubani na osisilumko? Uya kuthi . . . azibonise enikela ingqalelo kwizenzo zikaYehova zobubele bothando.” (INdumiso 107:43) Ububele bothando bukaYehova bunokuphumela elusindisweni nasekulondolozweni. (INdumiso 6:4; 119:88, 159) Buyinkuselo kwaye buzisa isicombululo kwiingxaki. (INdumiso 31:16, 21; 40:11; 143:12) Ngenxa yolu phawu, ubani unokusindiswa esonweni. (INdumiso 25:7) Ngokuhlola eminye imiBhalo nokuqwalasela ezinye iindinyana zeBhayibhile, siya kuphawula ukuba ububele bothando bukaYehova (1) buboniswa ngezenzo ezithile yaye (2) ububonakalisa kubakhonzi bakhe abathembekileyo.

Usindiso—Ukubonakalisa Ububele Bothando

6, 7. (a) UYehova wabubonakalisa njani ububele bakhe bothando kwimeko kaLote? (b) ULote wabukhankanya nini ububele bothando bukaYehova?

6 Mhlawumbi eyona ndlela ibalaseleyo yokubona ububele bothando bukaYehova kukuqwalasela iingxelo zeZibhalo ezithetha ngolu phawu. KwiGenesis 14:1-16, sifumanisa ukuba uLote, umtshana ka-Abraham, wahlaselwa ziintshaba zakhe. Kodwa uAbraham wamhlangula uLote. Kwakhona ubomi bukaLote babusesichengeni xa uYehova wagqiba ukuba atshabalalise isixeko saseSodom, apho uLote nentsapho yakhe babehlala khona.—Genesis 18:20-22; 19:12, 13.

7 Ngaphambi kokuba kutshatyalaliswe iSodom, iingelosi zikaYehova zamkhupha uLote nentsapho yakhe kweso sixeko. Ngelo xesha, uLote wathi: “Umkhonzi wakho eye wakholeka emehlweni akho ngokokude umenzele ububele bothando, obubonakalisileyo kum ngokuwusindisa umphefumlo wam.” (Genesis 19:16, 19) Ngala mazwi uLote wayevuma ukuba uYehova wayebonakalise ububele bothando obubalaseleyo ngokumsindisa. Kule meko, ububele bothando bukaYehova babonakaliswa ngokusindisa nokulondoloza.—2 Petros 2:7.

Ububele Bothando BukaYehova Nokhokelo Lwakhe

8, 9. (a) Umkhonzi ka-Abraham wayethunywe ukuba enze ntoni? (b) Kwakutheni ukuze lo mkhonzi athandazele ububele bothando bukaThixo, yaye kwenzeka ntoni ngoxa ethandaza?

8 KwiGenesis isahluko 24, sifunda ngenye indlela uThixo awabubonakalisa ngayo ububele bakhe bothando, okanye uthando olunyanisekileyo. Le ngxelo ithi uAbraham wathuma umkhonzi wakhe ukuba aye kwilizwe lezalamane zakhe ukuya kufunela unyana wakhe uIsake, umfazi. (Indinyana 2-4) Lo yayingumsebenzi onzima, kodwa lo mkhonzi waqinisekiswa ukuba ingelosi kaYehova iya kumkhokela. (Indinyana 7) Ekugqibeleni lo mkhonzi wafika kwiqula elingaphandle ‘kwisixeko sikaNahore’ (esisenokuba yayiyiHaran okanye enye indawo ekufuphi) xa amabhinqa ayefika eze kukha amanzi. (Indinyana 10, 11) Xa ebona la mabhinqa esondela, waqonda ukuba ngoku lixesha lamanqam. Wayenokulikhetha njani ibhinqa elifanelekileyo?

9 Esazi ukuba ufuna uncedo lukaThixo, lo mkhonzi ka-Abraham wathandaza: “Yehova Thixo wenkosi yam uAbraham, nceda ukwenze oku ngawo lo mhla phambi kwam, uyenzele ububele bothando inkosi yam uAbraham.” (Indinyana 12) UYehova wayeza kububonakalisa njani ububele bakhe bothando? Lo mkhonzi wacela umqondiso ocacileyo ukuze akwazi ukubona eli bhinqa liselula likhethwe nguThixo. (Indinyana 13, 14) Elinye ibhinqa lenza kanye oko wayekucele kuYehova. Kaloku, kwakungathi liwuvile umthandazo wakhe! (Indinyana 15-20) Othukile, lo mkhonzi ‘wayelondele emangalisiwe.’ Sekunjalo, kwakukho ezinye iinkalo ezibalulekileyo ekwakufanele kuqinisekwe ngazo. Ngaba eli bhinqa lihle lalingomnye wezalamane zika-Abraham? Yaye ngaba lalingatshatanga? Ngoko lo mkhonzi wayethe ‘cwaka engazi enoba uYehova ulwenze lwanempumelelo na uhambo lwakhe okanye akunjalo.’—Indinyana 1621.

10. Kwakutheni ukuze umkhonzi ka-Abraham agqibe ngelithi uYehova wayebonakalise ububele bothando kwinkosi yakhe?

10 Kungekudala emva koko, eli bhinqa liselula lazichaza ‘njengentombi kaBhetuweli unyana kaMilka, awamzalela uNahore [umntakwabo Abraham].’ (Genesis 11:26; 24:24) Kanye ngelo xesha lo mkhonzi waqonda ukuba uYehova uwuphendule umthandazo wakhe. Enochulumanco, waqubuda waza wathi: “Makabongwe uYehova uThixo wenkosi yam uAbraham, ongabususanga ububele bakhe bothando nenkoloseko yakhe kwinkosi yam. Ndithe ndisendleleni, uYehova wandikhokelela endlwini yabantakwabenkosi yam.” (Indinyana 27) Ngokumkhokela, uThixo wabonakalisa ububele bothando kwinkosi yalo mkhonzi, uAbraham.

Ububele Bothando BukaThixo Buzisa Inkululeko Nenkuselo

11, 12. (a) UYosefu wabubona ebudeni baziphi iimvavanyo ububele bothando bukaYehova? (b) Ububele bothando bukaThixo babonakaliswa njani kwimeko kaYosefu?

11 Masandule ke siqwalasele iGenesis isahluko 39. Sithetha ngonyana womzukulwana ka-Abraham uYosefu, owathengiswa kubukhoboka eYiputa. Sekunjalo, “uYehova waba noYosefu.” (Indinyana 1, 2) Enyanisweni, kwanenkosi yaseYiputa kaYosefu, uPotifare, yagqiba ngelithi uYehova wayenoYosefu. (Indinyana 3) Noko ke, uYosefu wajamelana novavanyo oluqatha. Watyholwa ngokudlwengula umfazi kaPotifare waza wavalelwa entolongweni. (Indinyana 7-20) ‘Esemhadini wentolongo bazixhwalekisa iinyawo zakhe ngamakhamandela, umphefumlo wakhe waba sezintsimbini.’—Genesis 40:15; INdumiso 105:18.

12 Kwenzeka ntoni ebudeni beso silingo? “UYehova waqhubeka enoYosefu waza wamenzela ububele bothando.” (Indinyana 21a) Isenzo esithile sobubele bothando salandelwa ziziganeko ezininzi ezathi kamva zakhokelela kwisicombululo kwiingxaki zikaYosefu. UYehova wamenza uYosefu “wakholeka emehlweni egosa eliyintloko lendlu yentolongo.” (Indinyana 21b) Ngenxa yoko, eli gosa lamnika isikhundla esibalulekileyo uYosefu. (Indinyana 22) Emva koko, uYosefu wadibana nendoda eyamazisa kuFaro, umlawuli waseYiputa. (Genesis 40:1-4, 9-15; 41:9-14) Lo kumkani wamnyusela uYosefu kwisikhundla sokuba ngumlawuli wesibini eYiputa, nto leyo eyaphumela ekusindisweni kwelizwe laseYiputa elalithwaxwa yindlala. (Genesis 41:37-55) Iintsizi zikaYosefu zaqalisa xa wayeneminyaka eli-17 ubudala zaza zaqhubeka iminyaka engaphezu kweli-12! (Genesis 37:2, 4; 41:46) Kodwa kuyo yonke loo minyaka yeembandezelo, uYehova uThixo wabonakalisa ububele bakhe bothando kuYosefu ngokumkhusela kwintlekele waza wamlondolozela ilungelo elihambisana nenjongo yakhe.

Ububele Bothando BukaThixo Abusoze Butshitshe

13. (a) UYehova wabubonakalisa njani ububele bothando kwiNdumiso 136? (b) Buyintoni ububele bothando?

13 Ngokuphindaphindiweyo uYehova wabubonakalisa ububele bakhe bothando kumaSirayeli njengohlanga. INdumiso 136 ithi ngenxa yobubele bakhe bothando, wawasindisa (Indinyana 10-15), wawakhokela (Indinyana 16), waza wawakhusela. (Indinyana 17-20) Kwakhona uThixo uye wabonakalisa ububele bakhe bothando kumntu ngamnye. Umntu obonakalisa ububele bothando kwabanye abantu wenza izinto ngokuzithandela ukuze ancede abanye. Ngokuphathelele ububele bothando, enye incwadi ecacisa iBhayibhile ithi: “Busisenzo sokulondoloza okanye ukuphucula ubomi. Bunikela uncedo xa ubani ejamelene neembandezelo okanye iinkathazo.” Omnye umphengululi ubuchaza ‘njengothando olubonakaliswa ngemisebenzi.’

14, 15. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uThixo wayekholiswa ngumkhonzi wakhe uLote?

14 Iingxelo zeGenesis esiye saziqwalasela zisibonisa ukuba uYehova uya kusoloko ebonakalisa ububele bothando kwabo bamthandayo. ULote, uAbraham noYosefu baphila kwiimeko ezahlukahlukeneyo yaye bajamelana neemvavanyo ezingafaniyo. Babengabantu abangafezekanga, kodwa babengabakhonzi abamkholisayo uYehova, yaye babelufuna uncedo lukaThixo. Kuyasithuthuzela ukwazi ukuba uBawo wethu onothando wasezulwini ubonakalisa ububele bothando kubantu abanjalo.

15 ULote wenza izigqibo zobuyatha ezamfak’ engxaki. (Genesis 13:12, 13; 14:11, 12) Sekunjalo, wabonakalisa iimpawu ezintle. Xa iingelosi ezimbini zikaThixo zafika eSodom, uLote wabonakalisa umoya wokubuka iindwendwe. (Genesis 19:1-3) Enokholo, wabalumkisa abakhwenyana bakhe ngentshabalalo ezayo yeSodom. (Genesis 19:14) Indlela uThixo amgqala ngayo uLote ifumaneka kweyesi-2 kaPetros 2:7-9, apho sifunda oku: “[UYehova] wamhlangula uLote olilungisa, owayebandezeleke kakhulu kukuzifica kwihambo evakalala kwabantu abadelela umthetho, kuba lathi elo lungisa, ngokuva nokubona izenzo zabo zokuchas’ umthetho imihla ngemihla, lawuthuthumbisa umphefumlo walo olungisayo—ngoko ke uYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo.” Ewe, uLote wayelilungisa, yaye la mazwi abonisa ukuba wayengumntu ozinikele kuThixo. Njengaye, uThixo ubonakalisa kuthi ububele bothando xa ‘sinehambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo.’—2 Petros 3:11, 12.

16. IBhayibhile ithetha kakuhle isithini ngoAbraham noYosefu?

16 Ingxelo ekwiGenesis isahluko 24 iyasiqinisekisa ukuba uAbraham wayenolwalamano olusenyongweni noYehova. Indinyana yokuqala ithi “uYehova wayemsikelele uAbraham kwinto yonke.” Umkhonzi ka-Abraham wambiza uYehova ngokuthi “Thixo wenkosi yam uAbraham.” (Indinyana 1227) Yaye umfundi uYakobi uthi uAbraham ‘wavakaliswa elilungisa’ yaye “wabizwa ngokuba ‘ngumhlobo kaYehova.’” (Yakobi 2:21-23) Kwakunjalo nangoYosefu. IGenesis isahluko 39 sigxininisa ulwalamano olusenyongweni uYehova awayenalo noYosefu. (Indinyana 2, 3, 2123) Ngaphezu koko, umfundi uStefano wathi ngoYosefu: “UThixo wayenaye.”—IZenzo 7:9.

17. Sinokufunda ntoni kumzekelo kaLote, ka-Abraham nokaYosefu?

17 Abantu uThixo awabonakalisa kubo ububele bothando esigqiba ukuthetha ngabo, yayingabantu abanolwalamano oluhle noYehova uThixo nabafeza iinjongo zakhe ngeendlela ezithile. Bakwazi ukujamelana nemiqobo eyayingaphezu kwamandla abo. Ubomi bukaLote babusengozini, umnombo wokuzala kuka-Abraham wawusenokunqamka, ukufikelela kukaYosefu kwisikhundla awayekuso kwakungelula. NguYehova kuphela wayenokuwanceda la madoda awayehlonela uThixo, yaye wenza kanye oko ngokubonakalisa ububele bothando. Ukuba sifuna uYehova uThixo abonakalise ububele bakhe bothando kuthi ngonaphakade, nathi simele sibe nolwalamano oluhle naye, yaye siqhubeke sisenza ukuthanda kwakhe.—Ezra 7:28; INdumiso 18:50.

Abakhonzi BakaThixo Bababalwe

18. Iindinyana ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile zibonisa ntoni ngobubele bothando bukaYehova?

18 Ububele bothando bukaYehova “buzalise umhlaba,” yaye siluxabisa gqitha olu phawu lukaThixo! (INdumiso 119:64) Ngokusuk’ entliziyweni, sivumelana namazwi omdumisi athi: “Abantu mabambulele uYehova ngobubele bakhe bothando nangemisebenzi yakhe emangalisayo koonyana babantu.” (INdumiso 107:8, 15, 21, 31) Kuyasivuyisa ukuba uYehova ebonakalisa ububele bothando kubakhonzi bakhe abakholekileyo kuye—kumntu ngamnye okanye njengeqela. Emthandazweni, umprofeti uDaniyeli wambiza uYehova ‘njengoThixo oyinyaniso, Lowo mkhulu naLowo woyikekayo, ogcina umnqophiso nobubele bothando kwabo bamthandayo nabagcina imiyalelo yakhe.’ (Daniyeli 9:4) UKumkani uDavide wathandaza esithi: “Qhubeka nobubele bakho obunothando kwabo bakwaziyo.” (INdumiso 36:10) Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba uYehova ebonakalisa ububele bothando kubakhonzi bakhe!—1 Kumkani 8:23; 1 Kronike 17:13.

19. Yiyiphi imibuzo eya kuphendulwa kwinqaku elilandelayo?

19 Enyanisweni, thina njengabantu bakaYehova sibabalwe! Ngaphezu kokuba sizuza kuthando lukaThixo alubonakalisa kuluntu ngokubanzi, sifumana iintsikelelo ezikhethekileyo ngenxa yobubele bothando okanye uthando olunyanisekileyo lukaBawo wethu wasezulwini. (Yohane 3:16) Sizuza ngokukhethekileyo kolu phawu lukaYehova luxabisekileyo ingakumbi ngamaxesha anzima. (INdumiso 36:7) Kodwa sinokubuxelisa njani ububele bothando bukaYehova uThixo? Ngaba mntu ngamnye kuthi uyalubonakalisa olu phawu lubalaseleyo? Le mibuzo neminye iya kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

Uyakhumbula Na?

• IZibhalo ziliguqulela njani ngenye indlela ibinzana elithi “ububele bothando”?

• Ububele bothando bahluke njani kuthando nokunyaniseka?

• UYehova wabubonakalisa ngaziphi iindlela ububele bothando kuLote, kuAbraham nakuYosefu?

• Indlela uYehova abubonakalise ngayo ububele bothando kwixesha elidluleyo isiqinisekisa ntoni?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Ngaba uyayazi indlela uThixo awabonakalisa ngayo ububele bothando kuLote?

[Imifanekiso ekwiphepha 15]

Ngobubele bakhe bothando, uYehova wakhokela umkhonzi ka-Abraham

[Imifanekiso ekwiphepha 16]

UYehova wabonakalisa ububele bothando ngokukhusela uYosefu