Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bubaluleke Kangakanani Ububele Bothando?

Bubaluleke Kangakanani Ububele Bothando?

Bubaluleke Kangakanani Ububele Bothando?

IBHAYIBHILE ithi: “Into enqwenelekayo kumntu wasemhlabeni bububele bakhe bothando.” (IMizekeliso 19:22) Eneneni, izenzo zobubele eziqhutywa luthando zinqweneleka ngokwenene. Noko ke, igama elithi “ububele bothando” eBhayibhileni, libhekisela kububele obusekelwe kulwalamano olusele lukho, njengolo obelukho ngaphambi kokuba omnye enzele omnye ububele. Ngenxa yoko, buquka ukunyaniseka.

UKumkani uYehowashe wakwaYuda akazange alubonakalise olu phawu lunqwenelekayo. Wayefanele abonakalise umbulelo ongathethekiyo kudadeboyise nakumyeni wakhe, uYehoyada. Xa uYehowashe wayengaphantsi konyaka ubudala, uninakhulu ongendawo wazenza ukumkanikazi waza wababulala bonke abantakwaboYehowashe, ababeziindlalifa. Noko ke, akazange ambulale uYehowashe oselula, kuba udadeboyise nomyeni wakhe babemfihlile. Kwakhona bamfundisa uMthetho kaThixo. Xa uYehowashe wayeneminyaka esixhenxe ubudala, umyeni kadadeboyise wasebenzisa igunya lakhe njengombingeleli omkhulu ukubulala lo kumkanikazi ongendawo waza wabeka uYehowashe etroneni.—2 Kronike 22:10–23:15.

UYehowashe oselula walawula kakuhle njengokumkani de kwafa umyeni kadadeboyise, kodwa wandula waqalisa ukunqula izithixo. UThixo wathumela uZekariya, owayengunyana kaYehoyada, ukuba alumkise uYehowashe ngokuwexuka kwakhe. UYehowashe wayalela ukuba uZekariya axulutywe ngamatye. Esi yayisisenzo esothusayo sokungabonakalisi ukunyaniseka kwintsapho eyayimenzele lukhulu!—2 Kronike 24:17-21.

IBhayibhile ithi: “UYehowashe ukumkani akazange abukhumbule ububele bothando uyise [kaZekariya] awamenzela bona, kangangokuba wambulala unyana wakhe.” Xa wayesifa, uZekariya wathi: “UYehova makakubone aze acele ukuba ubuyiswe.” Kuzaliseka amazwi kaZekariya, uYehowashe wagula kakhulu waza wabulawa ngabakhonzi bakhe.—2 Kronike 24:17-25.

Kunokuba babe njengoKumkani uYehowashe, bonke abo balandela esi siluleko baya kuba nekamva eliqaqambileyo: “Ngamana ububele bothando nenyaniso zingangakushiyi. . . . Ukuze ufumane ubabalo . . . emehlweni kaThixo nawomntu wasemhlabeni.”—IMizekeliso 3:3, 4.