Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakukhumbula?

Ngaba Usakukhumbula?

Ngaba Usakukhumbula?

Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ukuba kunjalo, bona enoba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:

Sinokuzuza njani ekufundeni ngentsapho kaShafan?

UShafan wayengumkhupheli nonobhala kaKumkani uYosiya wakwaYuda. Njengendoda eyayinesikhundla ebukumkanini, uShafan waxhasa iphulo likakumkani lokubuyisela unqulo lokwenyaniso. Oonyana bakaShafan ababini bamxhasa umprofeti uYeremiya. Yaye omnye unyana nabazukulwana ababini nabo basebenzisa izikhundla zabo eziphakamileyo ukuxhasa unqulo lokwenyaniso. Ngokufanayo, sifanele sisebenzise izinto zethu nesikhundla esikuso ukuze sixhase unqulo lokwenyaniso.—12/15, iphepha 19-22.

UIrene Hochstenbach uye waboyisa njani ubulwelwe waza wakwazi ukukhonza uYehova?

Xa wayeneminyaka esixhenxe ubudala, waba sisithulu. Nangona esisithulu, uye wafunda ukuthetha nabanye yaye ngoku uhamba nomyeni wakhe (umveleli ohambahambayo) njengoko etyelela amabandla aseNetherlands.—1/1, iphepha 23-6.

Ziziphi iincwadi ezintsha ezimbini eziye zakhululwa kwiiNdibano Zesithili ‘Zabavakalisi Bobukumkani Abanenzondelelo’?

Emhlabeni wonke amaKristu aye akuvuyela ukufumana incwadi ethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso, eyenzelwe ukufundisiswa nabasebatsha emva kokuba begqibe ukufunda incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade; enye incwadi entsha ithi Sondela KuYehova, igxininisa kwiimpawu zikaYehova neendlela azisebenzisa ngayo. Kwakhona ibonisa indlela esinokumxelisa ngayo ekubonakaliseni iimpawu zakhe.—1/15, iphepha 23-4.

Athetha ukuthini amazwi akwiMizekeliso 12:5 athi: “Iingcamango zamalungisa zisisigwebo”?

Iingcinga zabantu abalungileyo zifanelekile yaye azinakhethe kwaye zisesikweni. Ekubeni amalungisa eshukunyiswa luthando ngoThixo nangabanye abantu, aneenjongo ezilungileyo.—1/15, iphepha 30.

Yintoni enokunceda ubani ahlakulele isimo sengqondo esilungeleleneyo ngomsebenzi?

Kuluncedo ukuqeqeshwa kwasebuntwaneni ukuze uwuxabise umsebenzi. IBhayibhile isibongoza ukuba sibe nemilinganiselo emihle yokusebenza, sibuphephe ubuvila. (IMizekeliso 20:4) Kwakhona ikhuthaza amaKristu ukuba angaxakeki kakhulu ngumsebenzi. Sifanele siqonde ukuba inkonzo yethu kuThixo ifanele ize kuqala ebomini bethu. (1 Korinte 7:29-31) Ngaphezu koko, amaKristu okwenyaniso aqinisekile ukuba uThixo akasoze awatyeshele.—2/1, iphepha 4-6.

Isibingelelo sikhankanywa phi okokuqala eBhayibhileni?

KwiGenesis 8:20, kuthethwa ngesibingelelo esakhiwa nguNowa ekuphumeni kwakhe kumkhombe emva koMkhukula. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba uKayin noAbheli basebenzisa izibingelelo ekwenzeni iminikelo yabo. (Genesis 4:3, 4)—2/15, iphepha 28.

Amanye amaKristu anokukusebenzisa njani ngobulumko ukuguquka kweemeko?

Bambi baye bamkela—okanye baziguqula ngokwabo iimeko zabo zomsebenzi nto leyo eye yavula amathuba okwandisa isabelo sabo entsimini. Abanye baye bandisa ixesha abalichitha enkonzweni baza banamalungelo angakumbi enkonzweni kaThixo xa iimbopheleleko zabo zentsapho zincipha, njengaxa abantwana babo bekhula baze batshate.—3/1, iphepha 19-22.

Umzekelo kaYona nowompostile uPetros usinceda njani sijonge abanye ngendlela uYehova abajonga ngayo?

Zaziwa kakuhle iimpazamo kwindlela yokucinga kaYona nekaPetros noko bakwenzayo xa ukholo lwabo nokuthobela kwabo kwavavanywa. Sekunjalo, uYehova wabona ngokucacileyo iimpawu zabo ezintle waza waqhubeka ebasebenzisa enkonzweni yakhe. Xa abanye besicaphukisa okanye besidanisa, sinokunikela ingqalelo kwiimpawu zabo ezintle esiye sazithanda ngaphambili noko kuhle uThixo akubonayo kubo.—3/15, iphepha 16-19.

Kutheni iinguqulelo zeBhayibhile zilubala ngendlela eyahlukileyo uluhlu olukwincwadi yeeNdumiso?

Kukho umahluko phakathi kwendlela yokubalwa koluhlu lwale ncwadi kulwimi lwantlandlolo lwesiHebhere nakwinguqulelo yayo yeSeptuagint yesiGrike. Iinguqulelo zakutshanje zinokwahluka, kuxhomekeke enoba zazisekelwe kumbhalo wesiHebhere okanye kwiSeptuagint kusini na.—4/1, iphepha 31.