Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Uyabakhathalela Abantu Abaqhelekileyo

UYehova Uyabakhathalela Abantu Abaqhelekileyo

UYehova Uyabakhathalela Abantu Abaqhelekileyo

NGABA sifanele sibe ngabantu abakhethekileyo okanye ababalaseleyo ukuze uThixo asazi? Kuthiwa uAbraham Lincoln, umongameli we-16 waseUnited States, wathi: “INkosi iyabathanda abantu abaqhelekileyo. Yiloo nto ibenze babaninzi kangaka.” Abantu abaninzi bavakalelwa kukuba bangabantu nje abaqhelekileyo abangenanto ikhethekileyo. Ukuba ngumntu oqhelekileyo kusenokuthetha ukuba “lihlwempu, ukuba kumgangatho ophantsi.” Ngokufanayo, igama elithi “oqhelekileyo” lisenokuthetha “ukungabi namalungelo athile okanye isikhundla esikhethekileyo,” “ukuba ngaphantsi komgangatho oqhelekileyo,” okanye ukuba “sisixhwitha-ntamo.” Ngabantu abanjani obuya kukhetha ukuba kunye nabo? Abantu abazikhukhumalisayo, abazidlayo nabanekratshi? Ngaba ubungayi kukhetha ukuba phakathi kwabantu abanobuhlobo, abathobekileyo nabalulamileyo, nababonakalisa umdla onyanisekileyo nobubele kwabanye?

Ekubeni kuyinto eqhelekileyo ehlabathini namhlanje ukuxhaphaza abanye ngokweemvakalelo nokubagculela, bambi bakufumanisa kunzima ukukholelwa ukuba uThixo unomdla kubo. Omnye umfundi weli phephancwadi wabhala esithi: “Ndiphuma kwintsapho eyayingafane ilubonakalise uthando. Ndandigculelwa yaye kuhlekiswa ngam. Ngoko ke, ndiselula ndandiziva ndingento yanto. Nanamhlanje ndiseneziva ezendeleyo ngenxa yezinto ezenzeka kum ngaphambili ezinditsho ndinxunguphale xa ndijamelene neenzima.” Sekunjalo, kukho izizathu zokukholelwa ukuba uThixo unomdla kubantu abaqhelekileyo.

Umdla UThixo Anawo Kubantu Abaqhelekileyo

UKumkani uDavide wabhala: “UYehova mkhulu yaye ngowokudunyiswa kakhulu, nobukhulu bakhe abuphengululeki.” (INdumiso 145:3) Noko ke, oku akumenzi uYehova angasinyamekeli ngothando nangovelwano. (1 Petros 5:7) Ngokomzekelo, umdumisi wathi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdumiso 34:18.

UThixo akazigqali zibalulekile izinto abantu ehlabathini abazibalaselisayo njengobuhle, udumo okanye ubutyebi. UMthetho kaThixo kumaSirayeli wawubonakalisa uvelwano analo ngabantu abangamahlwempu, iinkedama, abahlolokazi nabaphambukeli. UThixo waxelela amaSirayeli awayephethwe ngenkohlakalo eYiputa esithi: “Umphambukeli uze ungamdlakazelisi okanye umcinezele . . . Nize ningamxhwalekisi nabani na ongumhlolokazi okanye inkwenkwe engenayise. Ukuba uthe wayixhwalekisa nangayiphi na indlela, yadanduluka kum, ndosiva ngenene isikhalo sayo.” (Eksodus 22:21-24) Ukongezelela, umprofeti uIsaya wachaza indlela anentembelo ngayo kwindlela uThixo abakhathalele ngayo abasweleyo esithi: “Uye waba ligwiba kwisisweli, igwiba kolihlwempu ekubandezelekeni anako, indawo yokusabela esiphangweni, umthunzi ebushushwini, xa ukufutha kwabo bangoozwilabo kunjengesiphango eludongeni.”—Isaya 25:4.

Ebudeni bobulungiseleli bakhe, uYesu Kristu, ‘oyimbonakaliso’ kaThixo, waba ngumzekelo kubafundi bakhe wokubonakalisa umdla onyanisekileyo kubantu abaqhelekileyo. (Hebhere 1:3) Xa wabona izihlwele ‘ezazihlinzekile, zilahliwe njengezimvu ezingenamalusi,’ uYesu “wazisizela.”—Mateyu 9:36.

Kwakhona phawula uhlobo lwabantu uYesu awalukhetha njengabapostile bakhe—abantu ababechazwa njengabantu “abangenamfundo nabaqhelekileyo.” (IZenzo 4:13) Emva kokufa kukaYesu, abafundi bakhe baqalisa ukukhuthaza zonke iindidi zabantu ukuze ziphulaphule iLizwi likaThixo. Umpostile uPawulos wabhala esithi nawuphi na “umntu ongakholwayo okanye oqhelekileyo” unokuza kwibandla lamaKristu aze abe likholwa. (1 Korinte 14:24, 25) Kunokuba akhethe nje abo bagqalwa bekhethekile ngokwemilinganiselo yehlabathi, uThixo wakhetha abantu abaninzi abaqhelekileyo enkonzweni yakhe. Umpostile uPawulos wathi: “Niyakubona ukunibiza kwakhe, bazalwana, ukuba ababaninzi ababizwa bezizilumko ngokwenyama, ababaninzi abanamandla, ababaninzi abazizidwangube; kodwa uThixo wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze abahlazise abantu abazizilumko; yaye uThixo wanyula izinto ezibuthathaka zehlabathi, ukuze azihlazise izinto ezomeleleyo; yaye uThixo wanyula izinto ezingabekekileyo zehlabathi nezinto ezijongelwa phantsi, izinto ezingekhoyo, ukuze azitshitshise izinto ezikhoyo, ukuze kungabikho nyama iqhayisayo emehlweni kaThixo.”—1 Korinte 1:26-29.

Namhlanje, ngokufanayo uThixo unomdla onyanisekileyo kuthi. Ukuthanda kukaThixo kukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Timoti 2:4) Ukuba uThixo waluthanda kangaka uluntu kangangokuba wathumela uNyana wakhe emhlabeni ukuba asifele, asinasizathu sokuvakalelwa kukuba asithandwa okanye asixabisekanga. (Yohane 3:16) UYesu Kristu wabonisa abalandeli bakhe ukubaluleka kokubaphatha abazalwana babo bokomoya abangabona bangabalulekanga ngokungathi basebenzisana noYesu ngokwakhe. Wathi: “Ekubeni nenjenjalo koyena mncinane waba bazalwana bam, nenjenjalo nakum.” (Mateyu 25:40) Ingakhathaliseki indlela ihlabathi elisenokusijonga ngayo, ukuba siyayithanda inyaniso, sikhethekile kuThixo.

Leyo yindlela uFrancisco, a inkwenkwe engenayise eBrazil awavakalelwa ngayo emva kokuba eye wanolwalamano olusondeleyo noThixo. Uthi: “Ukwazi uYehova nentlangano yakhe kuye kwandinceda ndakoyisa ukuziva ndinganqabisekanga yaye ndineentloni. Ndiye ndafunda ukuba uYehova unomdla kuye ngamnye wethu.” KuFrancisco, uYehova uye wanguBawo wokwenene.

Ukukhathalela Abantu Abaselula

UYehova unomdla onyanisekileyo kubantu abaselula, kungekuphela nje njengeqela kodwa kuye ngamnye wabo. Kakade ke, enoba siselula okanye sikhulile, akufanele sizicingele ngokugqithiseleyo. Sekunjalo, sisenokuba nobuchule neempawu uThixo anokuzisebenzisa kwixesha elizayo. UYehova uyayazi into esifanele siyiphucule noqeqesho esilufunayo ukuze sikwazi ukusebenzisa ubuchule esinabo ngokuzeleyo. Ngokomzekelo, phawula ingxelo yeyoku-1 kaSamuweli isahluko 16. Ekubeni abo babenokuba ngamalandela kubukhosi bakwaSirayeli babonakala befaneleke ngakumbi kumprofeti uSamuweli, uYehova wachaza izizathu Zakhe zokuba akhethe uDavide, oyena nyana umncinane kaYese, njengowayeza kuba ngukumkani wakwaSirayeli esithi: “Musa ukukhangela imbonakalo yakhe nokuphakama kwesithomo sakhe, kuba ndimgatyile [umkhuluwa kaDavide]. Kuba indlela abona ngayo umntu asiyondlela abona ngayo uThixo, ngenxa yokuba umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.”—1 Samuweli 16:7.

Ngaba abantu abaselula namhlanje banokuba nentembelo yokuba uYehova unomdla onyanisekileyo kubo? Khawucinge ngoAna, ibhinqa eliselula laseBrazil. Ngokufanayo nolutsha oluninzi wayekhathazwa kukubona ubuqhetseba nokungabikho kokusesikweni. Wandula ke uyise waqalisa ukuya naye noodadewabo kwiintlanganiso zamaKristu. Ekuhambeni kwexesha, waqalisa ukukuvuyela oko wayekufunda kwiLizwi likaThixo. UAna waqalisa ukufunda iBhayibhile neempapasho zamaKristu nokuthandaza kuYehova uThixo. Ngokuthe ngcembe, wakha ulwalamano olusenyongweni noThixo. Ucacisa esithi: “Ndandikuthanda ukukhwela ibhayisekile yam ndiye kwinduli ekufuphi nasekhaya apho ndandibukela ubuhle belanga xa litshona. Ndandidla ngokuthandaza kuYehova ndize ndimbulele ngobubele nangesisa anaso, ndizame ukumxelela indlela endimthanda ngayo. Ukwazi uYehova uThixo neenjongo zakhe kuye kwandenza ndanoxolo lwengqondo ndaza ndaziva ndinqabisekile.” Ngaba nawe ukhe uzame ukufumana ithuba lokucingisisa ngenyameko kaYehova enothando?

Kuyavunywa ukuba, imvelaphi yethu inokwenza kube nzima ukuba nolwalamano olusenyongweni noYehova. Ngokomzekelo makhe sicinge ngoLidia. Xa wayezityand’ igila kuyise ngento ethile eyayimkhathaza, wasuka wamhesha, esithi: “Yimfitshimfitshi leyo.” Nangona uLidia wayeyiqonda injongo kayise yokufuna alibale ngaloo ngxaki, uthi: “Ukufundisisa iBhayibhile kwandinceda kwiingxaki endandinazo kwaza kwandenzela nento engakumbi. Ubuntu bukaYehova obunomtsalane kwamenza wangumhlobo wam osenyongweni. Ngoku ndinoBawo onothando noqondayo endinokuphalaza kuye imbilini yam. Ndinokuchitha ixesha elininzi ndithetha noyena Mntu ubalulekileyo kwindalo iphela, ndiqinisekile ukuba uya kundiphulaphula.” Isibhalo seBhayibhile esinjengesifumaneka kwabaseFilipi 4:6, 7 samnceda wayiva inyameko kaYehova enothando. Eso sibhalo sithi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”

Uncedo Lokunyamekela Iintswelo Zakho

UYehova uyamkhathalela umkhonzi wakhe ngamnye nebandla lakhe elisehlabathini liphela. Nathi sinokubonakalisa uthando ngoBawo wethu wasezulwini ngokuzipha ixesha lokuthetha naye. Asifanele siluthabathe lula ulwalamano esinalo kunye naye. UDavide wayesoloko eluxabisa ulwalamano awayenalo noYehova. Wathi: “Ndazise iindlela zakho, Yehova; ndifundise iindlela zakho. Ndihambise enyanisweni yakho undifundise, ngokuba unguThixo ongumsindisi wam. Bendithembele kuwe imini yonke.”—INdumiso 25:4, 5.

Ingcamango yokuba nolwalamano olusenyongweni noThixo isenokuba intsha kuwe. Enoba unayiphi na ingxaki, unokusoloko unentembelo yokuba Oyena Uphakamileyo uya kukunceda, ngokuvisisana nokuthanda kwakhe. (1 Yohane 5:14, 15) Ngenxa yoko, funda ukwenza imithandazo yakho ingqale, ucinga ngeemeko nangeentswelo zakho.

Ukubaluleka kokuziqonda iintswelo zethu kubalaseliswe kumthandazo owenziwa nguKumkani uSolomon xa wayevula itempile: “Ukuba kunokwenzeka kubekho indlala elizweni, ukuba kunokwenzeka kubekho indyikitya yokufa, ukuba kunokwenzeka kubekho imbalela nesihumba, iinkumbi namaphela; ukuba kunokwenzeka iintshaba zabo zibangqinge kwilizwe lamasango abo—naluphi na uhlobo lwesibetho, naluphi na uhlobo lwesifo—nawuphi na umthandazo, nasiphi na isicelo sobabalo esinokubakho kuye nawuphi na umntu kubo bonke abantu bakho amaSirayeli, ngenxa yokuba bayazi ngamnye isibetho sakhe nentlungu yakhe . . . Kwanga ungeva usemazulwini, . . . uze uxolele yaye unike ngamnye ngokweendlela zakhe zonke.” (2 Kronike 6:28-30) Eneneni, nguwe kuphela ‘osaziyo isibetho sakho nentlungu yakho.’ Ngoko ke, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuzazi iintswelo zakho zokwenene neminqweno yakho. Ukuba uyazazi, “[uYehova] uya kukunika izicelo zentliziyo yakho.”—INdumiso 37:4.

Yomeleza Ulwalamano Lwakho NoYehova

UYehova uyakholiswa kukuba nolwalamano olusenyongweni nabantu abaqhelekileyo. ILizwi lakhe lisiqinisekisa lisithi: “‘Ndiya kuba nguyihlo kuni, nina nibe ngoonyana neentombi kum,’ utsho uYehova uSomandla.” (2 Korinte 6:18) Ngokwenene, uYehova noNyana wakhe bafuna siphumelele size sifumane ubomi obungunaphakade. Hayi indlela okulukhuthazo ngayo ukwazi ukuba uYehova uya kusinceda sikwazi ukusingatha iimbopheleleko zethu entsatsheni, emsebenzini nakwibandla lamaKristu!

Sekunjalo, sonke sijamelana namaxesha amanqam. Impilo enkenenkene, iingxaki zentsapho, umvuzo omncinane, okanye ezinye izinto zinokusenza buhlungu. Sisenokungayazi indlela yokujamelana novavanyo okanye isilingo esithile. Iingcinezelo ezandayo zibangelwa ngokuthe ngqo okanye ngandlel’ ithile ngummangaleli ongendawo, uSathana uMtyholi, olwa imfazwe yokomoya nabantu bakaThixo. Noko ke, kukho umntu osiqondayo nosincedayo ukuze sisoloko sinolwalamano oluhle noYehova. Loo mntu nguYesu Kristu ekwisikhundla sakhe esiphakamileyo emazulwini. Sifunda oku: “Umbingeleli omkhulu esinaye uyavelana nobuthathaka bethu, kuba naye wavavanywa ngandlela zonke njengathi, kodwa engenasono. Ngoko ke, masisondele sinenkululeko yokuthetha kwitrone yobubele obungasifanelanga, ukuze sizuze inceba, sifumane ububele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo.”—Hebhere 4:15, 16.

Hayi indlela okomeleza ngayo ukwazi ukuba asifanele sibe ngabantu abadumileyo okanye abazizityebi ukuze uThixo akholiswe sithi! Kwanaxa ujamelene neengxaki, yiba njengomdumisi owathandaza wathi: “Mna ndixhwalekile yaye ndilihlwempu. UYehova uyandigqala. Uluncedo lwam noMsindisi wam.” (INdumiso 31:9-14; 40:17) Qiniseka ukuba uYehova uyabathanda abantu abathobekileyo nabaqhelekileyo. Ngokwenene, ‘sinokuliphosa kuye lonke ixhala lethu kuba usikhathalele.’—1 Petros 5:7.

[Umbhalo osemazantsi]

a Amanye amagama atshintshiwe.

[Imifanekiso ekwiphepha 29]

Abalandeli bakaYesu abaninzi babengafundanga yaye bengabantu abaqhelekileyo

[Umfanekiso okwiphepha 30]

AmaKristu azabalazela ukuba nokholo olomeleleyo

[Imifanekiso ekwiphepha 31]

Akukho mfuneko yokuba sibe ngabantu abadumileyo ukuze uThixo akholiswe sithi