Ulutsha Oluvuyisa Intliziyo KaYehova
Ulutsha Oluvuyisa Intliziyo KaYehova
La manqaku afundisiswayo alungiselelwe ngokukhethekileyo ulutsha oluphakathi kwamaNgqina kaYehova. Ngoko ke, siya nikhuthaza nina baselula ukuba niwafundisise ngenyameko la manqaku nize niphendule ngokukhululekileyo xa efundisiswa ebandleni kwiSifundo seMboniselo.
“Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.”—IMIZEKELISO 27:11.
1, 2. (a) Chaza enoba ukutsaleleka nje kwizinto zehlabathi kuthetha ukungafaneleki njengomKristu. (Roma 7:21) (b) Ufunda ntoni kumzekelo ka-Asafu? (Bona ibhokisi, kwiphepha 13.)
KHAWUBE nomfanekiso-ngqondweni uye kuthenga impahla. Ngoxa usakhangela, uthi ntla kanye ngento oyithandayo. Umbala nendlela eyenziwe ngayo ingathi yenzelwe wena, uthi xa ukhangela ixabiso, sisisulu ngokwenene. Kodwa ke uyayiqwalasela. Tyhini, ikhangeleka ngathi igugile apha emgobeni, yaye ingathi ithungwe kakubi. Ngoxa le nto intle, ayikho mgangathweni. Ngaba ubuya kuchitha imali yakho uthenga into engekho mgangathweni ngolo hlobo?
2 Thelekisa oku nemeko onokujamelana nayo njengomKristu oselula. Xa uqala ukuzijonga, izinto zeli hlabathi—njengala nto uyithandayo—zisenokubonakala zinomtsalane gqitha. Ngokomzekelo abantwana ofunda nabo esikolweni basenokuya kumatheko amnandi, basebenzise iziyobisi, basele utywala, benze amadinga baze babe neentlobano zesini ngaphambi komtshato. Ngaba ngamanye amaxesha ukhe unqwenele ukuphila ubomi obunjalo? Ngaba ukhe ufune ukungcamla nje oko kufane kubizwe ngokuba yinkululeko? Ukuba kunjalo, ungakhawulezi ugqibe ngokuthi ungumntu ombi yaye akufanelekanga ukuba ngumKristu. Ngapha koko, iBhayibhile ithi ihlabathi lisenokuba nomtsalane onamandla—kwanakumntu ofuna ukukholisa uThixo.—2 Timoti 4:10.
3. (a) Kutheni kungamampunge ukusukelana nezinto zehlabathi? (b) Omnye umKristu ukuchaza njani ukuba ngamampunge ukusukelana nezinto zehlabathi?
3 Ngoku nceda unikele ingqalelo, kanye njengokuba ubuya kwenjenjalo ngempahla obufuna ukuyithenga. Khawuzibuze, ‘Le nkqubo yezinto ithungwe ngelaphu elikuwuphi umgangatho yaye ithungwe njani?’ IBhayibhile ithi “ihlabathi liyadlula.” (1 Yohane 2:17) Naziphi na iziyolo zalo zezomzuzwana. Ngaphezu koko, ukuziphatha ngendlela engeyoyabuthixo kunemiphumo emibi. Ngokuqinisekileyo akunanzuzo. Omnye umKristu okuye kwafuneka anyamezele oko akubiza ngokuba “yimivuzo ebuhlungu yokulisebenzisa kakubi ixesha lobutsha,” uthi: “Ihlabathi libonakala lilihle yaye linomtsalane. Yaye lifuna ukholelwe ukuba unokonwaba kulo ngaphandle kokufumana imiphumo ebuhlungu. Kodwa oko kungamampunge. Ihlabathi liya kukuxhaphaza, lize emva koko likuthi tya.” a Kutheni uchitha ubomi bakho ngendlela yokuphila ekumgangatho ophantsi?
Ukukhuselwa ‘KuLowo Ungendawo’
4, 5. (a) Kungekudala ngaphambi kokufa kwakhe, yintoni uYesu awayicela kuYehova emthandazweni? (b) Kutheni esi sicelo sasifanelekile?
4 Beqonda ukuba akukho nto le nkqubo yezinto enokubazisela yona, abantu abaselula phakathi kwamaNgqina kaYehova bazabalazela ukungabi nabuhlobo neli hlabathi. (Yakobi 4:4) Ngaba ungomnye waba baselula bathembekileyo? Ukuba kunjalo, sikuthulel’ umnqwazi. Liyinyaniso elokuba, akulula ukuxhathisa ingcinezelo yoontanga uze wahluke kwabanye, kodwa unokufumana uncedo.
5 Kungekudala ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wathandaza kuYehova ukuba ‘abalinde’ abafundi bakhe “ngenxa yalowo ungendawo.” (Yohane 17:15) Ngesizathu esivakalayo, uYesu wenza esi sicelo. Wayesazi ukuba ukugcina ingqibelelo kwakungayi kuba lula ngabalandeli bakhe, enoba badala kangakanani na. Ngoba? Esinye isizathu sikukuba, njengoko uYesu wavuma, abafundi bakhe babeza kujamelana notshaba olunamandla olungabonakaliyo—“lowo ungendawo,” uSathana uMtyholi. IBhayibhile ithi esi sidalwa singumoya singendawo ‘sihambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.’—1 Petros 5:8.
6. Sazi njani ukuba uSathana akanaluvelwano ngabantu abaselula?
6 Kuyo yonke imbali, uSathana ebekuvuyela ukuphathwa kwabantu ngenkohlakalo. Cinga ngeentlekele ezimbi uSathana awamhlasela ngazo uYobhi nentsapho yakhe. (Yobhi 1:13-19; 2:7) Mhlawumbi usazikhumbula iindaba kwixesha ophila kulo ezibonisa umoya kaSathana wobundlobongela. UMtyholi uyazulazula, yaye efuna nabani na anokumqwenga, akananceba ngabantu abaselula. Ngokomzekelo, ekuqaleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, uHerode wenza iyelenqe lokubulala onke amakhwenkwe eBhetelehem aneminyaka emibini okanye engaphantsi ubudala. (Mateyu 2:16) Kuyabonakala ukuba yayinguSathana owaqhubela uHerode ukuba enze oku—kuba efuna ukubulala umntwana owayeya kuthi ngenye imini abe nguMesiya othenjiswe nguThixo aze aphumeze umgwebo kaThixo kuSathana! (Genesis 3:15) Ngokucacileyo, uSathana akanaluvelwano ngabantu abaselula. Eyona njongo yakhe iyintloko kukuqwenga abona bantu baninzi kangangoko kunokwenzeka. Oku kunjalo ngokukhethekileyo ngoku, kuba uSathana ugxothiwe ezulwini waza waphoselwa emhlabeni, “enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”—ISityhilelo 12:9, 12.
7. (a) UYehova wahluke njani ngokupheleleyo kuSathana? (b) UYehova uvakalelwa njani ngokuba wena uphile ubomi obonwabisayo?
7 Ngokwahluke ngokupheleleyo kuSathana, ‘onomsindo omkhulu,’ uYehova ‘unemfesane.’ (Luka 1:78) Ungumzekelo ogqibeleleyo wothando. Eneneni, uMdali wethu ubonakalisa olu phawu lubalaseleyo kangangokuba iBhayibhile ithi: “UThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Hayi indlela ahluke ngayo uthixo wale nkqubo yezinto kuThixo wena onelungelo lokumnqula! Ngoxa uSathana efuna ukusiqwenga, uYehova “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na.” (2 Petros 3:9) Ubujonga ubomi bomntu ngamnye njengobuxabisekileyo—kuquka nobakho. Xa uYehova kwiLizwi lakhe ekubongoza ukuba ungabi yonxalenye yehlabathi, akazami kukubandeza ulonwabo okanye inkululeko. (Yohane 15:19) Ngokwahlukileyo koko, uyakukhusela kongendawo. UYihlo wasemazulwini ufuna ufumane eyona nto ibaluleke kakhulu kuneziyolo zeli hlabathi ezikhawuleza ziphele. Unqwenela ukuba ufumane “ubomi benene”—ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. (1 Timoti 6:17-19) UYehova ufuna uphumelele, yaye uyakubongoza ukuze ufikelele olo sukelo. (1 Timoti 2:4) Ngaphezu koko, uYehova ukucela ukuba umenzele into ekhethekileyo. Yintoni leyo?
“Yenze Ibe Nemihlali Intliziyo Yam”
8, 9. (a) Sisiphi isipho onokumpha sona uYehova? (b) USathana umngcikiva njani uYehova njengoko kuboniswe kwimeko kaYobhi?
8 Ngaba wakhe wathengela umhlobo wakho osenyongweni isipho waza wambukela njengoko esothuka aze ancume ebulela ngoxa esifumana? Mhlawumbi ingqondo yakho iye yathath’ ibeka ixesha elide ucinga ngesipho esifanelekileyo esiya kumfanela loo mntu. Ngoku khawuzibuze lo mbuzo: Sisiphi isipho onokumpha sona uMdali wakho, uYehova uThixo? Ekuqaleni, oku kusenokubonakala kungekho ngqiqweni. Yintoni uSomandla anokuyifuna emntwini? Yintoni onokumnika yona angenayo? IBhayibhile iyaphendula kwiMizekeliso 27:11 isithi: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.”
9 Njengoko kusenokwenzeka ukuba uyazi ngokusuka kufundisiso lwakho lweBhayibhile, nguSathana uMtyholi ongcikiva uYehova. Ume ngelithi nabani na okhonza uThixo ukwenza oko kungekhona ngenxa yothando, kodwa ngenxa yokuzingca. USathana uthi, ukuba nje banokutsala nzima, baya kulushiya ngokukhawuleza unqulo lokwenyaniso. Ngokomzekelo, cinga ngoko uSathana wakuthethayo kuYehova ngokuphathelele indoda elilungisa uYobhi: “Ngaba wena akumbiyelanga yena nendlu yakhe nayo yonke into anayo macala onke? Umsebenzi wezandla zakhe uwusikelele, nemfuyo yakhe isasazeke ngokubanzi emhlabeni. Kodwa, ngokwahlukileyo koko, khawuncede wolule isandla sakho, uchukumise yonke into anayo uze ubone enoba akayi kukuqalekisa ebusweni bakho na.”—Yobhi 1:10, 11.
10. (a) Sazi njani ukuba uSathana wathandabuza kungekuphela nje ingqibelelo kaYobhi? (b) Wena ubandakanyeke njani kule mbambano yendalo iphela?
10 Njengoko kubonisiwe kwingxelo yeBhayibhile, uSathana akazange athandabuze ukunyaniseka kukaYobhi kuphela kodwa nokwabo bonke abo bakhonza uThixo—kuquka nawe. Eneneni, ethetha ngabantu bonke, uSathana wathi kuYehova: “Yonke into anayo umntu [kungekuphela nje uYobhi kodwa nabani na] uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe.” (Yobhi 2:4) Ngaba uyayibona indima yakho kule mbambano ibalulekileyo? Njengokuba kuboniswe kwiMizekeliso 27:11, uYehova uthi ikho into onokumnika yona—isizathu sokuba aphendule lowo umngcikivayo, uSathana. Khawufan’ ucinge—uMongami Wendalo Iphela ucela wena ukuba umncede azinzise eyona mbambano yakha yankulu embalini. Hayi indlela enkulu ngayo imbopheleleko nelungelo onalo! Ngaba unokukwenza oko uYehova akucelayo kuwe? UYobhi wakwenza. (Yobhi 2:9, 10) NoYesu wenjenjalo yaye kungatshon’ ilanga sibala abaninzi kuquka nolutsha oluninzi olwenza ngokufanayo. (Filipi 2:8; ISityhilelo 6:9) Nawe unokwenza okufanayo. Ungazikhohlisi, akunakukhwel’ ecingweni kulo mbandela. Ngezenzo zakho, uya kubonisa enoba uxhasa uSathana kungcikivo lwakhe okanye wenza uYehova akwazi ukuphendula. Yintoni okhetha ukuyenza?
UYehova Ukukhathalele!
11, 12. Ngaba kwenza umahluko kuYehova enoba ukhetha ukumkhonza okanye akunjalo? Chaza.
11 Ngaba ngokwenene lubalulekile kuYehova ukhetho olwenzayo? Ngaba ababaninzi ngokwaneleyo abantu abaye bahlala bethembekile ukuze akwazi ukunikela impendulo evakalayo kuSathana? Liyinyaniso elokuba, uMtyholi wathi akukho mntu omkhonza uYehova kuba emthanda, ngoko ke loo mazwi sele engqineke ebubuxoki. Sekunjalo, uYehova ufuna ukuba wena ube ngakwicala lakhe kule mbambano yendalo iphela kuba ukukhathalele. UYesu wathi: “UBawo osezulwini akanqweneli ukuba kutshabalale namnye waba bancinane.”—Mateyu 18:14.
12 Ngokucacileyo, uYehova unomdla kwikhondo olikhethayo. Okubaluleke ngakumbi, kukuba liyamchaphazela. IBhayibhile ikwenza kucace ukuba uYehova uvakalelwa ngokunzulu zizinto ezilungileyo okanye ezimbi ezenziwa ngabantu. Ngokomzekelo, xa amaSirayeli amvukela ngokuphindaphindiweyo, uYehova waba “buhlungu.” (INdumiso 78:40, 41) Ngaphambi koNogumbe womhla kaNowa, xa ‘ububi bomntu babandile,’ “yaba buhlungu intliziyo” kaYehova. (Genesis 6:5, 6) Khawucinge ngentsingiselo yoku. Ukuba uthabatha ikhondo eliphosakeleyo, unokumenza buhlungu uMdali wakho. Oku akuthethi ukuba uThixo lityutyusi okanye ulawulwa ziimvakalelo. Kunoko, uyakuthanda yaye unomdla kwintlalo-ntle yakho. Kwelinye icala, xa usenza okuhle, intliziyo kaYehova iyavuya. Akavuyiswa nje kuphela kukufumana elinye ithuba lokumphendula uSathana kodwa ngoku nokufumana ithuba lokukunika Umvuzo. Yaye leyo yinto afuna ukuyenza. (Hebhere 11:6) Ngokwenene uYehova uThixo unguYihlo onothando!
Iintsikelelo Ezininzi Ngoku
13. Ukukhonza uYehova kuzizisa njani iintsikelelo ngoku?
13 Iintsikelelo zokukhonza uYehova aziyi kufumaneka nje kuphela kwixesha elizayo. Ulutsha oluninzi phakathi kwamaNgqina kaYehova lusikelelwe ngovuyo nangolwaneliseko ngoku, yaye oku kungenxa yesizathu esivakalayo. Umdumisi wabhala esithi: “Imiyalelo evela kuYehova ithe tye, iyibangela ibe nemihlali intliziyo.” (INdumiso 19:8) UYehova ukwazi kakuhle oko kusilungeleyo ngaphezu kwakhe nabani na. Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova wathi: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo. Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho njengamaza olwandle.”—Isaya 48:17, 18.
14. Imigaqo yeBhayibhile inokukunceda njani ukuze uphephe intlungu yokuba sematyaleni?
14 Ukulandela imigaqo yeBhayibhile kuya kukunceda ukuze uphephe iingxaki ezininzi. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi abo bathanda imali ‘bazingxwelerha ngeentlungu ezininzi.’ (1 Timoti 6:9, 10) Ngaba omnye wabahlobo bakho uye wajamelana nenyaniso ebuhlungu yala mazwi? Amadoda namabhinqa athile aselula antyumpantyumpeka ematyaleni kuba efuna ukunxiba ezona mpahla zisefashonini nezixhobo ze-elektroniki ezizezona zisexesheni. Ukuhlawula izinto ixesha elide ezinenzala ephakamileyo enyanisweni ongenamali yokuzithenga luhlobo oluthile lobukhoboka!—IMizekeliso 22:7.
15. Imigaqo yeBhayibhile ikukhusela ngaziphi iindlela kwintlungu ebangelwa kukuziphatha okubi ngokwesini?
15 Kwakhona cinga ngombandela wokuziphatha okubi ngokwesini. Nyaka ngamnye ehlabathini lonke, abantu abaninzi abakwishumi elivisayo nabangatshatanga bayakhulelwa. Abanye bazala umntwana abangakunqweneliyo nabangakwaziyo ukumkhulisa. Abanye bayaqhomfa baze batyiwe sisazela. Yaye abanye abafana namabhinqa aselula bangenwa zizifo ezidluliselwa ngokwesini, njengoGawulayo. Kakade ke, kumntu omaziyo uYehova, eyona nto imbi enokwenzeka kuye kukonakalisa ulwalamano lwakhe noYehova. b (Galati 5:19-21) Ngesizathu esivakalayo, iBhayibhile ithi: “Sabani kulo uhenyuzo.”—1 Korinte 6:18.
Ukukhonza ‘UThixo Onoyolo’
16. (a) Sazi njani ukuba uYehova ufuna wonwabe ngoxa uselula? (b) Kutheni uYehova ebeka imigaqo ofanele uyilandele?
16 IBhayibhile imchaza uYehova ‘njengoThixo onoyolo.’ (1 Timoti 1:11) Ufuna ukuba nawe wonwabe. Eneneni, kwiLizwi lakhe uthi: “Wena mntu usemtsha yonwaba ngethuba lobutsha bakho, intliziyo yakho ichwayite logama uselula.” (INtshumayeli 11:9, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Kodwa uYehova uzibona izinto zingekenzeki yaye uyayibona imiphumo eya kuhlala ixesha elide yokwenza okulungileyo nokubi. Kungeso sizathu elumkisa esithi: “Ke kaloku, khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho, ngaphambi kokuba ifike imihla yentlekele, okanye ifike iminyaka oya kuthi ngayo: ‘Ayindiyolisi.’”—INtshumayeli 12:1.
17, 18. Omnye umKristu oselula uyichaza njani indlela onwabe ngayo ekukhonzeni uYehova, yaye wena unokulufumana njani uvuyo olufanayo?
17 Namhlanje, ulutsha oluninzi luye lwazuza ulonwabo olukhulu ekukhonzeni uYehova. Ngokomzekelo, uLina oneminyaka eli-15 ubudala uthi: “Ndizingomb’ isifuba. Ndisempilweni ngenxa yokuba anditshayi yaye andizisebenzisi neziyobisi. Ndizuza ukhokelo oluxabisekileyo endilufumana ebandleni olundinceda ndilwe nengcinezelo embi kaSathana. Ndihlala ndichwayitile ngenxa yolwalamano olwakhayo endilufumana kwiHolo yoBukumkani. Okundivuyisa nangakumbi kukuba, ndinethemba eligqwesa nantoni na lokuphila emhlabeni ngonaphakade.”
18 NjengoLina, ulutsha oluninzi olungamaKristu lulwa ngamandla ukuze lulondoloze ukholo lwalo, yaye oku kuyaluvuyisa. Luyaqonda ukuba ubomi balo—nangona bunzima ngamanye amaxesha—bunenjongo nekamva lokwenene. Ngoko ke, qhubeka ukhonza uThixo okukhathaleleyo. Yivuyise intliziyo yakhe, yaye naye uya kukuvuyisa ngoku nakwixesha elingenammiselo!—INdumiso 5:11.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Inyaniso Yandibuyisela Ubomi Bam,” elifumaneka kuVukani! (wesiNgesi) kaOktobha 22, 1996.
b Kuyathuthuzela ukwazi ukuba xa ubani eguquka, ayeke ukwenze okubi, aze azivume izono zakhe, uYehova “uya kuxolela ngokukhulu.”—Isaya 55:7.
Ngaba Uyakhumbula?
• Yiyiphi ingozi ojamelene nayo ebangelwa ‘ngulowo ungendawo,’ uSathana?
• Unokuyivuyisa njani intliziyo kaYehova?
• IBhayibhile ibonisa njani ukuba uYehova ukukhathalele?
• Ziziphi ezinye iintsikelelo ezifumaneka ngokukhonza uYehova?
[Imibuzo YeSifundo]
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 13]
Indoda Elilungisa Iphantse Yatyibilika
UAsafu wayeyimvumi eyaziwayo engumLevi etempileni kaYehova kwaSirayeli wamandulo. Wade waqamba iingoma ezazisetyenziswa kunqulo lwasesidlangalaleni. Noko ke, phezu kwawo nje amalungelo akhethekileyo awayenawo, ngaxa lithile uAsafu wazifumana enomdla kwindlela yokuphila yokungahlonel’ uThixo yoogxa bakhe, ababebonakala beyaphula imithetho kaThixo kodwa bengohlwaywa. Kamva uAsafu wavuma esithi: “Iinyawo zam beziphantse zathi gu bucala, ukunyathela kwam bekuphantse kwenziwa kwatyibilika. Kuba ndabamonela abaqhayisi, xa ndandibona uxolo lwabantu abangendawo.”—INdumiso 73:2, 3.
Kamva, uAsafu waya kwingcwele kaThixo waza wathandaza ngalo mbandela. Enembono eyahlukileyo ngokomoya, waqonda ukuba uYehova ubuthiyile ububi yaye ngexesha elifanelekileyo abangendawo namalungisa baya kuvuna abakuhlwayeleyo. (INdumiso 73:17-20; Galati 6:7, 8) Eneneni, abangendawo bakumhlaba omtyibilizi. Ekugqibeleni, baya kuwa xa uYehova etshabalalisa le nkqubo ingahloneli Thixo.—ISityhilelo 21:8.
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
UYehova uyakukhathalela, ngoxa uSathana enqwenela ukukuqwenga
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ulutsha oluninzi lufumana uvuyo olukhulu ngokukhonza uYehova namanye amaKristu