Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Xa Umsebenzi Wokushumayela Ungasayi Kuze Ulibaleke

Xa Umsebenzi Wokushumayela Ungasayi Kuze Ulibaleke

Xa Umsebenzi Wokushumayela Ungasayi Kuze Ulibaleke

“Ilanga ligqats’ ubhobhoyi. Olu hambo lwethu lunqumla ezintabeni lubonakala ngathi alupheli. Ebunzimeni, yaye ekugqibeleni sifikile kwindawo ebesisiya kuyo: eyona dolophana imgama. Nakuba sidinwe siyiloo nto, sivuya gqitha xa sinkqonkqoza kwindlu yokuqala size samkelwe ngobubele. Ekupheleni kosuku, ziphele zonke iincwadi ebesize nazo yaye siye saqalisa izifundo zeBhayibhile eziliqela. Aba bantu bayakulangazelela ukufunda. Ngoku kufuneka sihambe, kodwa siyathembisa ukuba siza kubuya.”

LE YINTO eqhele ukwenzeka kwiqela loovulindlela baseMexico. Aba bazimisele ukushumayela ngenzondelelo ukufeza uthumo uYesu Kristu awalidlulisela kubafundi bakhe esithi: “Niya kuba ngamangqina am . . . kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) EMexico, kulungiselelwa iphulo lokushumayela—elibizwa ngokuba ngumzila woovulindlela (pioneer route)—ukuze kufikelelwe intsimi engabelwanga bani, okuthetha ukuthi, iindawo ezingashunyayelwa kuzo ngokuthe rhoqo iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ngokuqhelekileyo, ezi zindawo ezisemaphandleni okanye ekungelula ukufikelela kuzo. Kwakhona amabandla akwanti nawo aye ancedwa ukuze akwazi ukugubungela intsimi yawo enkulu.

Ukuze yazi iindawo eziza kusetyenzwa ngomzila woovulindlela kwilizwe ngalinye, iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova ihlolisisa iintswelo zaloo ntsimi. a Emva koko kwabelwa amaqela oovulindlela abakhethekileyo ukuze bagubungele loo ntsimi. Banikwa izithuthi ezifanelekele iindlela zomhlaba eziyimixawuka. Kwakhona kwezi zithuthi kugcinwa iincwadi yaye kulalwa kwakuzo ukuba kuyimfuneko.

Bazamkela Ngokulula

Ukususela ngo-Oktobha 1996, kuye kwakhuthazwa abavakalisi beendaba ezilungileyo ukuba babe nesabelo kulo msebenzi, behamba noovulindlela abakhethekileyo. Abavakalisi boBukumkani kwakunye noovulindlela abathe ngxi abafuna ukunceda apho kukho imfuneko enkulu khona, bangenela eli phulo ngamaxesha ahlukahlukeneyo. Abanye babelwa kumabandla akuloo ndlela ukuze bakwazi ukunyamekela intsimi baze bakhuthaze abantu abanomdla abafunyenwe apho. Abavakalisi noovulindlela abaninzi abaselula baye basamkela esi simemo yaye baye banamava alukhuthazo.

Ngokomzekelo, uAbimael, umKristu oselula owayeqeshwe kwishishini leefowuni eziphathwayo apho wayehlawulwa umvuzo oncumisayo, wagqiba kwelokuba naye abe nesabelo kulo msebenzi wokushumayela kwiindawo ezisemaphandleni. Xa abaqeshi bakhe bafumanisa ukuba uza kuhamba bafuna ukumnyusela emsebenzini baze bamnike imali engakumbi. Abantu awayesebenza nabo bamcenga, besithi akasoze aphinde alifumane ithuba elinjengeli yaye uya kuba usisidenge ukuba unokuliyeka lidlule. Noko ke, uAbimael wayezimisele ukuxhasa eli phulo likhethekileyo lokushumayela iinyanga ezintathu. Emva kokuba elivuyele eli thuba, uAbimael wagqiba kwelokuba ahlale ngokusisigxina kwibandla elikwanti apho kwakukho imfuneko engakumbi yabavakalisi boBukumkani. Ngoku usebenza kwindawo emhlawula imalana nje engephi yaye uye wafunda ukubenza lula ubomi bakhe.

Kwelinye icala, uJulissa kwakufuneka ahambe iiyure ezingama-22 ngebhasi ukuze aye kufika kwisabelo sakhe. Xa kanye wayeseza kufika kwindawo awayesiya kuyo, washiywa yibhasi yokugqibela. Noko ke, kwakukho iveni eyayigodusa abasebenzi. UJulissa waqina isibindi waza wacela ukukhwela. Kuyabonakala ukuba wayesoyika, ekubeni yayinguye yedwa ibhinqa phakathi kwamadoda amaninzi. Xa waqalisa ukushumayela komnye umfana, wafumanisa ukuba wayeliNgqina likaYehova! UJulissa uthi: “Ngapha koko, umqhubi wale veni yayingumdala webandla endandabelwe kulo!”

Abakhulileyo Baba Nenxaxheba

Noko ke, lo msebenzi asingowabantu abaselula nje kuphela. UAdela, udade osele ekhulile, wayesoloko efuna ukuchitha ixesha elingakumbi kumsebenzi wokushumayela. Kwavela ithuba xa wamenyelwa ukuba abe nenxaxheba kulo msebenzi wokushumayela okhethekileyo. Uthi: “Kwakumnandi kwisabelo sam kangangokuba ndacela kubadala bebandla ukuba ndihlale apho ngokusisigxina. Ndiyavuya kuba nangona ndimdala, uYehova usandisebenzisa.”

Ngokufanayo, ngenxa yombulelo ngoYehova nangothando ngabamelwane, uMartha oneminyaka engama-60 ubudala wazipha ixesha lokuba abe nesabelo kweli phulo. Ebona ukuba umgama ababewuhamba neendlela ezimbi zale ntsimi zazithintela iqela lakhe ukuba lifikelele bonke abantu, wathenga imoto ukuze isetyenziswe ngoovulindlela. Igalelo lalo dade labangela ukuba kugutyungelwe intsimi engakumbi yaye kushunyayelwe inyaniso yeBhayibhile kubantu abangakumbi.

Intsabelo Evuyisayo

Usukelo lwabo banenxaxheba kula maphulo akhethekileyo okushumayela ‘kukwenza abafundi.’ Ngenxa yoko, imiphumo iye yamihle kakhulu. Abantu abahlala emaphandleni baye bafumana iinyaniso ezisindisa ubomi nezivela eBhayibhileni. (Mateyu 28:19, 20) Kuye kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile ezininzi. Ezi zifundo ziqhutywa ngabavakalisi abahlala kulo mmandla okanye ngabashumayeli abaye bahlala kule ntsimi. Kwezinye iimeko, kuye kwalungiselelwa amaqela abavakalisi, yaye kwezinye, kude kwasekwa namabandla amancinane.

UMagdaleno namaqabane akhe babesebenzisa isithuthi sikawonke-wonke ukuze baye kwintsimi esemaphandleni apho bababelwe khona. Endleleni, bafumana ithuba lokushumayela kumqhubi. “Le ndoda yasixelela ukuba kwiveki edlulileyo, amanye amaNgqina ayefike ekhayeni layo ngoxa yayingekho. Ekubuyeni kwayo, intsapho yayo yayixelela oko ikuvileyo. Thina sayixelela ukuba asihlali kuloo ndawo kodwa sivela kwiindawo ezahlukahlukeneyo zeli lizwe ukuze sixhase iphulo lokushumayela elikhethekileyo yaye kuye kwafuneka sonke sizihlawulele ukuza apho. Echukumisekile, lo mqhubi wathi uza kuqalisa ukufunda iBhayibhile kunye nentsapho yakhe kanye ngaloo veki. Wanikela kulo msebenzi ngokungasihlawulisi ngohambo lwethu.”

Kwakhona uMagdaleno wayechukumiseke kakhulu ngendlela abantu abakwiintaba zeChiapas abasabela ngayo. “Mna nomfazi wam siye saba nenxaxheba ekushumayeleni isigidimi soBukumkani kwiqela labantu abaselula abangama-26 abahamba iCawa yaseRhabe. Bonke baphulaphula ngenyameko kangangemizuzu engama-30. Bakhupha iiBhayibhile zabo yaye sakwazi ukubashumayeza kakuhle ngeenjongo zikaYehova. Inkoliso yabantu baneeBhayibhile zabo ngolwimi lwesiTzeltal.” Kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile ezininzi ezinenkqubela.

Inkcaso Ithothile

Indawo ethile eChiapas ayizange ikhe ityelelwe ngesigidimi seBhayibhile kangangeminyaka emibini ngenxa yokuchasa kwabantu balapho. UTeresa, umvangeli wexesha elizeleyo waphawula ukuba amanye amaNgqina ayesoyika ukushumayela kuloo dolophana. “Bonke bengalindelanga, abantu balapho babekulungele ukuphulaphula. Sakuba sigqibile ukushumayela kwaqalisa ukuna kakhulu. Sifuna ikhusi, safika kwikhaya lomntu onobubele ogama linguSebastián, owasivumela ukuba singene ngaphakathi size singanethi. Sakuba singaphakathi, ndambuza enoba wayesele etyelelwe ngabanye. Wathi akunjalo, yaye ndaqalisa ukumshumayeza ndaza ndaqalisa isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. b Sakuba sigqibile, uSebastián wasicela elila ukuba siphinde sibuye size kufundisisa naye.”

Elinye iqela loovulindlela elatyelela eChiapas lithi: “Ngoncedo lukaYehova, siye saba nemiphumo emihle. Kwiveki yokuqala, siye saqalisa izifundo ezingama-27, kweyesibini samema abantu ukuba beze kubukela ividiyo ethi The Bible—Its Power in Your Life. Kweza abantu abangama-60. Bonke bayithanda. Ekugqibeleni, sacela ukufunda nabo iBhayibhile njengeqela. Okumangalisayo kukuba, kwaqaliswa amaqela amabini ezifundo kule dolophana.

“Emva kokuba sigqibile ukusebenza intsimi esasiyabelwe, sabuyela ukuze sityelele le dolophana ukuze someleze abantu abanomdla nokuze sibone indlela aqhuba ngayo amaqela afundisisa iBhayibhile awayemisiwe. Sawamemela kwintetho yesidlangalala nakwiSifundo seMboniselo. Noko ke, kwakungekho ndawo yaneleyo ukuze siqhube ezo ntlanganiso. Umntu owasinika ikhaya lakhe ukuze kuqhutyelwe kulo isifundo walatha kwiyadi yendlu yakhe waza wathi: ‘Iintlanganiso zinokuqhutyelwa apha eyadini.’”

Ngaloo mpela-veki oovulindlela ababetyelele apho nabantu abanomdla bancedisa ukulungisa loo yadi ukuze kuqhutyelwe kuyo iintlanganiso. Kweza abantu abali-103 kwintlanganiso yokuqala. Ngoku kuqhutywa izifundo zeBhayibhile ezingama-40 kuloo dolophana.

“Amava Avuyisayo”

Ngaphandle kokuba nemiphumo emihle kumsebenzi wokushumayela, abo baye banenxaxheba kulo msebenzi baye bazuza lukhulu. UMaría, uvulindlela oselula owaba nenxaxheba kwelinye lala maphulo, uchaza indlela avakalelwa ngayo esithi: “Oku kuye kwangamava avuyisayo ngenxa yezizathu ezibini. Lwanda uvuyo lwam kumsebenzi wokushumayela, yaye ndaba nolwalamano olusondele ngakumbi noYehova. Ngenye imini xa sasinyuka entabeni, saziva sidiniwe. Emva kokucela uncedo kuYehova, sayibona indlela ayinyaniso ngayo amazwi kaIsaya 40:29-31 athi: ‘Abo bathembela kuYehova baya kufumana amandla kwakhona.’ Ngoko ke safika apho saza saqhuba izifundo nabantu abasamkela ngezandla ezifudumeleyo.”

Omnye uvulindlela oselula, uClaudia oneminyaka eli-17 ubudala, uthi: “Ndiye ndazuza lukhulu. Ndiye ndafunda ukuba nobuchule obungakumbi entsimini, nto leyo eye yandizisela uvuyo olukhulu, yaye oku kuye kwandenza ndazibekela usukelo lokomoya. Kwakhona ndiye ndakhula ngokomoya. Ekhaya umama ebendenzela yonke into. Ngoku, ngenxa yokuba ndinamava angakumbi, ndiqole nangakumbi. Ngokomzekelo, ndandinezinto ezithile endandingazityi. Kodwa ngoku kuye kwafuneka ndizivumelanise neemeko ezahlukahlukeneyo, andisakhathazeki enoba kutyiwa ntoni. Le nkonzo iye yandinceda ndanabahlobo bokwenene. Sabelana ngayo yonke into esinayo yaye siyancedana.”

Isivuno Esivuyisayo

Eli phulo likhethekileyo liye laphumela entwenini? Ekuqaleni kowama-2002, oovulindlela abangama-28 300 baye baba nenxaxheba kule mizila yoovulindlela. Baye baqhuba izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwama-140 000, bechitha iiyure ezingaphezu kwezigidi ezibini kumsebenzi wokushumayela. Ukuze bancede abantu ukuba bafunde inyaniso yeBhayibhile, baye basasaza iincwadi ezinokuba ngama-121 000 yaye namaphephancwadi aphantse abe ngama-730 000. Asinto ingaqhelekanga ngabanye oovulindlela ukuba baqhube izifundo zeBhayibhile ezingama-20 okanye ngaphezulu.

Abantu abaye bancedwa baye banombulelo kakhulu ngenxa yomgudu owenziweyo ukuze bafikelelwe ngesigidimi seBhayibhile. Nangona bengamahlwempu, abaninzi babebabongoza abavakalisi ukuba bayamkele iminikelo yabo. Elinye ibhinqa elilihlwempu nelineminyaka engama-70 ubudala lidla ngokuba nento ethile eliyipha oovulindlela xa betyelele. Xa bengayamkeli loo nto, liyalila. Enye intsapho engamahlwempu iye ixelele abavakalisi bexesha elizeleyo ukuba ngokukhethekileyo isikhukukazi sibabekele amaqanda, ize ibabongoze ukuba bawathabathe loo maqanda.

Okubaluleke nangakumbi kukuba, abo bantu banyanisekileyo babonakalisa uxabiso lokwenene ngezinto zokomoya. Ngokomzekelo, ibhinqa elithile eliselula lihamba lodwa iiyure ezintathu ezinesiqingatha lisiya kwiintlanganiso zamaKristu, lingaphoswa nayenye kuzo. Nangona likhathazwa ngamadolo, ibhinqa elithile elikhulileyo nelinomdla lihamba iiyure ezimbini ukuze lifumane imfundiso yeBhayibhile ebudeni botyelelo lomveleli ohambahambayo. Abanye ababengafundanga babefuna ukufunda ukulesa nokubhala ukuze bazuze ngakumbi kwimfundiso yeBhayibhile. Basikelelwa ngenxa yemigudu yabo.

Kwincwadi yeZenzo, uLuka uchaza umbono owabonwa ngumpostile uPawulos esithi: “Kwakumi indoda ethile yaseMakedoni, imbongoza isithi: ‘Welela ngapha eMakedoni uze usincede.’” Ngomoya ovumayo uPawulos wasamkela eso simemo. Namhlanje, kwindawo ezisemaphandleni zaseMexico, abaninzi baye basabela ngomoya ofanayo, bekulungele ukushumayela iindaba ezilungileyo “kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—IZenzo 1:8; 16:9, 10.

[Imibhalo esemazantsi]

a Kwiminyaka yakutshanje, ngaphezu kwesi-8 ekhulwini kwintsimi yaseMexico ibingagutyungelwa ngokuthe rhoqo ngamabandla amaNgqina kaYehova. Oku kuthetha ukuba kukho abantu abazizi-8 200 000 abahlala kumhlaba okwanti apho kungashunyayelwa kuwo rhoqo.

b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 9]

AmaNgqina amaninzi aseMexico aye anenxaxheba kumaphulo akhethekileyo okushumayela