Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

666—Eli Asilonani Nje Eliyimfihlelo

666—Eli Asilonani Nje Eliyimfihlelo

666—Eli Asilonani Nje Eliyimfihlelo

“Kungabikho bani ukwaziyo ukuthenga okanye ukuthengisa ngaphandle komntu onalo uphawu, igama lerhamncwa okanye inani legama lalo. Apha kulapho ubulumko bufuneka khona: Lowo unayo ingqiqo makalibale inani lerhamncwa, kuba linani lomntu; yaye inani lalo lingamakhulu amathandathu anamashumi amathandathu anesithandathu.”—ISityhilelo 13:17, 18.

IMBALWA imibandela yeBhayibhile ebangele umdla njengokuba kunjalo ngesiprofeto esingophawu okanye igama eliyimfihlelo “lerhamncwa”—inani lama-666. Kumabonwakude nakwi-Internet, kwakunye nakwimiboniso bhanyabhanya, kwiincwadi nakumaphephancwadi, abantu baye baba neembono ezininzi ngophawu lwerhamncwa.

Abanye bakholelwa ukuba inani lama-666 luphawu oluseBhayibhileni lwabo bachasa uKristu. Abanye bathi luphawu oluthile, njengomvambo, olubonisa ukuba loo mntu ungumkhonzi werhamncwa. Sekunjalo abanye bakholelwa ukuba ama-666 luphawu loopopu bamaKatolika. Xa beguqula oonobumba begama likapopu, uVicarius Filii Dei (UmMeli woNyana kaThixo), ukuba babe linani lesiRoma, naxa bewaguqula kancinane la manani, bafikelela kwinani elithi 666. Kwakhona abanye bathi eli nani linokubalwa ngokusuka kwigama lesiLatini loMlawuli waseRoma uDiocletian nakwinguqulelo yesiHebhere yegama elithi Nero Caesar. *

Noko ke, ezi mbono zabantu zahluke kakhulu koko iBhayibhile ikuthethayo ngophawu lwerhamncwa, njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo. IBhayibhile iyasichazela ukuba abo banolu phawu baya kukubona ukuvutha komsindo kaThixo xa ephelisa le nkqubo yezinto. (ISityhilelo 14:9-11; 19:20) Ngoko ke, ukuqonda oko kuthethwa linani elithi 666 kungaphezu nje kokwazi inani eliyimfihlelo. Okuvuyisayo kukuba, uYehova uThixo, oyena mntu ubalaseleyo ngokubonakalisa uthando noMthombo wokukhanya kokomoya, akabashiyanga kwesinomhlwa abakhonzi bakhe ngokuphathelele umbandela obaluleke kangaka.—2 Timoti 3:16; 1 Yohane 1:5; 4:8.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 4 Ukuze ufumane ingxubusho ethetha ngentsingiselo yamanani, bona uVukani! wesiNgesi kaSeptemba 8, 2002.