Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ELiberia—Ulwando LoBukumkani Phezu Kwayo Nje Imfazwe

ELiberia—Ulwando LoBukumkani Phezu Kwayo Nje Imfazwe

ELiberia—Ulwando LoBukumkani Phezu Kwayo Nje Imfazwe

ELIBERIA bekugquba imfazwe yamakhaya ngaphezu kweminyaka elishumi. Phakathi kowama-2003, abavukeli batyhudisa bengena kwikhomkhulu leli lizwe, iMonrovia. AmaNgqina kaYehova amaninzi anyanzeleka ukuba ashiye izindlu zawo, maxa wambi izihlandlo eziliqela. Iimpahla zawo zaziphangwa ngokuphindaphindiweyo.

Okubuhlungu kukuba, ebudeni bemfazwe kweli komkhulu, kwabulawa abantu abangamawaka. Phakathi kwabo kwakukho amaNgqina amabini, umzalwana kwakunye nomnye udade. Abanye abazalwana bahlangabezana njani nobu bunzima, yaye yintoni eyenziwayo ukubanceda?

Ukunikela Uncedo Kwabo Basweleyo

Ebudeni beli xesha lobunzima, iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eLiberia yanikela uncedo kwabo basweleyo. Banikwa ukutya, izinto eziyimfuneko ekhaya namayeza. Ebudeni bexesha laxa izibuko lalisezandleni zabavukeli, ukutya kwanqongophala. Isebe lakubona kusengaphambili oku laza lalungiselela ukuba amaNgqina angamawaka amabini awayebalekele kwiiHolo zoBukumkani kuso sonke eso sixeko afumane izinto eziyimfuneko. Abazalwana babekhupha ukutya ngezixa ezilinganiselweyo ukuze kwanele de izibuko livulwe kwakhona. Isebe la­se­Bel­gium nelaseSierra Leone lathumela amayeza ngenqwelo-moya, yaye isebe laseBritani nelaseFransi lathumela iimpahla.

Phezu kwazo nje ezo meko zinzima, abazalwana bethu bahlala benesimo sengqondo esihle yaye bonwabile. Omnye owabaleka ekhayeni lakhe izihlandlo ezithathu wathetha kanye into ethethwa ngabaninzi. Wathi: “Ezi ziimeko ­esishumayela ngazo; siphila kwimihla yokugqibela.”

Ukwamkelwa Kweendaba Ezilungileyo

Phezu kwaso nje isiphithiphithi esikweli lizwe, amaNgqina aqhubeka efumana imiphumo evuyisayo entsimini. NgoJanuwari 2003 bekukho incopho yabavakalisi boBukumkani abangama-3 879, yaye ngoFebruwari baqhube izifundo zeBhayibhile ezingama-15 227.

Abantu bazamkela ngokukhawuleza iindaba ezilungileyo. Umzekelo woku koko kwenzeka kwidolophana esemzantsi-mpuma kwesi sixeko. Ibandla elithile laceba ukuba neSikhumbuzo sokufa kukaKristu kwidolophana enkulu yaseBewahn, ekumgama omalunga nohambo oluthabatha iiyure ezintlanu ukusuka apho liqhele ukuhlanganisana khona. Ngaphambi kokuba aba bazalwana baye kule dolophana ukuya kumemela abantu kwiSikhumbuzo, banika usodolophu walapha eBewahn isimemo. Akusifumana, wathabatha iBhayibhile yakhe, waya kubahlali bakule dolophana, waza wabafundela isibhalo esiboniswe kwesi simemo, ebakhuthaza ukuba baye kwiSikhumbuzo. Ngoko ke xa abavakalisi bafikayo, bafumanisa ukuba babesele bewenzelwe umsebenzi wabo! Lo sodolophu, kunye nabantwana bakhe nabafazi bakhe ababini, beza kwiSikhumbuzo. Bebonke abantu abezayo babengama-27. Ukususela ngoko, lo sodolophu uye wayishiya iCawa yaseWesile, waqalisa ukufundisisa namaNgqina, waza wanikela ngomhlaba wokuba kwakhiwe iHolo yoBukumkani.

Ukutshintsha Isimo Sengqondo

Ihambo yabazalwana bethu nayo iye yanegalelo ekuguquleni imbono zabo bayichasileyo inyaniso. Khawuqwalasele umzekelo wendoda egama linguOpoku. Omnye uvulindlela okhethekileyo wadibana naye entsimini waza wamnika iphephancwadi IMboniselo. UOpoku wayenomdla kwinqaku elikweli phephancwadi kodwa wayengenamali. Lo vulindlela wamcacisela ukuba eli phephancwadi alithengiswa, yaye wamshiyela lona waza wenza ilungiselelo lokumtyelela kwakhona. Ekubuyeni kwakhe lo vulindlela, uOpoku wambuza: “Uyandazi? Abantu benu abaninzi abakwidolophu yaseHarper bayandazi. Ndandiqhele ukugxotha abantwana benu esikolweni!” Wandula ke wachaza ukuba wayeyinqununu yesikolo samabanga aphakamileyo kuloo dolophu yaye uye watshutshisa abantwana bamaNgqina kaYehova kuba bengayikhahleli indwe.

Noko ke, iindlela ezintathu amaNgqina kaYehova aye abonakalisa ngazo uthando lobuKristu ziye zenza uOpoku aphinde ahlolisise isimo sakhe sengqondo. Okokuqala, wabona amaNgqina enyamekela umzalwana wawo wokomoya owayelele ngandletyana nye. Enza nelungiselelo lokuba afumane unyango kwilizwe elingummelwane. UOpoku wayecinga ukuba lo mzalwana ugulayo “wayengumntu omkhulu” phakathi kwamaNgqina kodwa wafumanisa ukuba wayeliNgqina nje eliqhelekileyo. Okwesibini, ebudeni beminyaka yee-1990, uOpoku wayeyimbacu eCôte d’Ivoire. Ngenye imini xa wayenxaniwe, wathenga amanzi komnye umfana. UOpoku wayenemali edibeneyo yaye lo mfana wayengenayo itshintshi, ngoko ke wampha uOpoku amanzi. Xa wayenika uOpoku amanzi, lo mfana wabuza: “Ngaba ucinga ukuba liya kuze libekho ixesha laxa abantu abafana nam nawe beya kunikana izinto ngaphandle kokufuna imali?” UOpoku waqashela esithi lo mfana ungomnye wamaNgqina kaYehova, yaye wavuma ukuba unguye. Ukuba nobubele nesisa kwalo mzalwana kwamchukumisa. Okokugqibela, ukuvuma kwalo vulindlela ukhethekileyo ukumnika iphephancwadi ngaphandle kwemali kwenza uOpoku waqiniseka ukuba imbono yakhe ngamaNgqina yayiphosakele yaye kufuneka atshintshe isimo sakhe sengqondo. Wenza inkqubela ngokomoya yaye ngoku ungumvakalisi ongabhaptizwanga.

Nangona abazalwana eLiberia besaqhubeka bejamelana neemeko ezinzima gqitha, bakholose ngoThixo yaye ngokuthembeka bavakalisa iindaba ezilungileyo ezingeemeko ezibhetele kulawulo lobulungisa loBukumkani bukaThixo. UYehova akasayi kuze akulibale ukuzibhokoxa kwabo nothando abalubonakalisayo ngegama lakhe.—Hebhere 6:10.

[Iimaphu ezikwiphepha 30]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

EMONROVIA

[Imifanekiso ekwiphepha 31]

Ebudeni bamaxesha obunzima, abantu bakaYehova baye banikela uncedo lokomoya nolokwenyama kwabo basweleyo