Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kutheni eyoku-1 yabaseKorinte 10:8 isithi kwafa amaSirayeli angama-23 000 ngosuku olunye ngenxa yokuhenyuza, ngoxa iNumeri 25:9 isithi ayengama-24 000?

Kukho izizathu eziliqela ezinokubangela ukuba ezi ndinyana zimbini zithethe ngamanani angafaniyo. Esinye isibakala sikukuba elona nani liphakathi kwenani lama-23 000 nelama-24 000, nto leyo evumela ubani abize elona nani lisondeleyo kwelo.

Cinga ngesinye isibakala. Umpostile uPawulos wachaza ingxelo yamaSirayeli eShitim njengomzekelo wokulumkisa amaKristu aseKorinte yamandulo, isixeko esasisaziwa ngokuziphatha okubi. Wabhala: “Masingaqheliseli luhenyuzo, njengoko abathile kubo bahenyuzayo, suke bawa, amawaka angamashumi amabini anesithathu kubo ngamini-nye.” Ethetha kuphela ngabo babulawa nguYehova ngenxa yokuhenyuza, uPawulos wachaza inani elingama-23 000.—1 Korinte 10:8.

Noko ke, iNumeri isahluko 25 isixelela ukuba “uSirayeli wazibandakanya noBhahali wasePehore; waza wavutha umsindo kaYehova kuSirayeli.” Ngoko ke, uYehova wayalela uMoses ukuba atshabalalise “bonke abaziintloko zabantu.” Wandula ke uMoses wayalela abagwebi ukuba benze oko. Ekugqibeleni, xa uFinehasi wambulala ngoko nangoko umSirayeli oweza nomfazi onguMidiyan kwinkampu, “sathintelwa isibetho.” Le ngxelo iqukumbela ngokuthi: “Abafayo sisibetho baba ngamashumi amabini anesine amawaka.”—Numeri 25:1-9.

Kuyabonakala ukuba inani elibhalwe kwiNumeri laliquka “iintloko zabantu” ezabulawa ngabagwebi nabo babulawa nguYehova ngokwakhe. Kusenokwenzeka ukuba kwakukho iintloko zabantu eziliwaka ezabulawa ngabagwebi, nto leyo ethetha ukuba elo nani laba ngama-24 000. Enoba aba baziintloko okanye abaphathi bahenyuza, babandakanyeka kwimibhiyozo, okanye babanika imvume abo benjenjalo, babenetyala ‘lokuzibandakanya noBhahali wasePehore.’

Ngokuphathelele igama elithi ‘ukuzibandakanya,’ enye incwadi ithi linokuthetha “ukuzimanya kukabani nomntu othile.” AmaSirayeli yayingabantu abazahlulele kuYehova, kodwa xa ‘bazibandakanya noBhahali wasePehore,’ baluqhawula olo lwalamano noThixo. Kwiminyaka enokuba ngama-700 kamva, esebenzisa umprofeti uHoseya, uYehova wathi kumaSirayeli: “Basuka bona baya kuBhahali wasePehore, yaye baqhubeka bezahlulela kwinto enezothe, yaye baba lizothe njengento eyintandane yabo.” (Hoseya 9:10) Bonke abo benjenjalo babefanelwe kukugwetywa ngokuqatha nguThixo. Ngoko ke, uMoses wabakhumbuza oonyana bakaSirayeli esithi: “Nizibonele ngamehlo oko uYehova wakwenzayo kuBhahali wasePehore, ukuba uYehova uThixo wenu wambhubhisa phakathi kwenu wonke umntu owayelandela uBhahali wasePehore.”—Duteronomi 4:3.