Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Thembela Kumoya KaThixo Xa Izinto Ziguquka Ebomini

Thembela Kumoya KaThixo Xa Izinto Ziguquka Ebomini

Thembela Kumoya KaThixo Xa Izinto Ziguquka Ebomini

“Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo.”—2 TIMOTI 2:15.

1. Ziziphi iinguqulelo ezisenokubangel’ iingxaki kwimpilo yethu yokomoya?

 IHLABATHI elisingqongileyo lisoloko liguquguquka. Sibona inkqubela kwinzululwazi nakwezobugcisa ehambisana nokuwohloka okukhulu kwemigaqo yokuziphatha. AmaKristu amele awuphephe umoya wehlabathi wokuchasa uThixo, njengokuba siphawulile kwinqaku elandulelayo. Noko ke, njengokuba ihlabathi liguquguquka, nathi siyatshintsha ngeendlela ezininzi. Sidlula ebuntwaneni sibe ngabantu abadala. Sinokuzuza ubutyebi okanye siphulukane nabo, sibe sempilweni okanye sibe nempilo enkenenkene, yaye sisenokuba nabantu esibathandayo okanye basenokufa. Ubukhulu becala ezo nguqulelo asikwazi ukuzilawula, yaye zisenokubangel’ iingxaki ezintsha nezinkulu kwimpilo yethu yokomoya.

2. Ubomi bukaDavide baguquguquka njani?

2 Bambalwa abantu abakhe bajamelana neenguqulelo ezinkulu ebomini babo njengoDavide, unyana kaYese. Ngequbuliso uDavide waba ngumntu odumileyo wohlanga luphela emva kokuba ngumalusi nje ongaziwayo. Kamva waba yimbacu, ezingelwa njengenyamakazi ngukumkani onomona. Emva koko, uDavide waba ngukumkani neqhawe. Wanyamezela intlungu engumphumo wesono esinzulu. Wajamelana nentlekele neyantlukwano entsatsheni yakhe. Wazuza ubutyebi, wakhula, waza wajamelana namahlaba okwaluphala. Noko ke, phezu kwazo zonke ezi nguqulelo zininzi ebomini bakhe, uDavide wahlala enentembelo yaye ekholose ngoYehova nangomoya Wakhe. Wenza konke okusemandleni akhe ukuhlala ‘ekholekile kuThixo,’ yaye uThixo wamsikelela. (2 Timoti 2:15) Nangona iimeko zethu zahlukile kwezikaDavide, sinokufunda kwindlela awazisingatha ngayo izinto ebomini bakhe. Umzekelo wakhe unokusinceda siqonde indlela esinokuqhubeka sizuza ngayo umoya kaThixo wokusinceda njengoko sijamelene neenguqulelo ebomini bethu.

Ukuthobeka KukaDavide—Umzekelo Omhle

3, 4. UDavide waqala njani ukuba ngumntu edumileyo elizweni emva kokuba ngumalusi nje ongaziwayo?

3 Esengumntwana, uDavide wayejongelwa phantsi kwanayintsapho yakowabo. Xa umprofeti uSamuweli weza eBhetelehem, uyise kaDavide wazisa oonyana bakhe abasixhenxe kwabasibhozo. UDavide, unyana oligqibelo, wayesalusa izimvu. Kodwa uYehova wayenyule uDavide ukuba abe ngukumkani ozayo kwaSirayeli. UDavide wabizwa ezindle. Emva koko, ingxelo yeBhayibhile ithi: “USamuweli wathabatha uphondo lweoli waza wamthambisa phakathi kwabantakwabo. Yaye umoya kaYehova waqalisa ukusebenza kuDavide ukususela loo mini.” (1 Samuweli 16:12, 13) UDavide wathembela kuloo moya kubo bonke ubomi bakhe.

4 Kungekudala le nkwenkwe ingumalusi yaba ngumntu odumileyo kulo lonke elo lizwe. Wabizwa ukuba abe ngumlindi kakumkani aze amdlalele nomculo. Wabulala umphumi-mkhosi onguGoliyati, isigantsontso sendoda kangangokuba nawona majoni angamagorha kwaSirayeli ayengcangcazela phambi kwakhe. Eyinkokeli yomkhosi, uDavide wawoyisa amaFilisti. Abantu babemthanda. Baqamba iingoma zokumdumisa. Ngaphambilana, umcebisi kaKumkani uSawule wamchaza uDavide owayeselula kungekuphela nje njengendoda ‘enobuchule ekudlaleni’ uhadi kodwa kwakhona ‘njengendoda elikroti, enamandla nendoda yemfazwe nesithethi esinengqiqo nendoda emile kakuhle.’—1 Samuweli 16:18; 17:23, 24, 45-51; 18:5-7.

5. Yintoni eyayisenokumenza uDavide akhukhumale, yaye sazi njani ukuba oko akuzange kwenzeke?

5 Wayedumile, emhle, eselula, eliciko, elichule lokudlala umculo, eligorha, esikelelwe nguThixo—akukho nto uDavide awayeyiswele. Nayiphi na kwezi zinto, yayinokumenza uDavide akhukhumale, kodwa akukho nanye eyamenza wanjalo. Phawula indlela uDavide awaphendula ngayo xa uKumkani uSawule wayemnika intombi yakhe njengomfazi. Ethobeke ngokwenene, uDavide wathi: “Ndingubani na mna nezizalwana zam, intsapho kabawo, zingoobani na kwaSirayeli, ukuba ndingade ndibe ngumkhwenyana kakumkani?” (1 Samuweli 18:18) Ethetha ngale ndinyana, omnye umphengululi wathi: “UDavide wayesithi, xa kujongwa yena, okanye intsapho yakowabo, alimfanelanga iwonga lokuba ngumkhwenyana kakumkani.”

6. Kutheni sifanele sihlakulele ukuthobeka?

6 UDavide wayethobekile ekubeni wayesazi ukuba uYehova uphakame gqitha ngandlela zonke kunabantu abangafezekanga. UDavide wamangaliswa kwayinto yokuba uThixo anikel’ ingqalelo emntwini. (INdumiso 144:3) Kwakhona uDavide wayesazi ukuba nabuphi na ubukhulu asenokuba unabo bubangelwa kukuthobeka kukaYehova, ukuzehlisa ukuze amxhase, amkhusele, aze amnyamekele. (INdumiso 18:35) Hayi indlela esibaluleke ngayo esi sifundo kuthi! Iziphiwo esinazo, nezinto esizifezileyo, amalungelo esinawo akafanele asenze sikhukhumale. Umpostile uPawulos wabhala: “Eneneni, yintoni na onayo ongayamkeliswanga? Ukuba, eneneni wamkelisiwe, uqhayiselani ngokungathi akwamkeliswanga?” (1 Korinte 4:7) Ukuze sifumane umoya kaThixo size samkeleke kuye, simele sihlakulele umoya wokuthobeka size sihlale sinawo.—Yakobi 4:6.

“Musani Ukuziphindezelela”

7. Liliphi ithuba elamvulekelayo uDavide lokubulala uKumkani uSawule?

7 Nangona udumo lukaDavide lungazange lumenze abe nekratshi, lwamenza wanomona uKumkani uSawule, owayengasenawo umoya kaThixo, kangangokuba wafuna ukumbulala. Nangona uDavide wayengenzanga siphoso, wasabela entlango ukuze asindise ubomi bakhe. Ngesinye isihlandlo, esisikhemekheme esukela uDavide, uKumkani uSawule wangena emqolombeni, engazi ukuba uDavide noogxa bakhe bazimele apho. Oogxa bakaDavide bamkhuthaza ukuba asebenzise eli thuba elalibonakala ngathi livulwe nguThixo ukuze ambulale uSawule. Ngathi siyababona kobo bumnyama, besebezela uDavide besithi: “Nantsi imini athi kuwe uYehova ngayo, ‘Khangela! Ndinikela utshaba lwakho esandleni sakho, yaye umele wenze kulo kanye njengoko kulungile emehlweni akho.’”—1 Samuweli 24:2-6.

8. Kwakutheni ukuze uDavide azibambe angaziphindezeleli?

8 UDavide akazange avume ukumenzakalisa uSawule. Ebonisa ukholo nomonde, wayekuvuyela ukushiya izinto ezandleni zikaYehova. Emva kokuba ukumkani ephumile emqolombeni, uDavide wakhwaza esithi: “Ngamana uYehova angagweba phakathi kwam nawe; yaye uYehova umele andiphindezelele kuwe, kodwa esam isandla asiyi kuba phezu kwakho.” (1 Samuweli 24:12) Nangona wayesazi ukuba nguSawule onetyala, uDavide akazange aziphindezelele; yaye akazange athethe kakubi kuSawule okanye ngaye. Kwezinye izihlandlo ezininzi ezahlukahlukeneyo, uDavide wazibamba ukuze angathabathel’ izinto ezandleni zakhe. Kunoko, wathembela kuYehova ukuze alungise izinto.—1 Samuweli 25:32-34; 26:10, 11.

9. Kutheni singafanele siziphindezelele ukuba siyachaswa okanye siyatshutshiswa?

9 NjengoDavide usenokuzifumanisa ukwimeko elingayo. Mhlawumbi uchaswa okanye utshutshiswa ngabantu ofunda nabo, osebenza nabo, amalungu entsapho, okanye abanye abantu abangavumelaniyo nonqulo lwakho. Musa ukuziphindezelela. Lindela kuYehova, ucele umoya wakhe ukuba ukuncede. Mhlawumbi abo bantu bangakholwayo baya kuchukumiseka yihambo yakho entle yaye baya kuba ngamakholwa. (1 Petros 3:1) Enoba kwenzeka ntoni na, qiniseka ukuba uYehova uyayibona imeko yakho yaye uya kwenza okuthile ngaloo nto ngexesha elifanelekileyo. Umpostile uPawulos wabhala: “Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’”—Roma 12:19.

“Phulaphulani Ingqeqesho”

10. UDavide wawela njani esonweni, yaye wazama njani ukusifihla?

10 Iminyaka yaqengqeleka. UDavide waba ngukumkani othandwayo nodume gqitha. Ubomi bakhe bokuthembeka ngendlela ebalaseleyo, neendumiso ezimnandi awazibhalayo edumisa uYehova, oko kusenokunikela imbono yokuba le ndoda yayingasoze iwele esonweni esinzulu. Kanti kwenzeka kanye loo nto. Ngenye imini, ukumkani eseluphahleni lwendlu yakhe wabona ibhinqa elihle lihlamba umzimba. Wabuzisa ngalo. Akuva ukuba lo yayinguBhatshebha yaye indoda yakhe, u-Uriya wayesemfazweni, uDavide wathumela ukuba aye kuphuthunywa ukuze abe neentlobano zesini kunye naye. Kamva, wafumanisa ukuba ukhulelwe. Elinjani lona inyundululu ukuba oku kwakunokwaziwa! KuMthetho kaMoses, ukukrexeza kwakusisono sokufa. Ukumkani wayecinga ukuba mhlawumbi esi sono sinokufihlwa. Ngoko ke wathumela isijoli emfazweni, eyalela ukuba u-Uriya abuyele eYerusalem. UDavide wayecinga ukuba u-Uriya wayeza kulala noBhatshebha ngobo busuku, kodwa akuzange kube njalo. Ngoku ephelelwe ngamacebo, uDavide waphinda wamthumela u-Uriya emfazweni emphathise incwadi eya kuYowabhi, umphathi-mkhosi. Le ncwadi yayiyalela ukuba u-Uriya abekwe kwindawo anokubulawa kuyo edabini. UYowabhi wathobela, yaye u-Uriya wabulawa. Emva kokuzila kukaBhatshebha ixesha elamkelekileyo ngokwesiko, uDavide wamthabatha njengomfazi wakhe.—2 Samuweli 11:1-27.

11. UNatan wambalisela liphi ibali uDavide, yaye yena wathini?

11 Eli qhinga labonakala ngathi lisebenzile, nangona uDavide wayefanele aqonde ukuba uYehova uyibone yonke into eyenzekileyo. (Hebhere 4:13) Kwadlula iinyanga, wazalwa umntwana. Wandula ke uNatan, eyalelwe nguThixo waya kuDavide. Lo mprofeti wabalisela ukumkani ngendoda esisityebi eyayineegusha ezininzi, eyathabatha igusha yendoda ethile elihlwempu ekuphela kwayo neyithandayo yaza yayixhela. Elo bali lamenza wafutheka uDavide efuna ukuyigwebela le ndoda phofu engarhani nakancinane ngentsingiselo yeli bali. Wakhawuleza uDavide wayigweba qatha loo ndoda isisityebi. Ebila ngumsindo, wathi kuNatan: “Indoda eyenza oku ifanelwe kukufa!”—2 Samuweli 12:1-6.

12. UYehova wamgweba njani uDavide?

12 Lo mprofeti waphendula wathi: “Wena ngokwakho uyiloo ndoda!” UDavide wayezigwebile. Alithandabuzeki elokuba uDavide owayenomsindo wakhawuleza wadana waza walusizi ngokunzulu. Othukile, waphulaphula njengoko uNatan wayevakalisa umgwebo kaYehova ongenakuphepheka. Kwakungekho ndlela yakuzithethelela. UDavide wayelidelele ilizwi likaYehova ngokwenza okubi. Ngaba wayengambulalanga u-Uriya ngekrele leentshaba zakhe? Ikrele aliyi kuphela endlwini kaDavide. Ngaba wayengamthabathanga umfazi kaUriya engabonwa? Wayeza kwehlelwa bububi obufanayo, hayi ekusithekeni, kodwa phambi kwamehlo abantu bonke.—2 Samuweli 12:7-12.

13. UDavide walujonga njani uqeqesho lukaYehova?

13 Into eyamthethelela uDavide kukuba, akazange asiphike isono sakhe. Akazange acaphuke ngoxa umprofeti uNatan wayethetha naye. Akazange abek’ ityala kwabanye abantu okanye azingxengxezele ngento ayenzileyo. Zakuba zibhenciwe izono zakhe, uDavide wazivuma esithi: “Ndonile kuYehova.” (2 Samuweli 12:13) INdumiso 51 ibonisa indlela awayedane ngayo sisono sakhe nobunzulu bokuguquka kwakhe. Wambongoza uYehova esithi: “Musa ukundilahla phambi kobuso bakho; nomoya wakho oyingcwele musa ukuwususa kum.” Wayekholelwa ukuba uYehova, ngenxa yenceba yakhe, wayengayi kuyidela “intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo” ngenxa yesono. (INdumiso 51:11, 17) UDavide waqhubeka ethembele kumoya kaThixo. Nangona uYehova engazange amkhusele uDavide kwimiphumo emibi yesono sakhe, wamxolela.

14. Sifanele siyijonge njani ingqeqesho kaYehova?

14 Sonke asifezekanga, yaye sonke siyona. (Roma 3:23) Maxa wambi, sisenokuwela kwisono esinzulu, njengoDavide. Njengobawo onothando obaqeqeshayo abantwana bakhe, uYehova uyabalungisa abo bamkhonzayo. Noko ke, nangona uqeqesho luluncedo, akulula ukulwamkela. Enyanisweni, maxa wambi luba “buhlungu.” (Hebhere 12:6, 11) Kanti ukuba ‘siyayiphulaphula ingqeqesho,’ uYehova unokusixolela. (IMizekeliso 8:33) Ukuze siqhubeke sifumana intsikelelo yomoya kaYehova, sifanele sikwamkele ukulungiswa size sizabalazele ukwamkelwa nguThixo.

Musa Ukuthembela Kubutyebi Obungaqinisekanga

15. (a) Abanye abantu babusebenzisa njani ubutyebi babo? (b) UDavide wayenqwenela ukubusebenzisa njani ubutyebi bakhe?

15 Akukho nto ebonisa ukuba uDavide wayezalwa ngabantu abaziwayo okanye abazizityebi. Noko ke, ebudeni bokulawula kwakhe, uDavide wazizuzela ubutyebi obuninzi. Njengokuba usazi, abantu abaninzi abazizityebi bangamagqolo, yaye ngokunyoluka basoloko befuna ukubandisa ubutyebi babo, okanye babusebenzise ngokuzingca. Abanye basebenzisa imali yabo ukuzizukisa. (Mateyu 6:2) UDavide wabusebenzisa ngendlela eyahlukileyo ubutyebi bakhe. Wayelangazelela ukuzukisa uYehova. Waxelela uNatan umnqweno awayenawo wokwakhela uYehova itempile eyayiza kuba netyeya yomnqophiso, ngelo xesha eyayiseYerusalem, “ihlala phakathi kwamalaphu entente.” UYehova wavuyiswa ngumnqweno kaDavide kodwa esebenzisa uNatan wamxelela ukuba umntu oya kumakhela itempile ngunyana kaDavide uSolomon.—2 Samuweli 7:1, 2, 12, 13.

16. Ngawaphi amalungiselelo uDavide awawenzayo ukuze kwakhiwe itempile?

16 UDavide waqokelela impahla eyayiza kusetyenziswa kulo msebenzi mkhulu wokwakha. UDavide wathi kuSolomon: “Indlu kaYehova ndiyilungiselele ikhulu lamawaka eetalente zegolide nesigidi seetalente zesilivere, yaye ubhedu nentsimbi akukho ndlela yakuzilinganisa ngenxa yokuba ziye zaba ninzi kakhulu; namaplanga namatye ndiwalungiselele, kodwa uya kongeza kuzo.” Ethabatha kubutyebi bakhe, wanikela ngeetalente zegolide ezingama-3 000 neetalente zesilivere ezingama-7 000. * (1 Kronike 22:14; 29:3, 4) Umoya kaDavide wokupha wawungekokuqhayisa, kodwa wawuyimbonakaliso yokholo nokuzinikela kuYehova uThixo. Ewuqonda uMthombo wobutyebi bakhe, wathi kuYehova: “Konke kuvela kuwe, sikuniké esikuthathe esandleni sakho.” (1 Kronike 29:14) Isisa uDavide awayenaso samenza wafuna ukwenza konke awayenako ukuhambisela phambili unqulo olunyulu.

17. Isiluleko esikweyoku-1 kuTimoti 6:17-19 sisebenza njani kwizityebi nakumahlwempu?

17 Ngokufanayo, sinokubusebenzisa ubuncwane bethu kwizinto ezilungileyo. Kunokuphilela izinto eziphathekayo, kubhetele gqitha ukufuna ukwamkelwa nguThixo—leyo yindlela yobulumko bokwenene nolonwabo. UPawulos wabhala: “Bayale abo bazizityebi kule nkqubo yezinto ukuba bangaziphakamisi, bangathembeli kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa mabathembele kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe; mabenze okulungileyo, batyebe emisebenzini emihle, bangagogotyi lutho, balungele ukwabelana, ngokwenjenjalo baya kuba baziqwebela isiseko esihle nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi benene.” (1 Timoti 6:17-19) Enoba imeko yethu injani ngokwezoqoqosho, masithembele kumoya kaThixo size siphile ubomi obuya kusenza sibe ‘zizityebi kuThixo.’ (Luka 12:21) Akukho nto exabiseke njengokwamkeleka kuBawo wethu wasezulwini onothando.

Yiba Ngowamkelekileyo KuThixo

18. UDavide wawamisela wuphi umzekelo omhle amaKristu?

18 Kubo bonke ubomi bakhe, uDavide wayezabalazela ukwamkeleka kuYehova. Kwingoma yakhe, wadanduluka wathi: “Ndibabale, Thixo, ndibabale, kuba usabele kuwe umphefumlo wam.” (INdumiso 57:1) Intembelo awayenayo kuYehova ayizange ibe lilize. UDavide wakhula wamdala, “anelisekile.” (1 Kronike 23:1) Nangona uDavide wenza iimpazamo ezinzulu, ukhunjulwa njengomnye wamangqina amaninzi kaThixo awabonakalisa ukholo olubalaseleyo.—Hebhere 11:32.

19. Sinokuhlala njani sikholekile kuThixo?

19 Njengokuba ujamelene neemeko eziguquguqukayo ebomini, khumbula ukuba kanye njengokuba uYehova wamlondoloza, wamomeleza waza wamqeqesha uDavide, unokwenza okufanayo nakuwe. Umpostile uPawulos, njengoDavide, wajamelana neengxaki ezininzi ebomini. Kodwa naye wahlala ethembekile ngokuthembela kumoya kaThixo. Wabhala wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.” (Filipi 4:12, 13) Ukuba sithembela kuYehova, uya kusinceda ukuze siphumelele. Ufuna siphumelele. Ukuba siyamphulaphula size sisondele kuye, uya kusinika amandla okwenza ukuthanda kwakhe. Yaye ukuba siqhubeka sithembela kumoya kaThixo, siya kukwazi ‘ukuhlala sikholekile kuThixo’ ngoku nangonaphakade.—2 Timoti 2:15.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 16 Ixabiso lomnikelo kaDavide, ngokwemali yanamhlanje lalizii-R8,3 zamawaka ezigidi.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Sinokukuphepha njani ukuba nekratshi?

• Kutheni singafanele siziphindezelele?

• Sifanele silujonge njani uqeqesho?

• Kutheni sifanele sikholose ngoThixo size singakholosi ngobutyebi?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

UDavide wayethembele kumoya kaThixo yaye ezabalazela ukuba ngokholekileyo kuye. Ngaba nawe unjalo?

[Umfanekiso okwiphepha 18]

“Konke kuvela kuwe, sikuniké esikuthathe esandleni sakho”