Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukufumanisa Into Eliyiyo Irhamncwa Nophawu Lwalo

Ukufumanisa Into Eliyiyo Irhamncwa Nophawu Lwalo

Ukufumanisa Into Eliyiyo Irhamncwa Nophawu Lwalo

NGABA uyakuthanda ukwazi imfihlelo? Ukuze wenjenjalo, ukhangela izinto ezinokukunceda ukuze ufumane isicombululo. KwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo, uThixo unikela izinto eziyimfuneko ngokuphathelele inani lama-666, igama okanye uphawu lwerhamncwa kwiSityhilelo isahluko 13.

Kweli nqaku, siza kukhangela iindlela ezine eziyintloko—izinto ezibalulekileyo—eziya kusityhilela oko kuthethwa luphawu lwerhamncwa. Siza kuqwalasela (1) indlela maxa wambi akhethwa ngayo amagama eBhayibhile, (2) into eliyiyo irhamncwa, (3) oko kuthethwa linani lama-666 xa kusithiwa “linani lomntu,” (4) nentsingiselo yenani isi-6 nesizathu sokuba libe linani eliphindwe kathathu, oko kukuthi ama-600 adityaniswe nama-60, adityaniswe nesi-6, okanye ama-666.—ISityhilelo 13:18.

Amagama EBhayibhile—Asingomagama Nje

Amagama eBhayibhile adla ngokuba nentsingiselo ekhethekileyo, ingakumbi xa ethiywe nguThixo. Ngokomzekelo, ngenxa yokuba uAbram wayeza kuba nguyise weentlanga, uThixo walitshintsha igama lalo solusapho ukuba libe nguAbraham, gama elo elithetha, “uyise weentlanga ezininzi.” (Genesis 17:5) UThixo wathi kuYosefu noMariya mabamthiye igama elinguYesu umntwana kaMariya, gama elo elithetha “uYehova nguMsindisi.” (Mateyu 1:21; Luka 1:31) Ngokuvisisana nelo gama, kubulungiseleli bukaYesu nasekufeni kwakhe, uYehova wenza ukuba sikwazi ukusinda.—Yohane 3:16.

Ngokufanayo, inani lama-666 elithiywe nguThixo limele ukuba lifuzisela oko uThixo akubona kuchaza iimpawu zerhamncwa. Ngokuqhelekileyo, ukuze sazi ezo mpawu, sifanele silazi oko likuko irhamncwa size sifunde ngemisebenzi yalo.

Irhamncwa Liyabhencwa

Incwadi yeBhayibhile kaDaniyeli isichazela ngokubanzi ngentsingiselo yamarhamncwa okomfuziselo. Isahluko 7 siqulethe inkcazelo ecacileyo ‘yamarhamncwa amakhulu amane’—ingonyama, ibhere, ihlosi nelinye irhamncwa eloyikekayo elinamazinyo amakhulu entsimbi. (Daniyeli 7:2-7) UDaniyeli usixelela ukuba amarhamncwa afuzisela “ookumkani,” okanye ubukumkani bezobupolitika, abalawula kubukhosi obukhulu ngokulandelelana.—Daniyeli 7:17, 23.

Ngokuphathelele irhamncwa elikwiSityhilelo 13:1, 2, iThe Interpreter’s Dictionary of the Bible ithi “linazo zonke iimpawu zamarhamncwa akumbono kaDaniyeli . . . Ngoko ke, eli rhamncwa lokuqala [elikwiSityhilelo] lifuzisela imimoya edibeneyo yalo lonke ulawulo lwezobupolitika olunxamnye noThixo emhlabeni.” Oku kungqinwa siSityhilelo 13:7; esithi ngerhamncwa: “Lanikwa igunya phezu kwezizwe nabantu neelwimi neentlanga zonke.” *

Kutheni iBhayibhile isebenzisa amarhamncwa xa ifuzisela ulawulo lwabantu? Ubuncinane kungenxa yezizathu ezibini. Okokuqala, kungenxa yengxelo embi efana neyerhamncwa yokuphalaza igazi koorhulumente kangangeenkulungwane. Umbhali-mbali uWill noAriel Durant babhala: “Iimfazwe bezisoloko zikho kwimbali yaye impucuko okanye idemokhrasi ayizinciphisanga.” Ngokuqinisekileyo kuyinyaniso ukuba “ngexesha athi umntu alawule umntu iba kukwenzakala kwakhe”! (INtshumayeli 8:9) Isizathu sesibini sikukuba “inamba [uSathana] yanika irhamncwa elo amandla alo netrone yalo negunya elikhulu.” (ISityhilelo 12:9; 13:2) Ngenxa yoko, ulawulo lwabantu luxhaswa nguMtyholi, ngaloo ndlela lubonisa isimo sakhe esifana nerhamncwa nenamba.—Yohane 8:44; Efese 6:12.

Noko ke, oku akuthethi ukuba mlawuli ngamnye uphenjelelwa ngokuthe ngqo nguSathana. Eneneni, kwelinye icala oorhulumente babantu ‘bangabalungiseleli bakaThixo,’ besenza ibutho labantu ukuba lizinze, kungabikho siphithiphithi. Yaye ezinye iinkokeli ziye zawakhusela amalungelo abalulekileyo abantu, kuquka ilungelo lokuba kunqulo lokwenyaniso—nto leyo uSathana angayifuniyo. (Roma 13:3, 4; Ezra 7:11-27; IZenzo 13:7) Sekunjalo, ngenxa yempembelelo kaMtyholi, akakho umntu okanye ulawulo lomntu oluye lakwazi ukuzisa uxolo oluhlala luhleli nonqabiseko ebantwini. *Yohane 12:31.

“Inani Lomntu”

Into yesithathu esenza siqonde intsingiselo yenani lama-666 kukuba “linani lomntu.” Eli binzana alinakuba libhekisela kumntu omnye, kuba uSathana—kungekhona umntu—unegunya kwirhamncwa. (Luka 4:5, 6; 1 Yohane 5:19; ISityhilelo 13:2, 18) Kunoko, isibakala sokuba irhamncwa ‘linenani lomntu,’ okanye uphawu, sibonisa ukuba lifuzisela abantu, kungekhona umoya okanye idemon, yaye ngenxa yoko lineempawu ezithile zabantu. Isenokuba ziziphi ezo mpawu? IBhayibhile iyaphendula, isithi: “Kuba bonke [abantu] bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Ngoko ke, isibakala sokuba irhamncwa ‘linenani lomntu,’ sibonisa ukuba oorhulumente babonakalisa imeko yabantu enesono, uphawu lwesono nokungafezeki.

Imbali iyakungqinela oku. Owayesakuba nguSosiba waseUnited States uHenry Kissinger wathi: “Lonke uhlobo lwempucuko oluye lwakho luye lwaphela ekugqibeleni. Imbali ineengxelo zemizamo eye yasilela, neminqweno angazange ifezeke . . . Ngoko ke, njengombhali-mbali, umntu akanakuyiphepha intlungu.” Oko uKissinger wakuthetha ngokunyanisekileyo kububungqina benyaniso ebalulekileyo eseBhayibhileni: “Ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.

Kuba sele silazi oko irhamncwa elikuko saza sayibona nendlela uThixo alijonga ngalo, ngoku sikulungele ukuqwalasela inxalenye yokugqibela yemfihlelo yethu—inani isithandathu nesizathu sokuba libe linani eliphindwe kathathu—oko kukuthi, ama-666, okanye ama-600 adityaniswe nama-60, adityaniswe nesi-6.

Kutheni Isithandathu Siphindaphindwa Izihlandlo Ezithathu?

KwiZibhalo, amanani athile afuzisela into ethile. Ngokomzekelo, inani isixhenxe lidla ngokusetyenziswa xa kufuziselwa into epheleleyo, okanye efezekileyo emehlweni kaThixo. Ngokomzekelo, iveki yokudala kaThixo ‘ineentsuku’ ezisixhenxe okanye amaxesha, yaye ebudeni boko uThixo ugqiba injongo yakhe yokudala ngokuphathelele umhlaba. (Genesis 1:3–2:3) “Amazwi” kaThixo anjengesilivere ‘ecikizwe kasixhenxe,’ ngaloo ndlela asulungekiswa ngokugqibeleleyo. (INdumiso 12:6; IMizekeliso 30:5, 6) UNahaman owayeneqhenqa waxelelwa ukuba ahlambe izihlandlo ezisixhenxe kuMlambo iYordan, emva koko waphila ngopheleleyo.2 Kumkani 5:10, 14.

Inani elisisithandathu lingaphantsi ngomvo kwisixhenxe. Ngaba oko bekungayi kufuzisela ngokufanelekileyo into engafezekanga okanye enesiphako emehlweni kaThixo? Ewe, ngokwenene kunjalo! (1 Kronike 20:6, 7) Ngaphezu koko, ukubhala isithandathu izihlandlo ezithathu, njengenani lama-666, kugxininisa ukungafezeki. Isibakala sokuba oku kuyimbono echanileyo kuxhaswa kukuba inani lama-666 “linani lomntu,” njengoko besele sibonile. Ngoko ke, imbali yerhamncwa, “inani lomntu,” nenani lama-666, konke oku kusenza sifikelele kwisigqibo esichanileyo—ukusilela emehlweni kaYehova.

Ukuchazwa kwerhamncwa njengelisileleyo kusikhumbuza ngoko kwathethwa ngoKumkani uBheleshatsare waseBhabhiloni yamandulo. Esebenzisa uDaniyeli, uYehova wathi kuloo mlawuli: “Ulinganiswe esikalini waza wafunyaniswa ulula.” Kanye ngobo busuku uBheleshatsare wabulawa, uBukhosi obukhulu baseBhabhiloni bawa. (Daniyeli 5:27, 30) Ngokufanayo, umgwebo kaThixo werhamncwa lezobupolitika nabo banophawu lwalo uthetha ukuphela kwalo nabo balixhasayo. Noko ke, kule meko, uThixo uya kuphelisa kungekuphela nje inkqubo enye yezobupolitika kodwa naluphi na ulawulo lomntu. (Daniyeli 2:44; ISityhilelo 19:19, 20) Ngoko ke, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuphepha ukuba nophawu olukhokelela ekufeni lwerhamncwa!

Uphawu Luyaziwa

Ngokukhawuleza emva kokuchaza inani lama-666, ISityhilelo sithetha ngabalandeli abali-144 000 beMvana, uYesu Kristu, abanegama lakhe negama likaYise, uYehova, abhalwe emabunzini abo. La magama abonisa ukuba abo banawo ngabakaYehova naboNyana wakhe, abaneqhayiya lokunikela ubungqina ngaye. Ngokufanayo, abo banophawu lwerhamncwa babonakalisa ukuba bakhonza irhamncwa. Ngaloo ndlela, uphawu, enoba lukwisandla sasekunene okanye ebunzi, ngokufuziselayo, luphawu olubonisa ukuba lowo unalo unqula yaye uxhasa inkqubo yezobupolitika yeli hlabathi efana nerhamncwa. Abo banolu phawu banika ‘uKesare’ okukaThixo. (Luka 20:25; ISityhilelo 13:4, 8; 14:1) Njani? Ngokunqula ezobupolitika, oko zikufuziselayo, nobukhosi bazo, kuba bebeke ithemba kuzo yaye becinga ukuba ziza kubasindisa. Batsho nje ngomlomo ukuba bayamnqula uThixo.

Ngokwahlukileyo koko, iBhayibhile isibongoza isithi: “Musani ukukholosa ngezidwangube, nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe.” (INdumiso 146:3, 4) Abo baphulaphula eso siluleko sobulumko abanxunguphali xa oorhulumente bengazifezekisi izithembiso zabo naxa iinkokeli ezithandwayo ziphelelwa zizikhundla zazo.—IMizekeliso 1:33.

Oku akuthethi ukuba amaKristu okwenyaniso asonge nje izandla aze angenzi nto ngale ntlekele yoluntu. Kunoko, avakalisa urhulumente oya kucombulula iingxaki zabantu—uBukumkani bukaThixo, angabameli bawo.—Mateyu 24:14.

UBukumkani BukaThixo—Ekuphela Kwethemba Loluntu

Xa wayesemhlabeni, eyona nto yayiphambili awayeshumayela ngayo uYesu yayibuBukumkani bukaThixo. (Luka 4:43) Kumthandazo wakhe ongumzekelo, maxa wambi ekuthiwa nguMthandazo weNkosi, uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele uBukumkani ukuba bufike nokuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe apha emhlabeni. (Mateyu 6:9, 10) UBukumkani ngurhulumente oya kulawula emhlabeni wonke, ongayi kulawula kwikomkhulu elithile apha emhlabeni kodwa oya kulawula usezulwini. Yiloo nto uYesu wabubiza ngokuthi ‘bubukumkani bamazulu.’—Mateyu 11:12.

Ngubani ofaneleke kakhulu ukuba abe nguKumkani wobo Bukumkani ngaphandle kukaYesu Kristu, owafela abo baza kuba ngabalawulwa bakhe? (Isaya 9:6, 7; Yohane 3:16) Kungekudala lo Mlawuli ufezekileyo, ngoku ongumntu wokomoya, uya kuphosa irhamncwa, ookumkani balo, nobukhosi balo “edikeni lomlilo elivutha isalfure,” nto leyo efuzisela ukutshatyalaliswa ngokupheleleyo. Kodwa akuphelelanga apho. Kwakhona uYesu uza kutshabalalisa uSathana, nto leyo engenakwenziwa ngumntu.—ISityhilelo 11:15; 19:16, 19-21; 20:2, 10.

UBukumkani bukaThixo buya kuzisa uxolo kubo bonke abangabalawulwa ababuthobelayo. (INdumiso 37:11, 29; 46:8, 9) Usizi, iintlungu nokufa kuza kuphela. Hayi indlela elivuyisa ngayo elo ithemba kwabo bangenalo uphawu lwerhamncwa!—ISityhilelo 21:3, 4.

[Imibhalo esemazantsi]

^ isiqe. 9 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngezi ndinyana, bona isahluko 28 sencwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 11 Ngoxa eqonda ukuba ulawulo lomntu ludla ngokufana nerhamncwa, amaKristu okwenyaniso ayawathobela “amagunya awongamileyo,” njengoko iBhayibhile iwayalela. (Roma 13:1) Noko ke, xa amagunya anjalo ewayalela ukuba enze okuchasene nomthetho kaThixo, ‘athobela uThixo njengomlawuli kunabantu.’—IZenzo 5:29.

[Ibhokisi ekwiphepha 5]

Izinto Ezibonisa Intsingiselo Yenani Lama-666

1. Ngokuqhelekileyo amagama eBhayibhile athetha okuthile ngeempawu okanye ubomi baloo mntu, njengakwimeko ka-Abraham, uYesu nabanye abaninzi. Ngokufanayo, inani le rhamncwa limela iimpawu zalo.

2. Kwincwadi yeBhayibhile kaDaniyeli, amarhamncwa awahlukahlukeneyo athetha ubukumkani okanye ubukhosi babantu ngokulandelelanayo. Irhamncwa elinamalungu amaninzi kwiSityhilelo 13:1, 2 lifuzisela inkqubo yezobupolitika yehlabathi lonke, enikwe igunya nelawulwa nguSathana.

3. Isibakala sokuba eli rhamncwa ‘linenani lomntu,’ sibonisa ukuba limela umntu, kungekhona idemon. Ngoko ke, libonisa indlela abantu abaye basilela ngayo ngenxa yesono nokungafezeki.

4. Emehlweni kaThixo, inani elisisithandathu, elithetha ukungapheleli ngokutsho kweBhayibhile, lithetha ukungafezeki. Uphawu oluthi 666 lugxininisa oko kusilelayo ngokuliphinda elo nani kathathu.

[Imifanekiso ekwiphepha 6]

Ulawulo lwabantu luye lwangqina ukuba aluphumeleli, yaye lufuziselwa linani lama-666

[Inkcazelo]

Umntwana olambileyo: UNITED NATIONS/Photo by F. GRIFFING

[Imifanekiso ekwiphepha 7]

UYesu Kristu uya kuzisa ulawulo olugqibeleleyo emhlabeni