Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukushumayela Apho Abantu Basebenza Khona

Ukushumayela Apho Abantu Basebenza Khona

Abavakalisi Bobukumkani Bayabalisa

Ukushumayela Apho Abantu Basebenza Khona

UMPOSTILE uMateyu, uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane babefana ngantoni? UYesu wababiza bonke besemsebenzini wempangelo. UPetros, uAndreya, uYakobi noYohane babexakeke lishishini labo lokuloba xa uYesu wababiza, esithi: “Ndilandeleni.” UMateyu wayekwiofisi yerhafu xa wabizwa ukuba abe ngumfundi kaYesu.—Mateyu 4:18-21; 9:9.

Ukushumayela apho abantu basebenza khona kunokuba nomvuzo. Ekuqonda oku, amaNgqina kaYehova eJapan kutshanje aye enza umgudu wokuba nenxaxheba kolu hlobo lobulungiseleli. Uye waba yintoni umphumo? Kwiinyanga nje ezimbalwa, kwenziwa amabuyelo angamawaka, kwaza kwaqaliswa nezifundo zeBhayibhile ezimalunga nama-250. Khawuqwalasele la mava alandelayo.

Omnye umlungiseleli wexesha elizeleyo eTokyo wadibana nomphathi wevenkile yokutyela owathetha nelinye iNgqina ngoxa wayesafunda malunga neminyaka engama-30 eyadlulayo. Nangona lo mphathi wayengayiqondi into awayixelelwa ngelo xesha, waba nomdla eBhayibhileni. Ngoku ekubeni umdla wakhe uphinde wavuselelwa, engaphozisanga maseko wasamkela isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. * Ukongezelela, waqalisa ucwangciso lobuqu lokufunda iBhayibhile rhoqo ngokuhlwa ngaphambi kokuba alale.

Omnye uvulindlela okhethekileyo watyelela enye iofisi. Nangona umphathi walapho wayengekho, ibhinqa eliselula elaphendula ifowuni yalo mphathi labuza: “Ubungathanda ukuthetha nam?” Emva kokuba bencokole ngokufutshane efowunini, eli bhinqa leza kulo vulindlela laza lathi linomdla wokufunda iBhayibhile. Lo vulindlela ukhethekileyo walungiselela ukubuyela eliphathele iBhayibhile waza waqalisa isifundo seBhayibhile kunye nalo, awayesiqhuba ekuseni kwipaki ekufutshane ngaphambi kokuba eli bhinqa liye emsebenzini.

Kwenye iofisi, enye indoda yabona omnye osebenza nayo ethabatha iphephancwadi IMboniselo noVukani! kwelinye iNgqina kodwa emva kokuba limkile wakhawuleza wawalahla. Xa le ndoda yafika endlwini yayo, yaxelela umfazi wayo oliNgqina ngoko kwenzekileyo yaza yathi ukuba bekuthethwe nayo ibiya kuphulaphula enoba lixesha nje elifutshane. Intombazana yale ndoda, eyakuva oko kuthethwa nguyise, yaxelela elinye iNgqina elisebenza loo ntsimi yamashishini. Ngokukhawuleza eli Ngqina latyelela le ndoda eofisini yayo laza laqalisa isifundo seBhayibhile kunye nayo. Kungekudala le ndoda yaqalisa ukuya rhoqo kwiintlanganiso zangeCawa.

Ukushumayela apho abantu basebenza khona kuye kwazisa ezinye iinzuzo. Abavakalisi abaninzi eJapan baye baba nobuchule bokwenza amabuyelo kwiindawo ezineevenkile, kwimizi-mveliso naseziofisini. Ukongezelela, ngokusebenzisa le ndlela yokushumayela, kuye kwaqhagamshelwana nabaninzi ababepholile ngokomoya kwaza kwaqaliswa ukufundwa nabo. Umphumo uye waba mhle gqitha. Elinye ibandla elisembindini weTokyo kutshanje liye lanikela ingxelo yezifundo zeBhayibhile ezili-108, inani eliliphinda ngaphezu kwesibini elonyaka odluleyo.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 5 Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.