Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Wuxhathise Umoya Wehlabathi Eliguquguqukayo

Wuxhathise Umoya Wehlabathi Eliguquguqukayo

Wuxhathise Umoya Wehlabathi Eliguquguqukayo

“Thina samkela, kungekhona umoya wehlabathi, kodwa umoya ovela kuThixo.”—1 KORINTE 2:12.

1. UEva wakhohliswa ngaziphi iindlela?

 “INYOKA—indikhohlisile.” (Genesis 3:13) Ngaloo mazwi ambalwa, umfazi wokuqala, uEva, wayechaza isizathu sokuvukela kwakhe uYehova uThixo. Wayethetha inyaniso, nangona ingazange imthethelele. Kamva umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale athi: “[UEva] wakhohliswa ngokupheleleyo.” (1 Timoti 2:14) Wakhohliswa ukuze akholelwe ukuba ukungathobeli—ukutya isiqhamo esalelweyo—kwakuya kumnceda, kumenze afane noThixo. Kwakhona wakhohliseka akamazi lowo umkhohlisileyo. Wayengazi ukuba uSathana uMtyholi wayesebenzisa inyoka ukuthetha naye.—Genesis 3:1-6.

2. (a) USathana ubalahlekisa njani abantu namhlanje? (b) Yintoni “umoya wehlabathi,” yaye yiyiphi imibuzo ngoku esiza kuyiqwalasela?

2 Ukususela kwixesha lika-Adam noEva, uSathana ebeqhubeka ekhohlisa abantu. Enyanisweni, “ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.” (ISityhilelo 12:9) Amaqhinga akhe akatshintshanga. Nangona engasasebenzisi inyoka yokoqobo, usaqhubeka ezifihla. Esebenzisa iindlela zokuzonwabisa, amajelo eendaba, nezinye izinto, uSathana ukhohlisa abantu ekubeni bakholelwe ukuba aluyomfuneko yaye alubancedi nganto ukhokelo lukaThixo lothando. Iphulo likaMtyholi lokukhohlisa liye labangela abantu kuzo zonke iindawo ukuba bayivukele imithetho nemigaqo yeBhayibhile. IBhayibhile ikubiza oku ngokuthi ‘ngumoya wehlabathi.’ (1 Korinte 2:12) Lo moya uziphembelela ngamandla iinkolelo, isimo sengqondo nendlela abaziphatha ngayo abo bangamaziyo uThixo. Ubonakaliswa njani loo moya, yaye sinokuyixhathisa njani impembelelo yawo eyingozi? Makhe sibone.

Ukuwohloka Kwemigaqo Yokuziphatha

3. Kutheni “umoya wehlabathi” usiya ubonakala ngakumbi kumaxesha esiphila kuwo?

3 Kumaxesha esiphila kuwo, “umoya wehlabathi” uya ubonakala ngakumbi. (2 Timoti 3:1-5) Kusenokwenzeka ukuba uyakubona ukuwohloka kwemigaqo yokuziphatha. IZibhalo ziyasichaza isizathu soku. Emva kokumiselwa koBukumkani bukaThixo ngowe-1914, kwabakho imfazwe ezulwini. USathana neengelosi zakhe eziziidemon boyiswa baza balahlelwa phantsi emhlabeni. Enomsindo omkhulu, uSathana uye wathabath’ unyawo ekukhohliseni umhlaba uphela. (ISityhilelo 12:1-9, 12, 17) Ngazo zonke iindlela, uzabalazela “ukuze alahlekise, ukuba kunokwenzeka, kwanabo banyuliweyo.” (Mateyu 24:24) Njengabantu bakaThixo, ngokuyintloko ufuna ukulahlekisa thina. Ufuna ukusibulala ngokomoya ukuze silahlekelwe yinceba kaYehova nethuba lokuphila ngonaphakade.

4. Abakhonzi bakaYehova bayijonga njani iBhayibhile, yaye ihlabathi lona liyijonga njani?

4 USathana uzama ukunyelisa iBhayibhile, incwadi exabisekileyo esifundisa ngoMdali wethu onothando. Abakhonzi bakaYehova bayayithanda yaye bayayixabisa iBhayibhile. Siyayazi ukuba iliLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, asililo ilizwi labantu. (1 Tesalonika 2:13; 2 Timoti 3:16) Noko ke, ihlabathi likaSathana lingavuya gqitha ukuba sinokucinga ngokwahlukileyo. Ngokomzekelo, intshayelelo yenye incwadi ehlasela iBhayibhile ithi: “Akukho nto ‘ingcwele’ ngeBhayibhile, yaye ayililo ‘ilizwi likaThixo.’ Ayizange ibhalwe ngabakhonzi bakaThixo abaphefumlelweyo, kodwa yabhalwa ngabefundisi ababenyolukele igunya.” Abo bayikholelwayo loo nto basenokukhohliseka baze bacinge ukuba banokumnqula uThixo ngayo nayiphi na indlela abacinga ngayo—okanye bangamnquli kwaphela.—IMizekeliso 14:12.

5. (a) Omnye umbhali wathini ngeenkonzo eziyixabisayo iBhayibhile? (b) Iingcamango eziqhelekileyo zehlabathi zinjani xa zithelekiswa noko kuthethwa yiBhayibhile? (Quka ibhokisi ekwiphepha elilandelayo.)

5 Ukuhlaselwa kweBhayibhile ngokungqalileyo nangokungangqalanga, nohanahaniso lonqulo lwabo bathi bayayixhasa, luye lwabangela ukuba unqulo luchaswe, kuquka nolo luyixabisileyo iBhayibhile. Amajelo eendaba nabantu abafundileyo bayaluhlasela unqulo. Omnye umbhali uthi: “Unqulo lobuYuda nolobuKristu olwaluthandwa gqitha alusajongwa kakuhle. Abona bathetha ngalo kakuhle bathi luphelelwe lixesha; yaye abalugxeka ngokupheleleyo bathi ludodobalisa ingqondo nenkqubela kwezenzululwazi. Kwiminyaka yakutshanje luye lwagxekwa yaye lwahlaselwa ngokuphandle.” Ngokufuthi abona bantu baluhlaselayo ngabo bathi uThixo akakho nabaye “baba ziziphukuphuku kwiingcinga zabo.”—Roma 1:20-22.

6. Yiyiphi imbono ihlabathi elinayo ngezenzo zesini ezigwetywayo nguThixo?

6 Ngoko ke, akumangalisi ukubona abantu besiya bephambuka kwimigaqo kaThixo yokuziphatha. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi ubufanasini ‘bungamanyala.’ (Roma 1:26, 27) Kwakhona ithi abahenyuzayo nabakrexezayo abasayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo. (1 Korinte 6:9) Ukanti, kumazwe amaninzi izenzo ezinjalo azamkelwa nje kuphela, kodwa ziyazukiswa ezincwadini, kumaphephancwadi, kwiingoma, kwiifilimu nakwiinkqubo zikamabonwakude. Abo bazigxekayo izenzo ezinjalo kuthiwa abanangqondo iphangaleleyo, bayathanda ukugxeka yaye basemva. Kunokuba ihlabathi liyigqale imigaqo kaThixo njengendlela yokubonakalisa uthando, liyigqala njengemiqobo kwinkululeko yobuqu nakulwaneliseko.—IMizekeliso 17:15; Yude 4.

7. Yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?

7 Kwihlabathi eliya lichasana noThixo, kububulumko ukuhlola isimo sethu sengqondo nemilinganiselo yethu. Ngamaxesha athile, sifanele sizigocagoce ngokunyanisekileyo ukuze siqiniseke enoba asihlehli ngokuthe ngcembe kusini na kwindlela uYehova acinga ngayo nakwimigaqo yakhe. Ngokomzekelo, sinokuzibuza: ‘Ngaba ndizonwabisa ngezinto endandizenyanya kwiminyaka edluleyo? Ngaba ndiya ndizamkela izinto uThixo azigwebayo? Ngaba izinto zokomoya andisazigqali zibalulekile njengokuba ndandinjalo ngaphambili? Ngaba indlela endiphila ngayo ibonisa ukuba ndibeka izinto zoBukumkani kwindawo yokuqala ebomini bam?’ (Mateyu 6:33) Ukuzihlola okunjalo kuya kusinceda siwuxhathise umoya wehlabathi.

‘Masingakhukuliseki’

8. Ubani unokukhukuliseka njani kuYehova?

8 Umpostile uPawulos wabhalela amanye amaKristu esithi: “Ngenxa yoko, simele sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo kwizinto esizivileyo, ukuze singakhukuliseki.” (Hebhere 2:1) Inqanawa ekhukulisekileyo ayifiki apho ibisiya khona. Ukuba umphathi wayo akawuphaphelanga umoya namaza, inqanawa isenokukhukuliseka idlule kwizibuko elikhuselekileyo ize intlitheke ematyeni. Ngokufanayo, ukuba asizithobeli iinyaniso ezixabisekileyo zeLizwi likaThixo, sisenokukhukuliseka msinya simshiye uYehova size senzakale ngokomoya. Ukuze sifikelele kuloo meko, akuyomfuneko ukuba side siyikhanyele ngokuphandle inyaniso. Enyanisweni, abaninzi abasuki nje ngequbuliso nangabom bamchase uYehova. Ngamaxesha amaninzi, ngokuthe ngcembe baxakeka zizinto ezibaphazamisayo ukuze banganikel’ ingqalelo kwiLizwi likaThixo. Phantse bengalindelanga, bawela esonweni. Njengomphathi wenqanawa oleleyo, abantu abanjalo baphaphama kade.

9. UYehova wamsikelela ngaziphi iindlela uSolomon?

9 Khawucinge nje ngobomi bukaSolomon. UYehova wamjizeka ngobukumkani bakwaSirayeli. UThixo wamvumela uSolomon ukuba amakhele itempile waza wamyalela ukuba abhale iinxalenye zeBhayibhile. UYehova wathetha naye kabini waza wamnika ubutyebi, udumo nobukhosi obunoxolo. Ngapha koko, uYehova wamsikelela ngobulumko obuninzi uSolomon. IBhayibhile ithi: “UThixo waqhubeka emnika uSolomon ubulumko nokuqonda ngomlinganiselo omkhulu kakhulu nobubanzi bentliziyo, njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle. Yaye ubulumko bukaSolomon babubuninzi ngakumbi kunobulumko bonke baseMpumalanga nakunabo bonke ubulumko baseYiputa.” (1 Kumkani 4:21, 29, 30; 11:9) Ngokuqinisekileyo, ubani usenokucinga ukuba, uSolomon ngoyena mntu owayefanele ahlale ethembekile kuThixo. Kodwa, uSolomon wawexuka. Kwenzeka njani oko?

10. Nguwuphi umyalelo angazange akwazi ukuwuthobela uSolomon, yaye oku kwaphumela entwenini?

10 USolomon wayewazi kakuhle uMthetho kaThixo. Ngokungathandabuzekiyo, wayenomdla okhethekileyo kwimiyalelo eyayinikwe ookumkani bakwaSirayeli. Phakathi kwaloo miyalelo omnye wawusithi: “[Ukumkani] makangazandiseli bafazi, ukuze ingaphambuki intliziyo yakhe.” (Duteronomi 17:14, 17) Phezu kwawo nje loo myalelo ucacileyo, uSolomon waba nabafazi abangamakhulu asixhenxe, namashweshwe angamakhulu amathathu. Abaninzi kwaba bafazi babenqula oothixo basemzini. Asisazi isizathu sokuba uSolomon abe nabafazi abaninzi kangaka, singazi nokuba wayezithethelela ngokuthini. Into esiyaziyo kukuba akazange awuthobele umyalelo ocacileyo kaThixo. Kwenzeka kanye into uYehova awayemlumkise ngayo. Siyafunda: “Abafazi [bakaSolomon] . . . bayenza intliziyo yakhe yatyekela ekulandeleni abanye oothixo.” (1 Kumkani 11:3, 4) Ngokuthe ngcembe—kodwa ngokuqinisekileyo—ubulumko bakhe abufumene kuThixo baphela. Wakhukuliseka. Ekugqibeleni, umnqweno kaSolomon wokukholisa abafazi bakhe abangabahedeni wamenza akakwazi ukuthobela nokukholisa uThixo. Hayi indlela okwaba yintlekele ngayo oku, kuba ngaphambilana uSolomon wayebhale la mazwi: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo”!—IMizekeliso 27:11.

Umoya Wehlabathi Unamandla

11. Oko sikufaka engqondweni yethu kuyichaphazela njani indlela esicinga ngayo?

11 Umzekelo kaSolomon usifundisa ukuba kuyingozi ukuqiqa ngelithi ngenxa yokuba siyazi inyaniso, iimpembelelo zehlabathi azinakuyichaphazela kangako indlela esicinga ngayo. Kanye njengokuba ukutya kokoqobo kuyichaphazela imizimba yethu, nento esiyondla ngayo ingqondo yethu ichaphazela iingcamango zethu. Into esiyondla ngayo ingqondo yethu iphembelela indlela esicinga ngayo nesimo sethu sengqondo. Zikuqonda oku, iinkampani ezinkulu zichitha amawaka ezigidi zeerandi nyaka ngamnye kwezentengiso. Izibhengezo eziphumelelayo zisebenzisa amazwi obulumko nemifanekiso ukuze zitsale iliso lomthengi. Kwakhona ababhengezi bayazi ukuba ukubona isibhengezo kanye okanye kabini ngokuqhelekileyo akubenzi abantu bangxame ukuya kuthenga ezo zinto. Noko ke, ukuyibona loo nto ngokuphindaphindiweyo kudla ngokubenza abantu bayinqwenele. Izibhengezo ziyasebenza—kungenjalo, akukho mntu obenokuchitha imali kuzo. Zinempembelelo enkulu kwindlela abantu ngokubanzi abacinga ngayo nakwisimo sabo sengqondo.

12. (a) USathana uyiphembelela njani indlela abantu abacinga ngayo? (b) Yintoni ebonisa ukuba amaKristu anokuphenjelelwa?

12 Njengomntu obhengeza into ethile, uSathana usasaza iingcamango zakhe ngokuzenza zibe nomtsalane, esazi ukuba ekuhambeni kwexesha usenokubenza abantu bacinge ngendlela yena acinga ngayo. Esebenzisa iindlela zokuzonwabisa nezinye iindlela, uSathana ukhohlisa abantu ukuze bakholelwe ukuba okuhle kubi nokubi kuhle. (Isaya 5:20) KwanamaKristu okwenyaniso aye akhohliswa bubuxoki bukaSathana. IBhayibhile ilumkisa isithi: “Ilizwi eliphefumlelweyo lithi ngokuqinisekileyo kuya kubakho ixesha laxa abathile beya kuphambuka elukholweni, benikela ingqalelo kumazwi aphefumlelweyo alahlekisayo nakwiimfundiso zeedemon, ngohanahaniso lwabantu abathetha ubuxoki, abazazela zabo ziphawulwe ngokungathi kungentsimbi yokutshisela.”—1 Timoti 4:1, 2; Yeremiya 6:15.

13. Zintoni izinxulumani ezibi, yaye unxulumano lwethu lunokusichaphazela njani?

13 Sonke sinokuphenjelelwa ngumoya wehlabathi. Umoya wale nkqubo kaSathana unamandla. Ngobulumko iBhayibhile iyasilumkisa: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” (1 Korinte 15:33) Unxulumano olubi lusenokuba yiyo nantoni na okanye nabani na—obonakalisa umoya wehlabathi—kwanasebandleni. Ukuba besinokuqiqa ngelithi unxulumano olubi alunakuba yingozi kuthi, ngaba bekungayi kufuneka sithi nonxulumano oluhle alunakusinceda? Obo bubuxoki obuphindaphindeneyo! IBhayibhile ikucacisa kakuhle oku xa isithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.”—IMizekeliso 13:20.

14. Ziziphi iindlela esinokuwuxhathisa ngazo umoya wehlabathi?

14 Ukuze siwuxhathise umoya wehlabathi, simele sinxulumane nabantu abalumkileyo—abo bakhonza uYehova. Sifanele sizalise iingqondo zethu ngezinto ezakha ukholo lwethu. Umpostile uPawulos wabhala: “Hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.” (Filipi 4:8) Njengabantu abanenkululeko yokuzikhethela, sinokuzikhetha izinto esifuna ukucinga ngazo. Ngamana singasoloko sikhetha ukucinga ngezinto ezisisondeza kuYehova.

Umoya KaThixo Unamandla Angakumbi

15. AmaKristu eKorinte yamandulo ayehluke njani kwabanye abemi beso sixeko?

15 Ngokungafaniyo nabo balahlekiswa ngumoya wehlabathi, amaKristu okwenyaniso akhokelwa ngumoya oyingcwele kaThixo. UPawulos wabhalela ibandla laseKorinte esithi: “Thina samkela, kungekhona umoya wehlabathi, kodwa umoya ovela kuThixo, ukuze sizazi izinto esizinikwe ngobubele nguThixo.” (1 Korinte 2:12) IKorinte yamandulo yayisisixeko esasigutyungelwe ngumoya wehlabathi. Inkoliso yabantu balapho babeziphethe kakubi kangangokuba ibinzana elithi “ukuphila njengommi waseKorinte” kwakuthetha “ukuziphatha okubi.” USathana wayezimfamekisile iingqondo zabantu. Ngenxa yoko, babengenalwazi lungako okanye bengenalo kwaphela ngoThixo oyinyaniso. (2 Korinte 4:4) Kodwa ngomoya wakhe oyingcwele, uYehova wavula amehlo abemi abathile baseKorinte, ebenza bazuze ulwazi lwenyaniso. Umoya wakhe wabakhuthaza ukuba benze iinguqulelo ezinkulu ebomini babo ukuze bamkeleke kuye aze abasikelele. (1 Korinte 6:9-11) Nangona umoya wehlabathi wawunamandla, umoya kaYehova wawunamandla angakumbi.

16. Sinokuwamkela size siwugcine njani umoya kaThixo?

16 Oko kunjalo nanamhlanje. Umoya oyingcwele kaYehova ngowona unamandla ehlabathini liphela, yaye ubapha ngokukhululekileyo bonke abo bawucela benokholo. (Luka 11:13) Noko ke, ukuze sibe nomoya kaThixo simele senze okungakumbi kunokuxhathisa umoya wehlabathi. Kwakhona, simele silifundisise rhoqo size silisebenzise iLizwi likaThixo ebomini bethu ukuze umoya wethu—utyekelo lwethu lwengqondo—luvisisane nendlela acinga ngayo. Ukuba senjenjalo, uYehova uya kusomeleza ukuze sikwazi ukuxhathisa nawaphi na amaqhinga kaSathana okutshabalalisa ukholo lwethu.

17. Kunokusithuthuzela njani oko kwenzeka kuLote?

17 Nangona amaKristu engeyonxalenye yehlabathi, asehlabathini. (Yohane 17:11, 16) Akukho namnye kuthi onokuwuphepha ngokupheleleyo umoya wehlabathi, kuba sisenokuba sisebenza okanye siphila nabantu abangamthandiyo uThixo okanye iindlela zakhe. Ngaba sivakalelwa njengoLote, “owayebandezeleke kakhulu,” wada wangcungcuthekiswa zizenzo zokuchas’ umthetho zabantu baseSodom awayehlala nabo? (2 Petros 2:7, 8) Ukuba kunjalo, oko kufanele kusikhuthaze. UYehova wamkhusela waza wamhlangula uLote, yaye unokwenza okufanayo nakuthi. UBawo wethu onothando uyazibona yaye uyazazi iimeko zethu, yaye unokusinceda aze asomeleze ukuze sihlale siphilile ngokomoya. (INdumiso 33:18, 19) Ukuba sithembela yaye sikholose ngaye, size sicele uncedo lwakhe, uya kusinceda ukuze siwuxhathise umoya wehlabathi, kungakhathaliseki ukuba imeko yethu inzima kangakanani na.—Isaya 41:10.

18. Kutheni sifanele siluxabise ulwalamano esinalo noYehova?

18 Kwihlabathi elahlukanisiweyo noThixo nelilahlekiswe nguSathana, thina njengabantu bakaYehova sisikelelwe ngolwazi lwenyaniso. Ngenxa yoko sinovuyo noxolo olungafumanekiyo ehlabathini. (Isaya 57:20, 21; Galati 5:22) Sinethemba elivuyisayo lokuphila ngonaphakade kwiParadesi, apho umoya weli hlabathi litshabalalayo ungasayi kuphinda ubekho. Ngamana singaluxabisa ulwalamano oluhle noThixo size sikuphaphele ukulungisa naluphi na utyekelo olunokusikhukulisa ngokomoya. Masisondele ngakumbi kuYehova, yaye uya kusinceda ukuze siwuxhathise umoya wehlabathi.—Yakobi 4:7, 8.

Ngaba Unokucacisa?

• USathana ubakhohlise waza wabalahlekisa ngaziphi iindlela abantu?

• Sinokukuphepha njani ukukhukuliseka sishenxe kuYehova?

• Yintoni ebonisa ukuba umoya wehlabathi unamandla?

• Sinokuwamkela size siwugcine njani umoya ovela kuThixo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Isicangca esikwiphepha 11]

UBULUMKO BEHLABATHI NGOKUCHASENE NOBULUMKO BUKATHIXO

Ayikho inyaniso epheleleyo—abantu bazenzela eyabo inyaniso.

“Ilizwi [likaThixo] liyinyaniso.”—Yohane 17:17.

Ukuba into ilungile okanye imbi, ixhomekeke kwindlela ovakalelwa ngayo.

“Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa.”—Yeremiya 17:9.

Yenza loo nto ithandwa nguwe.

“Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.

Ubutyebi ngundoqo wolonwabo.

“Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi.”—1 Timoti 6:10.

[Umfanekiso okwiphepha 10]

USolomon wakhukuliseka kunqulo lokwenyaniso waza wakhonza oothixo bobuxoki

[Umfanekiso okwiphepha 12]

Njengomntu owenza isibhengezo, uSathana ukhuthaza umoya wehlabathi. Ngaba wena uyawuxhathisa?