Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Basikelelekile Abo Bazukisa UThixo

Basikelelekile Abo Bazukisa UThixo

Basikelelekile Abo Bazukisa UThixo

“Ziqubude phambi kwakho, Yehova, zilizukise negama lakho.”—INDUMISO 86:9.

1. Kutheni thina sikwazi ukuzukisa uThixo ngeendlela ezibalaseleyo kunendalo engaphiliyo?

 UYEHOVA ufanele kukudunyiswa yiyo yonke indalo yakhe. Ngoxa indalo yakhe engaphiliyo imzukisa nangona ingathethi, thina njengabantu sinamandla okuqiqa, okuqonda, okubonakalisa uxabiso nokunqula. Ngoko ke, umdumisi uthetha nathi xa esithi: “Dumani ngoloyiso kuThixo, nonke nina bantu bomhlaba. Luculeleni uncuthu lwengoma uzuko lwegama lakhe. Nikelani indumiso ezukileyo kuye.”—INdumiso 66:1, 2.

2. Ngoobani abaye bawuthobela umyalelo wokuzukisa igama likaThixo, yaye ngoba?

2 Inkoliso yabantu ayifuni kuvuma ukuba uThixo ukho okanye imzukise. Noko ke, kumazwe angama-235, amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezithandathu ayavuma ukuba ayazibona ‘iimpawu zikaThixo ezingabonakaliyo’ ngezinto azenzileyo yaye ‘abuvile’ ubungqina obunikelwa yindalo nangona ingathethi. (Roma 1:20; INdumiso 19:2, 3) Ngokufundisisa iBhayibhile, kwakhona ayamazi uYehova yaye ayamthanda. INdumiso 86:9, 10 yaxela kwangaphambili isithi: “Ziya kuza zonke iintlanga ozenzileyo, zize ziqubude phambi kwakho, Yehova, zilizukise negama lakho. Kuba umkhulu yaye wenza izinto ezimangalisayo; unguThixo, wena wedwa.”

3. “Isihlwele esikhulu” siyinikela njani “inkonzo engcwele . . . imini nobusuku”?

3 Ngokufanayo ISityhilelo 7:9, 15 sichaza “isihlwele esikhulu” sabanquli ‘sinikela inkonzo engcwele kuThixo imini nobusuku etempileni yakhe.’ Oku akuthethi kuthi ngokoqobo uThixo ufuna ukuba abakhonzi bakhe bamdumise bangaphezi, kodwa abanquli bakhe bayintlangano yomhlaba wonke. Ngoko ke xa kusebusuku kwamanye amazwe, abanquli bakaThixo kwelinye icala lomhlaba baxakekile bayashumayela. Ngenxa yoko kunokuthiwa bazukisa uYehova imini nobusuku. Kungekudala, “yonk’ into ephefumlayo” iya kuphakamisa ilizwi layo idumise uYehova. (INdumiso 150:6) Noko ke, mntu ngamnye unokwenza ntoni ukuze azukise uThixo? Ziziphi iingxaki esinokujamelana nazo? Yaye ziziphi iintsikelelo eziza kufunyanwa ngabo banikela uzuko kuThixo? Ukuphendula lo mbuzo, masiqwalasele ingxelo yeBhayibhile engamaSirayeli esizwe sakwaGadi.

Ingxaki Yamandulo

4. Yiyiphi ingxaki esasijamelene nayo isizwe sakwaGadi?

4 Ngaphambi kokuba angene kwiLizwe Lesithembiso, amaSirayeli esizwe sakwaGadi acela ukuba ahlale kummandla onamadlelo ngasempuma yeYordan. (Numeri 32:1-5) Ukuhlala apho kwakuthetha ukujamelana neengxaki ezininzi. Iintlanga ezazingasentshona zaziya kukhuselwa yiNtlambo yeYordan—umqobo ongokwemvelo xa zihlaselwa ngumkhosi. (Yoshuwa 3:13-17) Noko ke, ngokuphathelele ummandla osempuma yeYordan, iThe Historical Geography of the Holy Land, kaGeorge Adam Smith, ithi: “Lo ngummandla wamathafa, phantse akukho nendawana le yokusithela kuloo mathafa asithabazi aseArabhiya. Ngenxa yoko, ngalo lonke ixesha ebesesichengeni sokuhlaselwa ngabahambi abalambileyo, bambi babo ababengena apho ngenkani minyaka le befuna amadlelo.”

5. UYakobi wasikhuthaza njani isizwe sakwaGadi ukuba sizilwele xa sihlaselwa?

5 Isizwe sakwaGadi sasiza kuyisingatha njani le ngcinezelo ingapheliyo? Kwiinkulungwane ngaphambilana, nje ngaphambi kokufa kwakhe, uyisemkhulu uYakobi wayeprofete esithi: “UGadi yena, uya kuhlaselwa ngamatutu, kodwa yena uya kuwahlasela ngasemva.” (Genesis 49:19) Ekuqaleni, loo mazwi asenokubonakala enganiki themba. Noko ke, eneneni lo yayingumyalelo kwisizwe sakwaGadi ukuba sizilwele. UYakobi wasiqinisekisa ukuba xa sisenjenjalo, amatutu ayeya kubaleka ehlazekile, yaye esi sizwe sakwaGadi sasiya kuwasukela ngasemva.

Iingxaki Kunqulo Lwethu Namhlanje

6, 7. Imeko yamaKristu namhlanje ifana njani naleyo yesizwe sakwaGadi?

6 Njengesizwe sakwaGadi, amaKristu namhlanje ajamelene neengcinezelo nobunzima bale nkqubo kaSathana; akukho mmangaliso uza kwenzeka ukusikhusela ukuze singajamelani nazo. (Yobhi 1:10-12) Abaninzi kuthi bafanele bajamelane nengcinezelo yasesikolweni, iingxaki zokuphila nezokukhulisa abantwana. Ezinye iingcinezelo ezingafanele zijongelwe phantsi zezo zobuqu. Bambi bafanele banyamezele “iliva enyameni” elibangelwa bubulwelwe okanye isigulo esithile. (2 Korinte 12:7-10) Abanye bakhathazwa kukuzijongela phantsi. “Imihla yentlekele” yokwaluphala isenokuwenza amaKristu akhulileyo angakwazi ukukhonza uYehova ngamandla awayenawo ngaphambili.—INtshumayeli 12:1.

7 Kwakhona umpostile uPawulos usikhumbuza ukuba “sizamazamana, . . . nemikhosi yoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo.” (Efese 6:12) Ngamaxesha onke sijamelene ‘nomoya wehlabathi,’ umoya wemvukelo nowokonakala ngokuziphatha okhuthazwa nguSathana needemon zakhe. (1 Korinte 2:12; Efese 2:2, 3) NjengoLote owayehlonel’ uThixo, nathi namhlanje sisenokubandezeleka ngenxa yezinto ezingcolileyo abantu abasingqongileyo abazithethayo nabazenzayo. (2 Petros 2:7) Kwakhona uSathana usenokusihlasela ngokungqalileyo. USathana ulwa nentsalela yabathanjisiweyo, ‘abo bagcina imiyalelo kaThixo nabanomsebenzi wokungqinela uYesu.’ (ISityhilelo 12:17) “Ezinye izimvu” zikaYesu nazo zihlaselwa nguSathana ngokuvala umsebenzi wazo nangokutshutshiswa.—Yohane 10:16.

Ngaba Sifanele Sinikezele Okanye Sizilwele?

8. Sifanele senze ntoni xa uSathana esihlasela, yaye ngoba?

8 Sifanele senze ntoni xa uSathana esihlasela? Njengesizwe samandulo sakwaGadi, simele somelele ngokomoya size sizilwele, ngokuvisisana nomyalelo kaThixo. Kulusizi ukuthi, bambi baye baqalisa ukunikezela kwiingcinezelo zokuphila, bezityeshela iimbopheleleko zabo zokomoya. (Mateyu 13:20-22) Elinye iNgqina lathi xa lichaza isizathu sokuba bembalwa abantu abeza ezintlanganisweni ebandleni lalo: “Abazalwana badiniwe. Bacinezelekile.” Kuyavunywa ukuba namhlanje zininzi izinto ezibangela abantu badinwe. Ngoko ke, kulula ukukujonga ukunqula uThixo njengenye ingcinezelo, into eluxanduva. Kodwa ngaba leyo yimbono entle—okanye echanileyo?

9. Kusihlaziya njani ukungena kwidyokhwe kaKristu?

9 Khawucinge ngoko kwathethwa nguYesu kwisihlwele esasicinezelekile ngenxa yeengxaki zokuphila kumhla wakhe: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya.” Ngaba uYesu wathi abantu babeya kuhlaziywa kukunciphisa inkonzo yabo kuThixo? Akunjalo, kuba uYesu wathi: “Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.” Idyokhwe yenziwa ngomthi okanye ngentsimbi ukuze umntu okanye isilwanyana sikwazi ukuthwala umthwalo onzima. Yintoni ke ngoko enokubangela ubani afune ukuzifaka edyokhweni enjalo? Ngaba ‘asisindwa’ kanye ngoku? Ewe, kodwa umbhalo wesiGrike usenokufundeka ngale ndlela: “Ngenani phantsi kwedyokhwe yam kunye nam.” Khawufan’ ucinge: UYesu uthembisa ukusincedisa sithwale umthwalo wethu! Akuyomfuneko ukuba oku sikwenze ngamandla ethu.—Mateyu 9:36; 11:28, 29; 2 Korinte 4:7.

10. Nguwuphi umvuzo ofumaneka kwimigudu yethu yokuzukisa uThixo?

10 Xa singena kwidyokhwe yokuba ngumfundi, silwa noSathana. KuYakobi 4:7 sifumana esi sithembiso: “Mchaseni uMtyholi, wonibaleka.” Oku akuthethi kuthi ukwenjenjalo kulula. Ukukhonza uThixo kuthetha ukuzibhokoxa. (Luka 13:24) Kodwa iBhayibhile ithembisa isithi kwiNdumiso 126:5: “Abo bahlwayela imbewu ngeenyembezi baya kuvuna ngentswahla yovuyo.” Ewe, asinquli uThixo ongenambulelo. “Ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko,” yaye uyabasikelela abo bamzukisayo.—Hebhere 11:6.

Ukuzukisa UThixo Njengabashumayeli BoBukumkani

11. Inkonzo yasentsimini isikhusela njani kwintlaselo kaSathana?

11 UYesu wayalela: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.” Ukushumayela yeyona ndlela iphambili yokunikela kuThixo “umbingelelo wendumiso.” (Mateyu 28:19; Hebhere 13:15) ‘Ukuzixhobisa iinyawo zethu ngeendaba ezilungileyo zoxolo’ yinxalenye ebalulekileyo yaso “sonke isikrweqe sikaThixo”—indlela yethu yokuzikhusela kwintlaselo kaSathana. (Efese 6:11-15) Ukuzukisa uThixo entsimini yindlela entle gqitha yokomeleza ukholo lwethu. (2 Korinte 4:13) Kusinceda sigcine iingqondo zethu zingacingi ngezinto ezingakhiyo. (Filipi 4:8) Ukuba nenxaxheba kwinkonzo yasentsimini kusinika ithuba lokuba nonxulumano olwakhayo namanye amakholwa.

12, 13. Ukuba nenxaxheba rhoqo kwinkonzo yasentsimini kunokuzinceda njani iintsapho? Zekelisa.

12 Kwakhona ukushumayela njengentsapho kusenokuba ngumsebenzi owakhayo. Phofu ke, abaselula bafuna ukuzihlaziya ngendlela elungeleleneyo. Noko ke, ixesha elichithwa yintsapho kwinkonzo yasentsimini alifanele libe yinto ekruqulayo. Abazali banokulenza libe myoli ngakumbi ngokubaqeqesha abantwana babo baphumelele entsimini. Ngaba abaselula abakuthandi ukwenza into abayenza kakuhle? Bebonakalisa ulungelelwano, bengalindeli okukhulu gqitha kwabaselula, abazali basenokubanceda bayivuyele inkonzo yasentsimini.—Genesis 33:13, 14.

13 Ukongezelela, intsapho emdumisa ngokumanyeneyo uThixo iba nolwalamano olusenyongweni. Khawucinge ngomnye udade owayeshiywe yindoda yakhe engakholwayo nabantwana abahlanu. Oku kwamzisela ingxaki yokuphangela ukuze ondle abantwana bakhe. Ngaba wayedinwa ngokokude azityeshele iintswelo zokomoya zabantwana bakhe? Uthi: “Ndandiyifunda iBhayibhile neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni ngenkuthalo yaye ndandizama ukukusebenzisa oko ndikufundileyo. Ndandihamba rhoqo nabantwana ukuya ezintlanganisweni nasentsimini. Oku kwaphumela entwenini? Bonke abantwana bam abahlanu babhaptiziwe.” Ukuba nenxaxheba ngokuzeleyo kwinkonzo yasentsimini nawe kunokukunceda kwimigudu yakho yokukhulisa abantwana “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.”—Efese 6:4.

14. (a) Abaselula banokumzukisa njani uThixo esikolweni? (b) Yintoni enokunceda ulutsha lungabi “nazintloni ngazo iindaba ezilungileyo”?

14 Nina batsha, ukuba nihlala kwilizwe elinemithetho enivumelayo, ngaba niyamzukisa uThixo ngokushumayela esikolweni, okanye ngaba nivumela ukoyika abantu kunithintele? (IMizekeliso 29:25) INgqina elineminyaka eli-13 ubudala lasePuerto Rico lithi: “Andizange khe ndizive ndineentloni ukushumayela esikolweni ekubeni ndisazi ukuba le yinyaniso. Eklasini ndisoloko ndiphakamisa isandla ndize ndibalise into endiyifunde eBhayibhileni. Xa ndinexesha, ndiya kwindlu yokugcina iincwadi ndize ndifunde incwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza.” * Ngaba uYehova uye wayisikelela imigudu yakhe? Unikela le ngxelo: “Ngamanye amaxesha abantwana endifunda nabo babendibuza imibuzo baze bacele ukuba ndibaphathele le ncwadi.” Ukuba ubusoyika ukwenjenjalo, mhlawumbi kufuneka ukungqine ngokwakho “ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo” ngokuba nenzondelelo kufundisiso lobuqu. (Roma 12:2) Xa uqinisekile ukuba oko ukufundileyo kuyinyaniso, akusayi kuze ube “nazintloni ngazo iindaba ezilungileyo.”—Roma 1:16.

‘Umnyango Ovuliweyo’ Womsebenzi

15, 16. Nguwuphi “umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini” angene kuwo amanye amaKristu, yaye oku kuye kwaphumela kwiziphi iintsikelelo?

15 Umpostile uPawulos wabhala esithi uvulelwe “umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini.” (1 Korinte 16:9) Ngaba iimeko zakho zisenokukuvumela ungene kulo mnyango womsebenzi? Ngokomzekelo, ukuqalisa inkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi okanye bobuncedani kuthetha ukuchitha iiyure ezingama-70 okanye ezingama-50 ngenyanga kumsebenzi wokushumayela. Ngokuqhelekileyo, oovulindlela bayaxatyiswa ngamanye amaKristu ngenxa yenkonzo yabo yokuthembeka. Kodwa ukuchitha kwabo ixesha elininzi entsimini akubenzi bazive bephakamile kunabanye abazalwana noodade. Kunoko, bahlakulela isimo sengqondo uYesu awasikhuthazayo xa wathi: “Singamakhoboka angancedi nganto. Oko sikwenzileyo koko besifanele sikwenze.”—Luka 17:10.

16 Ukuba nguvulindlela kufuna ukuzimisela, ukucwangcisa izinto nokukulungela ukuzincama. Phofu ke, kukho iintsikelelo ezinkulu. Uvulindlela oselula uTamika uthi: “Ukukwazi ukuliphatha kakuhle iLizwi likaThixo lenyaniso kuyintsikelelo yokwenene.” “Xa unguvulindlela, uyisebenzisa gqitha iBhayibhile. Ngoku xa ndisiya kwindlu ngendlu, ndiyakwazi ukucinga ngezibhalo ezifanele umninimzi ngamnye.” (2 Timoti 2:15) UMica onguvulindlela uthi: “Ukubona indlela inyaniso ebuchaphazela ngayo ubomi babantu yenye intsikelelo emangalisayo.” Oselula ogama linguMatthew naye uthetha ngovuyo “lokubona umntu esamkela inyaniso. Alukho uvuyo olungaphezu kolo.”

17. Omnye umKristu wakoyisa njani ukuba namathandabuzo ngobuvulindlela?

17 Ngaba unokucinga ngokuqalisa ukuba nguvulindlela? Mhlawumbi uyathanda ukwenjenjalo kodwa uyoyika ngathi ngekhe ukwazi. Udade oselula onguKenyatte uyavuma esithi: “Ndandithandabuza ukuba nguvulindlela. Ndandicinga ukuba ngekhe ndikwazi. Ndandingakwazi ukulungiselela iintshayelelo okanye ndiqiqe nabantu ngeZibhalo.” Noko ke, abadala babela udade onguvulindlela oqolileyo ukuba asebenze naye. UKenyatte uthi: “Kwakumnandi gqitha ukusebenza naye. Oko kwandenza ndafuna ukuba nguvulindlela.” Ngokhuthazo noqeqesho olungephi, mhlawumbi nawe usenokufuna ukuba nguvulindlela.

18. Ziziphi iintsikelelo ezinokufunyanwa ngabo bakwinkonzo yobuvangeli basemazweni?

18 Ukuba nguvulindlela kusenokukuvulela amanye amalungelo enkonzo. Ngokomzekelo, ezinye izibini ezitshatileyo zisenokufanelekela ukuqeqeshwa ukuze zibe ngabavangeli basemazweni zize ziye kushumayela kwamanye amazwe. Abavangeli basemazweni bafanele baqhelane nelizwe elitsha, mhlawumbi nolwimi olutsha, indlela entsha yokuphila nokutya abangakwaziyo. Kodwa iintsikelelo ezifumanekayo zizigqwesa lee ezo ngxaki. UMildred, umvangeli wasemazweni onamava waseMexico, uthi: “Andikaze ndizisole ngokuba ngumvangeli wasemazweni. Lo yayingumnqweno wam kususela ndiseyintombazanana.” Ziziphi iintsikelelo aye wazifumana? “Ekhaya, kwakunzima ukufumana isifundo seBhayibhile. Apha, ndiba nazo zide zibe ne izifundo eziqalisa inkonzo yasentsimini ngaxeshanye!”

19, 20. Abaninzi baye bazifumana njani iintsikelelo kwinkonzo yaseBheteli, yezizwe ngezizwe, nakwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli?

19 Basikelelwa gqitha nabo bakwinkonzo yaseBheteli kwiiofisi zesebe lamaNgqina kaYehova. USven, umzalwana oselula oseJamani, uthi ngomsebenzi wakhe waseBheteli: “Ndivakalelwa kukuba ndenza into eya kuhlal’ ihleli. Ubuchule endinabo ngendibusebenzise ehlabathini. Kodwa oko bekuya kuba njengokufaka imali kwibhanki eza kubhanga.” Liyinyaniso elokuba, ukusebenza njengetsha-ntliziyo elingahlawulwayo kuthetha ukuzincama. Kodwa uSven uthi: “Xa ugoduka, uyazi ukuba yonke into oyenzileyo ngolo suku ubuyenzela uYehova. Yaye kuyavuyisa oko.”

20 Bambi abazalwana bafumene intsikelelo yokukhonza kumazwe ngamazwe, besebenza kwizakhiwo zamasebe kwamanye amazwe. Esinye isibini esitshatileyo esiye sasebenza kwizabelo ezisibhozo kwamanye amazwe sathi: “Abazalwana balapha banobubele kakhulu. Kuya kuba buhlungu gqitha ukuhamba—isihlandlo sesibhozo sisiba buhlungu. Kuye kwamnandi ngokwenene!” Kwakhona kukho neSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. Kwesi sikolo abazalwana abangatshatanga abafanelekayo baqeqeshwa ngokomoya. Omnye ovela kuso wathi: “Andinamazwi aneleyo okunibulela ngesikolo esisemagqabini ngolu hlobo. Yiyiphi enye intlangano enokwenza umgudu ongaka ukuze iqeqeshe abantu?”

21. Yiyiphi ingxaki onke amaKristu ajamelana nayo kwinkonzo yawo kuThixo?

21 Ewe, kuvuleke iminyango emininzi yenkonzo. Kuyavunywa ukuba, inkoliso yethu ayikwazi ukukhonza eBheteli okanye kwelinye ilizwe. Naye uYesu wavuma ukuba amaKristu ayeya kuvelisa “iziqhamo” ngokungalinganiyo ngenxa yeemeko ezahlukahlukeneyo. (Mateyu 13:23) Ngoko ke, njengamaKristu sifanele sisebenzise onke amathuba—ukuze sibe nesabelo esizeleyo enkonzweni kaYehova njengoko iimeko zethu zisivumela. Xa sisenjenjalo, sizukisa uYehova, yaye sinokuqiniseka ukuba uyakholiswa sithi. Khawucinge ngoEthel, udade okhulileyo ohlala kwikhaya labalupheleyo. Ushumayela rhoqo kubantu ahlala nabo yaye ushumayela nangomnxeba. Nangona engenamandla okwenza okungako, uzinikele ngokupheleleyo enkonzweni yakhe.—Mateyu 22:37.

22. (a) Ziziphi ezinye iindlela esinokumzukisa ngazo uThixo? (b) Liliphi ixesha elimnandi esililindeleyo?

22 Noko ke, khumbula ukuba ukushumayela yenye indlela esimzukisa ngayo uYehova. Ngokuziphatha nangenkangeleko yethu engumzekelo xa sisemsebenzini, esikolweni nasekhaya, sivuyisa intliziyo kaYehova. (IMizekeliso 27:11) IMizekeliso 28:20 ithembisa isithi: “Umntu wezenzo zokuthembeka uya kufumana iintsikelelo ezininzi.” Ngoko ke, sifanele ‘sihlwayele ngokuyintabalala’ enkonzweni yethu kuThixo, sisazi ukuba siya kuvuna iintsikelelo eziyintabalala. (2 Korinte 9:6) Ngokwenjenjalo, siya kuba nelungelo lokuphila ngexesha elimnandi xa “yonk’ into ephefumlayo” iya kuzukisa uYehova, nto leyo emfaneleyo ngokwenene!—INdumiso 150:6.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 14 Incwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza—Iimpendulo Eziluncedo ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

Ngaba Usakhumbula?

• Abantu bakaThixo bamkhonza njani uYehova “imini nobusuku”?

• Yiyiphi ingxaki isizwe sakwaGadi esajamelana nayo, yaye oko kuwafundisa ntoni amaKristu namhlanje?

• Inkonzo yasentsimini isikhusela njani kwintlaselo kaSathana?

• Nguwuphi ‘umnyango ovuliweyo’ abangene ngawo abanye, yaye ziziphi iintsikelelo abaye bazifumana?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Kanye njengokuba isizwe sakwaGadi salwa namatutu, amaKristu amele alwe neentlaselo zikaSathana

[Umfanekiso okwiphepha 17]

Siba nonxulumano olwakhayo kwinkonzo yasentsimini

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

Ubuvulindlela busenokukhokelela kwamanye amalungelo enkonzo, kuquka:

1. Inkonzo yamazwe ngamazwe

2. Inkonzo yaseBheteli

3. Inkonzo yobuvangeli basemazweni