Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indalo Ivakalisa Uzuko LukaThixo!

Indalo Ivakalisa Uzuko LukaThixo!

Indalo Ivakalisa Uzuko LukaThixo!

“Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo; yaye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.”—INDUMISO 19:1.

1, 2. (a) Kutheni abantu bengakwazi ukubujonga ubuqaqawuli bukaThixo ngokuthe ngqo? (b) Abadala abangama-24 bamzukisa njani uThixo?

 “AKUNAKUBUBONA ubuso bam, kuba akukho mntu unokundibona aze aphile.” (Eksodus 33:20) Ngaloo mazwi, uYehova wamlumkisa uMoses. Kuba abantu bebuthathaka, abanakukwazi ukubujonga ubuqaqawuli bukaThixo ngokuthe ngqo. Noko ke, umpostile uYohane waboniswa umbono ozukileyo kaYehova ekwitrone yobuqaqawuli Bakhe.—ISityhilelo 4:1-3.

2 Ngokungafaniyo nabantu, izidalwa zomoya ezithembekileyo ziyakwazi ukubujonga ubuso bukaYehova. Kumbono wakhe wasezulwini, uYohane ubona “abadala abangamashumi amabini anesine,” abamela abali-144 000. (ISityhilelo 4:4; 14:1-3) Benza ntoni xa bebona uzuko lukaThixo? Ngokutsho kweSityhilelo 4:11, badanduluka besithi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”

Isizathu Sokuba ‘Bengenakungxengxezeleka’

3, 4. (a) Kutheni ukukholwa kuThixo kungenakuthiwa akuvisisani nenzululwazi? (b) Kwezinye iimeko, abantu abakholelwa kuThixo ngayiphi injongo?

3 Ngaba ushukunyiselwa ukuba uzukise uThixo? Inkoliso yabantu ayinjalo, bambi bade balikhanyele elokuba uThixo ukho. Ngokomzekelo, esinye isazi ngeenkwenkwezi sathi: “Ngaba uThixo ngobulumko bakhe wangenelela waza wayidala yonke indala ukuze sizuze kuyo? . . . Oko kusenokuba kunjalo. Kodwa ngelishwa, mna ndikholelwa ukuba leyo yinkohliso nje. . . . Ayinakuba nguThixo owenze loo nto.”

4 Akukho nto ingako inokufumaneka ngophando lwenzululwazi—lona luphelela nje koko umntu akubonayo okanye afunde ngako. Ngapha koko oko yingcamango nje okanye uqashi-qashi. Ekubeni ‘uThixo enguMoya,’ akunakusetyenziswa inzululwazi ukuphanda ngaye. (Yohane 4:24) Ngoko ke, kukuzikhukhumalisa ukuphikisa ngelithi ukukholwa kuThixo akuvisisani nenzululwazi. Isazinzulu uVincent Wigglesworth weYunivesithi iCambridge wathi ukusebenzisa inkqubo yenzululwazi kubonisa ukuba ubani “unokholo.” Ngoba? “Ngenxa yokuba kufuna ukholo olungagungqiyo ukukholelwa ukuba imvelo ilandela ‘imithetho yendalo.’” Ngoko ke, xa ubani engakholelwa kuThixo, ngaba kuphela nje ukholelwa kwenye into? Kwezinye iimeko, abanye abantu abakholelwa kuThixo kuba nje bengafuni ukuyamkela inyaniso. Umdumisi wathi: “Ngokuziqhenya kwakhe lowo ungendawo akaphandi; zonke iingcamango zakhe zezokuthi: ‘Akukho Thixo.’”—INdumiso 10:4.

5. Kutheni kungekho mntu unokungxengxezeleka ngokungakholelwa kuThixo?

5 Noko ke, ubani akafanele akholelwe kuThixo ngaphandle kwezizathu, kuba kukho ubungqina obuninzi gqitha bokuba uThixo ukho. (Hebhere 11:1) Isazi ngeenkwenkwezi uAllan Sandage wathi: “Ndikufumanisa kungenakwenzeka ukuba ucwangco olungaka [kwindalo iphela] lwabangelwa sisidubedube. Kumele ukuba kubekho umntu owayilungelelanisayo. Mna andimazi uThixo, kodwa nguye owabangela ukuba kubekho indalo, nguye owabangela ukuba kubekho zonke ezi zinto.” Umpostile uPawulos waxelela amaKristu aseRoma esithi “iimpawu [zikaThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe, khon’ ukuze bangabi nakungxengxezeleka [abangakholelwayo].” (Roma 1:20) Ukususela “ekudalweni kwehlabathi”—ingakumbi ukususela ekudalweni kwabantu, ababubonayo ubukho bukaThixo—kuye kwakho ubungqina bokuba kukho uMdali onamandla amakhulu, uThixo ofanele kukunqulwa. Ngoko ke abo bangavumiyo ukuba uThixo uzukile abanakungxengxezeleka. Noko ke, indalo inikela buphi ubungqina?

Indalo Iphela Ivakalisa Uzuko LukaThixo

6, 7. (a) Amazulu aluvakalisa njani uzuko lukaThixo? (b) Amazulu aluthumele ngayiphi injongo “ulutya . . . lokulinganisa”?

6 INdumiso 19:1 iphendula ngokuthi: “Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo; yaye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.” UDavide waqonda ukuba iinkwenkwezi nezijikelezi-langa ezikhanya ‘esibhakabhakeni,’ zanikela ubungqina obungenakukhanyelwa bokuba kukho uThixo ozukileyo. Uhlabela mgama esithi: “Usuku emva kolunye usuku lubangela ukumpompoza kwentetho, yaye ubusuku emva kobunye ubusuku bubonakalisa ulwazi.” (INdumiso 19:2) Usuku emva kolunye nobusuku emva kobunye, amazulu abonakalisa ubulumko bukaThixo namandla akhe okudala. Kungathi amazwi okuzukisa uThixo ‘ampompoza’ emazulwini.

7 Noko ke, ngabantu abanengqiqo kuphela ababuvayo obu bungqina. “Akukho ntetho, yaye akukho mazwi; aliviwa ilizwi lawo.” Ukanti amazulu nangona engathethi anikela ubungqina. “Ulutya lwawo lokulinganisa luphume lwaya emhlabeni wonke, namazwi awo aya esiphelweni somhlaba onemveliso.” (INdumiso 19:3, 4) Kunjengokungathi amazulu athumele “ulutya . . . lokulinganisa” ukuqinisekisa ukuba ubungqina bawo nangona bungavakaliswa ngamazwi buzalise wonke umhlaba.

8, 9. Yiyiphi enye yenkcazelo ebalaseleyo ngelanga?

8 Wandula ke uDavide achaze omnye ummangaliso wendalo kaYehova esithi: “Ulimisele ilanga intente [emazulwini], kwaye lifana nomyeni xa ephuma egumbini lakhe lomsitho womtshato; ligcoba njengokuba isenza indoda enamandla ukuze ibaleke emendweni. Liphuma kwesinye isiphelo samazulu, lize liwugqibe umjikelo walo kwesinye isiphelo sawo; yaye akukho nto ifihliweyo kubushushu balo.”—INdumiso 19:4-6.

9 Xa lithelekiswa nezinye iinkwenkwezi, ilanga liyinkwenkwezi nje ephakathi ngobukhulu. Sekunjalo, liyinkwenkwezi emangalisayo, yaye lizenza zibonakale zincinane ezinye izijikelezi-langa ezilijikelezayo. Enye incwadi ithi liziitoni “ezingamawaka ama-2 ezigidi zamawaka ezigidi zamawaka ezigidi” ubunzima—ama-99, 9 ekhulwini abo bonke ubunzima bommandla wezijikelezi-langa! Amandla alo omxhuzulane avumela umhlaba ukuba ujikeleze kumgama oziikhilomitha ezili-150 ezigidi kodwa ungahambeli mgama kulo okanye usondele ngakumbi. Mancinane kakhulu amandla elanga afikelela kwisijikelezi-langa sethu, kodwa oko kwanele ukulondoloza ubomi.

10. (a) Ilanga lingena lize liphume njani ‘kwintente’ yalo? (b) Libaleka njani ‘njengendoda enamandla’?

10 Umdumisi usebenzisa intetho efuziselayo xa ethetha ngelanga, elifanisa ‘nendoda enamandla’ ebaleka isuka kwelinye icala lesibhakabhaka iye kwelinye ebudeni bemini ize ebusuku iphumle ‘ententeni.’ Xa loo nkwenkwezi inkulu itshonela, emhlabeni ibonakala ngathi ingena ‘ententeni’ ukuze iphumle. Ekuseni, ibonakala ngathi iphuma ngesiquphe, iqaqambile “ifana nomyeni xa ephuma egumbini lakhe lomsitho womtshato.” Njengomalusi, uDavide wayeqhelene neengqele eziqhaqhazelis’ amazinyo zasebusuku. (Genesis 31:40) Ukhumbula indlela ilanga elalimfudumeza ngayo ngokukhawuleza nommandla owawumngqongile. Ngokucacileyo, lalingadinwa “luhambo” lwalo lokusuka empuma lisiya entshona kodwa ‘lalinjengendoda enamandla,’ lilungele ukuluphinda olo hambo.

Iinkwenkwezi Neminyele Emangalisayo

11, 12. (a) Yintoni ekhethekileyo ngokunxulumanisa kweBhayibhile iinkwenkwezi nentlabathi yolwandle? (b) Usenokuba mkhulu kangakanani ummandla wendalo iphela?

11 Ekubeni wayengenayo iteleskopu, uDavide wayenokubona kuphela nje amawaka ambalwa eenkwenkwezi. Noko ke, kolunye uhlolisiso lwamvanje kuthiwa, inani leenkwenkwezi ezibonakalayo kwindalo iphela ezinokubonwa ngeeteleskopu zale mihla ngama-70 amawaka ezigidi zezigidi zezigidi—isi-7 silandelwa ngamaqanda angama-22! UYehova wabonisa ukuba wayecinga ngenani elikhulu gqitha xa wathelekisa inani leenkwenkwezi ‘nentlabathi eselunxwemeni lolwandle.’—Genesis 22:17.

12 Kangangeminyaka emininzi, izazi ngeenkwenkwezi zazibona oko zazikuchaza ngokuthi “yimimandla enokukhanya okuncinane okuluzizi, okungaqaqambanga.” Izazinzulu ziqikelela ukuba “le mimandla iluzizi nengathi inamaza” yayizizinto ezithile kuMnyele wethu. Ngowe-1924, kwafunyaniswa ukuba owona mmandla ukufuphi, ekuthiwa yiAndromeda, wawungumnyele—okumgama onokuthabatha izigidi ezibini zeminyaka xa uhamba ngesantya sokukhanya kwelanga ukuya kufika kuwo! Izazinzulu ngoku ziqikelela ukuba ngoku kukho amawaka ezigidi zeminyele, ngamnye unamawaka—maxa wambi amawaka ezigidi zeenkwenkwezi. Sekunjalo, uYehova “ubala inani leenkwenkwezi; zonke uzibiza ngamagama azo.”—INdumiso 147:4.

13. (a) Yintoni ekhethekileyo ngamakroza? (b) Yintoni ebonisa ukuba izazinzulu azinalwazi ‘ngemimiselo yamazulu’?

13 UYehova wambuza uYobhi: “Ngaba ungayibopha iqine imixokelelwane yekroza leKima, okanye ngaba ungazikhulula na iintambo zekroza leKesile?” (Yobhi 38:31) Ikroza liqela leenkwenkwezi ezibonakala zimile ngohlobo oluthile. Nangona iinkwenkwezi zinokuba mgama gqitha ukusuka kwenye ukuya kwenye, zibonakala zikumgama olinganayo xa sizijonga sisemhlabeni. Ngenxa yokungaguquki kwindawo yazo, iinkwenkwezi “ziluncedo gqitha ekwalatheni indlela, kwizazi zeenkwenkwezi ezihamba ngeenqwelo-moya, nasekwazini amagama eenkwenkwezi.” (The Encyclopedia Americana) Sekunjalo, akukho namnye owazi ngokupheleleyo ‘ngokubotshwa’ kwemixokelelwane edibanisa amakroza. Ewe, izazinzulu azikakwazi ukuphendula umbuzo ofumaneka kuYobhi 38:33 othi: “Ngaba uyayazi imimiselo yamazulu?”

14. Ingummangaliso ngayiphi indlela ukukhanya okuzaba ngayo?

14 Izazinzulu azikwazi ukuwuphendula omnye umbuzo owabuzwa uYobhi othi: “Iphi na, ke ngoku, indlela ukukhanya okuzaba ngayo?” (Yobhi 38:24) Omnye umbhali wathi umbuzo ophathelele ukukhanya “ngokupheleleyo ngumbuzo ofanele inzululwazi yezi mini.” Kwelinye icala, izithandi zobulumko ezingamaGrike zazicinga ukuba ukukhanya kuphuma emehlweni. Kwezi mini, izazinzulu bezicinga ukuba ukukhanya kuyilwa ngamasuntswana amancinane. Abanye baye bacinga ukuba kuhamba ngamaza. Namhlanje, izazinzulu zikholelwa ukuba ukukhanya kunamaza namasuntswana. Sekunjalo, into okuyiyo ukukhanya nendlela “okuzaba ngayo” ayikaqondwa ngokupheleleyo.

15. NjengoDavide, sifanele sivakalelwe njani xa sicinga ngamazulu?

15 Xa sicamngca ngako konke oku, sivakalelwa njengomdumisi uDavide, owathi: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo, nonyana womntu wasemhlabeni le nto umnyamekelayo?”—INdumiso 8:3, 4.

Umhlaba Nezidalwa Ezikuwo Zizukisa UYehova

16, 17. Izidalwa ‘ezisemanzini anzongonzongo’ zimdumisa njani uYehova?

16 KwiNdumiso 148 kudweliswa ezinye iindlela indalo evakalisa ngazo uzuko lukaThixo. Indinyana 7 ifundeka ngale ndlela: “Dumisani uYehova emhlabeni, nina zilo zikhulu zaselwandle nani nonke manzi anzongonzongo.” Ewe, ‘amanzi anzongonzongo’ azele zizinto ezimangalisayo ezibalaselisa ubulumko namandla kaThixo. Umnenga iblue whale ngokuqhelekileyo uziitoni ezili-120 ubunzima—ubunzima beendlovu ezingama-30! Iyodwa nje intliziyo yawo iziikhilogram ezingama-450 ubunzima yaye iyakwazi ukumpompa igazi eliziikhilogram ezinokuba ngama-6 400 emzimbeni wawo! Ngaba ezi zilwanyana zikhulu kangaka zaselwandle zisoloko zithe duxu, zihleli nje emanzini? Akunjalo. Ingxelo ye-European Cetacean Bycatch Campaign ithi “zinyuka zisihla elwandle” ngesantya esimangalisayo. Xa sasijongwe ngesatellite, kwafunyaniswa ukuba “esinye kwezi zilwanyana sasifudukele kwindawo ekumgama ongaphezu kwekhilomitha ezingama-16 000 kwiinyanga ezili-10.”

17 Lona ihlengesi ekuthiwa yibottle-nosed dolphin ngokuqhelekileyo lintywila liye kutsho kwiimitha ezingama-45, kodwa elona lakhe lantywilela ezantsi lalikwiimitha ezingama-547 ubunzulu! Likwazi njani ukuntywilela kubunzulu obungaka? Intliziyo yalo ibetha kancinane xa lintywila, yaye igazi lithunyelwa entliziyweni, emiphungeni nasebuchotsheni. Kwakhona izihlunu zalo zinomchiza ogcina ioksijini. Iintini ekuthiwa ziielephant seal neminenga ekuthiwa ziisperm whale zona zinokuntywila ziye kufikelela kubunzulu obungakumbi. Iphephancwadi iDiscover lithi “kunokuzama ukuxhathisa uxinezeleko lomoya, ziyaluvumela ukuba luyenze imiphunga yazo ingasebenzi.” Zigcina inkoliso yeoksijini eziyifunayo kwizihlunu zazo. Ngokucacileyo, ezi zidalwa zibubungqina obubambekayo bobulumko boThixo onamandla onke!

18. Amanzi olwandle abubonakalisa njani ubulumko bukaYehova?

18 Kwanamanzi olwandle abonakalisa ubulumko bukaYehova. IScientific American ithi: “Thontsi ngalinye lamanzi kwiimitha ezili-100 zokuqala zamanzi olwandle zinamawaka-waka ezityalo ezincinane ezidadayo ekuthiwa ziiphytoplankton.” La mahlathi “angabonakaliyo” acoca umoya wethu ngokususa iitoni ezingamawaka ezigidi ekharbon diokside. Iiphytoplankton zivelisa ioksijini engaphezu kwesiqingatha saleyo siyiphefumlayo.

19. Umlilo nekhephu likufeza njani ukuthanda kukaYehova?

19 INdumiso 148:8 ithi: “Wena mlilo nesichotho, khephu nawe ntshinyela yomsi, wena moya uvuthuzayo, ufeza ilizwi lakhe.” Ewe, kwakhona uYehova usebenzisa amandla ezinto ezingaphiliyo ukufeza ukuthanda kwakhe. Khawucinge ngomlilo. Kwiinkulungwane zeminyaka edluleyo, ukutsha kwamahlathi bekugqalwa kuphela njengento etshabalalisayo. Abaphandi ngoku bakholelwa ukuba umlilo unendima ebalulekileyo kwindalo, ushenxisa imithi emidala nefayo, ubangela imbewu eninzi intshule, uhlaziya izondlo zomhlaba, yaye kwakhona unciphisa imililo engalawulekiyo. Nalo ikhephu libalulekile, linkcenkceshela lize lityebise umhlaba, lizalisa imilambo ngamanzi, likhusela izityalo nezilwanyana kwingqele eqhaqhazelis’ amazinyo.

20. Iintaba nemithi zibanceda njani abantu?

20 INdumiso 148:9 ithi: “Nina zintaba nani nonke zinduli, nina mithi yeziqhamo nani nonke misedare.” Iintaba eziphakamileyo zibonakalisa amandla kaYehova amakhulu. (INdumiso 65:6) Kodwa kwakhona zikwaluncedo. Ingxelo evela kwi-Institute of Geography eBern, eSwitzerland, ithi: “Yonke imilambo emikhulu ehlabathini isuka ezintabeni. Abantu abangaphezu kwesiqingatha abasemhlabeni baxhomekeke kumanzi acocekileyo aphuma ezintabeni . . . La ‘manzi maninzi’ abalulekile kwimpilo yabantu.” Kwanomthi nje oqhelekileyo uluzuko kuMenzi wawo. Ingxelo evela kwiUnited Nations Environment Programme ithi imithi “ibalulekile ebomini babantu kuwo onke amazwe . . . Iintlobo ezininzi zemithi zibalulekile kwezoqoqosho kuba kuyo kufumaneka amaplanga, iziqhamo, amandongomane nentlaka. Ehlabathini lonke, abantu abangamawaka amabini ezigidi babasa imithi xa bepheka naxa bezifudumeza.”

21. Chaza indlela igqabi nje eliqhelekileyo elibonakalisa ngayo ukuba liyilwe ngobulumko.

21 Ubulumko bomdali bubonakala kwakwindlela umthi odalwe ngayo. Khawucinge nje ngegqabi eliqhelekileyo. Ngaphandle linamafutha agcina igqabi lingomi. Kanye phantsi kwaloo mafutha kwicala elingaphezulu kukho uthotho lweeseli ezineechloroplast. Ezi chloroplasts ziqulethe ichlorophyll, egcina ukukhanya. Ngenkqubo ebizwa ngokuba yiphotosynthesis, amagqabi aba “yimizi-mveliso yokutya.” Amanzi afunxwa esuka kwiingcambu zemithi aze asiwe emagqabini ngenkqubo entsonkothileyo “yokunkcenkceshela.” Amawaka ‘eevalve’ ezincinane ezingaphantsi kwamagqabi (ezibizwa ngokuba ziistomata) ziyavula ziphinde zivale, zifunxa ikharbon diokside. Ukukhanya kuvelisa amandla adibanisa amanzi nekharbon diokside kuze kuveliswe iicarbohydrates. Ngoku isityalo siyakwazi ukuzondla kwangoku kutya sikuvelisileyo. Ewe, kulo “mzi-mveliso” akukho ngxolo yaye mhle. Kunokungcolisa, uvelisa ioksijini!

22, 23. (a) Bubuphi ubuchule obukhethekileyo ezinye iintaka nezilwanyana ezisemhlabeni ezinabo? (b) Yiyiphi eminye imibuzo esifanele siyiqwalasele?

22 INdumiso 148:10 ithi: “Nina zilwanyana zasendle nani nonke zilwanyana zasekhaya, nina zinto zirhubuluzayo neentaka ezinamaphiko.” Izilwanyana ezininzi eziphila emhlabeni nezidalwa ezibhabhayo zinobuchule obumangalisayo. Intaka yaselwandle ekuthiwa yiLaysan albatross inokubhabha imigama emide gqitha (ngesinye isihlandlo iikhilomitha ezingama-40 000 ngeentsuku nje ezingama-90). Intaka ekuthiwa yiblackpoll warbler ibhabha iiyure ezingaphezu kwezingama-80 isuka kuMntla iye kuMzantsi Merika ingakhange iphumle. Inkamela ayiwagcini amanzi kwigubu layo, njengokuba bekusoloko kucingwa, kodwa iwagcina kwinkqubo yayo yokwetyisa, nto leyo eyenza ikwazi ukuhlala ixesha elide ingakhange iphelelwe ngamanzi. Akumangalisi ke ngoko kuba oononjineli bezijonga ngenyameko izilwanyana xa besenza oomatshini nezinto ezintsha. Umbhali uGail Cleere uthi: “Ukuba ufuna into eza kusebenza kakuhle . . . ize ingayonakalisi indalo eyingqongileyo, kusenokwenzeka ukuba uya kufumana umzekelo omhle kwindalo.”

23 Ewe, ngokwenene indalo ivakalisa uzuko lukaThixo! Ukususela kwisibhakabhaka esineenkwenkwezi ukusa kwizityalo nezilwanyana, nto nganye ngohlobo lwayo izukisa uMdali wayo. Kodwa kuthekani ngathi bantu? Sinokumzukisa njani uThixo njengokuba indalo isenza?

Ngaba Usakhumbula?

• Kutheni bengenakungxengxezeleka abo bakhanyelayo ukuba uThixo ukho?

• Iinkwenkwezi nezijikelezi-langa zimzukisa njani uThixo?

• Izilwanyana zaselwandle nezisemhlabeni zinikela njani ubungqina bobukho boMdali oluthando?

• Izinto ezingaphiliyo zendalo zikuphumeza njani ukuthanda kukaYehova?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Izazinzulu ziqikelela ukuba iinkwenkwezi ezibonakalayo zingamawaka angama-70 ezigidi zezigidi zezigidi!

[Inkcazelo]

Frank Zullo

[Umfanekiso okwiphepha 12]

Umnenga i-“bottle-nosed dolphin”

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Ikhephu

[Inkcazelo]

snowcrystals.net

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Intshontsho le-“Laysan albatross”