Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Luluphi Unqulo Ofanele Ulukhethe?

Luluphi Unqulo Ofanele Ulukhethe?

Luluphi Unqulo Ofanele Ulukhethe?

‘ZONKE zisengela thungeni linye. Ngapha koko, mnye kuphela uThixo, akunjalo?’ Leyo yindlela abantu abaninzi abavakalelwa ngayo kuba besithi nangona ukunxulumana nonqulo oluthile kubalulekile, akunamsebenzi kangako ukuba umntu ukhetha luphi unqulo.

Xa uqala ukucinga ngalo mbandela, oku kusenokuvakala kusengqiqweni, ekubeni kuyinyaniso ukuba kukho uThixo omnye kuphela, uSomandla. (Isaya 44:6; Yohane 17:3; 1 Korinte 8:5, 6) Noko ke, asinakuwutyeshela umahluko obonakalayo—kwanempikiswano ekhoyo—phakathi kwamaqela amaninzi onqulo athi akhonza uThixo wokwenyaniso. Ahluke kakhulu kwindlela azenza ngayo izinto, kwiinkolelo zawo, iimfundiso zawo noko kufunwayo kuwo. Umahluko mkhulu kangangokuba abo bakunqulo okanye iqela elithile bakufumanisa kunzima ukuqonda okanye ukwamkela oko abanye bakufundisayo okanye bakukholelwayo.

Kwelinye icala, uYesu wathi: “UThixo unguMoya, nabo bamnqulayo bamele banqule ngomoya nenyaniso.” (Yohane 4:24) Ngaba ukunqula uThixo ngenyaniso kuvumela ukuba abantu babe neembono eziphikisanayo ezininzi ngoko uThixo akuko, iinjongo zakhe nendlela afuna ukunqulwa ngayo? Ngaba kusengqiqweni ukukholelwa ukuba ayinamsebenzi kuThixo uSomandla indlela esimnqula ngayo?

AmaKristu Okwenyaniso Kwinkulungwane Yokuqala Nangoku

Maxa wambi amaKristu enkulungwane yokuqala eyeneembono ezahlukahlukeneyo ngezinto ezithile. Ngokomzekelo, ethetha ngabo baseKorinte, umpostile uPawulos wathi: “Kuye kwatyhilwa kum ngani, bazalwana bam, ngabo bendlu kaKlowe, ukuba kukho iingxwabangxwaba phakathi kwenu. Ndibhekisela kwinto yokuba, ngamnye wenu esithi: ‘Mna ndingokaPawulos,’ ‘Kodwa mna ndingoka-Apolo,’ ‘Kodwa mna ndingokaKefas,’ ‘Kodwa mna ndingokaKristu.’”—1 Korinte 1:11, 12.

Ngaba uPawulos wayewugqala lo mahluko njengento engabalulekanga kangako? Ngaba mntu ngamnye wayelandela indlela yakhe ukuze asindiswe? Kwakungenjalo! UPawulos wabongoza esithi: “Ndiyanibongoza, bazalwana, ngegama leNkosi yethu uYesu Kristu ukuba nonke nithethe ngokuvumelanayo, nokuba kungabikho kwahlukana phakathi kwenu, kodwa nimanyane engqondweni enye nasengcamangweni enye.”—1 Korinte 1:10.

Kakade ke, abantu abanakunyanzelwa ukuba bamanyane elukholweni. Banokumanyana kuphela xa mntu ngamnye ehlolisisa izinto ngenyameko aze afikelele yaye amkele izigqibo ezifanayo. Ngaloo ndlela, kubalulekile ukufundisisa iLizwi likaThixo nokuba nomnqweno onyanisekileyo wokufuna ukusebenzisa oko ukufundileyo ukuze ube nomanyano olufana nolo uPawulos wathetha ngalo. Ngaba lunokufumaneka umanyano olunjalo? Njengoko sele sibonile, uThixo kudala eqhubana nabantu bakhe njengeqela. Ngaba kunokwenzeka ukuba ukwazi ukubona iqela elinjalo namhlanje?

Iinzuzo Zokunxulumana Neqela Elifanelekileyo

Umdumisi uDavide wakha wathi: “Owu Yehova, ngubani na oya kuba lundwendwe ententeni yakho? Ngubani na oya kuhlala entabeni yakho engcwele?” Ngokwenene lowo ngumbuzo oxhokonxa iingcinga. UDavide wawuphendula esithi: “Ngulowo uhamba ngokungenasiphoso eqhelisela ubulungisa yaye ethetha inyaniso ngentliziyo yakhe.” (INdumiso 15:1, 2) Ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile luya kumnceda ubani abone unqulo oluhamba ngeendlela zikaThixo. Uya kwandula ke, ngokunxulumana neli qela, akhuthazwe ngabantu abakhonza uThixo ngokumanyeneyo ‘nangomoya nenyaniso.’

AmaNgqina kaYehova aye abonisa ukuba kunokwenzeka ukuba abantu bamanyane kwiinkolelo ezifanayo baze benze into enye nakwihlabathi lanamhlanje elingamanyananga. Phakathi kwawo kukho abo babengamalungu eenkonzo neentlanga ezininzi ezahlukahlukeneyo. Amanye amaNgqina ayengakholelwa kuThixo okanye kubukho bakhe. Sekunjalo amanye ayengalukhathalele kangako unqulo. Phakathi kweenkonzo, iintlanga, neemfundiso ezahlukahlukeneyo kuye kwaphuma abantu ngoku abamanyeneyo elunqulweni nto leyo engekhoyo ehlabathini namhlanje.

Umanyano olunjalo lubangelwa liLizwi likaThixo, iBhayibhile. Kakade ke, amaNgqina kaYehova ayaqonda ukuba akanakuxelela abanye oko bamele bakwenze. Kodwa ayakuthanda ukukhuthaza abanye bafunde eBhayibhileni ukuze ukhetho abalwenzayo ngokuphathelele unqulo lube nesiseko esiqinileyo. Ngale ndlela, abaninzi banokuzifumana iinzuzo ezifumaneka ngokukhonza uThixo “ngomoya nenyaniso.”

Namhlanje, inkulu ingozi yokuwela kwiimpembelelo nakwizilingo ezithile ezenzakalisayo. Kubalulekile ukukhetha unxulumano olufanelekileyo. IBhayibhile ithi “ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye” yaye “unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” (IMizekeliso 13:20; 1 Korinte 15:33) Ukunxulumana nabanquli bokwenene bakaThixo kuyinkuselo. Ngoko ke, iBhayibhile iyasikhumbuza: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” (Hebhere 10:24, 25) Ngokwenene kuyintsikelelo ukubona abahlobo bokwenyaniso, abazalwana noodade bokomoya, bencedana ngothando ukuze benze oko kufunwa nguThixo!

UOttmar uyakugqina oku. Ekhuliswe kwintsapho yamaKatolika eJamani, wayeka ukuya ecaweni. Ucacisa esithi: “Nanini na ndisiya ecaweni, ndandiphuma ndingazuzanga nto kufana nje nexesha ebendingena ngalo.” Sekunjalo, waqhubeka enokholo kuThixo. Wandula ke waqhagamshelana namaNgqina kaYehova waza weyiseka kukuba angabanquli bokwenyaniso bakaThixo. Wayibona imfuneko yokunxulumana nawo. Ngoku uthi: “Ndiyinxalenye yentlangano yehlabathi lonke, yaye ndinoxolo lwengqondo yaye ndanelisekile entliziyweni. Ndisancedwa ukuba ndibe nolwazi oluchanileyo olungakumbi lweBhayibhile. Loo nto ndiyixabisa kakhulu.”

Ukhuthazo Kwabo Basakhangelayo

Abantu abavumelana ngento enye nabasebenza njengeqela banokufeza umsebenzi ongaphezulu lee kunabantu abazimele geqe. Ngokomzekelo, xa uYesu wayeza kushiya abalandeli bakhe wathi kubo: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Umsebenzi onjalo unokufezwa njani ngendlela eyanelisayo ukuba bekungekho lwalathiso okanye intlangano? Umntu unokuwuphulaphula njani lo myalelo weZibhalo ukuba uzama ukukhonza uThixo yedwa?

Ebudeni bonyaka ophelileyo, amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aye ahambisa iincwadi, iincwadana neencwadana ezinemifanekiso ezisekelwe eBhayibhileni ezizi-91 933 280, kwakunye namaphephancwadi azizi-697 603 247, ngaloo ndlela efikelela abantu abaninzi kumazwe angama-235 ngesigidimi seLizwi likaThixo. Ngokuqinisekileyo obu bubungqina bokuba iqela elimanyeneyo nelilungelelene kakuhle lifeza okungakumbi kunomntu nje omnye!

Ukongezelela ekuhambiseni uncwadi lweBhayibhile, amaNgqina kaYehova aqhuba izifundo zeBhayibhile ngesisa ukuze ancede abantu ukuba bakuqonde ngakumbi oko kufunwa nguThixo. Kunyaka ophelileyo, kuye kwaqhutywa umlinganiselo wezifundo zeBhayibhile ezizi-5 726 509 veki nganye nomntu ngamnye okanye namaqela. Ezi zifundo zeBhayibhile ziye zanceda abantu abaninzi ukuba bafumane isiseko esiqinileyo ukuze bakwazi ukukhetha unqulo. Ukhuthazwa ukuba ufunde ngoko kufunwa nguThixo njengoko kubhalwe eBhayibhileni. Uya kwandula ke ukwazi ukwenza ukhetho.—Efese 4:13; Filipi 1:9; 1 Timoti 6:20; 2 Petros 3:18.

Ukuba ufuna ukukholisa uThixo, kubalulekile ukuba ube yinxalenye yonqulo oluthile—kodwa kungekhona naliphi na iqela lonqulo. Ufanele usekele ukhetho lwakho lonqulo kulwazi oluchanileyo lweBhayibhile, kungekuko kwiimfundiso ezisiseko ekungaqinisekwanga ngazo okanye wenze oko ukuxelelwa ngabanye. (IMizekeliso 16:25) Funda oko kufunekayo kunqulo lokwenyaniso. Kuthelekise oko nonqulo lwakho. Wandule ke wenze ukhetho olufanelekileyo.—Duteronomi 30:19.

[Imifanekiso ekwiphepha 7]

AmaNgqina kaYehova amanyene kwihlabathi elingamanyananga