Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Sifanele Sibenzele Okulungileyo Abanye Okanye Singabenzi Okubi?

Ngaba Sifanele Sibenzele Okulungileyo Abanye Okanye Singabenzi Okubi?

Ngaba Sifanele Sibenzele Okulungileyo Abanye Okanye Singabenzi Okubi?

“INTO ofuna abanye bangayenzi kuwe, musa ukuyenza kwabanye.” La mazwi okubonisa ubuntu athethwa ngutitshala nesithandi sobulumko esingumTshayina uConfucius. Namhlanje, malunga neminyaka engama-2 500 kamva, abaninzi basakholelwa ukuba umntu ulilungisa ukuba nje uphepha ukwenza okubi kwabanye.

Kuyavunywa ukuba, lo mgaqo kaConfucius wokuziphatha unenzuzo ethile. Kwelinye icala, iBhayibhile ityhila enye indlela abantu abafanele baziphathe ngayo neyokusebenzisana nabanye. Ukongezelela koko kusenokubizwa ngokuba sisono sokwenza okuthile, oko kukuthi, ukona omnye umntu, iBhayibhile ithetha ngesono sokungenzi okuthile. Umfundi ongumKristu uYakobi wabhala: “Ukuba ubani uyakwazi ukwenza okulungileyo kodwa angakwenzi, kusisono oko kuye.” (Yakobi 4:17) Kunokuba nje ayalele amaKristu ukuba angenzi okubi kwabanye, uYesu Kristu wanikela esi siluleko: “Zonke izinto, . . . enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.”—Mateyu 7:12.

Ekuqaleni uThixo wayenenjongo yokuba bonke abantu baphathane ngendlela ababeya kuthanda ukuphathwa ngayo. Wamisela umzekelo omhle ekubonakaliseni inyameko ngempilo-ntle yabanye ngendlela abadale ngayo abantu: “UThixo wamdala umntu ngokomfanekiso wakhe, wamdala ngokomfanekiso kaThixo; wadala indoda nebhinqa.” (Genesis 1:27) Oku kuthetha ukuba ngothando uThixo wanika abantu isazela, esiya kuthi xa siqeqeshwe kakuhle, sibakhokelele ekubeni baphathe abanye ngendlela bona ababeya kufuna ukuphathwa ngayo.

Abaninzi namhlanje babandezeleka ngenxa yezenzo zabantu abangakhathaliyo nabazingcayo yaye abanathemba okanye uncedo olunokubazisela isiqabu. Licacile elokuba, kufuneka okungakumbi kunokungenzi nje okubi nokuyingozi kwabanye, kodwa kunoko, kufuneka kwenziwe okulungileyo nokuluncedo kubo. Ngenxa yoku, amaNgqina kaYehova ngokuzithandela anceda abanye bafunde ngethemba elimangalisayo elifumaneka kwiLizwi likaThixo. Xa etyelela abamelwane bawo ebaphathele iindaba ezilungileyo eziseBhayibhileni, akwenza oko ngomoya wothando, esenza kwabanye oko afuna kwenziwe kuwo.