Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubomi Bakho Bulawulwa Ziimeko Okuzo?

Ngaba Ubomi Bakho Bulawulwa Ziimeko Okuzo?

Ngaba Ubomi Bakho Bulawulwa Ziimeko Okuzo?

KUYINTO eqhelekileyo ukuba kwiimeko ezinxunguphalisayo nokuba neengxaki kula “maxesha amanqam.” (2 Timoti 3:1) Ezinye iingxaki ziba zezokwexeshana zandule ke zidlule. Ezinye zihlala iinyanga okanye iminyaka. Ngenxa yoko, abaninzi bavakalelwa njengomdumisi uDavide, owathi kuYehova: “Ukubandezeleka kwentliziyo yam kwandile; kwiingcinezelo eziphezu kwam ndikhuphe.”—INdumiso 25:17.

Ngaba ujamelene neengxaki ezingaphezu kwamandla akho? Ukuba kunjalo, iBhayibhile inokukunceda ize ikukhuthaze. Makhe siqwalasele ubomi babakhonzi ababini abathembekileyo bakaYehova abahlangabezana ngokuphumelelayo neengxaki: uYosefu noDavide. Ngokuhlolisisa indlela abazisingatha ngayo iingxaki, sinokufunda iindlela ezisebenzayo ezinokusinceda sikwazi ukuhlangabezana neengxaki ezifanayo namhlanje.

Bajamelana Neengxaki Ezinzulu

Eneminyaka nje eli-17 ubudala, uYosefu wayesele enengxaki enzulu kwintsapho yakowabo. Abakhuluwa bakhe babona ukuba uYakobi, uyise, “wayemthanda [uYosefu] ngaphezu kwabo bonke abantakwabo.” Ngenxa yoko, “bamthiya, baza ababa sathetha ngoxolo naye.” (Genesis 37:4) Sinokuthelekelela indlela oku okwamnxunguphalisa ngayo uYosefu. Ekugqibeleni, intiyo yabakhuluwa bakaYosefu yaya isiba krakra kangangokuba bamthengisa ebukhobokeni.—Genesis 37:26-33.

Ngoxa wayelikhoboka eYiputa, uYosefu kwafuneka axhathise umfazi wenkosi yakhe xa wayefuna ukulala naye. Ecaphukile kuba engavumi, watyhola uYosefu esithi ebefuna ukumdlwengula. Wafakwa “endlwini yentolongo,” apho “bazixhwalekisa iinyawo zakhe ngamakhamandela, umphefumlo wakhe waba sezintsimbini.” (Genesis 39:7-20; INdumiso 105:17, 18) Oku kumele ukuba kwakusisilingo sokwenene! Kangangeminyaka eli-13, uYosefu wayelikhoboka okanye elibanjwa ngenxa yokungekho sikweni kwabanye, kuquka namalungu entsapho yakowabo.—Genesis 37:2; 41:46.

Naye uDavide kaSirayeli wamandulo wajamelana nezilingo ngoxa wayeselula. Kangangeminyaka emininzi, wanyanzeleka ukuba aphile njengembacu, ezingelwa njengesilwanyana nguKumkani uSawule. Ubomi bukaDavide babuhlala busesichengeni. Ngesinye isihlandlo, waya kuAhimeleki umbingeleli eye kucela ukutya. (1 Samuweli 21:1-7) Emva kokufumanisa ukuba uAhimeleki wanceda uDavide, uSawule wayalela ukuba uAhimeleki kwakunye nabo bonke ababingeleli neentsapho zabo babulawe. (1 Samuweli 22:12-19) Ngaba unokuba nomfanekiso-ngqondweni wendlela uDavide wayebandezeleke ngayo kuba efake isandla kwesi sihelegu?

Cinga ngeminyaka yobunzima nokuphathwa kakubi uYosefu noDavide abayinyamezelayo. Ngokuhlolisisa indlela abahlangabezana ngayo neemeko zabo ezinzima, sinokufunda lukhulu. Makhe siqwalasele iindlela ezintathu esinokuwaxelisa ngayo la madoda.

Musa Ukuba Nenzondo Nengqumbo

Okokuqala, la madoda athembekileyo akazange abe nengqumbo nenzondo. Ngoxa uYosefu wayesentolongweni, ngokulula wayesenokubathiya abantakwabo abamngcatshayo, mhlawumbi ade acinge nendlela anokuziphindezelela ngayo kubo xa enokudibana nabo kwakhona. Sazi njani ukuba uYosefu akazange acinge ngaloo ndlela? Cinga ngento awayenzayo xa walifumana ithuba lokuziphindezelela kubantakwabo ababevela eYiputa beze kuthenga ingqolowa. Ingxelo ithi: “[UYosefu] wathi gu bucala waza walila. . . . Emva koko uYosefu wanikela umyalelo [kubakhonzi bakhe], wokuba zizaliswe izikhongozelo [zabantakwabo] ngokudla okuziinkozo. Kwakhona, babemele bayibuyisele engxoweni yaleyo naleyo imali yamadoda lawo, baze bawanike nomphako wendlela.” Kamva, xa wathumela abantakwabo ukuba bazise uyise eYiputa, uYosefu wabakhuthaza esithi: “Nize ningaxabani endleleni.” Ngamazwi nangezenzo, uYosefu wabonisa ukuba akazange azivumele ukuba afukame inzondo nengqumbo.—Genesis 42:24, 25; 45:24.

Ngokufanayo, uDavide akazange amzonde uKumkani uSawule. Kwizihlandlo ezimbini uDavide wafumana ithuba lokumbulala uSawule. Sekunjalo, xa amadoda akhe ambongoza ukuba enjenjalo, uDavide wathi: “Makube lee, kum, ngokwembono kaYehova, ukuba ndingenza le nto enkosini yam, othanjisiweyo kaYehova, ngokolula isandla sam nxamnye naye, kuba ungothanjisiweyo kaYehova.” UDavide wayishiyela ezandleni zikaYehova le meko, waza wathi kumadoda akhe: “Ephila nje uYehova, uYehova ngokwakhe uya kumbetha ngesibetho; okanye iya kufika imini yakhe yaye kuya kufuneka afe, okanye uya kuhla aye edabini, ngokuqinisekileyo ke uya kutshayelwa.” Kamva, uDavide wenza isimbonono ezilela ukufa kukaSawule nonyana kaSawule uYonatan. NjengoYosefu, uDavide akazange abe nenzondo.—1 Samuweli 24:3-6; 26:7-13; 2 Samuweli 1:17-27.

Ngaba siba nenzondo nengqumbo xa abanye besiphatha ngokungekho sikweni? Oku kunokwenzeka lula. Ukuba sivumela iimvakalelo zethu zisongamele, umphumo woko unokusonzakalisa nangakumbi kunoko loo mntu akwenzileyo. (Efese 4:26, 27) Nangona incinane okanye ingekho into esinokuyenza ngoko abanye bakwenzayo, sinokuyilawula indlela thina esisabela ngayo. Kulula ukungafukami inzondo nengqumbo xa sinokholo lokuba uYehova uya kuzisingatha izinto ngexesha lakhe elifanelekileyo.—Roma 12:17-19.

Zisebenzise Ngokuyinzuzo Iimeko Okuzo

Into yesibini esinokuyifunda kukuba singavumeli iimeko zethu zisenze amatatasholo. Sisenokuzikhathaza gqitha ngoko singakwaziyo ukukwenza kangangokuba singakuboni oko sikwaziyo ukukwenza. Ukuba kunjalo, eneneni iimeko zethu ziqalisa ukusilawula. Oku ngekwakwenzekile kuYosefu. Kunoko, wakhetha ukuyisebenzisa ngokuyinzuzo imeko awayekuyo. Ngoxa wayelikhoboka, uYosefu “wakholeka emehlweni [enkosi yakhe], wayikhonza, yaza yammisela waba ngumveleli wendlu yayo.” UYosefu wenza okufunayo ngoxa wayesentolongweni. Ngenxa yentsikelelo kaYehova nenkuthalo uYosefu wayenayo, “igosa eliyintloko lendlu yentolongo lawanikela esandleni sikaYosefu onke amabanjwa awayesendlwini yentolongo; yaye yonk’ into awayeyenza apho, yayisenziwa nguye.”—Genesis 39:4, 21-23.

Ebudeni beminyaka uDavide eyimbacu, naye wazisebenzisa ngokuyinzuzo iimeko awayekuzo. Ngoxa esentlango yaseParan, yena namadoda akhe bakhusela umhlambi kaNabhali kumatutu. Omnye wabelusi bakaNabhali wathi: “Aba ludonga olusijikelezileyo kokubini ngobusuku nasemini.” (1 Samuweli 25:16) Kamva, xa wayehlala eTsikelage, uDavide wagqogqa iidolophu ezazithinjwe ziintshaba zikaSirayeli emazantsi, ngaloo ndlela ekhusela imida kaYuda.—1 Samuweli 27:8; 1 Kronike 12:20-22.

Ngaba kufuneka senze umgudu omkhulu ukuze sizisebenzise ngokuyinzuzo iimeko esikuzo? Nangona kunokuba nzima ukwenjenjalo, sinako ukuphumelela. Ecinga ngobomi bakhe, umpostile uPawulos wabhala: “Ndiye ndafunda ukwaneliseka, phantsi kwazo naziphi na iimeko. . . . Kuzo zonke izinto nakuzo zonke iimeko ndiye ndayifunda imfihlelo yokuba kunjani ukuhlutha nokulamba, neyokuba kunjani ukuba nentabalala nokuswela.” UPawulos wakwazi njani ukujamelana nezi meko? Ngokuhlala ethembele kuYehova. Uthi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”—Filipi 4:11-13.

Lindela KuYehova

Okwesithathu esikufundayo kukuba kunokuba sisebenzise iindlela ezingavisisaniyo neZibhalo ukuze siguqule iimeko zethu, sifanele silindele kuYehova. Umfundi uYakobi wabhala: “Unyamezelo lwenu malupheleliswe, ukuze nibe ngabapheleleyo nabaphilileyo kwiinkalo zonke, ningaswele nto.” (Yakobi 1:4) Unyamezelo lufanele “lupheleliswe” ngokuvumela isilingo de siphele ngaphandle kokwenza izinto ezingavisisaniyo neZibhalo ukuze sisiphelise ngokukhawuleza. Luya kwandula ke ukholo lwethu luvavanywe luze lusulungekiswe, yaye iya kubonakala indlela olomelele ngayo. UYosefu noDavide babenonyamezelo olunjalo. Abazange bazame ukufumana isicombululo esasinokubangela ukuba uYehova angakholiswa ngabo. Kunoko, bazama ukuzisebenzisa ngokuyinzuzo iimeko ababekuzo. Balindela kuYehova, yaye basikelelwa ngokwenene kuba benjenjalo! UYehova wabasebenzisa bobabini ukuze bahlangule baze bakhokele abantu bakhe.—Genesis 41:39-41; 45:5; 2 Samuweli 5:4, 5.

Nathi sinokujamelana neemeko ezisilinga ukuba sifune isicombululo esingavisisaniyo neZibhalo. Ngokomzekelo, ngaba udimazekile kuba ungekalifumani iqabane elifanelekileyo lomtshato? Ukuba kunjalo, siphephe isilingo sokungathobeli umyalelo kaYehova wokutshata “kuphela eNkosini.” (1 Korinte 7:39) Ngaba uneengxaki emtshatweni wakho? Kunokuba unikezele kumoya wehlabathi okhuthaza ukwahlukana nokuqhawula umtshato, wena neqabane lakho zabalazelani ukucombulula iingxaki kunye. (Malaki 2:16; Efese 5:21-33) Ngaba ukufumanisa kunzima ukunyamekela intsapho yakho ngenxa yemeko yezoqoqosho? Ukulindela kuYehova kuquka ukuphepha ukwenza izinto ezithandabuzekayo okanye ezingekho mthethweni ukuze ufumane imali. (INdumiso 37:25; Hebhere 13:18) Ewe, sonke sifanele sizibhokoxe ukuze sizisebenzise ngokuyinzuzo iimeko esikuzo size silindele kuYehova ukuze asisikelele. Njengoko sisenjenjalo, masizimisele ukulindela kuYehova ukuze aze nesicombululo esifanelekileyo.—Mika 7:7.

UYehova Uya Kukomeleza

Xa sicamngca ngendlela abantu ekuthethwe ngabo eBhayibhileni njengoYosefu noDavide abahlangabezana ngokuphumelelayo ngayo neemeko ezabadanisayo nezinzima kunokusizuzisa gqitha. Nangona iimeko zabo zingachazwanga ngokweenkcukacha eBhayibhileni, bajamelana nezilingo kangangeminyaka emininzi. Zibuze: ‘Abakhonzi abanjalo bakaThixo bazamkela njani iimeko zabo? Bahlala njani benovuyo? Ziziphi iimpawu ekwafuneka bazihlakulele?’

Kwakhona sinokuzuza ngokucinga ngonyamezelo lwabakhonzi bakaYehova banamhlanje. (1 Petros 5:9) IMboniselo noVukani! zinamabali amaninzi obomi nyaka ngamnye. Ngaba uyawafunda ukuze ucamngce ngemizekelo yala maKristu athembekileyo? Ngaphezu koko, emabandleni ethu kukho abo banyamezela ngokuthembeka iimeko ezinzima. Ngaba unxulumana nabo ngokuthe rhoqo ukuze ufunde kubo kwiintlanganiso zamaKristu?—Hebhere 10:24, 25.

Xa ujamelene neemeko ezinzima, qiniseka ukuba uYehova ukukhathalele yaye uya kukomeleza. (1 Petros 5:6-10) Zama ukungazivumeli iimeko zakho zilawule ubomi bakho. Landela umzekelo kaYosefu, kaDavide, nowabanye ngokungafukami inzondo, ngokuyisebenzisa ngokuyinzuzo imeko okuyo, nangokulindela kuYehova azise isicombululo esifanelekileyo. Sondela kuye ngomthandazo nangokwenza izinto zokomoya. Ngale ndlela, nawe uya kuvuya uze wonwabe ngamaxesha obunzima.—INdumiso 34:8.

[Umfanekiso okwiphepha 20, 21]

UYosefu wazabalazela ukuzisebenzisa ngokuyinzuzo iimeko awayekuzo

[Umfanekiso okwiphepha 23]

UDavide walindela kuYehova ukuze azicombulule iingxaki zakhe