Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ufanele Ube Lilungu Lecawa?

Ngaba Ufanele Ube Lilungu Lecawa?

Ngaba Ufanele Ube Lilungu Lecawa?

‘AKUKHO mfuneko yokuba ndibe lilungu lecawa okanye ndiye ecaweni rhoqo ukuze ndibe ndiya kholwa kuThixo!’ Leyo yindlela abantu abaninzi abavakalelwa ngayo ngokuba lilungu lecawa okanye lalo naluphi na unqulo. Eneneni, abanye bathi bavakalelwa kukuba basondelelana ngakumbi noThixo xa bengaphandle bebukele indalo kunokuya ecaweni. Namhlanje, kuyinto eqhelekileyo ukucinga ukuba akukho mfuneko yokuba kunqulo oluthile ukuze ube uyakholwa kuThixo.

Noko ke, abanye benyanisekile bavakalelwa ngendlela eyahlukileyo. Bathi kubalulekile ukuba umntu abe lilungu lecawa aze aye ecaweni, ukuze uThixo akholiswe nguye. Ngoko ke enoba ukunxulumana nonqulo oluthile kubalulekile asingombandela nje wokwenza uhlolisiso ngonqulo kuba ubani enomdla kumanani athile nezinye izibakala. Enoba kukuphi okuchanileyo, ekubeni oku kubandakanya ulwalamano lwethu noThixo, ngaba bekungayi kuba sengqiqweni ukufumanisa imbono kaThixo ngalo mbandela? Ngoko ke, yintoni esinokuyifunda kwiLizwi lakhe, iBhayibhile, ngalo mbandela?

Indlela UThixo Wayeqhubana Ngayo Nabantu Ngaphambili

Malunga neminyaka engama-4 400 eyadlulayo, kwabakho umkhukula emhlabeni wonke. Isiganeko esinjalo asinakulibaleka lula, yaye abantu emhlabeni wonke babalisa ngawo xa bethetha ngembali. Nangona bebalisa ngeendlela ezingafaniyo, la mabali afana ngezinto ezininzi, kuquka nesibakala sokuba kwasinda kuphela abantu abambalwa nezilwanyana ezithile.

Ngaba abantu abasinda kuMkhukula bazisindela nje ngethamsanqa? Ingxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba oku akunjalo. Kuyabonakala ukuba, uThixo akazange axelele wonke umntu ngoMkhukula ozayo. Kunoko, waxelela uNowa, waza yena walumkisa abantu awayephila nabo ngoNogumbe ozayo.—Genesis 6:13-16; 2 Petros 2:5.

Ukusinda kwakuxhomekeke ekubeni yinxalenye yeli qela limanyeneyo nokuba nomnqweno wokulandela ulwalathiso lukaThixo olwalunikelwe kuNowa. Nezilwanyana ezazikumkhombe ezasindayo kuMkhukula zazingenakusinda ngaphandle kokuba zibe kweli qela. UNowa wanikwa ulwalathiso olungqalileyo lokwenza amalungiselelo afanelekileyo okusindisa izilwanyana.—Genesis 6:17–7:8.

Kwiinkulungwane kamva, inzala kaNowa ngonyana wakhe uShem yaba ngamakhoboka eYiputa. Sekunjalo, injongo kaThixo yayikukuyikhulula ize iye kwilizwe awayelithembise ukhokho wayo uAbraham. Kwakhona, oku akuzange kutyhilwe kumntu ngamnye kodwa kwatyhilwa kuqala kwabo babekhethiwe ukuze babe ziinkokeli—uMoses nomntakwabo, uAron. (Eksodus 3:7-10; 4:27-31) Emva kokuba amakhoboka okuqala ekhululiwe njengeqela eYiputa, anikwa uMthetho kaThixo kwiNtaba iSinayi aza aba luhlanga lwakwaSirayeli.—Eksodus 19:1-6.

MSirayeli ngamnye wayenokusinda kuphela ngokunxulumana neqela labantu bakaThixo aze alandele iinkokeli ezinyuliweyo zeli qela. Kwakusenziwa namalungiselelo okuba mYiputa ngamnye anxulumane neli qela ngokucacileyo uThixo awayekholiswa lilo. Xa amaSirayeli ahamba eYiputa, aba bantu bahamba nawo, ngaloo ndlela benethemba lokufumana intsikelelo kaThixo.—Eksodus 12:37, 38.

Kwandula ke, ngenkulungwane yokuqala, uYesu waqalisa umsebenzi wokushumayela, eqokelela abantu njengabafundi bakhe. Wayeqhubana nabo njengeqela, nangona wayenikela ingqalelo yothando kumntu ngamnye ngokweemfuno zakhe. UYesu wathi kubapostile abathembekileyo abali-11: “Nina niye nanamathela kum ezilingweni zam; yaye ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso nam, wobukumkani.” (Luka 22:28, 29) Kamva, umoya kaThixo wafikela aba bafundi xa babekunye njengeqela.—IZenzo 2:1-4.

Le mizekelo ibonisa ngokucacileyo ukuba mandulo uThixo wayedla ngokuqhubana nabantu bakhe njengeqela elilungeleleneyo. Abantu abambalwa uThixo awaqhubana nabo ngokobuqu—uNowa, uMoses, uYesu nabanye—eneneni, babesetyenziswa Nguye ukuze bathethe neqela alimanyeneyo. Akukho sizathu sakukholelwa ukuba uThixo uqhubana nabakhonzi bakhe ngokwahlukileyo namhlanje. Kakade ke, oku kukhokelela komnye umbuzo: Ngaba kwanele ukunxulumana nalo naliphi na iqela lonqulo? Siza kuqwalasela lo mbuzo ubalulekileyo kwinqaku elilandelayo.

[Umfanekiso okwiphepha 4]

Kudala uThixo waqhubana nabantu bakhe njengeqela elilungeleleneyo