Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukwenza Okulungileyo Ngamaxesha Obunzima

Ukwenza Okulungileyo Ngamaxesha Obunzima

Ukwenza Okulungileyo Ngamaxesha Obunzima

UMPOSTILE UPAWULOS wabongoza esithi: “Masenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.” (Galati 6:10) AmaNgqina kaYehova ehlabathini lonke ngenkuthalo azabalazela ukusebenzisa loo mgaqo ebomini bawo, ngokwenza okulungileyo kubo bonke, ingakumbi kwamanye amakholwa. Oku kuye kwabonwa izihlandlo eziphindaphindiweyo ngamaxesha obunzima. Makhe siqwalasele imizekelo yakutshanje evela kumazwe amathathu.

NgoDisemba 2002, eGuam kwabakho inkanyamba enkulu, eyayinomoya ovuthuza ngesantya esiziikhilomitha ezingama-300. Yonakalisa izindlu ezininzi, yaye ezinye zatshabalala ngokupheleleyo. Ngokukhawuleza amabandla asekuhlaleni amisela amaqela okucoca ukuze ancede iintsapho zamaNgqina eziye zonakalelwa gqitha. Isebe laseGuam lanikela ngezinto zokwakha nabasebenzi ukulungisa izindlu ezonakeleyo, yaye isebe laseHawaii lanikela inkxaso. Kwiiveki ezimbalwa emva koko, iqela labachweli lafika livela eHawaii lize kuncedisa kumsebenzi wokwakha, yaye abazalwana abathile basekuhleni bathabatha ikhefu ukuze bakwazi ukuncedisa. Umoya wokusebenzisana ngovuyo wawubonwa ngumntu wonke ekuhlaleni.

Kwihlomela-dolophu laseMandalay, eMyan­mar, ngequbuliso kwatsha kude kufuphi neHolo yoBukumkani. Kufuphi nalapho kwakukho indlu eyayihlala udade opholileyo nentsapho yakhe. Umoya wawuvuthuzela ngakwicala lendlu yakhe, ngoko ke wabalekela eholweni ecela uncedo. Ngelo xesha, iholo yayilungiswa, ngenxa yoko kwakukho abazalwana abaninzi. Bamangaliswa kukubona lo dade kuba babengazi ukuba uhlala kuloo ngingqi. Ngokukhawuleza, abazalwana bancedisa ekuthutheleni iimpahla zale ntsapho kwindawo ekhuselekileyo. Xa umyeni walo dade, owayengeloNgqina, weva ngalo mlilo, wakhawuleza wagoduka waza wafika abazalwana benceda intsapho yakhe. Wayechukumisekile yaye enombulelo, kwakhona izibilini zazithe xibilili kuba abaphangi badla ngokulisebenzisa ithuba elinjalo. Ukubonakalisa ububele kwabazalwana kwenza lo dade nonyana wakhe baphinda banxulumana nebandla lamaKristu, yaye ngoku baya kuzo zonke iintlanganiso.

Ebudeni bonyaka wenkonzo odluleyo, abaninzi eMozambique baye bathwaxwa yindlala ngenxa yembalela nokungabikho kwesivuno. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yasekuhlaleni yanikela uncedo ngokukhawuleza ngokunika abasweleyo ukutya. Ukutya kwakunikezelwa kwiiHolo zoBukumkani, maxa wambi emva kweentlanganiso. Omnye udade ongumzali ongenaqabane wathi: “Ndaya kwintlanganiso ndidandathekile, ndingazi ukuba ndiza kubatyisa ntoni abantwana bam xa sibuyile ekhaya.” Uncedo lothando olwanikelwa ngabazalwana lwamkhuthaza. Wathi: “Oku kwakufana novuko kum!”

Kwakhona amaNgqina ‘enza okulungileyo’ ngokomoya ngokudlulisela kwabanye isigidimi seBhayibhile sentuthuzelo nethemba. Akholelwa koko yayikholelwa kuko indoda esisilumko yamandulo eyathi: “Yena ke ophulaphula [ubulumko bukaThixo], uya kuhlala ngonqabiseko aze angaphazamiseki ekunkwantyiseni kwentlekele.”—IMizekeliso 1:33.

[Imifanekiso ekwiphepha 31]

1, 2. Ukunikwa kwabasweleyo ukutya eMozambique

3, 4. Inkanyamba eGuam yatshabalalisa izindlu ezininzi

[Inkcazelo]

Umntwana, ngasekhohlo: Andrea Booher/FEMA News Photo; umfazi, ngasentla: AP Photo/Pacific Daily News, Masako Watanabe