Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Welela Ngapha Uze Usincede’

‘Welela Ngapha Uze Usincede’

Abavakalisi Bobukumkani Bayabalisa

‘Welela Ngapha Uze Usincede’

NGOJULAYI 2000, kwadluliselwa isimemo eJamani, eOstriya naseSwitzerland sokuba amaNgqina athetha isiJamani afudukele eBolivia. Ngoba? Kuba kwiifama ezikwanti ezikummandla ophakathi neekhilomitha ezingama-300 eSanta Cruz, eBolivia, amaMennonite athetha isiJamani ayebonakalisa umdla onyanisekileyo eBhayibhileni.

AmaNgqina amalunga ne-140 asamkela eso simemo. Amanye ahlala kangangeeveki ezimbalwa, wambi kangangonyaka okanye nangaphezulu. Ngokwenjenjalo, abonakalisa umoya ofana nowabavangeli benkulungwane yokuqala abamkela isimemo esithi: “Welela ngapha eMakedoni uze usincede.”—IZenzo 16:9, 10.

Kunjani ukushumayela kuloo ntsimi? Umdala kwibandla lasekuhlaleni uthi: “Ukuya kwenye yeendawo ezikwanti ezingama-43 ezihlala amaMennonite kunokuthabatha iiyure ezisibhozo uhamba kwiindlela zomhlaba ngemoto etsala ngamavili amane. Ukutyelela iindawo ezikude gqitha kudla ngokuthabatha iintsuku ezine kuquka nokulala ezintenteni ngobunye ubusuku. Kodwa oko kuwufunale umgudu, kuba aba bantu abazange bakhe bazive iindaba ezilungileyo ngaphambili.”

Ekuqaleni, uninzi lwamaMennonite lwalungakuthandi ukutyelelwa. Kodwa ukutyelelwa kwawo ngokuphindaphindiweyo kwawanceda akuqonda oko amaNgqina awaphathele kona. Ngokomzekelo, omnye umlimi wathi ebefunda iphephancwadi uVukani! kangangonyaka. Wongezelela esithi: “Ndiyazi ukuba abantu abaninzi apha abavumelani noko nikuthethayo, kodwa mna ndikholelwa ukuba kuyinyaniso.” Kwenye indawo enye indoda yathi: “Abanye abamelwane bam bathi ningabaprofeti bobuxoki, abanye bathi nithetha inyaniso. Ndifuna ukuzivela ngokwam.”

Ngoku kukho ibandla elithetha isiJamani eBolivia, elinabavakalisi abangama-35, kuquka nabavangeli bexesha elizeleyo abali-14. De kube ngoku, abali-14 ababesakuba ngamaMennonite, baye baba ngabavakalisi boBukumkani, yaye abanye abasi-9 baya rhoqo kwiintlanganiso. Enye indoda ekhulileyo esandul’ ukubhaptizwa yathi: “Silubona ngokucacileyo ulwalathiso lukaYehova. Uye wathumela abazalwana noodade abathetha isiJamani abanamava ukuze basincede. Sibulela gqitha.” Intombi yale ndoda eneminyaka eli-17 ubudala, nayo ebhaptiziweyo, yongezelela yathi: “Ukuba nenzondelelo kwabazalwana noodade abaselula abaze apha kuyosulela. Inkoliso yabo ingoovulindlela, bachitha ixesha nemali ukuze bancede abanye. Bandenza ndifune ukwenza okufanayo.”

Enyanisweni, abo benza umgudu ‘wokuwelela ngapha’ ukuze banikele uncedo bafumana uvuyo olukhulu nolwaneliseko.