Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Aliyi Kuphela Ihlobo Nobusika’

‘Aliyi Kuphela Ihlobo Nobusika’

Ubuhle Bendalo KaYehova

‘Aliyi Kuphela Ihlobo Nobusika’

ILANGA ligqatse ubhobhoyi entlango. Kweminye imimandla yomhlaba, lenza kufudumale emva kobusika obubandayo. Ewe, ubushushu belanga yenye yezinto ezinegalelo elikhulu ekuguquguqukeni kwemozulu namaxesha onyaka.

Amaxesha onyaka ahlukahlukene ehlabathini lonke. Kodwa akuchaphazela njani amaxesha onyaka? Ngaba uyayivuyela intwasahlobo ehlaziyayo xa ubona imithi neentyatyambo zityatyambile? Uziva njani ngeengokuhlwa zasehlotyeni ezizolileyo? Ngaba uyazivuyela iintsuku zokwindla ezihlaziyayo namagqabi amahle atshintsha imibala? Ngaba xa ubona ihlathi eligqunywe likhephu uziva unoxolo lwengqondo?

Yintoni ebangela ukuba kubekho amaxesha onyaka ahlukahlukeneyo? Ngokufutshane, abangelwa kukuthambeka komhlaba. Umhlaba ujikeleza uze uthambeke kangangeqondo elingama-23,5. Ukuba umhlaba ubungathambekanga, bekungasayi kubakho amaxesha onyaka ahlukahlukeneyo. Imozulu ibiya kusoloko ifana. Oku bekuya kuchaphazela uhlaza namaxesha okuvuna.

Ubani unokubona ubungqina bokuba nguMdali oyile amaxesha onyaka ngokulandelelana kwawo. Ethetha ngoYehova uThixo, ngokuchanileyo umdumisi wathi: “Yayinguwe owamisela yonke imida yomhlaba; ihlobo nobusika—nguwe owazenzayo.”—INdumiso 74:17. a

Ngokwembono yabantu, izinto ezisesibhakabhakeni ziyimiqondiso ecacileyo yamaxesha onyaka. Xa wayedala ummandla wethu wezijikelezi-langa, uThixo wathi: “Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu . . . , yaye zimele zibe yimiqondiso yamaxesha nemihla neminyaka.” (Genesis 1:14) Ebudeni bonyaka, ngoxa umhlaba ujikeleza, ufikelela kumanqanaba amabini xa ilanga libonakala liphezulu emini emaqanda kwi-ikhweyitha. Oku kubizwa ngokuba yiequinoxes, yaye kumazwe amaninzi kungumqondiso wokuqala kwentwasahlobo nokwindla. Ebudeni beli thuba imini iphantse ilingane nobusuku emhlabeni wonke.

Ubukho nokuqala kwamaxesha onyaka akuquki nje kuphela ukuhambahamba kwezinto ezisesibhakabhakeni. Amaxesha onyaka, imeko-bume nemozulu, zonke ezo zinto ziyinxalenye yenkqubo entsonkothileyo yokulondoloza ubomi. Bethetha nabantu abahlala eAsia Minor—uninzi lwabo olwaluqhelene gqitha nezolimo nemveliso zokutya—abapostile abangamaKristu uPawulos neqabane lakhe uBharnabhas bathi uThixo ‘uninika iimvula ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu ngokutya nangokuchwayita.’—IZenzo 14:14-17.

Inkqubo emangalisayo ebizwa ngokuba yiphotosynthesis ixhasa izityalo emhlabeni nezityalo ezincinane ekuthiwa ziiphytoplankton ezikwiilwandle. Ngenxa yoku, umjikelo wokwenziwa kokutya neentlobo ezahlukahlukeneyo zako uxhomekeke kwimozulu nemeko-bume ngeendlela ezintsonkothileyo. UPawulos ngokuchanileyo wabhekisela kwisandla sikaYehova kuko konke oku, esithi: “Umhlaba ofunxa iimvula ezinayo, uze uvelise utyani obubalungeleyo abo ulinyelwe bona, uyasikelelwa nguThixo.”—Hebhere 6:7.

Igama elithi “uyasikelelwa” liba nentsingiselo entsha xa unqumama uze ucinge ngoko kwenzeka kwiindawo apho intwasahlobo ebangela ukuba kubekho ubushushu ngomlinganiselo ofanelekileyo, iintsuku ezinde, kubekho ilanga neemvula. Iintyatyambo ziyatyatyamba yaye izinambuzane ziyaphuma kwiindawo ebezihleli kuzo ebudeni bobusika zize zilungele ukumvumvuzela izityalo. Iintaka, ezinjengeblue jay oyibonayo apha, zizalisa ihlathi ngemibala nangengoma, uze umhlaba uhlaziyeke. Ubomi buhlaziyeka ngokukhawuleza, yaye izinto eziphilayo ziqhubeka nomjikelo wazo wobomi wokuzala, ukuzihlaziya nokukhula. (INgoma yazo iiNgoma 2:12, 13) Oku kukhokelela ekuvuneni ngasekupheleni kwehlobo okanye ekwindla.—Eksodus 23:16.

Imisebenzi kaYehova emangalisayo ibonakala kwindlela awubumbe ngayo umhlaba, nto leyo eyenza ukuba kubekho imini nobusuku, amaxesha awahlukahlukeneyo onyaka, ixesha lokuhlwayela nelokuvuna. Siqinisekile ukuba emva kwehlobo kulandela ubusika. Enyanisweni, nguThixo owathembisa esithi: “Ngayo yonke imihla yobukho bomhlaba, akuyi kuphela ukuhlwayelwa kwembewu nokuvuna, ingqele nobushushu, ihlobo nobusika, imini nobusuku.”—Genesis 8:22.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona Ikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2004, kuJulayi nakuAgasti.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]

Inyanga Ibalulekile Kubomi

Ukutyhubela iminyaka, inyanga iye yabachukumisa yaza yabamangalisa abantu. Noko ke, ngaba ubusazi ukuba inyanga inegalelo ekuguquguqukeni kwamaxesha onyaka? Ubukho benyanga buluncedo ekuzinziseni umhlaba kwindawo okuyo, oko kukuthi indlela othambeke ngayo. Umbhali wenzululwazi uAndrew Hill uthi oku “kunendima ebalulekileyo ekubangeleni iimeko ezithile eMhlabeni, ukuze kuqhubeke kukho ubomi.” Ukuba ibingekho le nyanga inkulu kangaka ebangela umhlaba wethu uthambeke, amaqondo obushushu ebeya kuphakama kakhulu yaye bekuya kuba nzima ukuphila emhlabeni. Ngenxa yoko, iqela lezazi ngeenkwenkwezi lagqiba ngelithi: “Kunokuthiwa iNyanga yiyo eyenza ukuba uMhlaba ube namaxesha awahlukahlukeneyo onyaka.”—INdumiso 104:19.

[Inkcazelo]

Inyanga: U.S. Fish & Wildlife Service, Washington, D.C./Bart O’Gara

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Iinkamela, eMntla Afrika nakuSingasiqithi waseArabhiya