Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imimangaliso KaYesu—Ngaba Iyinyaniso Okanye Bubuxoki?

Imimangaliso KaYesu—Ngaba Iyinyaniso Okanye Bubuxoki?

Imimangaliso KaYesu—Ngaba Iyinyaniso Okanye Bubuxoki?

“KWAZISWA kuye [uYesu Kristu] abantu abaninzi abaneedemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, waza wabaphilisa bonke ababephatheke kakubi.” (Mateyu 8:16) “[UYesu] wavuka wawukhalimela umoya waza wathi kulwandle: ‘Yithi tu! Uzole!’ Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.” (Marko 4:39) Ucinga ntoni ngala mazwi? Ngaba ukholelwa ukuba athetha ngeziganeko ezenzekayo embalini, okanye uvakalelwa kukuba yimizekeliso okanye ziintsomi nje?

Abantu abaninzi namhlanje bakuthandabuza gqitha ukuba imimangaliso ekuthiwa yenziwa nguYesu yenzeka ngokwenene. Ngenxa yokuhambela phambili kwenzululwazi, izinto ezinjengeetelescope neemicroscope, ukuhambahamba esibhakabhakeni nokulawulwa kwemizila yemfuza, kunzima ngabantu ukuba bakholelwe kwimimangaliso nakumandla angaphezu kwawomntu.

Abanye bavakalelwa kukuba imimangaliso zizinto ezicingelwayo okanye yimizekeliso nje. Umbhali wencwadi ethi ityhila uYesu “wokwenene,” uthi amabali emimangaliso ekuthiwa yenziwa nguKristu “yintengiso” nje yokukhuthaza ubuKristu.

Abanye bayigqala imimangaliso ekuthiwa yenziwa nguYesu njengobumenemene nje obuphandle. Abanye bade bathi noYesu uyakhohlisa. UJustin Martyr wenkulungwane yesibini kwiXesha Eliqhelekileyo, wathi abantu abamhlaba amadlala uYesu “bada bathi wenza imilingo waza waqhatha abantu.” Abanye bathi uYesu “akazange enze imimangaliso njengomprofeti ongumYuda, kodwa njengomenzi wemilingo, umntu oqeqeshwe kwiitempile zobuhedeni.”

Into Engenakwenzeka

Usenokuvakalelwa kukuba amathandabuzo anjalo angunobangela wesizathu sokuba abantu bemathidala ukukholelwa kwimimangaliso. Bakufumanisa kunzima, yaye kungenakwenzeka, ukuvuma ukuba kukho amandla angaphezu kwawemvelo anokwenza imimangaliso. Omnye umntu oselula othi akakholelwa kubukho bukaThixo uthi: “Imilingo ayikho—qha ke.” Wandula wacaphula amazwi esithandi sobulumko saseSkotilani senkulungwane ye-18 uDavid Hume, owabhala wathi: “Ummangaliso awuvisisani nomthetho wendalo.”

Noko ke, baninzi abathi abanakutsho ngokuqinisekileyo ukuba into ethile ayinakwenzeka. IThe World Book Encyclopedia ithi umlingo “sisiganeko esingenakucaciswa ngokwemithetho yendalo.” Ngokutsho kwale nkcazelo, ukuhambahamba esibhakabhakeni, ifowuni engenazingcingo, nesatellite, zonke ezi zinto beziya kubonakala “njengemimangaliso” kwinkulungwane nje enye edluleyo. Ngokuqinisekileyo asibobulumko ukuthi imimangaliso ayinakwenzeka kuba nje singakwazi ukuyicacisa ngolwazi esinalo ngoku.

Ukuba sihlolisisa obunye ubungqina beZibhalo obuthetha ngemimangaliso eyenziwa nguYesu Kristu, yintoni esiza kuyifumanisa? Ngaba imimangaliso ekuthiwa yenziwa nguYesu iyinyaniso okanye bubuxoki?