Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyayoliswa “Ngumthetho KaYehova”?

Ngaba Uyayoliswa “Ngumthetho KaYehova”?

Ngaba Uyayoliswa “Ngumthetho KaYehova”?

“Unoyolo umntu . . . oyoliswa ngumthetho kaYehova.”—INDUMISO 1:1, 2.

1. Kutheni thina njengabakhonzi bakaYehova sonwabile?

 UYEHOVA uyasixhasa aze asisikelele njengabakhonzi bakhe abanyanisekileyo. Liyinyaniso elokuba sijamelana nezilingo ezininzi. Sekunjalo, sinolonwabo lokwenene. Oku akumangalisi, kuba sikhonza ‘uThixo onoyolo,’ yaye umoya wakhe oyingcwele usenza sivuye. (1 Timoti 1:11; Galati 5:22) Uvuyo lulonwabo lokwenene olubangelwa kukulindela okanye ukufumana into elungileyo. Yaye ngokuqinisekileyo uBawo wethu wasezulwini usinika izipho ezilungileyo. (Yakobi 1:17) Yaye oko kusibangela sonwabe!

2. Ziziphi iindumiso esiza kuziqwalasela?

2 Ulonwabo yinto ebalaseliswayo kwincwadi yeeNdumiso. Ngokomzekelo, oku kunjalo ngeNdumiso 1 neyesi-2. Abalandeli bokuqala bakaYesu Kristu bathi indumiso yesibini yabhalwa nguKumkani wakwaSirayeli, uDavide. (IZenzo 4:25, 26) Umqambi ongabizwanga ngagama wendumiso yokuqala uqalisa ingoma yakhe ephefumlelweyo ngala mazwi: “Unoyolo umntu ongahambanga ngecebo labangendawo.” (INdumiso 1:1) Kweli nqaku nakwelilandelayo, siza kukhe siqwalasele indlela INdumiso 1 neyesi-2 ezisinika ngayo isizathu sokuvuya.

Imfihlelo Yolonwabo

3. Ngokutsho kweNdumiso 1:1, ziziphi ezinye zezizathu zokuba umntu othobela umthetho kaThixo onwabe?

3 INdumiso 1 ibonisa isizathu sokuba umntu othobela imithetho kaThixo onwabile. Echaza ezinye zezizathu zokonwaba, umdumisi ucula esithi: “Unoyolo umntu ongahambanga ngecebo labangendawo, ongemanga endleleni yaboni, nongahlalanga esihlalweni sabagculeli.”—INdumiso 1:1.

4. Yiyiphi indlela engumzekelo uZekariya noElizabhete ababephila ngayo?

4 Ukuze sonwabe ngokwenene, simele siphile ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova. UZekariya noElizabhete, ababa nenyhweba yokuba ngabazali bakaYohane umBhaptizi, “babengamalungisa phambi koThixo ngenxa yokuhamba ngokungenakusoleka ngokuvumelana nayo yonke imiyalelo neemfuneko ezisemthethweni zikaYehova.” (Luka 1:5, 6) Nathi sinokonwaba ukuba silandela ikhondo elifanayo size sizimisele ngamandla ‘ukukuphepha ukuhamba ngecebo labangendawo’ okanye sikhokelwe ngamacebo abo okungahloneli Thixo.

5. Yintoni enokusinceda siyiphephe ‘indlela yaboni’?

5 Ukuba siyayiphepha indlela abacinga ngayo abangendawo, siya kuba ‘asimanga endleleni yaboni.’ Ngokoqobo asisayi kufunyanwa kwiindawo abaqhele ukufunyanwa kuzo—iindawo zabantu abaziwa ngokuzonwabisa ngokuziphatha okubi okanye iindawo ezidume kakubi. Kuthekani ukuba sijamelene nesilingo sokulandela aboni kwikhondo labo elingavisisaniyo neZibhalo? Ngoko ke masithandazele uncedo lukaThixo ngokuvisisana namazwi ompostile uPawulos athi: “Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo. Kuba bunabudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho? Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?” (2 Korinte 6:14) Ukuba sithembela kuThixo yaye ‘sisulungekile entliziyweni,’ siya kuwuphepha umoya nendlela yokuphila yaboni yaye siya kuba neminqweno neenjongo ezintle, ‘nokholo olungenaluhanahaniso.’—Mateyu 5:8; 1 Timoti 1:5.

6. Kutheni sifanele sibalumkele abagculeli?

6 Ukuze sikholise uYehova, ngokuqinisekileyo sifanele ‘singahlali esihlalweni sabagculeli.’ Bambi abakuboni kuyimfuneko ukuthotyelwa kwemithetho kaThixo, kodwa kule ‘mihla yokugqibela,’ abo babengamaKristu nabaye bangabawexuki badla ngokuba ngabagculeli abanolunya. Umpostile uPetros wawalumkisa amanye amakholwa esithi: “Zintanda, . . . niyakwazi oku kuqala, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika abagculeli nokugculela kwabo, beqhubeka ngokweminqweno yabo baze bathi: ‘Buphi obu bukho bakhe buthenjisiweyo? Kuba ukususela ngomhla ookhokho bethu abalala ngawo ekufeni, zonke izinto zisaqhubeka kanye njengasekuqaleni kwendalo.’” (2 Petros 3:1-4) Ukuba ‘asihlali esihlalweni sabagculeli,’ ngokuqinisekileyo siya kuyiphepha intlekele eya kubehlela.—IMizekeliso 1:22-27.

7. Sinokuwathobela njani amazwi afumaneka kwiNdumiso 1:1?

7 Ngaphandle kokuba siyawathobela amazwi okuqala eNdumiso 1, sinokulahlekelwa yimilinganiselo yokomoya esiyifumene ngokufundisisa iZibhalo. Enyanisweni, imeko yethu isenokuya isiba mbi nangakumbi. Oku kusenokuqalisa ukwenzeka xa silandela isiluleko sabangendawo. Emva koko sinokunxulumana nabo rhoqo. Ekugqibeleni, sinokude sibe ngabawexuki abangenalukholo nabagculeli. Ngokucacileyo, ukuba nobuhlobo nabangendawo kusenokusenza sibe nomoya ongahambisani nokaThixo yaye sinokuphelisa ulwalamano lwethu noYehova uThixo. (1 Korinte 15:33; Yakobi 4:4) Ngamana singangaze sikuvumele oko kwenzeke kuthi!

8. Yintoni eya kusinceda ukuze sihlale sicinga ngezinto zokomoya?

8 Umthandazo uya kusinceda sihlale sicinga ngezinto zokomoya size sikuphephe ukuba nabahlobo nabantu abangendawo. UPawulos wabhala: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” Lo mpostile wakhuthaza ukuba sihlale sicinga ngezinto eziyinyaniso, ezizezenkxalabo enzulu, ezibubulungisa, ezinyulu, ezithandekayo, ekuthethwa kakuhle ngazo, ezinesidima nezincomekayo. (Filipi 4:6-8) Ngamana singaphila ngokuvumelana nesiluleko sikaPawulos singaze sifane nabantu abangendawo.

9. Nangona sikuphepha ukwenza izinto ezingendawo, sizama njani ukunceda bonke abantu?

9 Nangona sizithiyile izenzo ezingendawo, ngobuchule sishumayela kwabanye, “ngobulungisa nokuzeyisa nomgwebo oza kuza,” kanye njengokuba umpostile uPawulos wenzayo kwiRhuluneli engumRoma uFeliks. (IZenzo 24:24, 25; Kolose 4:6) Sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kubo bonke abantu, yaye sibaphatha ngobubele. Siqinisekile ukuba abo ‘banotyekelo olufanelekileyo’ baya kuba ngamakholwa baze bayoliswe ngumthetho kaThixo.—IZenzo 13:48.

Uyoliswa Ngumthetho KaYehova

10. Yintoni eya kusinceda ukuze oko sikufundayo ngamaxesha esifundo sobuqu kubetheleleke engqondweni nasentliziyweni?

10 Ngokuphathelele umntu onoyolo, umdumisi wongezelela esithi: ‘Uyoliswa ngumthetho kaYehova, ufunda emthethweni wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku.’ (INdumiso 1:2) Njengabakhonzi bakaThixo, ‘siyayoliswa ngumthetho kaYehova.’ Nanini na kunokwenzeka, xa sinesifundo sobuqu naxa sicamngca, sinokufunda ‘ngesandi esiphantsi,’ siwaphimisele amagama. Ukwenjenjalo xa sifunda nayiphi na inxalenye yeZibhalo kuya kusinceda ukuze oko sikufundayo kubetheleleke engqondweni nasentliziyweni.

11. Kutheni sifanele siyifunde iBhayibhile “imini nobusuku”?

11 ‘Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ liye lasikhuthaza ukuba sifunde iBhayibhile imihla ngemihla. (Mateyu 24:45) Ngenxa yomnqweno onamandla wokufuna ukuqhelana ngokungakumbi namazwi uYehova awabhalela abantu, sisenokuyifunda iBhayibhile “imini nobusuku”—ewe, kwanaxa siphuthelwe. UPetros wasikhuthaza: “Njengeentsana ezisandul’ ukuzalwa, langazelelani ubisi olungangxengwanga lwelizwi, ukuze ngalo nikhulele elusindisweni.” (1 Petros 2:1, 2) Ngaba uyakuvuyela ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla uze ebusuku ucamngce ngeLizwi likaThixo nangeenjongo zakhe? Umdumisi wayesenjenjalo.—INdumiso 63:6.

12. Yintoni esiya kuyenza ukuba siyayoliswa ngumthetho kaYehova?

12 Ukuze sonwabe ngonaphakade sifanele siyoliswe ngumthetho kaThixo. Ugqibelele yaye ububulungisa, yaye kukho umvuzo omkhulu ekuwugcineni. (INdumiso 19:7-11) Umfundi uYakobi wabhala: “Umntu oqondela kumthetho ogqibeleleyo wenkululeko, nalowo uzingisayo kuwo, yena lowo, ngenxa yokuba uye, akaba ngovayo aze alibale, kodwa waba ngumenzi womsebenzi, uya kuba noyolo ekuwenzeni kwakhe.” (Yakobi 1:25) Ukuba ngokwenene siyayoliswa ngumthetho kaYehova, alusayi kudlula usuku singakhange siqwalasele izinto zokomoya. Enyanisweni, siya kukhuthazwa ukuba ‘siphengulule ezintweni ezinzulu zikaThixo’ size izinto zoBukumkani sizibeke kwindawo yokuqala ebomini bethu.—1 Korinte 2:10-13; Mateyu 6:33.

Uba Njengomthi

13-15. Sinokuba njengomthi otyalwe ngasemanzini amaninzi ngayiphi ingqiqo?

13 Ngokubhekele phaya echaza umntu othe tye, umdumisi uthi: “Uya kuba njengomthi otyalwe ngakwimisinga yamanzi, onika isiqhamo sawo ngexesha lawo nonamahlamvu angabuniyo, yaye konke akwenzayo kuya kuphumelela.” (INdumiso 1:3) Njengabo bonke abanye abantu abangafezekanga, thina sikhonza uYehova sijamelana neengxaki ebomini. (Yobhi 14:1) Sisenokutshutshiswa yaye sijamelane nezinye izilingo ezivavanya ukholo lwethu. (Mateyu 5:10-12) Noko ke, ngoncedo lukaThixo siyakwazi ukusingatha ezi zilingo ngendlela ephumelelayo, kanye njengokuba umthi ophilileyo ukwazi ukunyamezela umoya onamandla.

14 Umthi otyalwe ngakwindawo enamanzi angatshiyo awubuni xa kushushu nangexesha lembalela. Ukuba singabantu abamhlonelayo uThixo, sifumana amandla avela kuMthombo ongekhe usilele—uYehova uThixo. UPawulos wayelucela kuThixo uncedo yaye wakwazi ukuthi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo [uYehova].” (Filipi 4:13) Xa sikhokelwa yaye sisomelezwa ngumoya oyingcwele kaYehova, asityhafi, singabi naziqhamo okanye sife ngokomoya. Sivelisa iziqhamo enkonzweni kaThixo yaye sibonakalisa isiqhamo somoya wakhe.—Yeremiya 17:7, 8; Galati 5:22, 23.

15 Ngokusebenzisa igama lesiHebhere eliguqulelwa ngokuthi ‘njengo,’ umdumisi usebenzisa isifaniso. Uthelekisa izinto ezimbini ezingafaniyo, nangona zinophawu oluthile ezifana ngalo. Abantu bahlukile kwimithi, kodwa ukuchuma komthi otyalwe ngasemanzini kubonakala ukuba kwamkhumbuza umdumisi ngokuchuma okungokomoya kwabo ‘bayoliswa ngumthetho kaYehova.’ Ukuba siyayoliswa ngumthetho kaThixo, imihla yethu iya kuba njengemihla yomthi. Enyanisweni, sinokuphila ngonaphakade.—Yohane 17:3.

16. Kutheni ‘into yonke esiyenzayo iphumelela’ yaye oko kwenzeka njani?

16 Njengokuba silandela ikhondo elithe tye, uYehova uyasinceda ukuze sikwazi ukunyamezela izilingo nobunzima. Siyavuya yaye sivelisa iziqhamo enkonzweni kaThixo. (Mateyu 13:23; Luka 8:15) ‘Yonke into esiyenzayo iyaphumelela’ ngenxa yokuba injongo yethu eyintloko kukwenza ukuthanda kukaYehova. Ekubeni iinjongo zakhe zisoloko ziphumelela yaye siyoliswa yimithetho yakhe, senza inkqubela ngokomoya. (Genesis 39:23; Yoshuwa 1:7, 8; Isaya 55:11) Oku kunjalo naxa sijamelene nobunzima.—INdumiso 112:1-3; 3 Yohane 2.

Abangendawo Babonakala Bephumelela

17, 18. (a) Umdumisi ubafanisa nantoni abangendawo? (b) Enoba abangendawo bayaphumelela ngokwezinto eziphathekayo, kutheni bengahlali benqabisekile?

17 Hayi indlela eyahluke ngayo imeko yabangendawo kuleyo yamalungisa! Abangendawo basenokubonakala ngathi okomzuzwana bayaphumelela ngokwezinto eziphathekayo, kodwa abenzi nkqubela ngokomoya. Oku kubonakala kumazwi alandelayo omdumisi: “Abanjalo ke bona abangendawo, kunoko banjengomququ ophetshethwa ngumoya. Kungenxa yoko bengayi kuma emgwebeni abangendawo, naboni kwindibano yamalungisa.” (INdumiso 1:4, 5) Phawula ukuba umdumisi uthi, “abanjalo ke bona abangendawo.” Uthetha ukuba abafani nabantu abahlonel’ uThixo, abasandul’ ukufaniswa nemithi ephila ixesha elide nevelisa isiqhamo.

18 Enoba abantu abangendawo bangaphumelela ngokwezinto eziphathekayo, abanqabisekanga ngonaphakade. (INdumiso 37:16; 73:3, 12) Bafana nendoda engenangqiqo uYesu awayikhankanya kumzekeliso xa wayecelwa ukuba abe ngumahluli kumbandela welifa. UYesu wabaxelela oku abo babelapho: “Gcinani amehlo enu evulekile nize nizilinde kulo lonke uhlobo lwenkanuko, kuba kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” UYesu wayizekelisa le ngongoma ngokubalisa ngomhlaba wenye indoda esisityebi owachuma gqitha kangangokuba yaceba ukubadiliza oovimba bayo ukuze yakhe abakhulu ngakumbi ukuze ikwazi ukufaka zonke izinto zayo ezintle. Yandula ke le ndoda yazixelela ukuba ukususela ngelo xesha iza kudla, isele ize izonwabise. Kodwa uThixo wathi: “Wena ungenangqiqo, ngobu busuku bayawufuna kuwe umphefumlo wakho. Ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uziqwebileyo?” Egxininisa ingongoma ebalulekileyo, uYesu wongezelela wathi: “Kuba njalo ngomntu oziqwebela ubuncwane kodwa engesosityebi kuThixo.”—Luka 12:13-21.

19, 20. (a) Chaza indlela mandulo ekwakubhulwa nekwakuseliwa ngayo. (b) Kutheni abangendawo befaniswa nomququ?

19 Abangendawo ‘abazozityebi kuThixo.’ Ngenxa yoko, abanqabisekanga kanye njengomququ, ixolo elicekethekileyo eligqume ukutya okuzinkozo. Emva kokuba ukutya okuzinkozo kuvuniwe kumaxesha angaphambili, kwakusisiwa kwindawo yokubhula, ngokuqhelekileyo kwindawo esithabazi nephakamileyo. Apho izilwanyana zazitsala isileyi esinamatye atsolo okanye amazinyo entsimbi ngaphantsi phezu koko kutya ukuze kuphuke iindiza kuze kwahlulwe umququ kwiinkozo. Emva koko, kwakuthatyathwa umhlakulo wokwela kuze kukhiwe yonke loo nto ize iphoswe phezulu kwicala eliza umoya. (Isaya 30:24) Iinkozo zaziwela kwindawo yokubhula, iindiza ziwele ecaleni kanti umququ wawuphetshethwa ngumoya uye kuwa kude. (Rute 3:2) Emva kokuba ezo nkozo ziye zagalelwa kwisihluzo kuze kususwe iinqalutye nezinye izinto, oko kutya kwakulungele ukugcinwa okanye kusilwe. (Luka 22:31) Kodwa umququ wawulahlwa.

20 Kanye njengokuba iinkozo eziwele emhlabeni zazigcinwa ngoxa umququ ulahliwe, ngokunjalo ke amalungisa aya kusala ngoxa abangendawo beya kushenxiswa. Noko ke, siyavuya kuba abo bangendawo kungekudala baza kushenxiswa ngonaphakade. Xa bengasekho, abantu abayoliswa ngumthetho kaYehova baya kusikelelwa gqitha. Enyanisweni, abantu abathobelayo ekugqibeleni baya kufumana isipho sikaThixo sobomi obungunaphakade.—Mateyu 25:34-46; Roma 6:23.

“Indlela Yamalungisa” Esikelelekileyo

21. UYehova ‘ubazi njani abangamalungisa’?

21 Indumiso yokuqala iqukunjelwa ngala mazwi: “UYehova uyayazi indlela yamalungisa, kodwa indlela yabangendawo iya kutshitsha.” (INdumiso 1:6) UThixo ‘ubazi njani abangamalungisa’? Kaloku, ukuba sihamba ngokuthe tye, sinokuqiniseka ukuba uBawo wethu osezulwini uyayiphawula ihambo yethu yokuhlonel’ uThixo yaye usigqala njengabakhonzi bakhe abamkelayo. Yaye ngenxa yoko, sinokuliphosa phezu kwakhe lonke ixhala lethu siqinisekile ukuba ngokwenene usikhathalele.—Hezekile 34:11; 1 Petros 5:6, 7.

22, 23. Yintoni eya kwenzeka kwabangendawo nabangamalungisa?

22 “Indlela yamalungisa” iya kuhlala ngonaphakade, kodwa abantu abangendawo nabangaguqukiyo baya kutshabalala ngenxa yomgwebo oqatha kaYehova. Yaye “indlela” yabo, ikhondo labo lobomi, liya kutshabalala nabo. Sinokuqiniseka ukuba aya kuzaliseka amazwi kaDavide athi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo. Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:10, 11, 29.

23 Hayi indlela esiya kuba noyolo ngayo ukuba sibe nelungelo lokuphila kumhlaba oyiparadesi xa abangendawo bengasekho! Abangendawo namalungisa baya kwandula ke baziyolise ngoxolo lokwenene ngoba baya kusoloko beyoliswa “ngumthetho kaYehova.” Noko ke, ngaphambi koko, sifanele sithobele “ummiselo kaYehova.” (INdumiso 2:7a) Inqaku elilandelayo liza kusinceda ukuze siwuqonde lo mmiselo nento oya kuthetha yona kuthi nakwintsapho yabantu iphela.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Kutheni onwabile umntu othobela umthetho kaThixo?

• Yintoni ebonisa ukuba siyayoliswa ngumthetho kaYehova?

• Umntu unokufana njani nomthi ofumana amanzi amaninzi?

• Indlela yamalungisa yahluka njani kuleyo yabangendawo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Umthandazo uya kusinceda sikuphephe ukunxulumana nabangendawo

[Umfanekiso okwiphepha 12]

Kutheni ilungisa lifana nomthi?