Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Wonk’ Ubani Onobuqili Uya Kwenza Ngokwazi”

“Wonk’ Ubani Onobuqili Uya Kwenza Ngokwazi”

“Wonk’ Ubani Onobuqili Uya Kwenza Ngokwazi”

UKHOKELO oluvela kwiLizwi likaThixo iBhayibhile, ‘lunqweneleka ngakumbi kunegolide—kunegolide esulungekiswe kakhulu.’ (INdumiso 19:7-10) Ngoba? Ngenxa yokuba “umthetho wesilumko [uYehova] ngumthombo wobomi, ukuze kususwe ubani kwimigibe yokufa.” (IMizekeliso 13:14) Xa sisetyenziswa, isiluleko seZibhalo asiphuculi nje kuphela umgangatho wobomi bethu kodwa sisinceda siphephe imigibe enokububeka ubomi bethu engozini. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sifune ulwazi lweZibhalo size senze ngokuvisisana noko sikufundayo!

Njengokuba kubhaliwe kwiMizekeliso 13:15-25, uKumkani uSolomon kaSirayeli wamandulo wanikela icebiso elisinceda ukuba sisebenzise ulwazi ukuze siphile ubomi obubhetele nobude. a Esebenzisa imizekeliso engqalileyo, ubonisa indlela iLizwi likaThixo elinokusinceda ngayo ukuze samkeleke kwabanye, sihlale sithembekile kubulungiseleli bethu, silujonge ngeliso elifanelekileyo uqeqesho, size sibakhethe ngobulumko abahlobo bethu. Kwakhona uthetha nangobulumko bokubashiyela ilifa abantwana bethu size sibaqeqeshe ngothando.

Ingqiqo Yenza Ubani Athandwe

USolomon uthi: “Ingqiqo elungileyo inika ubabalo, kodwa indlela yabo benza ngobuqhophololo inamagingxi-gingxi.” (IMizekeliso 13:15) Enye incwadi ithi, ngolwimi lwantlandlolo kuthiwa “ingqiqo elungileyo” okanye ukuqonda, “kuchaza ukuba nobulumko, ukukwazi ukwenza izigqibo ezihle nokuba namacebiso amahle.” Umntu oneempawu ezinjalo akakufumanisi kunzima ukuthandwa ngabanye.

Phawula amazwi obulumko uPawulos awasebenzisa xa wayethetha nomKristu onguFilemon xa wayethumela ikhoboka likaFilemon elabalekayo uOnesimo, naye owayede wangumKristu. UPawulos wambongoza uFilemon ukuba amamkele ngobubele uOnesimo, ngendlela ebeya kumamkela ngayo lo mpostile. Kaloku, uPawulos wade wakulungela nokumhlawula uFilemon nantoni na uOnesimo awayenetyala layo. Ewe, uPawulos ngewayesebenzise igunya lakhe aze amyalele uFilemon ukuba abonakalise ububele. Kodwa lo mpostile wakhetha ukuwusingatha lo mbandela ngobuchule nangothando. Ngokwenjenjalo, uPawulos wayeqinisekile ukuba uFilemon wayeya kusebenzisana naye, emenza enze nokungaphezu kokuba kwakucelwe kuye. Ngaba nathi asifanele siwaphathe ngendlela efanayo amanye amakholwa?—Filemon 8-21.

Kanti, indlela yabo banobuqhophololo, inamagingxi-gingxi, okanye “inzima.” (IBhayibhile yesiXhosa) Ngayiphi ingqiqo? Ngokutsho komnye umphengululi, igama elisetyenziswe apha lithetha “ubukhali okanye uburhabaxa, libhekisela kwindlela eyingozi abaziphatha ngayo abantu abangendawo. . . . Umntu ozimisele kwiindlela zakhe ezingendawo, ongafuni kuphulaphula nongasifuniyo isiyalo sobulumko sabanye, usendleleni eyingozi.”

USolomon uhlabela mgama athi: “Wonk’ ubani onobuqili uya kwenza ngokwazi, kodwa osisidenge uya kusasaza ngokubanzi ubudenge.” (IMizekeliso 13:16) Lo mntu unobuqili akuthethi kuthi unamaqhinga. Apha ubuqili bunxulumene nolwazi yaye bunxulunyaniswa nomntu onobulumko, oqala acinge ngaphambi kokuba enze. Xa edlelw’ indlala aze agxekwe okanye ade athukwe, umntu onobuqili uyawuqhobosha umlomo wakhe. Ngomthandazo uzama ukubonakalisa isiqhamo somoya oyingcwele ukuze angacaphuki gqitha. (Galati 5:22, 23) Umntu onobuqili akavumi ukulawulwa ngomnye umntu okanye alawulwe yimeko. Kunoko, uhlala ezolile yaye uyaziphepha iingxwabangxwaba ngokuqhelekileyo ezibangelwa ngumntu okhawuleza acaphuke xa oniwe.

Kwakhona umntu onobuqili usebenzisa ulwazi xa esenza izigqibo. Uyazi ukuba ngokuqhelekileyo ubulumko asingoqashi-qashi, ukuthabatheka, okanye ukulandela umndilili. Ngoko ke, uzipha ixesha lokuwuhlolisisa kakuhle umbandela. Uhlola zonke izibakala aze akhangele amathuba amvulekeleyo. Wandula ke ahlole iZibhalo aze enze isigqibo ngemithetho okanye imigaqo yeBhayibhile esebenzayo. Indlela yomntu onjalo ihlala ithe tye.—IMizekeliso 3:5, 6.

“Umthunywa Othembekileyo Uyaphilisa”

NjengamaNgqina kaYehova, siphathiswe umsebenzi wokuvakalisa isigidimi sikaThixo. Amazwi omzekeliso olandelayo asinceda sihlale sikwenza ngokuthembeka oko sikuthunyiweyo. Athi: “Umthunywa ongendawo uya kuwela ebubini, kodwa umthunywa othembekileyo uyaphilisa.”IMizekeliso 13:17.

Apha kugxininiswa kwiimpawu zomthunywa. Kuthekani ukuba umthunywa enenjongo embi uyasigqwetha isigidimi? Ngaba akasayi kufumana umgwebo oqatha? Cinga ngesicaka somprofeti uElisha, uGehazi, owathi ngokunyoluka wathetha ubuxoki kumphathi-mkhosi waseSiriya, uNahaman. Iqhenqa awayephiliswe kulo uNahaman lawela kuGehazi. (2 Kumkani 5:20-27) Kuthekani ukuba umthunywa akathembekanga aze ayeke ngokupheleleyo ukuvakalisa isigidimi? IBhayibhile ithi: ‘Ukuba usuka wena ungamlumkisi ongendawo endleleni yakhe, yena ekubeni engendawo uya kufa ngesiphoso sakhe, kodwa igazi lakhe uYehova uya kulibiza esandleni sakho.’—Hezekile 33:8.

Noko ke, umthunywa othembekileyo uyaziphilisa yaye uphilisa nabo bamphulaphulayo. UPawulos wayalela uTimoti esithi: “Zilumkele wena nemfundiso yakho. Hlala kwezi zinto, kuba ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.” (1 Timoti 4:16) Cinga ngokuphilisa okubangelwa kukuzivakalisa ngokuthembeka iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Kukhuthaza abantu abaneentliziyo ezintle kuze kubakhokelele enyanisweni ebakhululayo. (Yohane 8:32) Enoba abantu abafuni kusiphulaphula eso sigidimi, umthunywa onyanisekileyo ‘uya kube uwuhlangule owakhe umphefumlo.’ (Hezekile 33:9) Ngamana singangaze siwutyeshele umsebenzi wokushumayela nto leyo siyithunyiweyo. (1 Korinte 9:16) Yaye ngamana ngamaxesha onke ‘singalishumayela ilizwi,’ ngenyameko yaye singaze silingxenge ngokulalanisa.—2 Timoti 4:2.

“Osigcinayo Isohlwayo Uyazukiswa”

Ngaba umntu olumkileyo ufanele atyeshele naliphi na icebiso eliluncedo alifumanayo? IMizekeliso 13:18 ithi: “Ongayikhathalelanga ingqeqesho ufikelwa bubuhlwempu nehlazo, kodwa osigcinayo isohlwayo uyazukiswa.” Kububulumko nokusamkela isiluleko esingasicelanga. Icebiso elihle lisenokuba luncedo gqitha xa singaqondi ukuba siyalifuna. Ukuthobela isiluleko esinjalo kunokusisindisa kwiingxaki size siphephe intlekele. Ukusityeshela kuzisa ugculelo.

Ukunconywa xa kufanelekile, kuyakha yaye kuyakhuthaza. Kodwa sikwafanele sikulindele yaye sikwamkele ukukhalinyelwa. Khawucinge ngeencwadi ezimbini umpostile uPawulos azibhalela uTimoti. Ngoxa wayemncoma ngokuthembeka kwakhe, ezo ncwadi zizele sisiluleko esasisiya kuTimoti. UPawulos umyala gqitha lo mfana ukuba alondoloze ukholo nesazela esihle, asebenzisane nabanye ebandleni, enokuhlonela uThixo nokwaneliseka, efundisa abanye, aluxhathise uwexuko aze abufeze ubulungiseleli bakhe. Kuya kubanceda abaselula ebandleni ukusicela nokusamkela isiluleko kwabo banamava.

“Hamba Nezilumko”

Ukumkani osisilumko uthi: “Umnqweno ophunyeziweyo uyayolisa emphefumlweni; kodwa kuyinto ecekisekayo kwiziyatha ukusuka ebubini.” (IMizekeliso 13:19) Ngokuphathelele intsingiselo yalo mzekeliso, enye incwadi ithi: “Xa ubani ewufezile umnqweno okanye injongo yakhe, uyaneliseka . . . Ekubeni ukufeza injongo kabani kuyeyona nto imnandi, ngoko ke ukusuka ebubini kumele ukuba kuyinto ecekisekayo kwiziyatha. Iminqweno yazo izalisekiswa kuphela ngeendlela ezimbi, yaye xa kufuneka zisuke ebubini, ziphelelwa luyolo lokufeza iinjongo yazo.” Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukukhulisa iminqweno efanelekileyo!

Abahlobo bethu baziphembelela gqitha iingcamango zethu, izinto esizithandayo, nezo singazithandiyo! USolomon uvakalisa inyaniso engenakuguquka xa esithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” (IMizekeliso 13:20) Ewe, abo sinxulumana nabo, enoba kungendlela yokuzonwabisa, i-Internet, nento esiyifundayo, ithetha okuthile ngobuntu bethu nendlela esiya kuba yiyo kwixesha elizayo. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukubakhetha ngobulumko abahlobo bethu!

‘Shiya Ilifa’

Ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Aboni basukelwa yintlekele, kodwa amalungisa avuzwa ngokulungileyo.” (IMizekeliso 13:21) Ukuzabalazela ukwenza ubulungisa kunomvuzo, kuba uYehova uyawanyamekela amalungisa. (INdumiso 37:25) Noko ke, sifanele siqonde ukuba sonke sifikelwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Ngaba ikho into esinokuyenza ukuze silungiselele amaxesha kaxakeka?

USolomon uthi: “Olungileyo ushiyela oonyana boonyana ilifa.” (IMizekeliso 13:22a) Hayi indlela elixabiseke ngayo ilifa abazali abalishiyela abantwana babo xa bebanceda ukuze babe nolwazi ngoYehova baze bazakhele ulwalamano oluhle kunye naye! Kwakhona ngaba akusayi kuba bubulumko xa umzali elungiselela, ukuba kunokwenzeka, ukuyishiyela izinto eziphathekayo intsapho yakhe ukuba usenokufa ngesiquphe? Kwiindawo ezininzi, iintloko-ntsapho zisenokukwazi ukuba ne-inshorensi, zilibhale phantse ilifa, zize zibe nemali eziyilondolozayo.

Yintoni enokuthethwa ngelifa lomntu ongendawo? USolomon uhlabela mgama esithi: “Ubutyebi bomoni bugcinelwa ilungisa.” (IMizekeliso 13:22b) Ukongezelela kuzo naziphi na iinzuzo ezifumaneka ngoku, oku kuya kwenzeka ngakumbi xa uYehova ezalisekisa isithembiso sakhe sokudala “amazulu amatsha nomhlaba omtsha . . . apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Abangendawo baya kube beshenxisiwe yaye “abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba.”—INdumiso 37:11.

Umntu osisilumko usebenzisa ulwazi enoba uswele. IMizekeliso 13:23 ithi: “Umhlaba olinyiweyo wabantu abasweleyo uvelisa ukutya okuninzi, kodwa kukho otshayelwayo ngokuswela isigwebo.” Okuncinane kwandiswa kukuzibhokoxa nayintsikelelo kaThixo. Noko ke, xa kungenziwa okusesikweni, izigqibo ezingebobulumko zinokubutshayela ubutyebi.

‘Mfunele Ingqeqesho’

Abantu abangafezekanga bafuna ingqeqesho, yaye bayifuna besengabantwana. Lo kumkani wakwaSirayeli uthi: “Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe, kodwa omthandayo umfunela ingqeqesho.”IMizekeliso 13:24.

Intonga luphawu lwegunya. KwiMizekeliso 13:24 kubhekiselwa kuyo njengegunya labazali. Ngokutsho kwalo mongo, ukusebenzisa intonga yokuqeqesha akuthethi ukusoloko umbetha umntwana. Kunoko, kuthetha indlela yokumlungisa, enoba ulungiswa njani. Kwenye imeko, ukumkhalimela umntwana ngobubele kusenokuba kwanele ukulungisa ukungabi nasimilo kwakhe. Omnye umntwana usenokufuna ukukhalinyelwa okuqatha. IMizekeliso 17:10 ithi: “Ukukhalinyelwa kungena nzulu ngakumbi konokuqonda kunokubetha isiyatha izihlandlo ezilikhulu.”

Abazali bafanele besoloko beqeqesha ngothando nobulumko ukuze abantwana bazuze kulo. Umzali onothando akazibethi ngoyaba iimpazamo zomntwana wakhe. Ngokwahlukileyo koko, uyazikhangela ukuze umntwana aziyeke ngaphambi kokuba zendele ngokunzulu. Phofu ke, umzali onothando uyasithobela isiluleko sikaPawulos esithi: “Boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.”—Efese 6:4.

Kuthekani ukuba umzali unguvula-zibhuqe aze angabaqeqeshi abantwana bakhe? Ngaba loo mzali uya kubulelwa ngokuba nguvula-zibhuqe? Unotshe! (IMizekeliso 29:21) IBhayibhile ithi: “Inkwenkwe eyekelelwayo iya kumhlazisa unina.” (IMizekeliso 29:15) Ukungalisebenzisi igunya lakho njengomzali kubonisa ukungakhathali okanye ukungabi naluthando. Noko ke, ukulisebenzisa igunya lakho ngobubele nangokungqongqo kubonisa uthando.

Umntu osisilumko nothe tye osebenzisa ulwazi oluchanileyo uya kusikelelwa. USolomon usiqinisekisa esithi: “Ilungisa lidlela ukwanelisa umphefumlo walo, kodwa isisu sabangendawo siya kulamba.” (IMizekeliso 13:25) UYehova uyakwazi okusilungeleyo kuzo zonke iinkalo zobomi bethu—kwintsapho, kulwalamano lwethu nabanye, kubulungiseleli bethu, okanye xa siqeqeshwa. Yaye ukusisebenzisa ngobulumko isiluleko esifumaneka kwiLizwi lakhe, ngokungathandabuzekiyo siya kuphila ubomi obumyoli.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane iinkcukacha ngeMizekeliso 13:1-14, bona iphepha 21-5 kwiMboniselo kaSeptemba 15, 2003.

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Enoba udlelw’ idlala aze agxekwe, onobulumko uyaluqhobosha ulwimi lwakhe

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Umvakalisi woBukumkani othembekileyo ufeza lukhulu

[Umfanekiso okwiphepha 30]

Ngoxa kukhuthaza ukunconywa, simele sikwamkele ukulungiswa

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Umzali onothando akazibethi ngoyaba iimpazamo zomntwana wakhe