Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Asisaziphileli

Asisaziphileli

Asisaziphileli

“[UKristu] wafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela.”—2 KORINTE 5:15.

1, 2. Nguwuphi umyalelo weZibhalo owenza abalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala bayeka ukuzingca?

 YAYIBUBUSUKU bokugqibela bukaYesu emhlabeni. Kwiiyure nje ezimbalwa, wayeza kunikela ngobomi bakhe ngenxa yabo bonke ababonisa ukholo kuye. Ngobo busuku, waxelela abapostile bakhe abathembekileyo izinto ezininzi ezibalulekileyo. Phakathi kwezo zinto kwakukho nomyalelo wophawu ababeza kubonwa ngalo abalandeli bakhe. Wathi: “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane; kanye njengoko ndinithandileyo mna, ukuba nani nithandane. Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yohane 13:34, 35.

2 AmaKristu okwenyaniso amele abe nothando oluwenza azincame aze akhathalele iintswelo zamanye kuqala kunezawo. Akamele abe madolw’ anzima ‘nokunikela ngemiphefumlo yawo ngenxa yabahlobo bawo.’ (Yohane 15:13) AmaKristu okuqala asabela njani kulo myalelo mtsha? Kwincwadi yakhe edumileyo ethi Apology, umbhali wenkulungwane yesibini uTertullian ucaphula abantu ababethetha ngamaKristu besithi: ‘Khawubone indlela athandana ngayo; ade akulungele nokufelana.’

3, 4. (a) Kutheni simele silwe nzima notyekelo lokuzingca? (b) Yintoni esiza kuyiqwalasela kweli nqaku?

3 Nathi simele ‘siqhubeke sithwala uxanduva lomnye nomnye, yaye xa sisenjenjalo sizalisekisa umthetho kaKristu.’ (Galati 6:2) Kodwa, ukuzingca ngomnye weyona miqobo esithintelayo ekuthobeleni umthetho kaKristu ‘nasekuthandeni uYehova uThixo wethu ngentliziyo, ngomphefumlo nangengqondo yethu iphela, nasekuthandeni abamelwane bethu njengathi siqu.’ (Mateyu 22:37-39) Ngenxa yokungafezeki, sinotyekelo lokuzingca. Ukongezelela koku, kukho uxinezeleko lwamihla le, ukhuphiswano esikolweni okanye emsebenzini nokufuna iindlela zokuphila ibe ngenxa yezi zinto luya lukhula ngamandla utyekelo lokuzingca. Elumkisa ngoku, umpostile uPawulos wathi: “Ngemihla yokugqibela . . . abantu baya kuba ngabazithandayo.”—2 Timoti 3:1, 2.

4 Ngasekupheleni kobulungiseleli bakhe emhlabeni, uYesu wachazela abafundi bakhe ngamanyathelo amathathu awayeza kubanceda bayeke ukuzingca. Ngawaphi loo manyathelo, yaye anokusinceda njani?

Eyona Nto Inokusinceda!

5. Ngoxa wayeshumayela kumantla eGalili, yintoni uYesu awayixelela abafundi bakhe, yaye kwakutheni ukuze ibothuse?

5 UYesu wayeshumayela kufutshane neKesareya yaseFilipi kumantla aseGalili. Kusenokwenzeka ukuba lo mmandla uzolileyo nothi ndijonge wawufaneleka ukuba yindawo yokubethwa ngumoya. Noko ke, ngoxa elapho, uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba “umele aye eYerusalem, afumane imbandezelo kumadoda amakhulu nakubabingeleli abaziintloko nababhali, abulawe, aze avuswe ngomhla wesithathu.” (Mateyu 16:21) Kumele ukuba kwabothusa gqitha abafundi bakaYesu oku, kaloku de kube ngoko babesalindele ukuba le Nkokeli yabo imisele uBukumkani bayo emhlabeni.—Luka 19:11; IZenzo 1:6.

6. Kwakutheni ukuze uYesu amkhalimele qatha uPetros?

6 Ngokukhawuleza uPetros “wamthabathela bucala [uYesu] waza wamkhalimela, esithi: ‘Yiba nobubele kuwe, Nkosi; akuyi kuba nesi siphelo konke konke.’” Wasabela njani uYesu? “Emnikela umva, wathi kuPetros: ‘Suka uye emva kwam, Sathana! Usisikhubekiso kum, ngenxa yokuba ucinga, kungekhona iingcamango zikaThixo, kodwa ezabantu.’” Oku kubonisa ukuba babengaboni ngasonye kwaphela. Ngokuzithandela uYesu wazincama ukuze enze oko akuthunywe nguThixo—isenzo esasiza kumbulalisa kwisibonda sentuthumbo kwiinyanga nje ezimbalwa. UPetros wamcebisa ukuba akhethe indlela elula. Wathi: “Yiba nobubele kuwe.” Akuthandabuzeki ukuba uPetros wayeneenjongo ezintle ngokutsho oko. Ukanti, uYesu wamkhalimela uPetros kuba wayevumela impembelelo kaSathana. UPetros akazange ‘acinge ngendlela kaThixo, kodwa wacinga ngokwabantu.’—Mateyu 16:22, 23.

7. Njengokuba kubhalwe kuMateyu 16:24, liliphi inyathelo uYesu awabonisa ukuba lifanele lilandelwe ngabalandeli bakhe?

7 Nanamhlanje asekho amazwi afana nalawo athethwa nguPetros kuYesu. Ihlabathi lidla ngokukhuthaza abantu ukuba ‘bangazithwalisi ubunzima’ okanye ‘bakhethe ezona ndlela zilula.’ Ukanti, uYesu wancomela isimo sengqondo esahluke ngokupheleleyo kweso. Wathi kubafundi bakhe: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame, athabathe isibonda sakhe sentuthumbo aze aqhubeke endilandela.” (Mateyu 16:24) IThe New Interpreter’s Bible ithi, “la mazwi akamemi bantu bangaphandle ukuba babe ngabafundi, kodwa afuna abo sele belandela uKristu bacingisise nzulu ngokuba ngumfundi.” Njengokuba esi sibhalo sibonisa, uYesu uchaza amanyathelo amathathu amele alandelwe ngamaKristu. Makhe siqwalasele ngalinye kula manyathelo.

8. Chaza oko kuthethwa kukuzincama.

8 Inyathelo lokuqala, simele sizincame. Igama lesiGrike elithetha ‘ukuzincama’ libonisa ukuzimisela ukulwa neminqweno yokuzingca okanye yezinto ezithandwa nguwe. Ukuzincama akuthethi kuncama iziyolo nje ezithile ngamaxesha athile; kungathethi nokuba masiphile kabuhlungu singonwabi. ‘Asisengobethu’ kuba ngokuzithandela sinikela ubomi bethu bonke nento yonk’ esinayo kuYehova. (1 Korinte 6:19, 20) Endaweni yokuzingca, simele sizimisele ukukhonza uThixo. Ukuzincama kuthetha ukuzimisela ukwenza ukuthanda kukaThixo, nakuba oko kusenokungqubana notyekelo lokungafezeki esinalo. Sibonisa ukuba sizinikele kuThixo kuphela xa sizahlulela kuye size sibhaptizwe. Emva koko sizabalazela ukuphila ngokuvisisana noko kuzahlulela ubomi bethu bonke.

9. (a) Xa uYesu wayelapha emhlabeni, sasimela ntoni isibonda sentuthumbo? (b) Sisithabatha njani isibonda sethu sentuthumbo?

9 Inyathelo lesibini kukuba simele sithabathe isibonda sethu sentuthumbo. Kwinkulungwane yokuqala, isibonda sentuthumbo sasimela ukubandezeleka, ihlazo nokufa. Ngokuqhelekileyo, yayiba zizaphuli-mthetho kuphela ezibulawelwa kuso okanye kuxhonywa izidumbu zazo kuso. Ngala mazwi, uYesu wayebonisa ukuba, ekubeni engeyonxalenye yehlabathi umKristu umele akulungele ukutshutshiswa, athiywe, okanye ade abulawe. (Yohane 15:18-20) Imilinganiselo yobuKristu isenza sahluke ehlabathini, ngoko ihlabathi ‘lisenokusitshabhisa.’ (1 Petros 4:4) Oku kunokwenzeka esikolweni, emsebenzini, nkqu nasentsatsheni. (Luka 9:23) Nakuba kunjalo, sizimisele ukuyinyamezela le ntiyo yehlabathi kuba asisaziphileli. UYesu wathi: “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam. Yibani nemihlali nixhume ngovuyo, ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini.” (Mateyu 5:11, 12) Enyanisweni, eyona nto ibalulekileyo kukuba uThixo akholiswe sithi.

10. Yintoni ebandakanyekileyo ekuqhubekeni silandela uYesu?

10 Inyathelo lesithathu, uYesu Kristu wathi simele siqhubeke simlandela. Ngokutsho kweAn Expository Dictionary of New Testament Words, kaW. E. Vine, ukulandela kuthetha ukuba liqabane—“ukuhamba nomntu indlela enye.” Eyokuqala kaYohane 2:6 ithi: “Lowo uthi uhleli emanyene naye [uThixo] ubophelelekile ukuba naye ngokwakhe aqhubeke ehamba kanye njengoko yena [uKristu] lowo wahambayo.” Wayehamba njani uYesu? Ukuthanda kukaYesu uYise wasezulwini nabafundi bakhe kwamenza akakwazi ukuzingca. UPawulos wabhala: “KwanoKristu akazange azikholise yena ngokwakhe.” (Roma 15:3) Kwanaxa ediniwe okanye elambile, uYesu wayekhathalela iintswelo zabanye kuqala kunezakhe. (Marko 6:31-34) Kwakhona uYesu wazibhokoxa ngamandla ekushumayeleni ngoBukumkani nakumsebenzi wokufundisa. Ngaba asifanele simxelise njengoko siphumeza ngenzondelelo uthumo lwethu ‘lokwenza abafundi abantu beentlanga zonke, sibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto eziyalelwe nguYesu’? (Mateyu 28:19, 20) Ngandlela zonke, uKristu wasishiya nomzekelo, yaye simele ‘silandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’—1 Petros 2:21.

11. Kutheni kufuneka sizincame, sithabathe isibonda sethu sentuthumbo size siqhubeke silandela uYesu Kristu?

11 Kufuneka sizincame, sithabathe isibonda sethu sentuthumbo size siqhubeke silandela lowo unguMzekelo wethu. Xa sisenjenjalo silwa nokuzingca—eyona nto isenza singakwazi ukuzincama. Ngapha koko, uYesu wathi: “Nabani na ofuna ukuwusindisa umphefumlo wakhe uya kulahlekelwa nguwo; kodwa nabani na olahlekelwa ngumphefumlo wakhe ngenxa yam uya kuwufumana. Kuba koba nayiphi na ingenelo ngomntu ukuzuza ihlabathi liphela kodwa aphulukane nomphefumlo wakhe? okanye anganikela ngantoni na umntu esikhundleni somphefumlo wakhe?”—Mateyu 16:25, 26.

Asinako Ukukhonza Iinkosi Ezimbini

12, 13. (a) Yintoni awayefuna ukuyazi umlawuli oselula owacela icebiso kuYesu? (b) Liliphi icebiso awamnika lona uYesu, yaye kwakutheni?

12 Kwiinyanga ezithile emva kokuba uYesu ebethelele imfuneko yokuzincama kubafundi, kweza kuye umlawuli osisityebi oselula wathi: “Mfundisi, kukuphi okulungileyo endimele ndikwenze ukuze ndifumane ubomi obungunaphakade?” UYesu wathi ‘makaqhubeke egcina imiyalelo’ waza wacaphula eminye yaloo miyalelo. Lo mfana wathi: “Ndiye ndazigcina zonke ezi zinto.” Kuyabonakala ukuba wayenyanisekileyo yaye wenza konke okusemandleni ukuze athobele uMthetho. Ngoko wabuza: “Yintoni endisayisweleyo?” Ephendula, uYesu wenza isimemo esikhethekileyo, wathi kulo mfana: “Ukuba ufuna ukugqibelela, hamba uye kuthengisa impahla yakho uze unike amahlwempu yaye uya kuba nobuncwane ezulwini, uze ube ngumlandeli wam.”—Mateyu 19:16-21.

13 UYesu wabona ukuba ukuze lo mfana akhonze uYehova ngomphefumlo uphela, kwakufuneka ahlukane neyona nto yayimphazamisa ebomini—ubutyebi bakhe. Umfundi wokwenene kaKristu akanakukhonza iinkosi ezimbini. ‘Akanakukhonza uThixo nobuTyebi.’ (Mateyu 6:24) Kufuneka abe ‘neliso elingenakumbi’ elihlala likhangele kwizinto zokomoya. (Mateyu 6:22) Ukwahlukana kukabani nezinto zakhe aze azinike amahlwempu sisenzo sokuzincama. UYesu wathembisa lo mlawuli uselula ukuba xa encama izinto zakhe eziphathekayo, wayeza kufumana ilungelo elingenakuthelekiswa nanto lokuziqwebela ubuncwane ezulwini—ubuncwane obabuza kuthetha ubomi obungunaphakade buze bumnike nethemba lokulawula noKristu ezulwini ekugqibeleni. Lo mfana wayengakulungelanga ukuzincama. “Wemka ebuhlungu, kuba wayenezinto ezininzi.” (Mateyu 19:22) Noko ke, bakho abalandeli bakaYesu abasabela ngendlela eyahlukileyo kuleyo.

14. Basabela njani abalobi beentlanzi abane kwisimemo sikaYesu sokuba bamlandele?

14 Kwiminyaka emibini ngaphambilana, uYesu wenza isimemo esifanayo kubalobi beentlanzi abane uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane. Ababini kubo wabafumana beloba, ngoxa ababini babexakekile belungisa iminatha yabo. UYesu wathi kubo: “Ndilandeleni, ndonenza abalobi babantu.” Bobane baphetha belishiyile ishishini labo lokuloba balandela uYesu ubomi babo bonke.—Mateyu 4:18-22.

15. Sisiphi isenzo sokuzincama esenziwa lelinye iNgqina likaYehova namhlanje ukuze lilandele uYesu?

15 AmaKristu amaninzi namhlanje aye axelisa umzekelo wabo balobi beentlanzi bane kunalowo womlawuli oselula osisityebi. Aye ancama ubutyebi namathuba okuzenzela igama kweli hlabathi ukuze akwazi ukukhonza uYehova. “Xa ndandineminyaka engama-22, kwafuneka ndenze isigqibo esibalulekileyo,” utsho njalo uDeborah. Enaba ngoku uthi: “Ndandifunde iBhayibhile kangangeenyanga ezintandathu, ibe ndifuna ukuzahlulela kuYehova, kodwa ekhaya babengafuni kuva nento le. Babengoosozigidi bezinhanha, bevakalelwa kukuba xa ndiliNgqina kuya kubazisela ihlazo oko. Bandinika iiyure ezingama-24 zokuba ndikhethe—phakathi kobomi obutofotofo okanye inyaniso. Xa ndingahlukani namaNgqina, ndandingayi kushiywa nalifa. UYehova wandinceda ndenz’ isigqibo esifanelekileyo ibe wandomeleza andagungqa kuso. Kule minyaka ingama-42 idluleyo ndikwinkonzo yexesha elizeleyo andizisoli nakancinane. Ngokugatya ubomi bokuzingca, nokuphilel’ iziyolo, ndiye ndasinda kubomi obungenanjongo nobungenalonwabo endibubona buphilwa ngamalungu entsapho yakuthi. Sinomyeni wam, siye sanceda abantu abangaphezu kwekhulu bafunda inyaniso. Kum, aba bantwana bokomoya baxabiseke ngaphezu kwabo nabuphi na ubutyebi bezinto eziphathekayo.” Kukho izigidi zamanye amaNgqina kaYehova angqinelana naye. Kuthekani ngawe?

16. Sinokubonisa njani ukuba asisaziphileli?

16 Ngenxa yokunqwenela ukungaziphileli amawaka amaNgqina kaYehova aye aba ngoovulindlela, okanye abavakalisi boBukumkani bexesha elizeleyo. Amanye, ezingavumiyo iimeko zawo ukuba abe kubulungiseleli bexesha elizeleyo, ahlakulela umoya wobuvulindlela yaye enza konke okusemandleni ukuze axhase umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Abazali babonisa isimo sengqondo esifanayo xa bechitha ixesha elininzi baze bancame izinto abazithandayo ukuze baqeqeshele abantwana babo kwizinto zokomoya. Ngandlel’ ithile, sonke sinokubonisa ukuba sibeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala kubomi bethu.—Mateyu 6:33.

Luthando Lukabani Olusinyanzelayo?

17. Yintoni esenza sifune ukuzincama?

17 Asinto ilula ukuba nothando olwenza uzincame. Kodwa cinga ngeyona nto esinyanzela ukuba sibe nalo. UPawulos wathi: “Uthando analo uKristu luyasinyanzela, ngenxa yokuba siye sagqiba kwelokuba, umntu omnye wabafela bonke . . . Yaye wafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena lowo wabafelayo waza wavuswa.” (2 Korinte 5:14, 15) Luthando lukaKristu olusinyanzela ukuba singabi saziphilela. Le yintshukumisa enamandla gqitha. Ekubeni uKristu wasifelayo, ngaba asimele sizive sinyanzelekile ukuphilela yena? Enyanisweni, ukuba nombulelo ngothando olunzulu oluboniswe nguThixo noKristu kuthi kumele kusenze sizive sinyanzelekile ukwahlulela ubomi bethu kuThixo size sibe ngabafundi bakaKristu.—Yohane 3:16; 1 Yohane 4:10, 11.

18. Kutheni ibalulekile nje into yokuzincama?

18 Ngaba ibalulekile into yokungabi saziphilela? Emva kokuba umlawuli oselula osisityebi esikhabile isimemo sikaKristu waza wemka, uPetros wathi: “Khangela! Sishiye zonke izinto saza sakulandela; yintoni okunene esiya kuyifumana?” (Mateyu 19:27) UPetros nabanye abapostile babezincame ngokwenene. Wawuza kuba yintoni umvuzo wabo? Okokuqala uYesu wabachazela ngelungelo ababeza kulifumana lokulawula kunye naye ezulwini. (Mateyu 19:28) Kwakweso sihlandlo, wabhekisela kwiintsikelelo ezaziza kufunyanwa ngabo bonke abalandeli bakhe. Wathi: “Akukho bani ushiye indlu okanye abantakwabo okanye oodade wabo okanye unina okanye uyise okanye abantwana okanye amasimi ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ongayi kufumana ngokuphindwe kalikhulu ngoku kwesi sihlandlo sexesha . . . nakwinkqubo yezinto ezayo ubomi obungunaphakade.” (Marko 10:29, 30) Sizuza iingenelo ezingaphezulu le kwizinto esizincamayo. Ngaba ootata, oomama, abantakwethu, oodadewethu nabantwana bethu bokomoya abaxabisekanga ngaphezu kwayo nantoni na esiyincama ngenxa yoBukumkani? Nguwuphi awafumana obona bomi bunomvuzo—nguPetros okanye ngumlawuli oselula osisityebi?

19. (a) Lufumaneka njani ulonwabo lokwenene? (b) Yintoni esiza kuxubusha ngayo kwinqaku elilandelayo?

19 Ngezinto awayezithetha nangezo wayezenza, uYesu wabonisa ukuba ulonwabo lufumaneka ekupheni nasekukhonzeni, kungekhona ekuzingceni. (Mateyu 20:28; IZenzo 20:35) Xa singasaziphileli kodwa siqhubeka silandela uKristu, sifumana ulwaneliseko olukhulu kobu bomi futhi sibe nethemba lokuphila ubomi obungunaphakade kwixa elizayo. Kakade ke, xa sizincama, siba ngabakaYehova. Ngoko siba ngamakhoboka kaThixo. Kutheni kukho umvuzo ekubeni ngamakhoboka akhe? Ukuba ngamakhoboka akhe kuzichaphazela njani izigqibo esizenzayo ebomini? Inqaku elilandelayo liza kuxubusha le mibuzo.

Usakhumbula Na?

• Kutheni sifanele silwe notyekelo lwethu lokuzingca?

• Kuthetha ukuthini ukuzincama, ukuthabatha isibonda sethu sentuthumbo, nokuqhubeka silandela uYesu?

• Yintoni esenza singabi saziphilela?

• Yintoni eyenza kubaluleke ukuphila ubomi bokuzincama?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 11]

“Yiba nobubele kuwe, Nkosi”

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Yintoni eyabangela umlawuli oselula akakwazi ukulandela uYesu?

[Imifanekiso ekwiphepha 15]

Uthando lunyanzela amaNgqina kaYehova abe ngabavakalisi boBukumkani abanenzondelelo