Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba ukutya kukaDavide namadoda akhe izonka ezingumboniso kuthetha ukuba umthetho kaThixo unokwaphulwa kuze kungabikho sohlwayo phantsi kweemeko ezinzima?—1 Samuweli 21:1-6.

Ngokutsho kweLevitikus 24:5-9, izonka ezingumboniso ezazitshintshwa rhoqo ngeSabatha zazigcinelwa ukutyiwa ngababingeleli. Lo mgaqo wasekwa kuba ezi zonka zazingcwele yaye zaziza kutyiwa ngamadoda akwinkonzo kaThixo—ababingeleli. Kwakuphosakele ukuba zinikwe nawuphi na umntu okanye zityelwe nje ukuzonwabisa. Noko ke, umbingeleli uAhimeleki akazange one xa wanika uDavide namadoda akhe ezi zonka zokubonisa.

UDavide wafika njengomntu othunywe ngokukhethekileyo nguKumkani uSawule. UDavide namadoda akhe babelambile. UAhimeleki waqinisekisa ukuba babehlambulukile. Ngoxa ukutya kwabo izonka ezingumboniso kwakungavumelekanga ngandlel’ ithile, kwakuvisisana nenjongo esisiseko yokusetyenziswa kwezo zonka. Ukuqwalasela oko kwenza uAhimeleki wabavumela ukuba batye. Naye uYesu Kristu wasebenzisa esi siganeko ukubonisa ukungafaneleki kokuba ngqongqo ngokugqithiseleyo ekugcinweni komthetho weSabatha njengoko babefuna abaFarisi.—Mateyu 12:1-8.

Noko ke, oku akuthethi kuthi umthetho kaThixo unokwaphulwa xa kuphakama iimeko ezinzima. Ngokomzekelo, kwavela ingxaki enkulu xa amajoni amaSirayeli ayesilwa namaFilisti. UKumkani uSawule wathi: “Uqalekisiwe umntu odla isonka phambi kokuba kuhlwe ndide ndiziphindezelele ezintshabeni zam!” IBhayibhile ithi: “Ngaloo mini bawaxabela amaFilisti.” Ngenxa yokulwa amajoni aphela kukudinwa nayindlala ngoko, ‘abantu bathabatha izilwanyana baza bazixhelela emhlabeni, badla negazi.’ (1 Samuweli 14:24, 31-33) Bamona uYehova ngokwaphula umthetho wakhe wegazi. Izenzo zabo zazingavumelani neyona njongo isiseko yokumisela kukaThixo umthetho wokusetyenziswa kwegazi, oko kukuthi ‘ukucanyagushelwa’ kwezono. (Levitikus 17:10-12; Genesis 9:3, 4) Ngenceba yakhe, uYehova wayamkela imibingelelo ekhethekileyo yabo bamonayo.—1 Samuweli 14:34, 35.

Ewe, uYehova ulindele ukuba sithobele imithetho yakhe phantsi kwazo zonke iimeko. Umpostile uYohane uthi: “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe.”—1 Yohane 5:3.

[Umfanekiso okwiphepha 30]

Izonka ezitsha ezingumboniso zazibekwa ngaphakathi emnqubeni rhoqo ngomhla weSabatha