Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Impembelelo KaYesu Ehlabathini Lonke

Impembelelo KaYesu Ehlabathini Lonke

Impembelelo KaYesu Ehlabathini Lonke

UMGUQULELI weBhayibhile uEdgar Goodspeed wathi: “Yonke ingxelo yeevangeli yoko kwathethwa nguYesu, ngasese nasesidlangalaleni, wayenokukuthetha ngeeyure ezimbini. Sekunjalo loo mfundiso incinane kangako yayichukumisa gqitha kangangokuba ngomzimba ongenaxhala sinokutsho sithi akakho umntu oye waba nempembelelo engako ehlabathini.”

Xa uYesu Kristu waqukumbela ubulungiseleli bakhe basemhlabeni ngonyaka wama-33 C.E., abalandeli bakhe yayingamadoda namabhinqa ali-120 ubuncinane. (IZenzo 1:15) Namhlanje, bangaphezu kwamawaka amabini ezigidi abantu abathi bangamaKristu. Abangaphezu kwamakhulu ezigidi bamgqala uYesu njengomprofeti. Eneneni iimfundiso zakhe ziye zaba nempembelelo ebalaseleyo ebantwini.

Impembelelo kaYesu ehlabathini lonke iye yavunywa naziinkokeli ezingengomaKristu. Ngokomzekelo, umfundisi ongumYuda uHyman Enelow wabhala: “UYesu uye waba ngoyena mntu udumileyo, ekufundwa ngaye, nonempembelelo kwimbali yabantu yonqulo.” Kwakhona lo kaEnelow wathi: “Ngubani onokukwazi ukuthelekelela ngokuchanileyo indlela uYesu aye wanempembelelo ngayo ebantwini? Uthando aye walubonakalisa, intuthuzelo aye wayinikela, okulungileyo aye wakwenza, ithemba novuyo aye walubangela—konke oku akuzange kwabakho kwimbali yabantu. Phakathi kwezinto ezibalaseleyo nezilungileyo eziye zenziwa ngabantu, akukho nanye enokuthelekiswa nezinto ezichukumisayo nezinempembelelo ehlabathini lonke ezenziwa nguYesu. Uye waba ngoyena mntu ubangel’ umdla embalini.” Inkokeli yamaHindu uMohandas K. Gandhi yathi: “Akukho namnye umntu endimaziyo oye wenzela abantu izinto ezininzi kunoYesu. Eneneni, akukho nto iphosakeleyo ngobuKristu.” Noko ke, wongezelela wathi: “Ingxaki ikuni maKristu. Aniphili ngokuvisisana neemfundiso zenu.”

Kudala iNgqobhoko idume ngokusilela ukuphila ngokuvisisana neemfundiso zikaYesu. UCecil John Cadoux umbhali ngembali yobuKristu, wathi “ukwanda kokuyekelel’ umxakatho kweCawa kwimibandela yokuziphatha” kuye kwabangela ukuba “iinkokeli zonqulo zakhelw’ umkhanya ukususela . . . ngowe-140 A.D.” Wathi: “Oku kuyekelela kwindlela engqongqo yokuziphatha yamaKristu enkulungwane yokuqala kukhokelele ekulandeleni iindlela zehlabathi.”

Oku kwathabath’ unyawo kwinkulungwane yesine, xa uMlawuli waseRoma uConstantine waguqukela kubuKristu. UCadoux uthi: “Ababhali-mbali baye bakuphawula, yaye kwezinye iimeko bakugxeka ukulalanisa okungathethekiyo kweCawa ngenxa yokuzimanyanisa kwayo noConstantinus.” Ukutyhubela iinkulungwane ukususela ngoko, abo bathi bangamaKristu baye benza izinto ezininzi ezitshabhisa igama likaKristu.

Ngoko ke, imibuzo esixhalabisayo yile: Yintoni ngokwenene uYesu awayeyifundisa? Yaye iimfundiso zakhe zifanele zibe nayiphi impembelelo kuthi?

[Umfanekiso okwiphepha 3]

“Akukho namnye umntu endimaziyo oye wenzela abantu izinto ezininzi kunoYesu.”—Mohandas K. Gandhi

[Umfanekiso okwiphepha 3]

“Akakho umntu oye waba nempembelelo engaka ehlabathini.”—Edgar Goodspeed

[Inkcazelo]

Culver Pictures