Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Njengelitye Elimbala Ubomvu Elixabisekileyo’

‘Njengelitye Elimbala Ubomvu Elixabisekileyo’

‘Njengelitye Elimbala Ubomvu Elixabisekileyo’

UMPOSTILE uYohane wabona umbono wetrone ezukileyo yasezulwini. Lowo uhleli etroneni wayekhangeleka “njengelitye leyaspisi.” Kwakhona wayefana “nelitye elimbala ubomvu elixabisekileyo.” (ISityhilelo 4:3) Yayingawaphi la matye?

La yayingengomatye amenyezela nje ngaphezulu ongenakukwazi ukubona ngaphaya kwawo. Mandulo, igama lesiGrike eliguqulelwa ngokuthi ‘iyaspisi’ lalisetyenziswa xa kuthethwa ngamatye amibalabala, kuquka amatye anqabileyo axabisekileyo onokubona ngaphaya kwawo. Kwincwadi yakhe ethi Word Pictures in the New Testament, uA. T. Robertson uthi, “ngokuqinisekileyo ilitye leyaspisi” ekuthethwa ngalo kwiSityhilelo 4:3 “lalingeyiyo iyaspisi yexabiso liphantsi eyaziwayo namhlanje.” Ngaphezu koko, kamva kwincwadi yeSityhilelo, uYohane uchaza isixeko sasezulwini, iYerusalem, athi: “Ubukhazikhazi baso babunjengelona litye lixabisekileyo, njengelitye leyaspisi elikhanya ngokwekristale.” (ISityhilelo 21:10, 11) Kuyacaca ukuba kumatye awayethetha ngawo uYohane amehlo ayenokubona ngaphaya kwawo, ukukhanya kugqobhoza kuwo.

Lowo kuthethwa ngaye uhleli phezu kwetrone kumbono kaYohane ngoyena Mntu uzukileyo kwindalo iphela, uYehova uThixo. Unyulu yaye ungcwele ngendlela engenakuthelekiswa. Ngokuvisisana noko, umpostile uYohane wabhala: “UThixo ukukukhanya yaye akukho bumnyama konke konke ngokumanyene naye.” (1 Yohane 1:5) Ngoko, uYohane wabongoza amanye amakholwa ukuba ‘azisulungekise kanye njengoko uYehova esulungekile.’—1 Yohane 3:3.

Simele senze ntoni ukuze sigqalwe njengabasulungekileyo nguThixo? Kubalulekile ukuba sibe nokholo kwigazi elaphalalayo likaKristu ukuze kuxolelwe izono zethu. Kwakhona simele sihlale “sihamba ekukhanyeni” ngokufundisisa iBhayibhile rhoqo size siphile ngokuvisisana neemfundiso zayo.—1 Yohane 1:7.