Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYesu Kristu Unayiphi Impembelelo Kuwe?

UYesu Kristu Unayiphi Impembelelo Kuwe?

UYesu Kristu Unayiphi Impembelelo Kuwe?

NGOKUPHATHELELE oko siye sakuqwalasela kwinqaku elandulelayo, ngaba sinokuthandabuza ukuba iimfundiso zikaYesu ziye zanempembelelo kwihlabathi liphela? Ngoko ke, umbuzo ekufanele ngamnye wethu azibuze wona ngulo, “Iimfundiso zikaYesu zinayiphi impembelelo kum?”

Iimfundiso zikaYesu zaziquka imibandela emininzi eyahlukahlukeneyo. Izifundo ezixabisekileyo eziziquletheyo zinokuchaphazela zonke iinkalo zobomi bakho. Makhe siqwalasele oko uYesu wakufundisayo ngokubeka izinto ezibalulekileyo ebomini kwindawo yokuqala, ukuhlakulela ubuhlobo noThixo, ukwakha ulwalamano oluhle nabanye, ukucombulula iingxaki nokuphepha izenzo zogonyamelo.

Ukubeka Izinto Ezibalulekileyo Ebomini Kwindawo Yokuqala

Eli hlabathi lanamhlanje lenza izinto ngokungxama litya ixesha lethu elininzi namandla kangangokuba sisoloko singenalo ixesha lezinto zokomoya. Cinga ngemeko yendoda ekuma-20 eminyaka ubudala esiza kuyibiza ngokuba nguJerry. Ngoxa uJerry ekuthanda ukuncokola ngezinto zokomoya yaye ekuxabisa gqitha oko akuzuzayo kwezi ncoko, ukhala esithi: “Andinalo ixesha lokusoloko ndixubusha ngazo. Ndisebenza iintsuku ezintandathu ngeveki. Ndiphumla ngeCawa kuphela. Emva kokwenza izinto ezifunekayo, ndiba sele ndidinwe gqitha.” Ukuba ukwimeko enjalo nawe, unokuzuza koko kwafundiswa nguYesu kwiNtshumayelo yaseNtabeni.

UYesu wathi kwizihlwele ezazihlanganisene zize kumphulaphula: “Musani ukuxhalela imiphefumlo yenu mayela noko niya kukudla okanye oko niya kukusela, okanye imizimba yenu mayela noko niya kukunxiba. Umphefumlo awungaphezulu na kunokutya nomzimba kunesinxibo? Qwalaselani ngenyameko iintaka zezulu, ngokuba azihlwayeli mbewu, azivuni yaye azihlanganisi koovimba; ukanti uYihlo osemazulwini uyazondla. Anixabisekanga ngaphezu kwazo na? . . . Musani ke ukuxhala nisithi, ‘Siza kudla ntoni na?’ okanye, ‘Siza kusela ntoni na?’ okanye, ‘Siza kunxiba ntoni na?’ Kuba zonke ezi zizinto iintlanga ezizisukela ngentumekelelo. Kuba uYihlo osemazulwini uyazi ukuba ziyimfuneko kuni zonke ezi zinto. Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:25-33) Yintoni esiyifundayo koku?

UYesu wayengathi simele singazinyamekeli iintswelo zethu zokwenyama nezo zamalungu eentsapho zethu. IBhayibhile ithi: “Ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, ngokukodwa amalungu endlu yakhe, ngokuqinisekileyo ulukhanyele ukholo yaye mbi ngaphezu kongakholwayo.” (1 Timoti 5:8) Kodwa, uYesu wathembisa ukuba xa sibeka izinto ezibalulekileyo kwindawo yokuqala, izinto zokomoya ibe zezona zibalulekileyo, uThixo uya kuqinisekisa ukuba ezinye izinto eziyimfuneko siyazifumana. Eyona nto siyifundayo apha yindlela yokubeka izinto ezibalulekileyo kwindawo yokuqala. Ukulandela eli cebiso kuzisa ulonwabo, kuba “banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.

Hlakulela Ubuhlobo NoThixo

Abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya bayayibona imfuneko yokuhlakulela ulwalamano oluhle noThixo. Silwakha njani ulwalamano oluhle nomnye umntu? Ngaba asizami ukumazi ngakumbi loo mntu? Simele siziphe ixesha ukuze sazi iimbono zakhe, isimo sengqondo sakhe, ubuchule bakhe, izinto azenzileyo, izinto azithandayo nangazithandiyo. Kufuneka okufanayo naxa sisakha ubuhlobo noThixo. Kufuneka sibe nolwazi oluchanileyo ngaye. Xa wayethandazela abafundi bakhe kuThixo, uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ewe, ukuze sihlakulele ulwalamano noThixo kufuneka simazi. Olo lwazi sinokulufumana kuphela kwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile. (2 Timoti 3:16) Simele sizibekele ixesha lokufundisisa iZibhalo.

Noko ke, ukuba nolwazi nje kuphela akwanele. Kwakuloo mthandazo, uYesu wathi: “Baligcinile [abafundi bakhe] ilizwi lakho.” (Yohane 17:6) Asimele sibe nolwazi nje kuphela ngoThixo kodwa sikwamele senze ngokuvisisana nolo lwazi. Yiyiphi enye indlela esinokuba ngabahlobo ngayo noThixo? Ngaba sinokulindela ukuba ngabahlobo ngokwenene nomntu ukuba ngabom senza izinto ezichasene naye nemigaqo yakhe? Ngoko ke, iimbono nemigaqo kaThixo zifanele zisikhokele ebomini. Phawula indlela eminye yemigaqo yakhe emibini esebenza ngayo kulwalamano lwethu nabanye abantu.

Yakha Ulwalamano Oluhle Nabanye

Ngesinye isihlandlo, uYesu wabalisa ibali elifutshane ukuze afundise isifundo esibalulekileyo ngolwalamano nabanye. Wabalisa ngokumkani owayefuna ukulungisa amatyala nabakhonzi bakhe. Omnye kubo wayenetyala elikhulu yaye engakwazi ukulihlawula. Lo kumkani wayalela ukuba le ndoda, umfazi wayo nabantwana bathengiswe ukuze kuhlawulwe elo tyala. Le ndoda yawa phantsi yabongoza isithi: “Yiba nomonde kum, ndiza kukuhlawula yonk’ into.” Inosizi, inkosi yayo yalicima ityala layo. Kodwa ukuphuma kwalo apho eli khoboka, ladibana nelinye ikhoboka elilityala imali encinane, lafuna intlawulo yalo. Nangona eli khoboka lalicenga ukuba lenzelwe inceba, eli khoboka lokuqala lathi malivalelwe entolongweni de lihlawule lonke ityala lalo. Xa ukumkani weva oku, waba nomsindo. Wathi: “Ubungafanele na ukuba ube nenceba . . . kwikhoboka elilidlelane lakho, njengokuba nam ndiye ndanenceba kuwe?” Yaye wathi eli khoboka lingaxoleliyo malivalelwe entolongweni de lihlawule lonke ityala lalo. Echaza imfundiso yeli bali, uYesu wathi: “UBawo osemazulwini uya kuqhubana nani ngohlobo olufanayo ukuba anixoleli ngamnye umzalwana wakhe ngokusuka ezintliziyweni zenu.”—Mateyu 18:23-35.

Njengabantu abangafezekanga, sineentsilelo ezininzi. Asinakuze silihlawule ityala elikhulu esinalo kuThixo lokumona. Ekuphela kwento esinokuyenza kukumcela ukuba asixolele. Yaye uYehova uThixo ukulungele ukusixolela zonke iziphoso zethu, ukuba siyabaxolela abazalwana bethu xa besonile. Esi sisifundo esibaluleke ngokwenene! UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Sixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.”—Mateyu 6:12.

Lungisa Oyena Nobangela Weengxaki

UYesu wayenobuchule bokuyiqonda indlela abayiyo abantu. Isiluleko sakhe sokucombulula iingxaki yayisesokuba kulungiswe oyena nobangela wazo. Qwalasela le mizekelo mibini ilandelayo.

UYesu wathi: “Nivile ukuba kwathiwa kwabo bamaxesha amandulo, ‘Uze ungabulali; kodwa nabani na obulalayo uya kuphenduliswa kwinkundla yokusesikweni.’ Ke mna ndithi kuni, wonk’ ubani oqhubeka equmbele umzalwana wakhe uya kuphenduliswa kwinkundla yokusesikweni.” (Mateyu 5:21, 22) Apha uYesu wabonisa ukuba oyena nobangela wengxaki yokubulala wendele ngakumbi kunesenzo nje sogonyamelo. Sisimo sengqondo esikhula entliziyweni yombulali. Ukuba abantu bebengayivumeli ingqumbo okanye umsindo ukhule, belungayi kubakho ugonyamelo olucetywe kwangaphambili. Beluya kuphepheka ngokwenene uphalazo-gazi oluninzi ukuba le mfundiso ibisetyenziswa!

Phawula indlela uYesu achaza ngayo omnye unobangela uyeyona ngxaki ebangela intlungu enkulu. Wathi kwisihlwele: “Nivile ukuba kwathiwa, ‘Uze ungakrexezi.’ Kodwa mna ndithi kuni wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe. Ukuba, ke, iliso lakho lasekunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kude.” (Mateyu 5:27-29) UYesu wafundisa ukuba le ngxaki yendele ngakumbi kunesenzo sokuziphatha okubi. Ibangelwa koko kukhokelela kuyo—iminqweno yokuziphatha okubi. Ukuba umntu uyakugatya ukuhlala ecinga iminqweno engafanelekanga aze ‘ayinyothule’ engqondweni yakhe, uya kwandula ke oyise ingxaki engunobangela wokuziphatha okubi.

“Buyisela Ikrele Lakho Endaweni Yalo”

Ngobusuku bokungcatshwa nokubanjwa kukaYesu, omnye wabafundi bakhe wakhupha ikrele ukuze amkhusele. UYesu wathi kuye: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” (Mateyu 26:52) Ngentsasa elandelayo, uYesu wathi kuPontiyo Pilato: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi. Ukuba ubukumkani bam bebuyinxalenye yeli hlabathi, abalindi bam bebeya kulwa ukuze ndinganikelwa kumaYuda. Kodwa ubukumkani bam abusuki kulo mthombo.” (Yohane 18:36) Ngaba le mfundiso ayikho ngqiqweni?

Aba nasiphi isimo sengqondo amaKristu enkulungwane yokuqala ngoko kwafundiswa nguYesu, ukuba angabheneli kugonyamelo? Incwadi ethi The Early Christian Attitude to War ithi: “Ekubeni [iimfundiso zikaYesu] zazisalela zonke izenzo zogonyamelo nokwenzakalisa abanye, kucacile ukuba zazingakuvumeli ukubandakanyeka emfazweni . . . AmaKristu enkulungwane yokuqala athobela amazwi kaYesu, yaye ayekuqonda oko kuthethwa ziimfundiso zakhe zokuba abe nobulali aze aphephe ugonyamelo. Ayenxulumanisa unqulo lwawo noxolo; eyigatya ngokupheleleyo imfazwe ngenxa yophalazo-gazi olwenzeka kuyo.” Hayi indlela ebiya kwahluka ngayo imbali ukuba bonke abo bathi bangamaKristu bebelandela le mfundiso!

Unokuzuza Kuzo Zonke Iimfundiso ZikaYesu

Iimfundiso zikaYesu esiye sathetha ngazo zihlab’ umxhelo, zilula yaye zinamandla. Abantu banokuzuza ngokuqhelana neemfundiso zakhe baze bazisebenzise. *

AmaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo aya kukuvuyela ukukunceda ubone indlela onokuzuza ngayo kwezona mfundiso zobulumko zakha zathethwa ngumntu. Sikumema ngokungazenzisiyo ukuba uqhagamshelane nawo okanye ubhalele kwiadresi ekwiphepha 2 leli phephancwadi.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 22 Ukuze ufumane iimfundiso zikaYesu ngokulandelelana kwazo, bona incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 5]

“UYihlo osemazulwini uyazondla”

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Iimfundiso zikaYesu zinokuba nempembelelo entle ebomini bakho