Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ulutsha Oludumisa UYehova Lwenza Ubomi Balo Bube Nenjongo

Ulutsha Oludumisa UYehova Lwenza Ubomi Balo Bube Nenjongo

“Uncedo Lwam Luvela KuYehova”

Ulutsha Oludumisa UYehova Lwenza Ubomi Balo Bube Nenjongo

“NDIFUNA ukuba nezona zinto ziphambili ebomini!” Leyo yindlela omnye umfana okwishumi elivisayo awakuchaza ngayo oko akulindeleyo ebomini. Kodwa umntu oselula unokukufumana njani okona kuphambili ebomini? IBhayibhile inikela impendulo engqalileyo: “Hlala umkhumbula uMdali wakho ngoxa uselula!”—INtshumayeli 12:1, Contemporary English Version.

Ukudumisa nokukhonza uYehova akuyonto efanele yenziwe ngabantu abakhulileyo kuphela. USamuweli, unyana kaElikana noHana, wayeselula gqitha xa wayekhonza uYehova emnqubeni. (1 Samuweli 1:19, 20, 24; 2:11) Intombazana eselula engumHebhere yabonakalisa ukuba nokholo olomeleleyo kuYehova xa yacebisa intloko yomkhosi wamaSiriya uNahaman ukuba aye kumprofeti uElisha ukuze aphiliswe kwiqhenqa. (2 Kumkani 5:2, 3) KwiNdumiso 148:7, 12, amakhwenkwe namantombazana ayalelwa ukuba adumise uYehova. * Xa wayeneminyaka eli-12 kuphela ubudala, uYesu wabonakalisa umdla onyanisekileyo kwinkonzo kaYise. (Luka 2:41-49) Ngenxa yoqeqesho awalufumana eZibhalweni, amanye amakhwenkwe awabona uYesu etempileni akhwaza esithi: “Siyathandaza, sindisa uNyana kaDavide!”—Mateyu 21:15, 16.

Ukudumisa UYehova Namhlanje

Namhlanje, ulutsha oluninzi lwamaNgqina kaYehova luneqhayiya ngeenkolelo zawo yaye luthetha ngazo kwabanye esikolweni naphi na kwezinye iindawo. Qwalasela le mizekelo mibini.

EBritani, abantwana beklasi kaStephanie oneminyaka eli-18 ubudala babexubusha ngombandela wokuqhomfa neminye yokuziphatha. Utitshala wathi ukuqhomfa ngoku kwamkelwa ngokubanzi yaye ayikho intombazana enesizathu sokukugatya. Xa bonke eklasini bavumelana nale mbono, uStephanie waziva enyanzelekile ukuba athethelele imbono yakhe esekelwe eBhayibhileni. Ithuba lokwenjenjalo lavela xa utitshala wabuza uStephanie imbono yakhe. Nangona ekuqaleni wayesoyika, uStephanie wasebenzisa eli thuba ukuchaza imbono yeZibhalo. Wachaza ngamazwi akhe iEksodus 21:22-24 waza wathi, ukuba kwakuphosakele ukwenzakalisa umntwana ongekazalwa, ngoko ke ngokufanayo ukuqhomfa kuyangqubana nokuthanda kukaThixo.

Lo titshala, okwangumfundisi, akazange khe azifunde ezi ndinyana. Ukushumayela kukaStephanie ngenkalipho kwakhokelela kwiincoko ezibangel ‘umdla ngemibandela eyahlukahlukeneyo nabantwana afunda nabo. Enye intombazana ngoku yamkela rhoqo imibhalo emitsha yeMboniselo noVukani!, yaye amanye amabini aya kwindibano yesithili yamaNgqina kaYehova esiya kubona uStephanie ebhaptizwa efuzisela ukuzahlulela kwakhe kuThixo.

UVareta oneminyaka emithandathu ubudala, ohlala eSuriname, eMzantsi Merika waxhakamfula ithuba lokudumisa uThixo xa utitshala wakhe wayefuna intuthuzelo yeZibhalo. Ukubuya kwakhe emva kweentsuku ezintathu engekho, lo titshala wabuza abafundi ukuba babesazi na isizathu sokuba angabikho. Baphendula bathi, “Ubugula, akunjalo?” Utitshala waphendula wathi: “Akunjalo. Udadewethu, uye wasweleka yaye ndibuhlungu gqitha. Ngoko ke musani ukungxola.”

Ngaloo mvakwemini ngoxa unina wayesalele, uVareta wayexakekile ephengulula amaphephancwadi amadala, efunda imixholo yawo. Wafumana IMboniselo kaJulayi 15, 2001, enomxholo othi “Ngaba Kukho Ubomi Emva Kokufa?” Enemincili, wavusa unina wathi, “Mama, Mama, jonga! Ndifumene iphephancwadi elithetha ngokufa ndiza kulinika utitshala!” Eli phephancwadi lathunyelwa kutitshala kunye neleta kaVareta. Wabhala wathi: “Nali iphephancwadi elifanele wena ngokukhethekileyo. EParadesi uza kumbona kwakhona udadewenu kuba uYehova akanakuxoka. Uthembise ukuba uza kuzisa iparadesi, kungekhona ezulwini, kodwa emhlabeni.” Lo titshala wabulela gqitha ngentuthuzelo esekelwe eBhayibhileni ayifumene kula manqaku.

Ukuzakhela Ikamva

UYehova ‘nguThixo onoyolo,’ yaye ufuna abaselula bonwabe. (1 Timoti 1:11) ILizwi lakhe lithi: “Yonwaba ngethuba lobutsha bakho, intliziyo yakho ichwayite lo gama uselula.” (INtshumayeli 11:9, iBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) UYehova akaboni nje okwenzekayo ngoku kodwa ubona imiphumo yekamva yokuziphatha okuhle nokubi. Kungenxa yoko iLizwi lakhe licebisa abasebatsha lisithi: “Khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho, ngaphambi kokuba ifike imihla yentlekele, okanye ifike iminyaka oya kuthi ngayo: ‘Ayindiyolisi’”—INtshumayeli 12:1.

Ewe, uYehova ufuna ukuba abasebatsha basinandiphe ngokupheleleyo isipho esixabisekileyo sobomi. Ngokukhumbula nokudumisa uThixo, abaselula banokuphila ubomi obunenjongo. Kwanaxa bejamelene neengxaki, banokutsho ngentembelo bathi: “Uncedo lwam luvela kuYehova.”—INdumiso 121:2.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 4 Bona Ikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2005, kuMatshi noAprili.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]

“Dumisani uYehova emhlabeni, . . . nina bafana kwanani zintombi ezinyulu.”—INDUMISO 148:7, 12

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

UYEHOVA UYABAXHASA ABASELULA

“Ulithemba lam, Nkosi enguMongami Yehova, endithembele ngaye kususela ebutsheni.”—INdumiso 71:5.

“[UThixo] wanelisa ixesha lakho lokudla ubomi ngokulungileyo; ubutsha bakho bumana buzihlaziya kanye njengobo bokhozi.”—INdumiso 103:5.