Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Hambani Ngokholo, Kungekhona Ngokubona!

Hambani Ngokholo, Kungekhona Ngokubona!

Hambani Ngokholo, Kungekhona Ngokubona!

“Sihamba ngokholo, kungekhona ngokubona.”—2 KORINTE 5:7.

1. Yintoni ebonisa ukuba umpostile uPawulos wayehamba ngokholo, kungekhona ngokubona?

 NGOKU ngunyaka wama-55 C.E. USawule owayesakuba ngumtshutshisi wamaKristu, sele egqibe iminyaka engama-20 engumKristu. Ulwa ngamandla ukuze ukholo lwakhe lungabi buthathaka ekuhambeni kwexesha. Nakuba engenakuzibona ngeliso lenyama izinto zokwenene zasezulwini, ukholo lwakhe alugungqi. Xa wayebhalela amaKristu athanjisiweyo awayenethemba lokuphila ezulwini, umpostile uPawulos wathi: “Sihamba ngokholo, kungekhona ngokubona.”—2 Korinte 5:7.

2, 3. (a) Sibonisa njani ukuba sihamba ngokholo? (b) Kuthetha ukuthini ukuhamba ngokubona?

2 Ukuze sihambe ngokholo kufuneka sithembele ngokupheleleyo ekubeni uThixo unokusalathisa ebomini. Simele siqiniseke ukuba ukwazi kakuhle oko kusifaneleyo. (INdumiso 119:66) Njengoko sisenza izigqibo ebomini simele sicingisise ‘ngezinto zokwenene esingaziboniyo.’ (Hebhere 11:1) Ezi zinto ziquka “amazulu amatsha nomhlaba omtsha,” othenjisiweyo. (2 Petros 3:13) Ukanti ukuhamba ngokubona kuthetha ukuphilela ukuzanelisa senze oko sicinga ukuba kufanelekile. Oku kuyingozi kuba kunokwenza siyibethe ngoyaba kwaphela eyona nto ifunwa nguThixo.—INdumiso 81:12; INtshumayeli 11:9.

3 Enoba singabeqela ‘lomhlambi omncinane,’ onethemba lokuphila ezulwini, okanye abeqela ‘lezinye izimvu,’ ezinethemba lokuphila emhlabeni, ngamnye kuthi umele acinge nzulu ngesi sibongozo sokuhamba ngokholo kungekhona ngokubona. (Luka 12:32; Yohane 10:16) Makhe sibone indlela elinokusinceda ngayo eli cebiso ukuze singabi ngamaxhoba ‘oyolo lwesono somzuzwana,’ singabanjiswa ngumgibe wokuthanda izinto eziphathekayo nokuze singalibali ukuba le nkqubo yezinto iyaphela. Siza kuhlolisisa neengozi zokuhamba ngokubona.—Hebhere 11:25.

Ukuphepha ‘Ukuziyolisa Ngesono Sokwexeshana’

4. Luluphi ukhetho olwenziwa nguMoses, ibe kwakutheni ukuze akhethe ngolo hlobo?

4 Khawufan’ ucinge nje ngendlela awayenokuphila ngayo uMoses, unyana ka-Amram. Ekubeni wakhulela ebukhosini kwiYiputa yamandulo, uMoses wayenethuba lokulawula, aze abe sisityebi. Wayenokusuka aqiqe ngelithi: ‘Ndifunde ndayityekeza kobona bulumko baseYiputa, ibe ndinamandla ngamazwi nezenzo. Ukuba ndiyahlala apha ebukhosini, ndingakwazi ukusebenzisa igunya lam ukuze ndincede amaHebhere, abazalwana bam abacinezelweyo!’ (IZenzo 7:22) Kunokuba enjenjalo, wakhetha “ukuphathwa kabuhlungu kunye nabantu bakaThixo.” Kwakutheni ukuze akhethe oko? Yintoni eyamenza wagatya konke oko wayenokukufumana eYiputa? IBhayibhile iphendula ngokuthi: “Ngokholo uMoses wayishiya iYiputa, kodwa engawoyiki umsindo wokumkani, kuba waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.” (Hebhere 11:24-27) Ukholo lwakhe oluqinileyo kwinto yokuba uYehova uyawavuza amalungisa lwamnceda wala ukuziyolisa ngesono somzuzwana.

5. Usikhuthaza njani umzekelo kaMoses?

5 Nathi sihlala sinezigqibo ezinzima esimele sizenze kwimibandela efana nokuthi: ‘Ngaba ndimele ndiyeke izinto ezithile ezingavisisani ncam nemigaqo yeBhayibhile? Ngaba ndimele ndamkele umsebenzi ohlawula kakuhle ube uza kundibuyisela emva kwinkqubela yokomoya?’ Umzekelo kaMoses usikhuthaza ukuba singenzi izigqibo ezingacingisiswanga njengeli hlabathi; kunoko simele sibe nokholo kubulumko obuphangaleleyo ‘baLowo ungabonakaliyo’—uYehova uThixo. NjengoMoses, kwanga singabuxabisa ngaphezu kwayo nantoni na ekweli hlabathi ubuhlobo bethu noYehova.

6, 7. (a) UEsawu wabonisa njani ukuba uhamba ngokubona? (b) Izenzo zikaEsawu zisilumkisa entwenini?

6 Kukho umahluko phakathi kukaMoses noEsawu, unyana kasolusapho uIsake. UEsawu wakhetha uyolo lokwexeshana. (Genesis 25:30-34) ‘Ebonakalisa ukungabi naxabiso ngezinto ezingcwele,’ uEsawu wanikela ngamalungelo akhe obuzibulo “ngenxa yesidlo esinye.” (Hebhere 12:16) Akazange ayicingisise indlela esasiza kuchaphazela ngayo ubuhlobo bakhe noYehova eso sigqibo sokuthengisa ngobuzibulo. Akazange azikhathaze nangemiphumo esasiza kuba nayo kwinzala yakhe. Kwakumnyama thsu kuye ngokomoya. Waziphosa kwelokulibala izithembiso ezixabisekileyo zikaThixo, ezibona njengenkcitha xesha. Wahamba ngokubona, kungekhona ngokholo.

7 Izenzo zikaEsawu zisisilumkiso kuthi namhlanje. (1 Korinte 10:11) Xa kukho izigqibo esimele sizenze, enoba zikhulu okanye zincinane, asimele sikhohliswe bubuvuvu beli hlabathi likaSathana, obubonisa ukuba umele ufumane konke okufunayo ngoku. Simele sizibuze oku: ‘Ngaba izigqibo zam zibonisa ukuba ndifana noEsawu ngandlel’ ithile? Ngaba ukuzama ukufumana izinto endizifunayo ngoku kuthetha ukuziphosa ngasemva izinto zokomoya? Ngaba ukhetho lwam lonakalisa ubuhlobo bam noThixo kunye nekamva lam? Unjani umzekelo endiwumisela abanye?’ Ukuba ukhetho lwethu lubonisa ukuba siyazixabisa izinto ezingcwele, uYehova uya kusisikelela.—IMizekeliso 10:22.

Ukuphepha Umgibe Wokuthanda Izinto Eziphathekayo

8. Sisiphi isilumkiso esafunyanwa ngamaKristu aseLawodike, ibe kutheni sinomdla nje kuso?

8 Kwisityhilelo esafunyanwa ngumpostile uYohane ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala, uYesu Kristu ozukisiweyo wathumela isigidimi kwibandla laseLawodike, eAsia Minor. Eso sigidimi sasilumkisa ngokuthanda izinto eziphathekayo. Nakuba amaKristu aseLawodike ayemi kakuhle, ayengamahlwempu ngokomoya. Kunokuba aqhubeke ehamba ngokholo, avumela izinto eziphathekayo zawamfamekisa ngokomoya. (ISityhilelo 3:14-18) Ukuthanda izinto eziphathekayo kusenza into efanayo nanamhlanje. Kulwenza buthathaka ukholo lwethu de siyeke ‘ukulubaleka ngonyamezelo ugqatso’ lobomi. (Hebhere 12:1) Ukuba asilumkanga, ‘iziyolo zobu bomi’ zinokusenza siyilibale imisebenzi yokomoya de ‘ziyiminxe ngokupheleleyo.’—Luka 8:14.

9. Kusikhusela njani ukwaneliseka nokuba nombulelo ngokutya kokomoya esikufumanayo?

9 Oyena ndoqo ukuze sikhuseleke ngokomoya kukwaneliseka kunokusebenzisa eli hlabathi ngokupheleleyo ngenjongo yokuzifumanela ubutyebi. (1 Korinte 7:31; 1 Timoti 6:6-8) Xa sihamba ngokholo kungekhona ngokubona, siyonwaba kwiparadesi yokomoya esikuyo ngoku. Ekubeni sinandipha ukutya kokomoya okunesondlo, ngaba oko akusenzi ‘simemelele ngovuyo ngenxa yemeko elungileyo yentliziyo’? (Isaya 65:13, 14) Ngaphezu koko siyavuyiswa kukunxulumana nabo babonisa isiqhamo somoya kaThixo. (Galati 5:22, 23) Kubaluleke gqitha ukuba saneliseke yaye sihlaziyeke koko uYehova asilungiselele kona ngokomoya.

10. Yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?

10 Nantsi eminye imibuzo ekuya kuba kuhle ukuzibuza yona: ‘Zibaluleke kangakanani izinto eziphathekayo kum? Ngaba ubuncwane bam ndibusebenzisela ukuzonwabisa okanye ukuxhasa unqulo lokwenyaniso? Yintoni eyona nto indenza ndonwabe? Ngaba sisifundo seBhayibhile nokunxulumana namanye amaKristu kwiintlanganiso, okanye zezo mpelaveki ndingenzi msebenzi wamaKristu ngazo? Ngaba iimpelaveki ezininzi ndizibekela bucala ukuze ndiye kubethwa ngumoya kunokuya entsimini nakweminye imisebenzi yonqulo olunyulu?’ Ukuhamba ngokholo kuthetha ukuhlala sixakekile yimisebenzi yoBukumkani, sithembele ngokupheleleyo kwizithembiso zikaYehova.—1 Korinte 15:58.

Ukuhlala Sicinga Ngesiphelo

11. Ukuhamba ngokholo kusinceda njani sihlale sicinga ngesiphelo?

11 Ukuhamba ngokholo kusinceda siphephe imbono yokwenyama yokucinga ukuba isiphelo sisekude okanye asiyi kufika kwaphela. Ngokwahlukileyo kwabo bathandabuzayo baze bahlekise ngesiprofeto seBhayibhile, sinikel’ ingqalelo kwiziganeko zehlabathi ezizalisekisa oko kwaxelwa liLizwi likaThixo ngokuphathelele lo mhla wethu. (2 Petros 3:3, 4) Ngokomzekelo, ngaba isimo sengqondo nendlela abaziphethe ngayo abantu azibonisi ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’? (2 Timoti 3:1-5) Xa sihamba ngokholo, siyakwazi ukubona ukuba iziganeko zanamhlanje asizoziganeko nje eziqhelekileyo. Kodwa ‘zingumqondiso wobukho bukaKristu nowokupheliswa kwale nkqubo yezinto.’—Mateyu 24:1-14.

12. Azaliseka njani amazwi kaYesu abhalwe kuLuka 21:20, 21 ngenkulungwane yokuqala?

12 Khawucinge ngesiganeko senkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo esinokuthanani nalo mhla wethu. Xa wayelapha emhlabeni, uYesu Kristu walumkisa abalandeli bakhe wathi: “Xa niyibona iYerusalem ingqongwe yimikhosi emise iintente, yazini ke ukuba kusondele ukuphanziswa kwayo. Mabandule abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kuyo mabemke.” (Luka 21:20, 21) Kuzaliseka esi siprofeto, ngowama-66 C.E., imikhosi yaseRoma eyayikhokelwa nguCestius Gallus yangqinga iYerusalem. Noko ke, loo mikhosi yasuka yarhoxa, oko kwaba ngumqondiso aza amaKristu awayelapho afumana ithuba ‘lokusabela ezintabeni.’ Ngowama-70 C.E., imikhosi yaseRoma yabuyela, yahlasela eso sixeko saseYerusalem yaza yatshabalalisa itempile yaso. UJosephus unikela ingxelo yokuba apho kwabulawa amaYuda angaphezu kwesigidi aza angama-97 000 asiwa ekuthinjweni. UThixo wayohlwaya loo nkqubo yezinto yamaYuda. Lawo ayehamba ngokholo aza asiphulaphula isilumkiso sikaYesu asinda kuloo ntlekele.

13, 14. (a) Ziziphi iziganeko esele kumbovu ukuba zehle? (b) Kutheni simele sihlale sithe qwa njengoko kuzaliseka isiprofeto seBhayibhile?

13 Sele kuza kwenzeka into efanayo nakulo mhla wethu. Amazwe abumba iZizwe Ezimanyeneyo aza kusetyenziswa ukuze aphumeze umgwebo kaThixo. Kanye njengokuba imikhosi yaseRoma yenkulungwane yokuqala yayilungiselelwe ukugcina uxolo eRoma, injongo yeZizwe Ezimanyeneyo namhlanje kukugcina uxolo. Nakuba imikhosi yaseRoma yazama ukugcina ucwangco kulo lonke ihlabathi elalisaziwa ngoko, yajika yaba ngumtshabalalisi weYerusalem. Ngokufanayo namhlanje, isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba imikhosi yeZizwe Ezimanyeneyo iza kubona unqulo njengesiphazamiso ize itshabalalise iYerusalem yanamhlanje—iNgqobhoko—kunye nayo yonke inxalenye yeBhabhiloni Enkulu. (ISityhilelo 17:12-17) Sele kusecicini ukuba bonke ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki butshatyalaliswe.

14 Ukutshatyalaliswa konqulo lobuxoki kuya kuthetha ukuba sele iqalile imbandezelo enkulu. Kumagqibela kaNkqoyi embandezelo enkulu, kuya kutshatyalaliswa amasalela ale nkqubo yezinto ingendawo. (Mateyu 24:29, 30; ISityhilelo 16:14, 16) Ukuhamba ngokholo kusinceda sihlale sithe qwa njengoko kuzaliseka isiprofeto seBhayibhile. Asikhohliswa kukucinga ukuba kukho nawuphi na umbutho wabantu njengeZizwe Ezimanyeneyo onokusetyenziswa nguThixo ukuzisa uxolo nonqabiseko lokwenene. Ngaba ke indlela esiphila ngayo ayimele ibonise ukuba seyisekile ukuba “imini enkulu kaYehova ikufuphi”?—Zefaniya 1:14.

Kuyingozi Kangakanani Ukuhamba Ngokubona?

15. Phezu kwako nje ukusikelelwa kwaso nguThixo, nguwuphi umgibe esawela kuwo isizwe sakwaSirayeli?

15 Oko kwehlela amaSirayeli kusenza sizibone kakuhle iingozi zokuvumela ukuhamba ngokubona kulwenze buthathaka ukholo lwethu. Phezu kwako nje ukubona izibetho ezilishumi ezahlazisa oothixo bobuxoki baseYiputa nokuhlangulwa kwawo ngendlela engummangaliso ewezwa uLwandle Olubomvu, ngenxa yokuba ngoontamo lukhuni amaSirayeli azenzela ithole legolide aza alinqula. Aphelelwa ngumonde aza akruquka kukulinda uMoses, ‘owayengade ehle entabeni.’ (Eksodus 32:1-4) Ngenxa yokungabi namonde anqula isithixo esibonwa ngamehlo. Ukuhamba kwawo ngokubona kwaba sisithuko kuYehova kwaza oko kwakhokelela ekubulaweni ‘kwamadoda amalunga namawaka amathathu.’ (Eksodus 32:25-29) Hayi indlela ekubuhlungu ngayo namhlanje xa umnquli kaYehova esenza isigqibo esibonisa ukungabi nantembelo kwakhe kuYehova nakumandla akhe okuzalisekisa izithembiso zakhe!

16. Imbonakalo yangaphandle yaba nempembelelo enjani kumaSirayeli?

16 Zikho nezinye iindlela eyaba nempembelelo embi ngazo imbonakalo yangaphandle kumaSirayeli. Ukuhamba ngokubona kwawenza atyhwatyhwa ziintshaba zawo. (Numeri 13:28, 32; Duteronomi 1:28) Kwawenza alucel’ umngeni igunya uMoses awayelinikwe nguThixo aza akhalazela indlela awayephila ngayo. Oku kuswela kwawo ukholo kwawenza akhetha iYiputa eyayilawulwa ziidemon kuneLizwe Lesithembiso. (Numeri 14:1-4; INdumiso 106:24) Oku kumele ukuba kwamenza buhlungu gqitha uYehova xa ebona indlela abantu bakhe ababengenantlonelo ngayo kuKumkani wabo ongabonakaliyo!

17. Yintoni eyabangela ukuba amaSirayeli agatye ukhokelo lukaYehova ngomhla kaSamuweli?

17 Ngomhla womprofeti uSamuweli, esi sizwe sikhethiweyo sikaSirayeli saphinda sabanjiswa ngumgibe wokuhamba ngokubona. Abantu baso bafuna ukuba nokumkani abanokumbona. Nakuba uYehova wayebabonisile ukuba nguye uKumkani wabo, oko akuzange kubancede bahambe ngokholo. (1 Samuweli 8:4-9) Bezithezel’ olunenkume, balugatya ukhokelo olugqibeleleyo lukaYehova, bakhetha ukuba nokumkani ongumntu njengezinye izizwe ezibangqongileyo.—1 Samuweli 8:19, 20.

18. Sisiphi isifundo esinokusifunda kwiingozi zokuhamba ngokubona?

18 Njengabakhonzi bakaYehova namhlanje, siyaluxabisa ulwalamano oluhle esinalo noThixo. Sizimisele ukufunda kwizifundo ezibalulekileyo zoko kwenzeka ngaphambili ukuze zisincede kubomi bethu. (Roma 15:4) Xa amaSirayeli ayehamba ngokubona, alibala ukuba uThixo wayewakhokela esebenzisa uMoses. Ukuba asilumkanga, nathi sinokulibala ukuba nguYehova uThixo noMoses Omkhulu, uYesu Kristu abalathisa ibandla lamaKristu namhlanje. (ISityhilelo 1:12-16) Simele sikulumkele ukuyijonga ngeliso lenyama intlangano kaYehova esemhlabeni. Kaloku oko kungasenza sihlale sikhalaza size siyeke ukubaxabisa abameli bakaYehova nokutya kokomoya okulungiselelwe “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.”—Mateyu 24:45.

Zimisele Ukuhamba Ngokholo

19, 20. Yintoni ozimisele ukuyenza, ibe yintoni isizathu soko?

19 IBhayibhile ithi: “Sizamazamana, kungekhona negazi nenyama, kodwa noorhulumente, namagunya, nabalawuli behlabathi bobu bumnyama, kwanemikhosi yoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo.” (Efese 6:12) Olona tshaba lwethu nguSathana uMtyholi. Eyona nto ayifunayo kukusenza singabi nakholo kuYehova. Usebenzisa naliphi na ithuba alifumanayo ukuze asiyekise ukukhonza uThixo. (1 Petros 5:8) Yintoni eya kusinceda singakhohliswa yimbonakalo yangaphandle yale nkqubo kaSathana? Kukuhamba ngokholo, kungekhona ngokubona! Ukuthembela kwizithembiso zikaYehova kuya kusikhusela ‘singaphukelwa yinqanawa mayelana nokholo lwethu.’ (1 Timoti 1:19) Ngoko ke, ngandlela zonke, simele sizimisele ukuhlala sihamba ngokholo, sinentembelo engagungqiyo kwiintsikelelo zikaYehova. Kwanga singahlala sithandaza ukuze sikwazi ukuphepha zonke izinto ezimiselwe ukubakho kungekudala.—Luka 21:36.

20 Njengoko sihamba ngokholo, kungekhona ngokubona sinoMzekelo obalaseleyo. IBhayibhile ithi: ‘UKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’ (1 Petros 2:21) Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngendlela esinokumxelisa ngayo.

Usakhumbula Na?

• Yintoni oyifundileyo kumzekelo kaMoses noEsawu ngokuphathelele ukuhamba ngokholo, kungekhona ngokubona?

• Yintoni engundoqo ukuze ubani aphephe ukuthanda izinto eziphathekayo?

• Ukuhamba ngokholo kusinceda njani ukuze singacingi ukuba isiphelo sisekude?

• Kutheni kuyingozi nje ukuhamba ngokubona?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 17]

UMoses wahamba ngokholo

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Ngaba ukuzonwabisa kukhe kukuphazamise kwizinto zokomoya?

[Umfanekiso okwiphepha 20]

Ukunikela ingqalelo kwiLizwi likaThixo kukukhusela njani?