Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba ukudlala imidlalo yekhomputha enogonyamelo kunokuluchaphazela ulwalamano lwethu noYehova?

UKumkani uDavide wakwaSirayeli wabhala wathi: “UYehova uhlolisisa lowo ulilungisa kwanalowo ungendawo, yaye umphefumlo Wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” (INdumiso 11:5) KwisiHebhere santlandlolo igama elithi “ukuthiya” linokubhekisela “kumntu olutshaba.” Ngoko ke, nabani na othanda ugonyamelo uzenza utshaba lukaThixo. Umbuzo ekufuneka sizibuze wona ngowokuba: Ngaba imidlalo ethile yekhomputha inokusenza sithande ugonyamelo?

Imidlalo yekhomputha enogonyamelo ikhuthaza ukuba umntu athande ukulwa. Le midlalo iqeqesha abo bayidlalayo ukuba babe ngamachule okulwa imfazwe. Iphephandaba iThe Economist lathi: “Umkhosi waseMerika usebenzisa imidlalo yekhomputha xa uqeqesha amajoni. Eminye imidlalo yekhomputha esetyenziswa emkhosini xa kuqeqeshwa amajoni ithengiswa ezivenkileni ngoku sithethayo.”

Kakade, abo badlala imidlalo yekhomputha ababulali bantu ngokoqobo. Kodwa yintoni eboniswa lolu hlobo lokuzihlaziya ngoko kuqhubeka ezintliziyweni zabo? (Mateyu 5:21, 22; Luka 6:45) Ubuya kucinga ntoni ngomntu oyoliswa kukwenzakalisa abanye abantu, kukubadubula nokubulala abantu nangona beyimifanekiso? Kuthekani ukuba loo mntu uchitha iiyure ezininzi ngeveki edlala loo midlalo inogonyamelo, ide imchewule? Ngokuqinisekileyo ubuya kuqonda ukuba uyaluthanda ugonyamelo, kanye njengokuba umntu obukela imifanekiso yamanyala ebonakala etyekele ekuziphatheni kakubi.—Mateyu 5:27-29.

UYehova umthiye kangakanani umntu othanda ugonyamelo? UDavide wathi uYehova “umthiyile ngokuqinisekileyo.” Ngexesha likaNowa, uYehova wabonisa indlela awayeluthiye ngayo ugonyamelo. Wathi kuNowa: “Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam, kuba umhlaba uzele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona kunye nomhlaba.” (Genesis 6:13) UThixo oyinyaniso watshabalalisa ihlabathi liphela ngenxa yogonyamelo. Walondoloza uNowa nentsapho yakhe—abantu abasibhozo kuphela ababengaluthandi ugonyamelo.—2 Petros 2:5.

Abantu abafuna ukuba ngabahlobo bakaYehova bafanele bakhande ‘amakrele abo abe ngamakhuba nemikhonto yabo ibe zizikere zokuthena imithi.’ Kunokuba bafunde ukuthanda ugonyamelo, ‘abasafundi mfazwe kwakhona.’ (Isaya 2:4) Ukuze siqhubeke singabahlobo bakaThixo singabi ziintshaba zakhe, simele ‘sikhwebuke kokubi, senze okulungileyo.’ Kufuneka ‘sifune uxolo, yaye siluphuthume.’—1 Petros 3:11.

Kuthekani ukuba sele siyidlala kakade le midlalo inogonyamelo? Kufuneka senze isigqibo sokukholisa uYehova ngokuzikhwebula kwizinto azithiyileyo. Ngokuqinisekileyo kufuneka sithandazele uncedo lomoya oyingcwele kaThixo ukuze sahlukane nalo mkhwa uyingozi ngokomoya. Singakwazi ukwahlukana nawo ukuba sivumela iimpawu ezinjengoxolo, ukulunga nokuzeyisa ziphembelele iimpawu zobuthixo kubomi bethu.—Luka 11:13; Galati 5:22, 23.