Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izihlwele Ziyathontelana Ekunquleni UYehova

Izihlwele Ziyathontelana Ekunquleni UYehova

“Uncedo Lwam Luvela KuYehova”

Izihlwele Ziyathontelana Ekunquleni UYehova

IZIPROFETO zeBhayibhile eziphathelele umhla wethu zaxela kwangaphambili ukuba abantu bazo zonke iintlanga baya kuthontelana ekunquleni uYehova. Ngokomzekelo, esebenzisa umprofeti uHagayi, uYehova uThixo wathi: “Ndiya kuzinyikimisa zonke iintlanga, zize izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga zingene; yaye ndiya kuyizalisa ngozuko le ndlu.” (Hagayi 2:7) UIsaya noMika baprofeta ngomhla wethu besithi—“ekupheleni kwemihla”—iintlanga nabantu baya kunqula uYehova ngendlela emkholisayo.—Isaya 2:2-4; Mika 4:1-4.

Ngaba ezo ziprofeto ziyazaliseka namhlanje? Makhe sihlolisise izibakala. Kule minyaka nje elishumi edluleyo, ngabantu abasebatsha abangaphezu kwe-3 110 000 abakumazwe angaphezu kwama-230 abaye bazahlulela kuYehova. Eneneni, amaNgqina kaYehova ama-6 kwali-10 ehlabathini lonke abhaptizwe kwiminyaka elishumi edluleyo. Ngowama-2004, ngokomlinganiselo, kwimizuzu emibini bekusongezeleleka umkhonzi kaThixo osandul’ ukuzahlulela ebandleni lamaKristu! a

Njengakwinkulungwane yokuqala, namhlanje ‘inani elikhulu liye laba ngamakholwa laza laphethukela eNkosini.’ Nangona ulwando lona ngokwalo lungebubo ubungqina bentsikelelo kaThixo, kodwa lunikela ubungqina bokuba “isandla sikaYehova” sinabantu bakhe. (IZenzo 11:21) Yintoni etsala izigidi zabantu ukuba zize kunqula uYehova? Kukuchaphazela njani wena oku?

Abantu Abantliziyo Zifanelekayo Bayatsaleleka

Ngokungqalileyo, uYesu wathi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” (Yohane 6:44) Ngoko ke, enyanisweni nguYehova otsala abantu ‘abanotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’ (IZenzo 13:48) Umoya kaThixo unokwenza abantu bayiphaphele intswelo yabo yokomoya. (Mateyu 5:3) Isazela esibuhlungu, ukufuna ngamandla ithemba okanye intlekele, ezo zinto zisenokubangela abanye bafune uThixo baze bafunde ngoko anenjongo yokukwenzela abantu.—Marko 7:26-30; Luka 19:2-10.

Abantu abaninzi batsaleleka ekunquleni uYehova ngenxa yokuba ucwangciso lokufundisa iBhayibhile lwamabandla amaKristu lubanceda bafumane iimpendulo kwimibuzo ebadidayo.

“Ukuba uThixo ukho, kutheni abantu bebandezeleka ngenxa yokungabikho kokusesikweni?” Lowo ngumbuzo owawukhathaza uDavide, owayeshishina ngeziyobisi eItali. Wayengenamdla kangako kunqulo, ngoko wabuza lo mbuzo unzima ukuvusa nje ingxoxo. Uthi: “Andizange ndicinge ukuba ndiza kufumana impendulo esengqiqweni neyanelisayo. Kodwa iNgqina elalithetha nam lalinomonde gqitha yaye lakuxhasa ngeendinyana zeBhayibhile oko lalikuthetha. Lo ncoko yaba nomphumo omhle gqitha.” Namhlanje, uDavide uye walungisa indlela aphila ngayo yaye ukhonza uYehova.

Bambi baye bangena kwintlangano kaYehova yasemhlabeni kuba befuna ukwazi intsingiselo nenjongo yobomi. Efuna ukuncedwa kwiingxaki yakhe yokudandatheka, ugqirha wengqondo waseZagreb, eCroatia, watyelela omnye ugqirha owaziwayo. Wamangaliswa kukuba, lo gqirha wamnika inombolo yefowuni yeofisi yesebe lamaNgqina kaYehova eZagreb, kunye negama leNgqina alaziyo. Wathi: “Ndicinga ukuba aba bantu bangakunceda. Ukuba ndithi yiya ecaweni, uya kufumana imifanekiso eqingqiweyo kuphela—akukho mntu uthetha into enesihlahla. Andiqondi ukuba icawa ingakunceda. Ndiye ndathumela abanye abantu abanele ngxaki unayo kumaNgqina kaYehova, yaye ndicinga ukuba nawe aya kukunceda.” Ngovuyo, amaNgqina amtyelela aza kungekudala aqalisa isifundo seBhayibhile naye. Kwiiveki nje ezimbalwa, ngovuyo lo gqirha wengqondo wathi ukwazi injongo kaThixo kuye kwenza ubomi bakhe banenjongo.—INtshumayeli 12:13.

Xa besehlelwa ziingxaki abaninzi baye bafumanisa ukuba, yinyaniso yeBhayibhile kuphela enokubathuthuzela ngokwenene. EGrisi, inkwenkwe eneminyaka esixhenxe ubudala yawa kuphahla lwesikolo yaza yafa. Kwiinyanga ezimbalwa kamva, oodade ababini abangamaNgqina badibana nonina baza bazama ukumthuthuzela ngokuthetha naye ngethemba lovuko. (Yohane 5:28, 29) Lisiva oku, zehla iinyembezi kweli bhinqa. Aba dade bathi kulo: “Ukuba ungathanda ukwazi okungakumbi ngeBhayibhile, singakutyelela. Ucinga ukuba singeza nini?” Laphendula lathi: “Kanye ngalo mzuzu.” Eli bhinqa lagoduka nabo, kwaza kwaqaliswa isifundo seBhayibhile. Namhlanje, intsapho yalo yonke ikhonza uYehova.

Ngaba Unenxaxheba?

La mava angasentla enzeka ehlabathini liphela. UYehova uhlanganisa yaye uqeqesha isihlwele esikhulu seentlanga ngeentlanga sabanquli bokwenyaniso. Eli qela linethemba elivuyisayo lokusinda kwisiphelo esisemnyango sale nkqubo yezinto ingendawo size siphile kwihlabathi elitsha lobulungisa.—2 Petros 3:13.

Ngenxa yentsikelelo kaYehova, lo msebenzi ubalaseleyo wokuhlanganisa akukho bani unokuma endleleni yawo njengoko usiya ngasesiphelweni ngempumelelo. (Isaya 55:10, 11; Mateyu 24:3, 14) Ngaba uwenza ngenzondelelo lo msebenzi wokushumayela ngoBukumkani? Ukuba wenjenjalo, unokuqiniseka ukuba uThixo uya kukuxhasa yaye unokuvumelana nala mazwi omdumisi athi: “Uncedo lwam luvela kuYehova.”—INdumiso 121:2.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona Ikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2005, kuSeptemba nakuOktobha.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]

“Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.”—YOHANE 6:44

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

NGUBANI OXHASA OLU LWANDO?

“Ngaphandle kokuba uYehova uyayakha indlu, kulilize ukusebenza nzima kwabakhi bayo kuyo.”—INdumiso 127:1.

“UThixo wakhulisa; ngoko ke lowo utyalayo akalutho nalowo unkcenkceshayo akalutho, kodwa oyinto nguThixo, yena ukhulisayo.”—1 Korinte 3:6, 7.