Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ibalulekile Into Ecingwa Ngabanye Abantu Ngathi?

Ngaba Ibalulekile Into Ecingwa Ngabanye Abantu Ngathi?

Ngaba Ibalulekile Into Ecingwa Ngabanye Abantu Ngathi?

PHANTSE wonk’ umntu uyakuthanda ukunconywa. Xa sinconywa siyavuya, siziva sinento ethile esiyiphumezileyo. Ukunconywa kunokusenza sifune ukuyiphucula indlela esizenza ngayo izinto. Siyadimazeka xa abantu besigxeka ngolunya okanye bethetha izinto ezisithoba isidima. Into ecingwa ngabanye abantu ngathi inokuyiphembelela kakhulu indlela esizijonga ngayo.

Ibiya kuba yimpazamo ukungayisi so indlela abasijonga ngayo abanye. Sinokwakheka xa sivumela abanye bayihl’ amahlongwane ihambo yethu. Ukuba basebenzisa imigaqo yokuziphatha ephakamileyo, izimvo zabanye abantu zinokusinceda, zize zisikhuthaze senze izinto ezilungileyo. (1 Korinte 10:31-33) Noko ke, amaxesha amaninzi uluvo lwabantu alusoloko luchanile. Cinga ngembono egqwethekileyo ababenayo ababingeleli abaziintloko nabanye abantu ngoYesu Kristu xa “badanduluka, besithi: ‘Bethelela! Mbethelele!’” (Luka 23:13, 21-25) Imbono ezisekelwe kwinkcazelo ebubuxoki okanye eziphenjelelwa ngumona okanye ngumkhethe zifanele zingahoywa. Ngenxa yoko, kufuneka sisebenzise ingqiqo size sisabele ngendlela elungeleleneyo kwizimvo zabanye.

Yekabani Imbono Ebalulekileyo?

Sifuna ukuthandwa ngabo bakunqulo lokwenyaniso. Aba bantu baquka amalungu eentsapho zethu akholwayo nabazalwana noodade wethu abangamaKristu. (Roma 15:2; Kolose 3:18-21) Uthando nentlonelo yamanye amakholwa ‘nokukhuthazana’ kwethu kuthetha lukhulu. (Roma 1:11, 12) ‘Ngokuthobeka kwengqondo, sibagqala abanye njengabongamileyo kunathi.’ (Filipi 2:2-4) Ukongezelela kwaba, sifuna ukukholisa abo “bakhokelayo” phakathi kwethu—abadala emabandleni.—Hebhere 13:17.

Kwakhona sinqwenela ‘ubungqina obuhle obuvela kubantu bangaphandle.’ (1 Timoti 3:7) Hayi indlela ekukhuthaza ngayo xa izalamane zethu ezingakholwayo, abo sisebenza nabo nabamelwane bethu besihlonela. Ngaba asizami ukuba basijonge kakuhle abantu esishumayela kubo ukuze babe notyekelo oluhle ngesigidimi soBukumkani? Xa abantu basekuhlaleni besijonga njengabantu abanemilinganiselo ecocekileyo, abaziphethe kakuhle nabanyanisekileyo oko kuzukisa uThixo. (1 Petros 2:12) Noko ke, asinakuze siyaphule imigaqo yeBhayibhile kuba sifuna ukwamkelwa ngabantu; singenakuze siphile ubomi obumbaxa kuba sifuna ukuthandwa. Kufuneka sikhumbule ukuba asinakuze sikwazi ukukholisa wonke umntu. UYesu wathi: “Ukuba beniyinxalenye yehlabathi, ihlabathi beliya kukuthanda oko kukokwalo. Ke ngenxa yokuba ningeyonxalenye yehlabathi, kodwa ndininyulile mna naphuma kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.” (Yohane 15:19) Ngaba ikho into esinokuyenza ukuze basihlonele abo basichasayo?

Ukuhlonelwa Ngabachasi

UYesu walumkisa wathi: “Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa lowo uye wanyamezela kwasa ekupheleni ngulowo oya kusindiswa.” (Mateyu 10:22) Maxa wambi intiyo elolo hlobo idla ngokuba ngunozala wezityholo ezikhohlakeleyo. Esidlel’ indlela amanye amagosa karhulumente asenokusityhola ‘ngokuvukel’ umbuso’ okanye ‘ukuzama ukubhukuqa.’ Bambi abachasi basenokusityhola ngokuphembelel’ udushe ngenxa yeso sizathu simele sivalw’ umlomo. (IZenzo 28:22) Ezi zityholo zobuxoki maxa wambi zinokucelw’ umngeni. Njani? Ngokuthobela isiluleko sikampostile uPawulos sokuba: ‘Sisoloko sikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuthi isizathu sethemba esinalo, kodwa sisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.’ (1 Petros 3:15) Ngaphezu koko, sifanele sisebenzise ‘intetho ephilisayo engenakubekwa bala; ukuze adane ochasayo, engenanto imbi anokuyitsho ngathi.’—Tito 2:8.

Ngoxa sizama ukuhlamba igama lethu, asimele sidimazeke okanye sibe buhlungu kakhulu xa sidlelw’ indlala. UYesu uNyana kaThixo ofezekileyo watyholwa ngokunyelisa, ngokuvukela nokusebenzelana nemimoya. (Mateyu 9:3; Marko 3:22; Yohane 19:12) Umpostile uPawulos wanyeliswa. (1 Korinte 4:13) UYesu noPawulos abazange bazikhathaze ngezo zinyeliso baqhubeka nomsebenzi wabo. (Mateyu 15:14) Babesazi ukuba babengenakuze bazikholise iintshaba zabo, ekubeni “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) Nathi namhlanje siyagculelwa. Asimele soyike xa abachasi bethetha izinto ezingekhoyo ngathi.—Mateyu 5:11.

Ezona Mbono Zibalulekileyo

Abantu basijonga ngeendlela ezahlukeneyo, kuya ngokwenjongo abanazo nezinto abaye baziva ngathi. Abanye bayasincoma besothulel’ umnqwazi, abanye basithiyile yaye bayasitshabhisa. Ukuba siyaqhubeka sikhokelwa yimigaqo yeBhayibhile, sinesizathu sokonwaba nokuba seluxolweni.

Umpostile uPawulos wabhala: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Timoti 3:16, 17) Siya kumkholisa uYehova uThixo noNyana wakhe, uYesu Kristu, ukuba sithobela iLizwi likaThixo kuzo zonke izinto. Ngapha koko, eyona mbono ibalulekileyo yekaYehova noNyana wakhe. Into abayicingayo ngathi ibalulekile. Ekugqibeleni, ubomi bethu buxhomekeke kwindlela abasijonga ngayo.—Yohane 5:27; Yakobi 1:12.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 30]

“Ukunconywa kundenza ndizive ndineentloni, nangona kunjalo ndiyakuthanda.”—IMBONGI YASEINDIYA URABINDRANATH TAGORE

[Imifanekiso ekwiphepha 31]

Izimvo zabo sikholwa nabo zibalulekile

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 30]

Culver Pictures