Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba UYesu WayenguThixo Okanye Wayengumntu?

Ngaba UYesu WayenguThixo Okanye Wayengumntu?

Ngaba UYesu WayenguThixo Okanye Wayengumntu?

“MNA ndilukhanyiselo lwehlabathi. Lowo undilandelayo akasayi kuze ahambe ebumnyameni, kodwa uya kuba nokukhanya kobomi.” (Yohane 8:12) La mazwi athethwa nguYesu Kristu. Esinye isifundiswa senkulungwane yokuqala sabhala oku ngaye: “Nguye uvimba wabo bonke ubuncwane bobulumko nolwazi.” (Kolose 2:3) Ukongezelela iBhayibhile ithi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ukuze sanelise intswelo yethu yokomoya kufuneka sibe nolwazi oluchanileyo ngoYesu.

Abantu abaninzi emhlabeni baye beva ngoYesu Kristu. Indlela aye waba nempembelelo ngayo kwimbali yabantu ayinakuthelekiswa nanto. Eneneni, ikhalenda esetyenziswa kwiindawo ezininzi isekelwe kunyaka ekucingwa ukuba wazalwa ngawo. IThe World Book Encyclopedia ithi: “Abantu abaninzi babhekisela kwimihla engaphambi kwaloo nyaka ngokuthi B.C., okanye ngaphambi kukaKristu. Xa bebhekisela kwimihla esemva kwaloo nyaka basebenzisa uA.D., okanye anno Domini (ngonyaka weNkosi).”

Sekunjalo, kukho ukungqubana kwezimvo mayela nokuba wayengubani uYesu. Kwabanye, ungumntu nje oye wazibalula embalini. Noko ke, abanye bamnqula njengoThixo uSomandla. Amanye amaHindu aye afanisa uYesu Kristu nothixo wamaHindu uKrishna, ogqalwa ngabantu abaninzi njengothixo okwimo yomntu. Ngaba uYesu wayengumntu nje, okanye wayengumntu ofanelwe anqulwe? Wayengubani kanye kanye uYesu? Wayevela phi? Wayengumntu onjani? Uphi namhlanje? Njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo, incwadi ethetha okuninzi ngoYesu isinika iimpendulo ezichanileyo kule mibuzo.