Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngubani UYesu Kristu?

Ngubani UYesu Kristu?

Ngubani UYesu Kristu?

KHAWUCINGE indlela afanele ukuba wayechulumance ngayo umYuda oselula uAndreya xa weva okokuqala amazwi kaYesu waseNazarete! IBhayibhile ithi uAndreya waya kumntakwabo waza wathi: “Simfumene uMesiya [okanye, uKristu].” (Yohane 1:41) Ngokolwimi lwesiHebhere nesiGrike, amagama adla ngokuguqulelwa ngokuthi “Mesiya” nelithi “Kristu” athetha “uMthanjiswa.” UYesu wayenguMthanjiswa, okanye uMnyulwa kaThixo—iNkokeli ethenjisiweyo. (Isaya 55:4) IZibhalo zaprofeta ngaye, kwaye amaYuda elo xesha ayelindele ukufika kwakhe.—Luka 3:15.

Sazi njani ukuba uYesu wayenguMnyulwa kaThixo ngokwenene? Makhe siqwalasele okwenzeka ngowama-29 C.E. xa uYesu wayeneminyaka engama-30 ubudala. Waya kuYohane uMbhaptizi ukuze ambhaptize kuMlambo iYordan. IBhayibhile ithi: “Emva kokuba ebhaptiziwe uYesu ngoko nangoko wenyuka emanzini; yaye, khangela! amazulu avuleka, waza wabona umoya kaThixo usihla njengehobe phezu kwakhe. Khangela! Kwakukho ilizwi eliphuma emazulwini lisithi: ‘Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.’” (Mateyu 3:16, 17) Emva kokuva loo mazwi aqinisekisayo, ngaba uYohane wayenokuthandabuza ukuba uYesu unguMnyulwa kaThixo? Ngokuthululela umoya wakhe oyingcwele kuYesu, uYehova uThixo wayemthambisa, okanye emmisela ukuba abe nguKumkani woBukumkani bakhe obuzayo. Ngoko, uYesu waba nguKristu, okanye uMthanjiswa. Noko ke, kungayiphi indlela awaba nguNyana kaThixo ngayo? Wayevela phi?

Imvelaphi Yakhe ‘Yayisusela Kumaxesha Angaphambili’

Ubomi bukaYesu bunokwahlulwa bube ngamanqanaba amathathu. Elokuqala lisusela ngaphambi kokuba azalwe njengomntu. UMika 5:2 uthi, imvelaphi yakhe ‘yayisusela kumaxesha angaphambili, ukususela kwimihla yexesha elingenammiselo.’ NoYesu wathi: “Mna ndivela kummandla ongaphezulu”—oko kuthetha ukuthi ezulwini. (Yohane 8:23) Apho wayesisidalwa esingumoya esinamandla.

Ekubeni zonke izinto ezidaliweyo zinesiqalo, kukho ixesha apho uThixo wayeyedwa. Noko ke, kwiminyaka emininzi eyadlulayo, uThixo waqalisa ukudala. Ngubani awaqala wamdala? Incwadi yokugqibela yeBhayibhile imchaza uYesu ‘njengesiqalo sendalo kaThixo.’ (ISityhilelo 3:14) UYesu ‘ulizibulo kwindalo yonke.’ Ulizibulo “ngenxa yokuba zadalwa ngaye zonke ezinye izinto emazulwini nasemhlabeni, izinto ezibonakalayo nezinto ezingabonakaliyo.” (Kolose 1:15, 16) Ewe, nguye kuphela owadalwa nguThixo ngokungqalileyo. Ngoko ke, ubizwa ngokuba ‘nguNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo.’ (Yohane 3:16) Lo Nyana ulizibulo ukwabizwa ngokuba ‘nguLizwi.’ (Yohane 1:14) Ngoba? Kuba ngaphambi kokuba azalwe njengomntu, wayesisithethi sikaThixo ezulwini.

‘Ekuqaleni uLizwi’ wayekunye noYehova uThixo, xa ‘kwakudalwa amazulu nomhla.’ Nguye lo uThixo wathi kuye: “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu.” (Yohane 1:1; Genesis 1:1, 26) UNyana kaYehova olizibulo wayesecaleni kukaYise, esebenza naye. KwiMizekeliso 8:22-31, uchazwa njengothi: “Ndandisecaleni [koMdali] njengomsebénzi onobuchule, yaye wayendithanda ngokukhethekileyo imihla ngemihla, ndichulumanca phambi kwakhe amaxesha onke.”

Kumele ukuba uYehova uThixo noNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo bazana ngokusondeleyo ngokwenene njengoko babesebenza kunye! Ukuba nolo nxulumano lusondeleyo noYehova kangangeminyaka emininzi kwaba nempembelelo enzulu kuNyana wakhe. Lo Nyana uthobelayo waba njengoYise, uYehova. Eneneni, eyabaseKolose 1:15 imbiza uYesu ‘njengomfanekiso kaThixo ongabonakaliyo.’ Esi sesinye sesizathu esenza kubaluleke ukuba nolwazi ngoYesu ukuze sanelise intswelo yethu yokomoya nomnqweno wethu wemvelo wokufuna ukwazi uThixo. Konke uYesu awakwenzayo ngoxa wayesemhlabeni koko kanye uYehova awayelindele ukuba akwenze. Ngoko ke, ukwazi uYesu kukwathetha ukwazi uYehova ngakumbi. (Yohane 8:28; 14:8-10) Kodwa uYesu weza njani emhlabeni?

Xa Wayelapha Emhlabeni

Inqanaba lesibini lobomi bukaYesu laqala xa uThixo wathumela lo Nyana wakhe emhlabeni. UYehova wakwenza oku ngokufudusela ngokungummangaliso ubomi bukaYesu kwisibeleko sentombi ethembekileyo engumYuda, uMariya. UYesu akazange abe nesono kuba wayengenayise ongumntu. Umoya oyingcwele okanye amandla asebenzayo kaYehova, afikela uMariya, aza ‘amsibekela,’ nto leyo eyaphumela ekubeni amithe ngokungummangaliso. (Luka 1:34, 35) Ngoko ke uMariya wazala umntwana ofezekileyo. Njengoko wayekhuliswa ngubawo ongumchweli uYosefu, wakhulela kwikhaya eliphantsi yaye wayengumntwana wokuqala kubantwana abaliqela kuloo ntsapho.—Isaya 7:14; Mateyu 1:22, 23; Marko 6:3.

Akukho nto ingako eyaziwayo ngoYesu ngoxa wayesemncinane, ngaphandle kwesihlandlo esinye esidumileyo. Xa uYesu wayeneminyaka eli-12 ubudala, abazali bakhe bahamba naye kuhambo lwaminyaka le lokuya eYerusalem kwiPasika. Ngoxa belapho, wachitha ixesha elininzi etempileni, “ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphule yaye ebabuza.” Ngapha koko, “bonke abo babemphulaphule bahlala bethe manga kukuqonda kwakhe naziimpendulo zakhe.” Ewe, uYesu oselula wayengabuzi nje kuphela imibuzo exhokonx’ ingcinga neyezibhalo kodwa wayephendula imibuzo ngobulumko nto leyo eyayibamangalisa abanye. (Luka 2:41-50) Njengoko wayekhula kwisixeko saseNazarete, wafunda ukuchwela, ngokungathandabuzekiyo efundiswa nguyise owayemkhulisa, uYosefu.—Mateyu 13:55.

UYesu wahlala eNazarete de waba neminyaka engama-30 ubudala. Emva koko waya kuYohane ukuba ambhaptize. Emva kokubhaptizwa, uYesu wazibhokoxa kubulungiseleli bakhe. Kangangeminyaka emithathu enesiqingatha, walityhutyha ilizwe lakowabo evakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Wanikela ubungqina bokuba wayethunywe nguThixo. Njani? Ngokwenza imimangaliso emininzi—imisebenzi emikhulu eyayingenakwenziwa ngumntu.—Mateyu 4:17; Luka 19:37, 38.

Kwakhona uYesu wayenobulali novelwano. Indlela awayenobulali ngayo yayibonwa ngokukhethekileyo kwindlela awayebajonga nabaphatha ngayo abanye. Ekubeni wayengeneka yaye enobubele abantu babetsaleleka kuye. Nabantwana babekhululeka ukuba kunye naye. (Marko 10:13-16) UYesu wayewaphatha ngentlonelo amabhinqa, nangona ngomhla wakhe abanye babewajongela phantsi. (Yohane 4:9, 27) Wanceda amahlwempu nabacinezelekileyo ukuba ‘bayifumanele ukuhlaziyeka imiphefumlo yabo.’ (Mateyu 11:28-30) Indlela awayefundisa ngayo yayicacile, ilula yaye isebenziseka. Oko wayekufundisa kwakubonisa umnqweno wakhe onyanisekileyo wokuba abo bamphulaphuleyo bamazi uThixo oyinyaniso, uYehova.—Yohane 17:6-8.

Esebenzisa umoya oyingcwele kaThixo ukwenza imimangaliso, ngemfesane uYesu waphilisa abagulayo nabaxhwalekileyo. (Mateyu 15:30, 31) Ngokomzekelo, umntu oneqhenqa weza kuye waza wathi: “Ukuba nje uyathanda, unako ukundenza ndihlambuluke.” Wenza ntoni uYesu? Wolula isandla sakhe waza wamchukumisa, esithi: “Ndiyathanda. Hlambuluka.” Lo mntu ugulayo waphiliswa!—Mateyu 8:2-4.

Khawucinge kwanangesihlandlo xa kweza isihlwele kuYesu saza sahlala naye iintsuku ezintathu singenanto yakutya. Wabasizela aba bantu waza ngokungummangaliso wondla “amadoda angamawaka amane, ngaphandle kwabafazi nabantwana abaselula.” (Mateyu 15:32-38) Ngesinye isihlandlo uYesu wazolisa uqhwithela olwalusongela ubomi babahlobo bakhe. (Marko 4:37-39) Wavusa, okanye wabuyisela ebomini, abafileyo. a (Luka 7:22; Yohane 11:43, 44) Ngokuzithandela wade wanikela ngobomi bakhe obufezekileyo ukuze abantu abangafezekanga babe nethemba lekamva. UYesu wayenothando olunzulu ngokwenene ngabantu!

Uphi UYesu Namhlanje?

UYesu wafela kumthi wentuthumbo eneminyaka engama-33 1/2 ubudala. b Kodwa ukufa yayingesosiphelo sobomi bakhe. Inqanaba lesithathu lobomi bakhe laqala malunga neentsuku ezintathu kamva xa uYehova uThixo wavusa uNyana wakhe njengesidalwa sokomoya. Emva kokuvuswa kwakhe, uYesu wabonakala kubantu abaninzi ababephila ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo. (1 Korinte 15:3-8) Emva koko, “wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo,” waza walindela ukunikwa igunya lokulawula. (Hebhere 10:12, 13) Lathi lakufika elo xesha, uYesu waqalisa ukulawula njengoKumkani. Ngoko sifanele sicinge ukuba uYesu ukweyiphi imeko namhlanje? Ngaba sifanele sicinge ngaye njengomntu obandezelekayo nobulawayo? Okanye sifanele simgqale njengomntu ofanelwe kukunqulwa? Namhlanje uYesu akangomntu engenguye noThixo uSomandla. Kunoko, usisidalwa somoya esinamandla, uKumkani olawulayo. Kungekudala, uza kulawula kulo mhlaba wethu uzaliswe ziingxaki.

Sisebenzisa ulwimi olufuziselayo, ISityhilelo 19:11-16 sichaza uYesu Kristu njengokumkani ohleli phezu kwehashe elimhlophe eze kugweba nokwenza imfazwe yobulungisa. ‘Unekrele elide elibukhali, ukuze azixabele ngalo iintlanga.’ Ewe, uYesu uza kusebenzisa amandla akhe amakhulu ukutshabalalisa abangendawo. Kuthekani ngabo bazabalazela ukuxelisa umzekelo awawumiselayo ngoxa wayesemhlabeni? (1 Petros 2:21) Yena noYise baya kubakhusela “kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla” ezayo—edla ngokubizwa ngokuba yiArmagedon—ukuze baphile ngonaphakade belawulwa buBukumkani bukaThixo basezulwini.—ISityhilelo 7:9, 14; 16:14, 16; 21:3, 4.

Ebudeni bolawulo lwakhe loxolo, uYesu uza kwenzela abantu imimangaliso emininzi. (Isaya 9:6, 7; 11:1-10) Uza kuphilisa abagulayo aze aphelise ukufa. UYesu uza kusetyenziswa nguThixo ukuvusa abantu abangamawaka ezigidi, ebanika ithuba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. (Yohane 5:28, 29) Asinakuyithelekelela indlela ekuza kuba mnandi ngayo ukuphila kulawulo loBukumkani. Ngoko ke, kubalulekile ukuba siqhubeke sizuza ulwazi ngeBhayibhile ukuze simazi ngakumbi uYesu Kristu.

[Imibhalo esemazantsi]

a Akukho mntu wayengayazi imimangaliso eyayisenziwa nguYesu. Kwaneentshaba zakhe zavuma ukuba “wenza imiqondiso emininzi.”—Yohane 11:47, 48.

b Ukuze ufumane inkcazelo enoba uKristu wafela emthini okanye emnqamlezweni, bona incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo iphepha 244-45, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi ekwiphepha 7]

NGABA UYESU UNGUTHIXO USOMANDLA?

Abantu bonqulo abaninzi bathi uYesu nguThixo. Abanye bathi uThixo unguBathathu Emnye. Ngokwale mfundiso, “uYise nguThixo, uNyana nguThixo, yaye uMoya Oyingcwele nguThixo, sekunjalo abangabo ooThixo abathathu kodwa babumba uThixo omnye.” Kuthiwa aba bathathu “baphila ngonaphakade yaye bayalingana.” (The Catholic Encyclopedia) Ngaba iingcamango ezinjalo zichanile?

UYehova uThixo nguMdali. (ISityhilelo 4:11) Akanasiqalo okanye isiphelo, yaye ungusomandla. (INdumiso 90:2) Kwelinye icala, uYesu unesiqalo. (Kolose 1:15, 16) Ebhekisela kuThixo njengoYise, uYesu wathi: “UBawo mkhulu kunam.” (Yohane 14:28) Kwakhona uYesu wathi kwakukho izinto yena neengelosi ababengazazi kodwa ezazisaziwa nguYise kuphela.—Marko 13:32.

Ngapha koko, uYesu wathandaza kuYise esithi: “Makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.” (Luka 22:42) Ukuba uYesu wayengathandazi koyena Mntu uphakamileyo wayethandaza kubani ke? Ngaphezu koko, uYesu akazange azivuse ngokwakhe kodwa wavuswa nguThixo. (IZenzo 2:32) Licacile ke ngoko elokuba, uYise noNyana babengalingani ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni okanye xa wayelapha emhlabeni. Kuthekani ngokuvuselwa kukaYesu ezulwini? Eyoku-1 kwabaseKorinte 11:3 ithi: “Intloko kaKristu nguThixo.” Eneneni, uNyana uya kusoloko ezithoba kuThixo. (1 Korinte 15:28) Ngoko ke iZibhalo zibonisa ukuba uYesu akangoThixo uSomandla. Kunoko, unguNyana kaThixo.

Umoya oyingcwele obizwa ngokuba ngumntu wesithathu kuBathathu Emnye, asingomntu. Ethetha noThixo emthandazweni, umdumisi wathi: “Ukuba uthumela umoya wakho, ziyadalwa.” (INdumiso 104:30) Lo moya asingoThixo; ngamandla asebenzayo awathumelayo okanye awasebenzisayo ukwenza nayiphi na into afuna ukuyenza. Ngawo, uThixo wadala amazulu, umhlaba nazo zonke izinto eziphilayo. (Genesis 1:2; INdumiso 33:6) UThixo wasebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuphefumlela abantu ababhala iBhayibhile. (2 Petros 1:20, 21) Ngoko ke, uBathathu Emnye akayomfundiso yeZibhalo. c IBhayibhile ithi: “UYehova uThixo wethu nguYehova mnye.”—Duteronomi 6:4.

[Umbhalo osemazantsi]

c Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Ekubhaptizweni kwakhe uYesu waba nguMthanjiswa kaThixo

[Umfanekiso okwiphepha 7]

UYesu wazibhokoxa ekwenzeni umsebenzi awunikwe nguThixo

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Namhlanje, uYesu unguKumkani onamandla