Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Qhubekani Nihamba Kanye Njengoko UYesu Kristu Wahambayo

Qhubekani Nihamba Kanye Njengoko UYesu Kristu Wahambayo

Qhubekani Nihamba Kanye Njengoko UYesu Kristu Wahambayo

‘Lowo uthi uhleli emanyene noThixo ubophelelekile ukuba naye ngokwakhe aqhubeke ehamba kanye njengoko uYesu wahambayo.’—1 YOHANE 2:6.

1, 2. Yintoni efunekayo ukuze ukhangele ngenyameko kuYesu?

 UMPOSTILE uPawulos wathi: “Masilubaleke ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwethu, njengoko sikhangele ngenyameko kuMmeli Oyintloko noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu.” (Hebhere 12:1, 2) Ukuze sihlale sinyanisekile simele sikhangele ngenyameko kuYesu Kristu.

2 Kulwimi lwantlandlolo igama elithi “ukukhangela ngenyameko,” njengoko lisetyenziswe kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, lithetha “ukunikela ingqalelo ngaphandle kokuphazanyiswa,” “ukuyeka ukujonga into ethile khon’ ukuze ukwazi ukubona enye kakuhle,” “ukuthi ntsho ngamehlo uphepha ukuphazanyiswa yenye into.” Enye incwadi ithi: “Imbaleki yaseGrisi yayithi yakujonga izihlwele, ilibale ngogqatso olo ikulo, sibe sele sisehla ke nesantya sayo. Kunjalo ke nangomKristu.” Iziphazamiso zinokusilibazisa ngokomoya. Simele sikhangele ngenyameko kuYesu Kristu. Yintoni le siyifuna kuMmeli Oyintloko? Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ummeli oyintloko” lithetha “inkokeli eyintloko, umntu okhokelayo kuyo nantoni na esiba ngumzekelo.” Ukukhangela ngenyameko kuYesu kufuna ubani alandele umzekelo wakhe.

3, 4. (a) Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sixelise uYesu Kristu? (b) Yiyiphi imibuzo esimele sinikele ingqalelo kuyo?

3 IBhayibhile ithi: ‘Lowo uthi uhleli emanyene noThixo ubophelelekile ukuba naye ngokwakhe aqhubeke ehamba kanye njengoko uYesu wahambayo.’ (1 Yohane 2:6) Simele sihlale simanyene noThixo, ngokugcina imiyalelo kaYesu njengokuba naye wayigcinayo ekaYise.—Yohane 15:10.

4 Ukuze ke sixelise uYesu kufuneka simondele ngenyameko njengeNkokeli Eyintloko size silandele kakuhle emanyathelweni akhe. Nantsi imibuzo esimele sizibuze yona: UKristu usikhokela njani namhlanje? Ukumxelisa kumele kube nayiphi impembelelo kuthi? Ziziphi iingenelo zokuxelisa umzekelo kaYesu Kristu?

Indlela UKristu Abakhokela Ngayo Abalandeli Bakhe

5. Ngaphambi kokuba anyukele ezulwini, uYesu wabathembisa ntoni abalandeli bakhe?

5 Ngaphambi kokuba anyukele ezulwini, uYesu Kristu ovusiweyo wabonakala kubafundi bakhe waza wabanika umsebenzi obalulekileyo. Wathi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.” Le Nkokeli Iyintloko yathembisa nokuba iya kuba nabo xa besenza lo msebenzi yathi: “Khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 28:19, 20) UYesu Kristu ukunye nabo njani abalandeli bakhe kweli xesha lokupheliswa kwenkqubo yezinto?

6, 7. UYesu usikhokela njani ngomoya oyingcwele?

6 UYesu wathi: “Umncedi, umoya oyingcwele, lowo uBawo aya kumthumela egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto aze anikhumbuze zonke izinto endinixelele zona.” (Yohane 14:26) Umoya oyingcwele, owathunyelwa egameni likaYesu, uyasikhokela uze usiphe amandla namhlanje. Uyasikhanyisela kwizinto zokomoya uze usincede siqonde “kwanezinto ezinzulu zikaThixo.” (1 Korinte 2:10) Ngaphezu koko, iimpawu zobuthixo “uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa” ‘zisisiqhamo somoya.’ (Galati 5:22, 23) Umoya oyingcwele unokusinceda sibe nezi mpawu.

7 Njengoko sifundisisa iZibhalo sizama nokwenza oko zisifundisa kona, umoya kaYehova usipha ubulumko, ingqiqo, ukuqonda, ulwazi, ubuchule bokugweba namandla okucinga. (IMizekeliso 2:1-11) Kwakhona umoya oyingcwele usinceda sikwazi ukunyamezela izilingo. (1 Korinte 10:13; 2 Korinte 4:7; Filipi 4:13) AmaKristu abongozwa ukuba ‘azihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya, agqibelelise ubungcwele bawo.’ (2 Korinte 7:1) Ngaba singakwazi ukuphila ngemilinganiselo kaThixo yobungcwele, okanye sihlambuluke, ngaphandle koncedo lomoya oyingcwele? Enye yeendlela asikhokela ngazo uYesu namhlanje ngumoya oyingcwele, uYehova uThixo aye wanika uNyana wakhe igunya lokuba awusebenzise.—Mateyu 28:18.

8, 9. UKristu ulisebenzisa njani “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” ukuze akhokele ibandla?

8 Khawuqwalasele nantsi enye indlela uKristu akhokela ngayo ibandla namhlanje. Ethetha ngobukho bakhe nokupheliswa kwale nkqubo yezinto, uYesu wathi: “Ngubani ngokwenene olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi ethe inkosi yalo yalimisela phezu kwempahla yendlu yayo, ukuze liyinike ukutya kwayo ngexesha elifanelekileyo? Linoyolo elo khoboka ukuba inkosi yalo yakufika ilifumana lisenjenjalo! Inene ndithi kuni, Iya kulimisela phezu kwayo yonke impahla yayo.”—Mateyu 24:3, 45-47.

9 “Inkosi” nguYesu Kristu. Lona “ikhoboka” liqela lamaKristu athanjisiweyo asesemhlabeni. Olu didi lwekhoboka luthwaliswe imbopheleleko yokunyamekela izilangazelelo zikaYesu emhlabeni nokulungiselela ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo. Phakathi kolu didi “lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi” kukho iqela elincinane labaveleli abafanelekayo. Lona libumba iQumrhu Elilawulayo, elikhonza njengabameli bodidi lwekhoboka. Lalathisa umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owenziwa ehlabathini lonke lize lilungiselele ukutya okunentswane ngexesha elifanelekileyo. Ngoko uKristu ukhokela ibandla esebenzisa “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” elithanjiswe ngomoya neQumrhu Elilawulayo eliphuma kwelo khoboka.

10. Simele sibajonge njani abadala, ibe siyintoni isizathu soko?

10 Kukho nenye indlela esetyenziswa nguKristu ukukhokela ibandla, ‘izipho ezingabantu’—abadala, okanye abaveleli abangamaKristu. Bona bamiselwa “ngenjongo yokulungiswa kwabo bangcwele, umsebenzi wobulungiseleli, ukuze kwakhiwe umzimba kaKristu.” (Efese 4:8, 11, 12) Ithetha ngabo incwadi yamaHebhere 13:7 ithi: “Bakhumbuleni abo bakhokelayo phakathi kwenu, abaye bathetha ilizwi likaThixo kuni, yaye njengoko nisondela impumelelo yehambo yabo xelisani ukholo lwabo.” Abadala bayakhokela ebandleni. Ekubeni bexelisa uKristu Yesu, nolwabo ukholo lumele luxeliswe. (1 Korinte 11:1) Umbulelo esinawo ngeli lungiselelo labadala sinokuwubonakalisa ngokuzithoba kwezi “zipho zingabantu.”—Hebhere 13:17.

11. Yiyiphi indlela uKristu akhokela ngayo abalandeli bakhe namhlanje, ibe yintoni ebandakanyekileyo ukuze sihambe njengoko wahambayo?

11 Ewe, uYesu Kristu ukhokela abalandeli bakhe namhlanje esebenzisa umoya oyingcwele, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” kunye nabadala bebandla. Ukuze sihambe njengoko uKristu wahambayo, kufuneka siqonde indlela akhokela ngayo size sizithobe kuyo. Kufuneka sixelise nendlela ahamba ngayo. Umpostile uPetros wathi: “Nabizelwa kulo eli khondo, kuba noKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.” (1 Petros 2:21) Simele siphenjelelwe njani kukulandela umzekelo ogqibeleleyo esawumiselwa nguYesu?

Yiba Nolwazelelelo Xa Usebenzisa Igunya

12. Yiyiphi inkalo yomzekelo kaKristu ebangel’ umdla ngokukhethekileyo kubadala bebandla?

12 Nakuba uYesu wanikwa igunya elingenakuthelekiswa nanto nguYise, wayelisebenzisa ngolwazelelelo. Bonke ebandleni—ngokukhethekileyo abaveleli—kufuneka ‘ukuba nengqiqo kwabo kwazeke ebantwini bonke.’ (Filipi 4:5; 1 Timoti 3:2, 3) Ekubeni abadala benegunya ukusa kumkhamo othile ebandleni, kufuneka baxelise uKristu kwindlela abalisebenzisa ngayo.

13, 14. Abadala banokumxelisa njani uKristu xa bekhuthaza abanye ukuba bakhonze uThixo?

13 UYesu wayekucingela ukusikelwa umda kwabafundi bakhe kwiinkalo ezithile. Akazange afune benze izinto ezingaphaya kwamandla abo. (Yohane 16:12) Engabanyanzeli, uYesu wabakhuthaza abalandeli bakhe ukuba ‘bazibhokoxe ngamandla’ ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. (Luka 13:24) Wakwenza oko ngokubamisela umzekelo waza wachukumisa iintliziyo zabo. Ngokufanayo, abadala abangamaKristu namhlanje ababagrogrisi abanye babenze bazive benyanzelekile ukukhonza uThixo. Kunoko, bayabakhuthaza ukuba bakhonze uYehova kuba bemthanda, bathande uYesu namanye amaKristu.—Mateyu 22:37-39.

14 UYesu akazange alisebenzise kakubi igunya alinikiweyo ngokulawula ubomi babanye abantu. Ibe akazange abamisele imilinganiselo engenakufikeleleka okanye udederhu lwemithetho. Abantu wayebakhuthaza ngokufikelela iintliziyo zabo esebenzisa imigaqo esekelwe kuyo imithetho kaMoses. (Mateyu 5:27, 28) Xa bexelisa uYesu Kristu, abadala bayakuphepha ukwenza imithetho yabo okanye banyanzelise iimbono zabo. Ngokuphathelele ukunxiba nokuzilungisa okanye ukuzihlaziya nokuzonwabisa, abadala bazabalazela ukufikelela iintliziyo besebenzisa imigaqo kaThixo, njengaleyo ichazwe kuMika 6:8; kweyoku-1 kwabaseKorinte 10:31-33; nakweyoku-1 kuTimoti 2:9, 10.

Yiba Novelwano Yaye Uxolele

15. UYesu wasabela njani kwiintsilelo zabafundi bakhe?

15 UKristu wasishiya nomzekelo ukuze siwuxelise kwindlela awaphatha ngayo abafundi bakhe kwiintsilelo neempazamo zabo. Cinga ngeziganeko ezibini ezenzeka kubusuku bokugqibela engumntu emhlabeni. Emva kokufika eGetsemane, “wathabatha uPetros noYakobi noYohane” waza wathi kubo “hlalani nilindile.” Emva koko ‘waya ngaphambili umganyana wawa emhlabeni waza wathandaza.’ Xa ebuyela kubo, “wabafumana belele.” Wasabela njani kuloo meko? Wathi: “Umoya, kambe ke, unentumekelelo, kodwa inyama ibuthathaka.” (Marko 14:32-38) Kunokuba abakhalimele kabuhlungu, wasuka waba novelwano. Kwangobo busuku, uPetros wamkhanyela izihlandlo ezithathu. (Marko 14:66-72) UYesu wamphatha njani uPetros emva koko? ‘INkosi yavuswa yaza yabonakala kuSimon [Petros].’ (Luka 24:34) IBhayibhile ithi: “Wabonakala kuKefas, nakwabalishumi elinesibini.” (1 Korinte 15:5) Kunokuba amqumbele, uYesu wamxolela waza wamomeleza loo mpostile uguqukileyo. Kamva, uYesu wamphathisa iimbopheleleko ezinzima.—IZenzo 2:14; 8:14-17; 10:44, 45.

16. Singamxelisa njani uYesu xa abazalwana bethu besidanisa okanye besidlel’ indlala ngandlel’ ithile?

16 Xa abazalwana bethu besidanisa okanye besidlel’ indlala ngandlel’ ithile ngenxa yokungafezeki kwabo, ngaba asimele nathi sibe novelwano size sibaxolele njengoYesu? UPetros wabongoza abazalwana bakhe wathi: “Cingani nto-nye nonke, nivelane, ninomsa wobuzalwana, nemfesane, nithobekile engqondweni, ningabuyiseli ububi ngobubi okanye ukutshabhisa ngokutshabhisa, kodwa, kunoko, sikelelani.” (1 Petros 3:8, 9) Kuthekani xa kukho ongasiphathi kakuhle njengoYesu, owalayo ukuba novelwano okanye ukusixolela? Nalapho simele sizame ukuxelisa uYesu senze ngendlela ebeya kwenza ngayo.—1 Yohane 3:16.

Beka Izilangazelelo ZoBukumkani Kwindawo Yokuqala

17. Yintoni ebonisa ukuba ukwenza ukuthanda kukaThixo kwakuyeyona nto iphambili kuYesu?

17 Ikho nenye indlela esimele simxelise ngayo uYesu Kristu. Ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kwakuyeyona nto iphambili kuYesu. Emva kokushumayela komnye umSamariyakazi kufuphi nesixeko saseSikare eSamariya, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.” (Yohane 4:34) Ukwenza ukuthanda kukaYise kwakumomeleza uYesu; kumondla, kumanelisa yaye kumhlaziya njengokutya. Ngaba ikho enye into onokuyifumana ngaphandle kobomi obunentsingiselo nobuhlaziyayo xa ubeka ukuthanda kukaThixo kwindawo yokuqala njengoYesu?

18. Ziziphi iintsikelelo zokukhuthaza abantwana ukuba bangenelele inkonzo yexesha elizeleyo?

18 Nabo abazali bazuza iintsikelelo ezingathethekiyo xa bekhuthaza abantwana babo ukuba bangenelele inkonzo yexesha elizeleyo. Omnye utata onoonyana ababini abangamawele wabakhuthaza ukuba bangenelele inkonzo yexesha elizeleyo kwasebutsheni babo. Ukugqiba kwawo esikolweni la mawele aba ngoovulindlela. Ecinga ngovuyo aye walufumana ngenxa yoko, lo uyise ubhala athi: “Oonyana bethu abakhange basiphoxe. Sinombulelo ongazenzisiyo sinokuthi, ‘Oonyana balilifa elivela kuYehova.’” (INdumiso 127:3) Bona abantwana bangenelwa njani ngokuzabalazela ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo? Omnye umama onabantwana abahlanu uthi: “Inkonzo yobuvulindlela iye yanceda bonke abantwana bam basondela kuYehova. Baye baphucula kufundisiso lwabo, bafunda ukusebenzisa ixesha ngobulumko nokubeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala ebomini. Nakuba bonke beseneenkalo eziliqela abamele baphucule kuzo, akukho namnye ozisolayo ngekhondo lakhe.”

19. Zintoni abafanele bacingisise ngazo abaselula xa beceba ikamva?

19 Lutsha, niceba ukwenza ntoni kwikamva? Ngaba nifuna ukugqwesa kwimisebenzi ethile yempangelo? Okanye nilungiselela ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo? UPawulos walumkisa esithi: “Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizongele ixesha, ngenxa yokuba imihla ingendawo.” Emva koko wathi: “Ngenxa yoku musani ukuba ngabangenangqiqo, kodwa qhubekani nikuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.”—Efese 5:15-17.

Nyaniseka

20, 21. Ziziphi iindlela awayenyaniseke ngazo uYesu, ibe sinokumxelisa njani thina?

20 Ukuze uhambe njengokuba uYesu wahambayo kufuneka unyaniseke njengaye. Ithetha ngokunyaniseka kwakhe iBhayibhile ithi: “Nangona wayekubume bukaThixo, [uYesu] akacinga ngokurhwaphiliza, ukuze azenze alingane noThixo. Hayi khona, kodwa waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka, wafana nabantu. Ngaphezu koko, xa wayekwimo yomntu, wazithoba kwada kwasa ekufeni, ewe, ukufa kwisibonda sentuthumbo.” Ngokunyaniseka uYesu waqhubeka ehlonela ulongamo lukaYehova wazithoba esenza ukuthanda kukaThixo. Wazithoba de wafa kwisibonda sentuthumbo. Nathi simele ‘sihlale sinesi simo sengqondo’ size sizithobe ngokunyaniseka sisenza ukuthanda kukaThixo.—Filipi 2:5-8.

21 UYesu wanyaniseka nakubapostile bakhe abathembekileyo. Phezu kwabo nje ubuthathaka nokungafezeki kwabo, wabathanda “de kwasekupheleni.” (Yohane 13:1) Nathi asimele sivumele ukungafezeki kwabazalwana bethu kusenze sibahlab’ amadlala.

Bambelela Kumzekelo Owamiselwa NguYesu

22, 23. Ziziphi iingenelo zokuthobela umzekelo kaYesu?

22 Kakade ke, ekubeni singafezekanga asinakukwazi ukuhamba ngokugqibeleleyo emanyathelweni alo Mzekelo wethu ufezekileyo. Kodwa sinokuzama ukulandela emanyathelweni akhe ngokusondeleyo. Ukuze senjenjalo kufuneka siyiqonde yaye sizithobe kwindlela akhokela ngayo uKristu size sinamathele kumzekelo awawumiselayo.

23 Ukuxelisa uKristu kuzisa iintsikelelo ezininzi. Ubomi bethu buba nentsingiselo yaye banelise ngakumbi kuba sinikela ingqalelo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo kunokwethu. (Yohane 5:30; 6:38) Siba nesazela esicocekileyo. Indlela esiphila ngayo iba ngumzekelo. UYesu wamema bonke ababulalekayo nabasindwayo ngumthwalo ukuba beze kuye ukuze bayifumanele ukuhlaziyeka imiphefumlo yabo. (Mateyu 11:28-30) Xa sixelisa umzekelo kaYesu, nathi sinokubahlaziya abo banxulumana nathi. Ngoko ke, masiqhubeke sihamba ngendlela uYesu awahamba ngayo.

Uyakhumbula Na?

• UKristu ubakhokela njani abalandeli bakhe namhlanje?

• Abadala banokumxelisa njani uKristu xa besebenzisa igunya abalinikwe nguThixo?

• Singawuxelisa njani umzekelo kaYesu xa sihlangabezana neentsilelo zabanye?

• Ulutsha lungazibeka njani izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Abadala abangamaKristu bayasinceda ukuze silandele ukhokelo lukaKristu

[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]

Lutsha niceba ukwenza ntoni ukuze niphile ubomi obunomvuzo bamaKristu?