Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ukoyika UYehova—Bubulumko Obo”

“Ukoyika UYehova—Bubulumko Obo”

“Ukoyika UYehova—Bubulumko Obo”

“UKUQOSHELISWA kombandela, emva kokuba yonk’ into iviwe, naku: Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.” (INtshumayeli 12:13) Anjani ukuchana wona amazwi uThixo awaphefumlela uKumkani uSolomon wakwaSirayeli ukuba aphethe ngawo! Kwanosolusapho uYobhi wayekuqonda ukubaluleka kokoyika uThixo, kuba wathi: “Khangela! Ukoyika uYehova—bubulumko obo, yaye ukusuka ebubini kukuqonda.”—Yobhi 28:28.

IBhayibhile ikubethelela gqitha ukoyika uYehova. Kutheni kulikhondo lobulumko nje ukulwela ukoyika uThixo? Ukoyika uThixo kunokusinceda njani thina nabanye abanquli bokwenyaniso? IMizekeliso isahluko 14 indinyana 26 ukusa kweyama-35 ziyayiphendula le mibuzo. a

Umthombo ‘Wentembelo Eyomeleleyo’

USolomon uthi: “Ekoyikeni uYehova kukho intembelo eyomeleleyo, yaye koonyana bakhe kuya kubakho indawo yokusabela.” (IMizekeliso 14:26) Umntu owoyika uThixo akanawo omnye umthombo anokuthembela kuwo ngaphandle koYehova, uThixo onyanisekileyo nongumongami. Siyaqondakala ke isizathu sokuba umntu owoyika uThixo ekwazi ukulindela izinto eziza kwenzeka ngomzimba ongenaxhala! Uba nekamva eliqaqambileyo nelanelisayo.

Noko ke, kuthekani ngekamva labo bathembela kweli hlabathi—kumacebo alo, kwimibutho yalo, kwiingcamango nezinto zalo ezingayiwayo? Naliphi na ikamva abanethemba lalo liba yinto yomzuzwana kuba iBhayibhile ithi: “Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yohane 2:17) Ngaba sikho isizathu sokuba ‘silithande ihlabathi nezinto ezisehlabathini’?—1 Yohane 2:15.

Yintoni enokwenziwa ngabazali aboyika uThixo ukuqinisekisa ukuba abantwana babo ‘baya kuba nendawo yokusabela.’ Umdumisi wavuma ingoma esithi: “Yizani, bonyana, ndiphulaphuleni; ndiya kunifundisa ukoyika uYehova.” (INdumiso 34:11) Xa abantwana befundiswe ukoyika uThixo, ngomzekelo wabazali nemiyalelo, kulindeleke ukuba bakhule babe ngamadoda namabhinqa anentembelo eyomeleleyo kuYehova.—IMizekeliso 22:6.

USolomon uhlabela mgama athi: “Ukoyika uYehova kuliqula lobomi, kukumka kwimigibe yokufa.” (IMizekeliso 14:27) Ukoyika uYehova “kuliqula lobomi” kuba uThixo oyinyaniso ‘ungumthombo wamanzi aphilayo.’ (Yeremiya 2:13) Ukwazi uYehova noYesu Kristu kunokusizuzisa ubomi obungunaphakade. (Yohane 17:3) Ukoyika uThixo kusinceda siphephe nemigibe yokufa. Njani? IMizekeliso 13: 14 ithi: “Umthetho wesilumko ngumthombo wobomi, ukuze kususwe ubani kwimigibe yokufa.” Ngaba ukoyika uYehova, sithobele umthetho wakhe size salathiswe liLizwi lakhe kwiindlela zethu, akusikhuseli kwimikhwa eyingozi nezenzo ezinokusikhokelela ekufeni?

“Busisihombo Sokumkani”

Kwixesha elininzi lokuba ngukumkani kwakhe, uSolomon wayemoyika uThixo yaye emthobela. Oku kwamenza walawula ngempumelelo. Yintoni engundoqo ukuze ukumkani alawule ngempumelelo? IMizekeliso 14:28 iphendula ithi: “Ubuninzi babantu busisihombo sokumkani, kodwa liyawa igosa eliphakamileyo ngokuswela abantu.” Impumelelo kakumkani ibonwa ngokonwaba kwabantu bakhe. Ukuba abaninzi kubantu bakhe bafuna aqhubeke ebalawula, oko kuthetha ukuba ulawula kakuhle. USolomon ‘wayenabalawulwa abasusela kulwandle [Olubomvu] baye kufikelela kuLwandle [lweMeditera] yaye besusela eMlanjeni [umEfrate] base eziphelweni zehlabathi.’ (INdumiso 72:6-8) Ngexesha lokulawula kwakhe kwabakho uxolo nempumelelo engazange ibonwe ngaphambili. (1 Kumkani 4:24, 25) Kwelinye icala, xa igosa eliphezulu lingathandwa ngabantu elibalawulayo oko kuyalihlazisa.

Kubekela phi ke ngozuko lukaSolomon Omkhulu, uKumkani onguMesiya, uYesu Kristu? Cinga nje ngabalawulwa bakhe namhlanje. Kwelimiweyo liphela, kukho amadoda namabhinqa angaphezu kwezigidi ezithandathu oyika uThixo asele ekhethe ukulawulwa nguye. Anokholo kuYesu yaye amanyene kunqulo lokwenyaniso loThixo ophilayo. (Yohane 14:1) Xa kuphela uLawulo Lweminyaka Eliwaka, bonke abo bakwinkumbulo kaThixo baya kube sele bevusiwe. Emva koko umhlaba oyiparadesi uya kuzaliswa ngabantu abonwabileyo, amalungisa aya kube enombulelo kuKumkani wawo. Obo iya kuba bubungqina obubalaseleyo bempumelelo yolawulo lukaKristu! Simele sibambelele nkqi kwithemba elizukileyo loBukumkani.

Iingenelo Zokomoya Nezokwenyama

Ukoyika uThixo kunokusinceda sihlale sinoxolo lwengqondo nenzolo. Oku kubangelwa kukuba umntu onobulumko uba nengqiqo aze agwebe kakuhle. IMizekeliso 14:29 ithi: “Ozeka kade umsindo unokuqonda okuninzi, kodwa ongenamonde uphakamisa ubudenge.” Ukuqonda kusinceda siqonde ukuba umsindo ongalawulwayo uyasenzakalisa ngokomoya. “Ubutshaba, iimbambano, amakhwele, ukugqajukelwa yimisindo, usukuzwano” zizinto ezibalwa phakathi kwemisebenzi enokusithintela ‘ekubudleni ilifa ubukumkani bukaThixo.’ (Galati 5:19-21) Sicetyiswa ukuba singafukami msindo nokuba sele sinesizathu esivakalayo. (Efese 4:26, 27) Xa singenawo umonde sinokuthetha okanye senze izinto esiya kuzisola ngazo ekugqibeleni.

Ebonisa ingozi ebangelwa ngumsindo empilweni, ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama, kodwa ikhwele likukubola emathanjeni.” (IMizekeliso 14:30) Umsindo ubangela izigulo ezifana nokuminxeka, iblood pressure, iingxaki zesibindi nokonakala udakada. Oogqirha bathi unokuvusa okanye ubangele izilonda esiswini, isifuba, izifo zolusu nokusilela komzimba ukucola ukutya. Kwelinye icala, “intliziyo eseluxolweni iyawuphilisa umzimba.” (IMizekeliso 14:30, iNew International Version) Ngoko ke, kububulumko ‘ukusukela izinto ezisingisa eluxolweni nezinto ezakhayo komnye nomnye.’—Roma 14:19.

Ukoyika UThixo Kusinceda Singakhethi Buso

USolomon uthi: “Oqhatha osweleyo uyamngcikiva uMenzi wakhe, kodwa obabala ihlwempu uyamzukisa.” (IMizekeliso 14:31) Umntu omoyikayo uThixo uyaqonda ukuba bonke abantu benziwe nguYehova uThixo. Ngoko, umntu osisisweli uyafana nabanye, nendlela aphathwa ngayo ibalulekile kuMdali wabantu bonke. Ukuze simzukise uThixo, simele sibaphathe kakuhle singabacaluli abanye. NomKristu osweleyo umele akhathalelwe ngokomoya angacalulwa. Simele sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo ngendlela efanayo kwisisweli nakwisityebi.

Sichaza enye ingenelo yokoyika uThixo, esi silumko sokumkani sithi: “Ngenxa yobubi bakhe ongendawo uya kutyhalwa awe, kodwa ilungisa liya kufumana indawo yokusabela kwingqibelelo yalo.” (IMizekeliso 14:32) Utyhalwa njani awe umntu ongendawo? Abanye babonisa ukuba oku kuthetha ukuba akabi nalo ithuba lokuphinda achache xa ehlelwe yintlekele. Kwelinye icala, xa kusehla iintlekele, umntu owoyika uThixo uthembela kwingqibelelo anayo kuThixo. Kuba ethembele ngokupheleleyo kuYehova, uye azimisele ukugcina ingqibelelo de kuse ekufeni njengoYobhi, owathi: “Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!”—Yobhi 27:5.

Ukuze sigcine ingqibelelo kufuneka soyike uThixo yaye sibe nobulumko. Bunokufunyanwa phi ke ubulumko? IMizekeliso 14:33 iphendula ithi: “Entliziyweni yalowo unokuqonda kukho ubulumko, yaye phakathi kweziyatha buyaziwa.” Ewe, ubulumko bunokubakho kwintliziyo yomntu onokuqonda. Noko ke, buye baziwe njani ziziyatha? Ngokutsho kwenye incwadi, “kuba isiyatha sithanda ukuzenza umntu olumkileyo, siye sithethe ngokungxama into esicinga ukuba bubulumko suke ingqineke ibubudenge.”

“Buyaluphakamisa Uhlanga”

Esusa ingqalelo yethu kwimiphumo efunyanwa ngumntu owoyika uThixo, ayise kuleyo ifunyanwa sisizwe xa sisoyika uThixo, lo kumkani wakwaSirayeli uthi: “Ubulungisa buyaluphakamisa uhlanga, kodwa isono silihlazo kumaqela eentlanga.” (IMizekeliso 14:34) Indlela ocace ngayo lo mgaqo yabonakala kwisizwe sakwaSirayeli. Ukuthobela kwesizwe sakwaSirayeli imilinganiselo ephakamileyo kaThixo kwasiphakamisa kunezinye ezisingqongileyo. Kodwa, ukusoloko singathobeli kwaso kwasizisela ihlazo waza uYehova wasigatya ngokupheleleyo. Lo mgaqo uyasebenza nakubakhonzi bakaThixo namhlanje. Ibandla lamaKristu lahlukile ehlabathini kuba lithobela imigaqo kaThixo yobulungisa. Noko ke, ukuze lihlale linjalo kufuneka ngamnye kuthi aphile ubomi obunyulu. Xa sisona kuhlazeka kwathina kuze kugculelwe ibandla kunye noThixo.

Echaza oko kuvuyisa ukumkani, uSolomon uthi: “Inkoliseko yokumkani ikumkhonzi owenza ngengqiqo, kodwa ukuvutha kwakhe ngumsindo kukwabo benza okuziintloni.” (IMizekeliso 14:35) Yona iMizekeliso 16:13 ithi: “Imilebe yobulungisa iyamkholisa ukumkani ozukileyo; yaye othetha izinto ezithe tye uyamthanda.” Ewe, iNkokeli noKumkani wethu, uYesu Kristu, uyakholiswa xa sisenza izinto ngobulungisa nengqiqo naxa sisebenzisa imilebe yethu kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi. Ngoko ke, masizixakekise ngalo msebenzi njengoko sifumana iintsikelelo zokoyika uThixo oyinyaniso.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane ingxubusho yeMizekeliso 14:1-25, funda IMboniselo kaNovemba 15, 2004, iphepha 26-9, nekaJulayi 15, 2005, iphepha 17-20.

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Abantu bangakufunda ukoyika uThixo