Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zixhathise Iingcinga Eziphosakeleyo!

Zixhathise Iingcinga Eziphosakeleyo!

Zixhathise Iingcinga Eziphosakeleyo!

XA WAYEJAMELENE nentlekele, usolusapho uYobhi watyelelwa ngabahlobo bakhe abathathu, uElifazi, uBhiledadi noTsofare. Babeze kumthuthuzela. (Yobhi 2:11) Oyena wayenempembelelo mhlawumbi owayemdala kubo bobathathu yayinguElifazi. Nguye owaqala wathetha yaye ngoyena wathetha gqitha. Yintoni eyatyhilwa ziintetho ezintathu zikaElifazi ngokuphathelele indlela acinga ngayo?

Ekhumbula oko wakubona embonweni, uElifazi wathi: “Kwadlula umoya ebusweni bam; ndaba namanwele. Waqalisa ukuma ngxi, kodwa andizange ndiyiqonde imbonakalo yawo; kwakukho imbonakalo phambi kwamehlo am; kwabakho inzolo, ndaza ke ndeva ilizwi.” (Yobhi 4:15, 16) Ngumoya onjani owaphembelela iingcamango zikaElifazi? Amazwi akhe okugxeka emva koko aqinisekisa ukuba loo moya wawungeyiyo enye yeengelosi zikaThixo ezilungileyo. (Yobhi 4:17, 18) Yayingumoya ongendawo. Kungenjalo, uYehova ngewayengazange amohlwaye uElifazi namaqabane akhe amabini ngokuthetha ubuxoki. (Yobhi 42:7) Ewe, uElifazi wayephenjelelwa yidemon. Amazwi akhe abonisa ukuba wayengacingi njengoThixo.

Yintoni enokufunyaniswa kumazwi kaElifazi? Kutheni kubalulekile ukuba sikuphephe ukucinga ngendlela ephosakeleyo? Ziziphi izinto esinokuzenza ukuze sikuxhathise oku?

“Akakholwa Ngabakhonzi Bakhe”

Kuzo zontathu iintetho zakhe, uElifazi waveza ingcamango yokuba uThixo ungqwabalala gqitha yaye ayikho into emkholisayo eyenziwa ngabakhonzi bakhe. UElifazi wathi kuYobhi: “Khangela! Akakholwa ngabakhonzi bakhe, yaye abathunywa bakhe ubamangalela ngokuba nesiphoso.” (Yobhi 4:18) Kamva uElifazi wathi ngoThixo: “Akakholwa ngabangcwele bakhe, namazulu eneneni akacocekanga emehlweni akhe.” (Yobhi 15:15) Yaye wabuza: “Ngaba uSomandla uyayoliswa kuba ulilungisa?” (Yobhi 22:3) UBhiledadi wayevumelana nale ngcamango, kuba wathi: “Kukho kwanenyanga, yaye ayiqaqambanga; yaye iinkwenkwezi azingqinekanga zihlambulukile emehlweni [kaThixo].”—Yobhi 25:5.

Simele sizilumkele iingcamango ezinjalo. Zinokusenza sivakalelwe kukuba uThixo ufuna okungaphaya kwamandla ethu. Le mbono yonakalisa ulwalamano lwethu noYehova. Ngaphezu koko, ukuba siyekelela kule ndlela yokucinga, yintoni esiya kuyenza xa sinikwa isiluleko esiyimfuneko? Kunokuba sisamkele ngokuthobeka, sisenokuba “nomsindo nxamnye noYehova,” size simqumbele. (IMizekeliso 19:3) Oku kunokulonakalisa ngokwenene ulwalamano lwethu noThixo!

“Ngaba Indoda Eyomeleleyo Inokuba Luncedo KuThixo?”

Ukuthi uThixo ungqwabalala gqitha kufana twatse nokuthi abaxabisekanga kwaphela kuye abantu. Intetho yesithathu kaElifazi inalo mbuzo: “Ngaba indoda eyomeleleyo inokuba luncedo kuThixo, ukuba nabani na onengqiqo ufanele abe luncedo kuye?” (Yobhi 22:2) UElifazi wayesithi umntu akaxabisekanga kuThixo. Ngokufanayo, uBhiledadi wathi: “Unokuba ngolungileyo njani na umntu ofayo phambi koThixo, okanye unokuba ngohlambulukileyo njani na umntu ozelwe ngumfazi?” (Yobhi 25:4) Ngokwentetho yabo, uYobhi, umntu nje ofayo, wayenokuba lilungisa njani kuThixo?

Namhlanje abanye abantu bazijongela phantsi. Indlela abakhuliswe ngayo, iingxaki abaye bajamelana nazo ebomini, okanye ukuba ngamaxhoba entiyo yobuhlanga, ezo zinto zisenokuba zingunobangela woko. Kodwa uSathana needemon zakhe bayakuvuyela ukudandathekisa umntu. Ukuba banokuphembelela ubani ukuba avakalelwe kukuba ayikho nje into ayenzayo emkholisayo uThixo uSomandla, lo mntu unokuphelelwa lithemba. Ekuhambeni kwexesha, unokuphambuka de amshiye uThixo ophilayo.—Hebhere 2:1; 3:12.

Ukwaluphala neengxaki zempilo zisenza singakwazi ukwenza zonke izinto. Oko sikwenza kwinkonzo yoBukumkani kunokubonakala kukuncinane gqitha xa sikuthelekisa noko sasikwenza ngoxa sasisebatsha, sisempilweni yaye sisenamandla. Kubaluleke ngokwenene ukuqonda ukuba uSathana needemon zakhe bafuna sivakalelwe kukuba oko sikwenzayo akumkholisi uThixo! Simele silwe naloo ngcamango.

Indlela Yokulwa Ingcamango Engafanelekanga

Phezu kwako nje ukubandezeleka awakufumana kuSathana uMtyholi, uYobhi wathi: “Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!” (Yobhi 27:5) Ngenxa yokuba wayemthanda uThixo, uYobhi wayezimisele ukugcina ingqibelelo yakhe enokuba kwenzeka ntoni, yaye akazange avumele nantoni na ukuba imthintele koko. Lo ngoyena ndoqo ukuze silwe neengcamango ezingafanelekanga. Simele siluqonde kakuhle uthando lukaThixo size siluxabise ngokunyanisekileyo. Kwakhona simele simthande ngakumbi. Oku sinokukwenza ngokufundisisa rhoqo iLizwi likaThixo nokucamngca ngoko sikufundileyo size sithandaze kuThixo simcele asincede.

Ngokomzekelo, uYohane 3:16 uthi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo.” UYehova ubathanda gqitha abantu, yaye ngokuhamba kwexesha esebenzisana nabantu kokukhona luya lubonakala olo thando. Ukucamngca ngemizekelo yexesha elidluleyo kunokusenza simxabise uYehova size simthande ngakumbi nto leyo enokusinceda silwe neengcamango eziphosakeleyo nezingafanelekanga.

Cinga ngendlela uYehova awamphatha ngayo uAbraham xa kwakusondela intshabalalo yeSodom neGomora. UAbraham wabuza kuYehova izihlandlo ezisibhozo ngokuphathelele umgwebo wakhe. UYehova akazange acaphuke okanye akruquke. Kunoko, indlela awayemphendula ngayo yamqinisekisa yaza yamomeleza uAbraham. (Genesis 18:22-33) Xa kamva uThixo wahlangula uLote nentsapho yakhe eSodom, uLote wacela ukubalekela kwisixeko esikufuphi kunokuya ezintabeni. UYehova wathi: “Yabona, ndinolwazelelelo ngawe ukusa nakweli nqanaba, ngokungasibhukuqi isixeko eso uthethe ngaso.” (Genesis 19:18-22) Ngaba ezi ngxelo zimchaza uYehova njengomlawuli ongqwabalala, ongenaluthando nongqongqo? Akunjalo. Zibonisa ukuba oko akuko ngokwenene—uMongami onothando, ububele, inceba novelwano.

Umzekelo ka-Aron, uDavide noManase bakwaSirayeli, ubonisa ukungachani kwengcamango yokuba uThixo usoloko ejonga iziphoso yaye akukho mntu anokukholiswa nguye. UAron wenza iziphoso ezinzulu izihlandlo ezithathu. Wenza ithole legolide, wancedisa udadewabo uMiriyam ekugxekeni uMoses yaye akazange amngcwalise aze amzukise uThixo eMeribha. Sekunjalo, uYehova wabona iimpawu ezintle kuye waza wamvumela ukuba aqhubeke engumbingeleli omkhulu de kwasa ekufeni kwakhe.—Eksodus 32:3, 4; Numeri 12:1, 2; 20:9-13.

UKumkani uDavide wenza izono ezinzulu ebudeni bolawulo lwakhe. Ezi zono zaziquka ukukrexeza, ukwenza iyelenqe lokubulala indoda engenatyala nokubala abantu ngokungekho mthethweni. Noko ke, uYehova wabona ukuba uDavide uguqukile waza ngokunyaniseka waqhubeka nomnqophiso woBukumkani ngokumvumela ukuba abe ngukumkani de afe.—2 Samuweli 12:9; 1 Kronike 21:1-7.

UKumkani wakwaYuda uManase wamisa izibingelelo zikaBhahali, wadlulisa oonyana bakhe emlilweni, wakhuthaza uqheliselo lwemimoya waza wakha izibingelelo zonqulo lobuxoki kwintendelezo yetempile. Noko ke, emva kokuguquka ngokunyanisekileyo, uYehova wamxolela, wamkhulula ebukhobokeni waza wambuyisela ebukumkanini. (2 Kronike 33:1-13) Ngaba ezi zizenzo zoThixo ekungekho namnye umntu akholiswa nguye? Nakanye!

Ummangali Nguye Kanye Onetyala

Ayimele isimangalise into yokuba uSathana inguye kanye onezi mpawu atyhola uYehova ngazo. USathana ungqwabalala yaye ukhohlakele. Oku kunokubonwa ngokucacileyo kwisenzo sokubingelela ngabantwana esasisenziwa kunqulo lobuxoki. AmaSirayeli awexukileyo atshisa oonyana neentombi zawo emlilweni—into eyayingathanga qatha entliziyweni kaYehova.—Yeremiya 7:31.

NguSathana, kungekhona uYehova osoloko ejonge iziphoso ebantwini. ISityhilelo 12:10 sibhekisela kuSathana ‘njengommangaleli wabazalwana bethu, obamangalela imini nobusuku phambi koThixo wethu!’ Kwelinye icala, ngokuphathelele uYehova, umdumisi wavuma ingoma wathi: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma? Kuba ukuxolela kokwenyaniso kukuwe.”—INdumiso 130:3, 4.

Xa Iingcinga Eziphosakeleyo Ziya Kube Zingasekho

Hayi indlela ekumele ukuba iingelosi zafumana isiqabu ngayo xa uSathana uMtyholi needemon zakhe bakhutshelwa ngaphandle emazulwini! (ISityhilelo 12:7-9) Emva koko, ezi zidalwa zokomoya zingendawo azizange zibe nempembelelo kwimisebenzi eyayisenziwa yintsapho kaYehova yeengelosi ezulwini.—Daniyeli 10:13.

Abantu abasemhlabeni baza kuvuya kungekudala. Ingelosi ehla iphuma ezulwini inesitshixo senzonzobila nomxokelelwano omkhulu esandleni sayo iza kumbopha uSathana needemon zakhe ize ibaphose enzonzobileni. (ISityhilelo 20:1-3) Hayi indlela ekuya kubakho isiqabu ngayo xa oku kusenzeka!

Okwangoku, simele sizilumkele iingcinga eziphosakeleyo. Nanini na siqalisa ukuba neengcinga eziphosakeleyo nezingafanelekanga, simele sizixhathise ngokunikel’ ingqalelo kwindlela uYehova asithanda ngayo. Luya kwandula ke ‘uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luzilinde iintliziyo zethu namandla ethu engqondo ngoKristu Yesu.’—Filipi 4:6, 7.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

UYobhi wazilwa iingcamango ezingafanelekanga

[Umfanekiso okwiphepha 28]

ULote wabona ukuba uYehova unguMongami onovelwano